Ixesha Lifikile
1 Xa umpostile uPawulos wabhala incwadi yakhe yesibini eya kwabaseKorinte, wabakhumbuza ukuba babegqibe ngokwenza umsebenzi omhle wokunikela uncedo kwababekholwa kunye nabo eYerusalem. Noko ke, kwakusekudlule unyaka, ibe babengekawugqibi umsebenzi ababewuqalile. Ngoko wabakhuthaza esithi: “Ngoko wugqibeni: kulangazeleleni ukuwugqiba lo msebenzi njengokuba nawulangazelelayo xa naniwamkela.”—2 Kor. 8:11, The New English Bible.
2 Ngaxa lithile, sonke sakha sazibekela usukelo. Sisenokuba besigqibe ngokwandisa isabelo sethu kubulungiseleli basentsimini, ukwazi abazalwana bethu ngakumbi, ukufanelekela amalungelo enkonzo, okanye ukoyisa ubuthathaka obuthile. Nangona siqale sineenjongo ezintle, sisenokuba asikhange sizabalazele ukulufikelela usukelo lwethu. Singaqondanga, kusenokuba kudlule iiveki, iinyanga, okanye iminyaka singakhange sihambele phambili. Akungebi kufuneka sisebenzise isiluleko sokuba ‘sikugqibe’ oko sikuqalileyo kwiziqu zethu?
3 Ukufikelela Usukelo Lwethu: Ukuzenzela usukelo kulula kodwa ukulufikelela akulula. Ukulubekela amangomso kusenokuthintela nayiphi na inkqubela. Kufuneka senze isigqibo size sizimisele ukuqhubela phambili singalibazisi. Ukulungelelana ngokobuqu kubalulekile. Kubalulekile ukubekela ecaleni ixesha elifunekayo ukuze senze umsebenzi size siqinisekise ukuba ixesha elikhoyo silisebenzisela loo njongo. Kuhle ukuzisikela ixesha oza kuwugqiba ngalo uze uziqeqeshe ukuze uqiniseke ukuba uyawugqiba ngelo xesha.
4 Xa sinengxaki ekufikeleleni usukelo lwethu, kulula ukuqiqa ngelithi: ‘Ndiza kulubona ngelinye ixesha.’ Kodwa asazi ukuba ikamva lisiphathele ntoni. IMizekeliso 27:1 ithi: “Musa ukuqhayisa ngemini yangomso; kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.” Umfundi uYakobi walumkisa ngokuthembela ngokugqithiseleyo kwikamva kuba “anikwazi kakuhle okwangomso. . . . Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.”—Yak. 4:13-17.
5 Ngenxa yeziphazamiso ezininzi nezinto esimele sizenzele abanye, usukelo lwethu lusenokuphazamiseka ngokulula. Kufuneka senze umgudu ngenyameko ukuze sihlale silukhumbula. Ukuwuthandazela lo mbandela kuluncedo. Ukucela abanye abasondeleyo kuthi basikhumbuze baze basikhuthaze kusenokuba luncedo. Ukulubhala kwiikhalenda zethu kuya kusikhumbuza ukuba sihlole inkqubela yethu. Umntu umele agqibe kwelokuba enze “njengoko agqibe ngako entliziyweni.”—2 Kor. 9:7.
6 Inyanga kaOktobha isinika ithuba elihle lokuzikis’ ingqondo kusukelo lwethu. Siza kunikela umrhumo weMboniselo noVukani! Ngaba singazibekela usukelo olusengqiqweni esinokulufikelela? Kuthekani ngokuzama ukwandisa amaphephancwadi esiwahambisayo? Kwabaninzi ukugqiba ngokwenza amabuyelo angakumbi nokuqalisa izifundo zeBhayibhile ezitsha kunokuba lusukelo olusengqiqweni.
7 Akubobulumko ukubekela ecaleni into ebalulekileyo, ekubeni eli ‘hlabathi lidlula.’ (1 Yoh. 2:17) Ngoku sifumana amalungelo akhethekileyo neentsikelelo enkonzweni kaYehova. Kuxhomekeke kuthi ukuba siyawaxhakamfula kusini na.