Bonisa Uxabiso Ngendlu KaThixo
1 Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile uYehova wayalela abantu bakhe ukuba bahlanganisane kunye rhoqo endlwini yakhe. (Lev. 23:2) Oku kuhlanganisana kwakubanceda bahlale becinga ngelizwi likaThixo, kubanika ixesha lokucamngca, lonxulumano nelokuxubusha ngoMthetho kaYehova. Iingqondo zabo zazizaliswe ziingcinga zikaThixo, nto leyo eyayibazisela iintsikelelo zokomoya. Ezi yayiba zizihlandlo ezonwabisa ngokwenene. Eli lungiselelo lalikhuthaza umanyano nonqulo olucocekileyo. Iintlanganiso kwindlu kaThixo zibaluleke ngolo hlobo.
2 Sinokubonisa Njani Ukuba Siyazixabisa Iintlanganiso? Amanye amabandla anikela ingxelo yokuba bambalwa abezayo kwiintlanganiso. Ngamathuba athile imeko yomntu isenokumthintela ekuzeni kwintlanganiso. Kodwa ngaba uye wavumela iingxaki ezibonakala zincinane ziphazamisane nokubakho kwakho kwiintlanganiso ngokuthe rhoqo? Bambi basenokugqiba kwelokuba bahlale ekhaya ukuba banentloko nje engebuhlungu kangako okanye baziva bediniwe emva kokuxakeka ebudeni bosuku. Abanye baye baziva bebophelelekile ukuba bamkele izalamane ezingakholwayo ezifuna ukubatyelela. Abanye baphoswe ziintlanganiso ukuze babukele inkqubo abayithandayo kamabonwakude okanye ezemidlalo. Lo mlinganiselo wokubonakalisa uxabiso kwezi meko awulingani nomnqweno osuk’ entliziyweni owavakaliswa ngoonyana bakaKora: “Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova.”—INdu. 84:2.
3 Nangona kukho intabalala yokutya kokomoya okunikelwayo kwiintlanganiso, abanye abakhoyo banengxaki ekunikeleni ingqalelo. Basenokufumanisa ukuba iingqondo zabo ziyabhadula, becinga ngamaxhala osuku, okanye bade balale. Abaninzi bafumanise ukuba ukubhala amanqaku amafutshane kuyabanceda bahlale bephaphile baze banikele ingqalelo koko kuthethwayo. Ukubhala izinto kukwabethelela inkcazelo engqondweni. Ukongezelela, ukulungiselela kwangaphambili kuluncedo ukuze ungenelwe ngokuzeleyo. Ukuba silungiselela kakuhle, siya kukwazi ‘ukunikela ingqalelo egqithiseleyo.’—Heb. 2:1, NW.
4 Abantwana nabantu abakhulu kufuneka bangenise imiyalelo enikelwa kwiintlanganiso. Abantwana baya kufunda okuncinane gqitha ukuba abazali babaphathela izinto zokudlala okanye iincwadi zokuzoba ukuze babagcine bexakekile yaye bezolile. Kukungabi nangqeqesho efanelekileyo ukuvumela abantwana badlale, bathethe, balile, okanye benze ezinye izinto eziphazamisa abahleli kufutshane. Xa umntwana esazi ukuba uza kusoloko ekhatshwa ngomnye wabazali akadli ngokuya rhoqo kwindlu yangasese okanye aye kusela amanzi ebudeni beentlanganiso ngokungeyomfuneko.
5 Ubambo-xesha Lubalulekile: Ngamathuba athile, iimeko ezingaphephekiyo zisenokusenza singafiki kwangethuba kwiintlanganiso, kodwa ukuba nomkhwa wokufika emva kwengoma nomthandazo wokuvula kubonisa ukungabi naxabiso ngenjongo engcwele yeentlanganiso nangembopheleleko yethu yokuphepha ukuphazamisa abanye. Khumbula ukuba ukucula nokuthandaza nabazalwana bethu kwiintlanganiso zebandla kuyinxalenye yonqulo lwethu. Umkhwa wokufika emva kwexesha udla ngokubangelwa kukungalungelelani okanye kukungacebi kusengaphambili. Ukubamba ixesha kubonisa ukuba siyazixabisa yaye siyazihlonela iintlanganiso zethu.
6 Njengokuba imini isiya isondela, inkulu ngakumbi imfuneko yokuhlanganisana. (Heb. 10:24, 25) Masibonakalise uxabiso lwethu ngokubakho rhoqo, ngokulungiselela kusengaphambili, ngokubamba ixesha, ngokunikela ingqalelo epheleleyo nangokusebenzisa esikufundayo.