Iintlanganiso Zenkonzo KaDisemba
PHAWULA: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kulungiselela iNtlanganiso Yenkonzo yeveki nganye ebudeni bukaDisemba. Amabandla asenokwenza uhlengahlengiso oluyimfuneko olunokuwavumela aye kwiNdibano YeSithili “Yokoyika UThixo” aze kwiveki elandelayo abe nemizuzu engama-30 yempinda yeembalasane zocwangciso. Impinda yosuku ngalunye yocwangciso lwendibano yesithili ifanele yabelwe kwangaphambili abazalwana ababini okanye abathathu abafanelekayo abaya kukwazi ukugxininisa kwiingongoma eziziintloko. Le mpinda elungiselelwe kakuhle iya kulinceda ibandla likhumbule iingongoma eziziintloko elinokuzisebenzisa ngokobuqu nasentsimini. Amagqabaza kunye namava abaliswa ngabaphulaphuli afanele abe mafutshane aze angqale.
Iveki Eqala NgoDisemba 5
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezifanelekileyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Chaza inqaku elinye okanye amabini anik’ umdla anokubalaseliswa xa kunikelwa amaphephancwadi akutshanje. Yiba nomvakalisi onobuchule esenza umboniso ngomnikelo, esebenzisa elinye lala manqaku. Khumbuza ibandla ngemfuneko yokuba nesabelo kubulungiseleli ekuqaleni kukaDisemba baze baqinisekise ukuba bafaka ingxelo yabo ngaphambi kokuya ekhefini okanye endibanweni. Abaqhubi bezifundo zencwadi bafanele babakhumbuze bonke abasemaqeleni abo ngoku.
15 imiz: “Umzekelo Esimele Siwulandele Ngokusondeleyo.” Imibuzo neempendulo.
18 imiz: “Mema Abanye Balandele Oyena Mntu Ubalaseleyo.” Yixubushe nabaphulaphuli. Lungiselela imiboniso emifutshane emibini. Bethelela imfuneko yokugcina ingxelo yendlu ngendlu echanileyo; ngokufutshane hlolisisa inkcazelo emele ibhalwe kuloo ngxelo.
Ingoma 153 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 12
13 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neeNdaba Ezingokobuthixo. Ingxelo yemali, kuquka naziphi na izaziso zokufunyanwa komnikelo. Cebisa ngendlela yokuphendula kwimibuliso yeeholide zehlabathi.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaDisemba 1990, iphepha 6.
14 imiz: “Nikela Ingqalelo Ngokuqhubekayo Kwimfundiso Yakho.” Intetho ngumveleli wesikolo. Hlolisisa imiyalelo ‘ekuCwangciso LweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1995,’ uchaza nakuphi okumele kukhunjulwe okuyimfuneko ngokukodwa kwibandla elo.
18 imiz: “Bonisa Uxabiso Ngendlu KaThixo.” Imibuzo neempendulo. Yenza amagqabaza abhekele phaya ngemfuneko yokubamba ixesha kwiintlanganiso.—Bona IMboniselo kaJuni 15, 1990, iphepha 26-9.
Ingoma 99 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 19
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa amalungiselelo enkonzo yasentsimini asekuhlaleni ebudeni bexesha elizayo leeholide. Cebisa iindlela zokunikela amaphephancwadi akutshanje kwintsimi yasekuhlaleni.
20 imiz: “Nikelani Ingqalelo Kwilizwi Lesiprofeto.” Isihlomelo. Imibuzo neempendulo kwisiqendu 1-8, mayisingathwe ngumdala. Xubusha indlela ezisebenza ngayo izibhalo ezibonisiweyo.
15 imiz: “Bakhuthaze Babe Ngabalandeli Bakhe.” Yixubushe nabaphulaphuli. Yiba nemiboniso emibini emifutshane. Ncomela ukuba bonke basebenzise ixesha elithile lenkonzo yasentsimini ekwenzeni amabuyelo veki nganye.
Ingoma 22 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 26
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha umxholo othi “Ngaba Liza Kutshintsha Ixesha Leentlanganiso Zenu?” ukuba uyasebenza kwibandla lenu.
20 imiz: “Nikelani Ingqalelo Kwilizwi Lesiprofeto.” Isihlomelo. Imibuzo neempendulo kwisiqendu 9-13, mayisingathwe ngumdala. Bethelela imbaluleka yokulungiselela, ukubakho rhoqo nokuba nenxaxheba kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Bonisa uxabiso ngemfundiso yokomoya, ibalulekile ukuze isikhokele kule mihla yokugqibela.
10 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Okanye nikela intetho kwinqaku elithi “Ngaba Uyamnceda Umntwana Wakho Akhethe UYehova?” kwiMboniselo kaOktobha 1, 1994, iphepha 26-30.
10 imiz: Lungiselela umnikelo kaJanuwari. Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni. Yazisa ibandla ngencwadi ekhoyo elinokuyihambisa. Lungiselela intshumayelo enokusetyenziswa xa uhambisa loo mpapasho. Amacebiso angeentshumayelo anokufunyanwa kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 9-15. Yiba nomvakalisi esenza umboniso ngentshumayelo leyo.
Ingoma 94 nomthandazo wokuqukumbela.