IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 11/1 iphe. 15-21
  • Imfundo Enenjongo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imfundo Enenjongo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Ubuchule Ukuze Ube Ngumlungiseleli Onempumelelo
  • Iingenelo Zokuhamba Isikolo Ngokwaneleyo
  • Imfundo Eyaneleyo
  • Imbono Elungeleleneyo Ngemfundo
  • Ukubala Iindleko
  • Abantu Abamanyeneyo Nabafundileyo
  • Ngaba IBhayibhile Ayiyikhuthazi Imfundo?
    Vukani!—1998
  • Imfundo—Yisebenzisele Ukudumisa UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukugcina Imfundo Ikwindawo Yayo
    Vukani!—1994
  • Ngaba Umntwana Wam Ufanele Aye Esikolweni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 11/1 iphe. 15-21

Imfundo Enenjongo

“Lazise ilungisa, lokongeza ukufunda.”—IMIZEKELISO 9:9.

1. UYehova ulindele ntoni kubakhonzi bakhe mayela nolwazi?

UYEHOVA “nguThixo owazi konke.” (1 Samuweli 2:3) Uyabafundisa abakhonzi bakhe. UMoses waxela kwangaphambili ukuba abantu ababephila ngexesha lamaSirayeli babeya kuthi ngawo: “Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.” (Duteronomi 4:6) Ngokufanayo amaKristu okwenyaniso afanele abe nolwazi. Afanele abe ngabafundi abanenyameko beLizwi likaThixo. Ebonisa injongo yolo fundisiso, umpostile uPawulos wabhala: “Asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo.”—Kolose 1:9, 10.

2. (a) Kufuneka ntoni ukuze ubani azuze ulwazi oluchanileyo ngoThixo? (b) IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova liye lawusingatha njani lo mbandela?

2 Ufundisiso ngenjongo yokuzuza ulwazi oluchanileyo ngoThixo neenjongo zakhe lufuna ubuncinane umlinganiselo othile wemfundo. Kodwa abantu abaninzi abaye bafunda inyaniso yeLizwi likaThixo bahlala kumazwe apho babengenawo kangako okanye bengenawo kwaphela amathuba okufumana imfundo yehlabathi efanelekileyo. Batsala nzima. Ukuze koyiswe le ngxaki, kangangeminyaka emininzi ngoku iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova liye layalela ukuba, apho kukho imfuneko, kulungiselelwe iiklasi zokufunda ukulesa nokubhala emabandleni. Ngaphezu kweminyaka engama-30 eyadlulayo, iphephandaba laseBrazil iDiário de Mogi lapapasha inqaku elinomxholo othi “AmaNgqina KaYehova Alwisana Nokungafundi.” Lathi: “Ngomonde umyaleli ofanelekayo uqalisa . . . ukufundisa abanye ukulesa nokubhala. . . . Abafundi, ngenxa yeemeko ezibashukumisela ekubeni ngabalungiseleli bakaThixo, bamele bakhulise ulwazi lwabo ngolwimi ukuze bakwazi ukunikela iintetho.” Ngale ndlela amawaka abantu ehlabathini lonke bancediwe bakwazi ukuba ngabafundi abalungileyo beLizwi likaThixo. Bangenele le mfundo isisiseko benenjongo ephakamileyo engqondweni.

Kufuneka Ubuchule Ukuze Ube Ngumlungiseleli Onempumelelo

3, 4. (a) Kutheni amaKristu okwenyaniso enomdla kwimfundo? (b) Yayinjani imeko kwaSirayeli, yaye yiyiphi imfundo esisiseko ebalulekileyo emabandleni ethu namhlanje?

3 AmaKristu okwenyaniso anomdla kwimfundo, kungengakuba ethanda ukuba ngabantu abafundileyo, kodwa ukuze akwazi ukuba ngabakhonzi abanempumelelo ngakumbi bakaYehova. UKristu wanika onke amaKristu uthumo lokuba ‘enze abafundi bazo zonke iintlanga, abafundise ukuba bazigcine zonke izinto abawisele umthetho ngazo.’ (Mateyu 28:19, 20) Ukuze afundise abanye, amele afunde kuqala, yaye oku kufuna iindlela ezilungileyo zokufundisisa. Amele abe nobuchule bokuzihlolisisa ngenyameko iZibhalo. (IZenzo 17:11) Ukuze aphumeze uthumo lwawo, kukwafuneka akwazi ukufunda ngokutyibilikayo.—Bona uHabhakuki 2:2; 1 Timoti 4:13.

4 Njengokuba sibonile kwinqaku elandulelayo, kukho izizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba, ubukhulu becala, kwanabaselula kwaSirayeli mandulo babekwazi ukufunda nokubhala. (ABagwebi 8:14; Isaya 10:19) Namhlanje abalungiseleli abangamaKristu kufuneka babhale amagqabaza ngendlela elungeleleneyo njengokuba benikela ubungqina kwindlu ngendlu. Babhala iileta, babhala amanqaku ezintlanganisweni, yaye babhala amagqabaza xa belungiselela. Ukuze ubani akwazi ukwenza konke oku kufuneka akwazi ukubhala ngendlela efundekayo. Ukuze ubani akwazi ukugcina iingxelo ebandleni lamaKristu ubuncinane kufuneka ulwazi olusisiseko lwezibalo.

Iingenelo Zokuhamba Isikolo Ngokwaneleyo

5. (a) Iyintoni imvelaphi yegama elithi “isikolo”? (b) Liliphi ithuba abafanele balixhakamfule abaselula?

5 Okubangel’ umdla kukuba igama elithi “isikolo” lisuka kwigama lesiGrike skho·leʹ, ekuqaleni elalithetha “ukuphumla” okanye ukusetyenziswa kwexesha lokuphumla kumsebenzi obalulekileyo, njengokufunda. Kamva lathi lasetyenziselwa ukuchaza lo ndawo kufundelwa kuyo. Oku kubonisa ukuba, ngaxa lithile, kuphela ludidi oluphezulu—eGrisi nakwamanye amazwe amaninzi—olwalunako ukufunda. Ngokuqhelekileyo udidi lwabasebenzi lwaluhlala lusebumnyameni. Namhlanje, kumazwe amaninzi abantwana nabantu abaselula banikwa ixesha lokufunda. Ngokuqinisekileyo amaNgqina aselula afanele azongele ixesha lokuba ngabakhonzi bakaYehova abanolwazi nabafanelekayo.—Efese 5:15, 16.

6, 7. (a) Ziziphi ezinye zeengenelo zokuhamba isikolo ngokwaneleyo? (b) Ukufunda ulwimi lwasemzini kunokuba luncedo ngaziphi iindlela? (c) Namhlanje kwenzeka ntoni kubantu abaselula abaninzi xa begqiba esikolweni?

6 Ulwazi olusisiseko lwezembali, ezelizwe, inzululwazi, njalo njalo luya kuwanceda amaNgqina aselula abe ngabalungiseleli abalungeleleneyo. Ukuya kwawo esikolweni akuyi kuwafundisa izifundo ezininzi nje kuphela kodwa kwanendlela yokufunda. AmaKristu okwenyaniso awayeki ukufunda nokufundisisa esakusishiya isikolo. Noko ke, oko aya kukuzuza kufundisiso lwawo ubukhulu becala kuya kuxhomekeka ekuyazini kwawo indlela yokufundisisa. Imfundo yehlabathi neyasebandleni inokuwanceda akhulise amandla awo okucinga. (IMizekeliso 5:1, 2) Xa efunda aya kukwazi ngakumbi ukukuqonda oko kubalulekileyo, noko kumele kuphawulwe okanye kugcinwe ngentloko.

7 Ngokomzekelo, ukufunda ulwimi lwasemzini akuyi kukhulisa amandla engqondo omntu oselula kuphela kodwa kuya kumenza abe luncedo ngakumbi kwintlangano kaYehova. Kwamanye amasebe eWatch Tower Society, iqela labazalwana abaselula liye lakufumanisa kuyingenelo ukukwazi ukuthetha okanye ukufunda isiNgesi ngokutyibilikayo. Ngaphezu koko, bonke abalungiseleli abangamaKristu bafanele bazabalazele ukuluthetha kakuhle nangokutyibilikayo olwabo ulwimi. Iindaba ezilungileyo zoBukumkani zifanelwe kukuvakaliswa ngendlela ecacileyo nechanileyo ngokwemithetho yegrama. Izibakala zibonisa ukuba ehlabathini namhlanje, ulutsha oluninzi lugqiba esikolweni lusenobunzima ekubhaleni nasekuthetheni ngokuchanileyo nasekubaleni nezona zibalo zilula; ibe lunolwazi olumfiliba lwezembali nezelizwe.

Imfundo Eyaneleyo

8. Ziziphi izibhalo ezinokuthanani nombandela wemfundo yehlabathi nokukwazi kukabani ukuzixhasa?

8 Ngoko ke, ngoku kubonakala kulixesha elifanelekileyo lokuqwalasela imbono yomKristu ngemfundo yehlabathi. Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile ehlobene nalo mbandela? Okokuqala, kumazwe amaninzi ukuzithoba okufanelekileyo ‘kuKesare’ kunyanzelisa ukuba abazali abangamaKristu bathumele abantwana babo esikolweni. (Marko 12:17; Tito 3:1) Wona ke amaNgqina aselula, xa esenza umsebenzi wawo wesikolo afanele akhumbule amaKolose 3:23, athi: “Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu.” Umgaqo wesibini obandakanyekileyo ngowokuba amaKristu afanele akwazi ukuzixhasa, kwanokuba angabalungiseleli bexesha elizeleyo abangoovulindlela. (2 Tesalonika 3:10-12) Ukuba indoda itshatile, ifanele ikwazi ukumlungiselela ngokufanelekileyo umfazi wayo nabantwana abasenokuzalwa, ize ikwazi nokupha abo basweleyo nokuxhasa umsebenzi wokushumayela ekuhlaleni nasehlabathini lonke.—Efese 4:28; 1 Timoti 5:8.

9, 10. (a) Kubonakala kukho luphi utyekelo kumazwe amaninzi? (b) Ngumvuzo onjani umlungiseleli onguvulindlela anokuwujonga njengowaneleyo?

9 UmKristu oselula kufuneka afunde kangakanani ukuze akwazi ukuyihlonela le migaqo yeBhayibhile yaye aziphumeze iimbopheleleko zakhe zobuKristu? Oku kuyahluka kumazwe ngamazwe. Noko ke, ubukhulu becala kubonakala ngathi utyekelo oluqhelekileyo kumazwe amaninzi lukukuba umlinganiselo wemfundo ofunekayo ukuze ubani amkele umvuzo ofanelekileyo ngoku ungaphezulwana kunokuba wawunjalo kwiminyaka embalwa edluleyo. Iingxelo ezivela kumasebe eWatch Tower Society kwiindawo ngeendawo zehlabathi zibonisa ukuba kwiindawo ezininzi kunzima ukufumana imisebenzi ehlawula imivuzo efanelekileyo ngokusuka nje ugqibe elo banga lifunwayo ngumthetho okanye kwamanye amazwe kwanasemva kokugqiba amabanga aphezulu.

10 Kuthetha ukuthini ukuthi “umvuzo ofanelekileyo”? Akuthethi imisebenzi ehlawula imali eninzi. IWebster’s Dictionary ilichaza igama elithi “ofanelekileyo” xa lisetyenziswe kulo mongo ngokuthi “owaneleyo, owanelisayo.” Ngumvuzo onjani ekunokuthiwa “wanele,” ngokomzekelo, kwabo banqwenela ukuba ngabalungiseleli beendaba ezilungileyo abangoovulindlela? Ngokuqhelekileyo bona bafuna umsebenzi wesingxungxo ukuze bakuphephe ukuba “ngumthwalo” kubazalwana babo okanye kwintsapho yabo. (1 Tesalonika 2:9) Umvuzo wabo kusenokuthiwa “wanele” okanye ‘uyanelisa,’ ukuba imali abayamkelayo iyabavumela baphile ubomi obufanelekileyo baze sekunjalo basale benexesha namandla awaneleyo okufeza ubulungiseleli babo bobuKristu.

11. Kutheni abathile abaselula beye bayishiya inkonzo yobuvulindlela, yaye nguwuphi umbuzo ophakamayo?

11 Ngokufuthi imeko injani namhlanje? Kuthiwa kumazwe amaninzi ulutsha oluninzi oluneenjongo ezintle luye lwasishiya isikolo emva kokugqiba ibanga lemfundo elifunekayo ukuze lube ngoovulindlela. Lwalungenabo ubugcisa bomsebenzi wezandla okanye iimfaneleko zomsebenzi wengqesho. Ukuba aluncedwa ngabazali balo, kuye kufuneke lufune umsebenzi wesingxungxo. Lumbi kuye kwafuneka lwamkele imisebenzi efuna ukuba lusebenze iiyure ezininzi ukuze lukwazi ukuba nemali eyaneleyo yokuziphilisa. Ekubeni imizimba yalo idiniwe, luye lwabushiya ubulungiseleli bobuvulindlela. Banokwenza ntoni abanjalo ukuze bazixhase yaye babuyele kwinkonzo yobuvulindlela?

Imbono Elungeleleneyo Ngemfundo

12. (a) Mayela nemfundo, ziziphi iimbono ezimbini ezigabadeleyo umKristu aya kuziphepha? (b) Imfundo ifanele ifeze yiphi injongo kubakhonzi abazahluleleyo bakaYehova nabantwana babo?

12 Imbono elungeleleneyo ngemfundo inokuba luncedo. Kubantu abaninzi abaselula ehlabathini imfundo iluphawu lokubaluleka, into yokubanceda babe ngoothile ebuthweni, isikhokelo sobomi obuphumelelayo bezinto eziphathekayo. Kwabanye isikolo ngumsebenzi ubani amele ahlukane nawo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Kwezi mbono akukho nanye efanelekileyo kumaKristu okwenyaniso. Ngoko, yiyiphi ekunokuthiwa “yimbono elungeleleneyo”? AmaKristu afanele ayijonge imfundo njengendlela yokufikelela injongo yawo. Kule mihla yokugqibela, injongo yawo kukukhonza uYehova ngokuphumelelayo kangangoko kunokwenzeka. Ukuba, kwilizwe aphila kulo, imfundo encinane okanye kwanemfundo yamabanga aphakamileyo iya kuwavumela afumane kuphela imisebenzi enengeniso enganelanga yokuzixhasa njengoovulindlela, ngoko kusenokuqwalaselwa imfundo okanye uqeqesho olongezelelekileyo. Oku kusenziwa ngenjongo ekhethekileyo yokungenela inkonzo yexesha elizeleyo.

13. (a) Omnye udade kwiiPhilippines ukwaze njani ukuqhubeka nenkonzo yakhe yobuvulindlela ngoxa enyamekela iimbopheleleko zakhe zentsapho? (b) Sisiphi isiluleko esisexesheni?

13 Bambi baye bafumana uqeqesho kwizifundo ezibavulele amathuba emisebenzi ebavumelayo ukuba bangenele okanye babuyele kwinkonzo yexesha elizeleyo. Omnye udade kwiiPhilippines intsapho yakhe yayixhomekeke kuye, kodwa wayefuna ukuba nguvulindlela. Isebe linikela le ngxelo: “Uye wakwazi ukukwenza oku kuba uye wafumana imfundo eyongezelelekileyo ukuze afaneleke njengombhali-zimali ovunyiweyo.” Kwaeli sebe linikela le ngxelo: “Sineqela elifundayo yaye kwangaxesha nye eliye lakwazi ukulungisa ucwangciso lwalo ukuze libe ngoovulindlela. Ngokuqhelekileyo liba ngabavakalisi abalunge ngakumbi ekubeni lukukhuthalele ngakumbi ukufundisisa, ukuba nje alibi namabhongo ngokugqithiseleyo kusukelo lwehlabathi.” La magqabaza okugqibela amele asenze sikhe sicinge nzulu. Injongo yokongeza imfundo, apho oku kubonakala kuyimfuneko, ayimele ilityalwe okanye iguquke ibe lusukelo lwezinto eziphathekayo.

14, 15. (a) Kutheni kungamele kumiswe imithetho engqongqo mayela nemfundo? (b) Bambi abazalwana abaneembopheleleko bafumana imfundo engakanani yehlabathi, kodwa oku kuye kwaxhaswa yintoni?

14 Kumazwe ambalwa, izikolo zamabanga aphezulu zinikela uqeqesho lwemisebenzi olunokumenza umKristu oselula abe nobugcisa obuthile okanye alungele umsebenzi othile xa egqiba. Kwanaxa oku kungenjalo, kumazwe athile ulutsha oluzimiseleyo olunemfundo esisiseko kuphela luyawufumana umsebenzi wesingxungxo owenza lukwazi ukwamkela imali eyaneleyo ukuba lube ngoovulindlela. Ngoko akumele kubekwe imithetho engqongqo ethethelela okanye echasa imfundo eyongezelelekileyo.

15 Abaninzi ngoku abakwizikhundla zembopheleleko njengabaveleli abahambahambayo, kwikomkhulu loMbutho, okanye kwelinye lamasebe banemfundo esisiseko kuphela. Babengoovulindlela abathembekileyo, abazange bayeke ukufunda, bafumana uqeqesho, yaye baphathiswe iimbopheleleko ezingakumbi. Abazisoli. Kwelinye icala, abanye boontanga babo bakhetha ukufumana imfundo yaseyunivesithi baza abenza nkqubela ngokomoya, baminxwa ziintanda-bulumko ezitshabalalisa ukholo ‘zobulumko beli hlabathi.’—1 Korinte 1:19-21; 3:19, 20; Kolose 2:8.

Ukubala Iindleko

16. (a) Ngubani omele enze isigqibo sokuba imfundo eyongezelelekileyo iyimfuneko kusini na, yaye yintoni eyona nto ifanele ikhunjulwe? (b) Yintoni efanele iqwalaselwe?

16 Ngubani ogqibayo enoba umKristu oselula ufanele afumane imfundo okanye uqeqesho olongezelelekileyo kusini na? Umgaqo weBhayibhile wobuntloko uyasebenza koku. (1 Korinte 11:3; Efese 6:1) Ngenxa yoko ngokuqinisekileyo abazali baya kufuna ukunikela ukhokelo kubantwana babo kukhetho lomsebenzi wobugcisa okanye lomnye umsebenzi yaye ngaloo ndlela nakumlinganiselo wemfundo eya kufuneka. Kumazwe amaninzi ukhetho lwemfundo nokhetho lomsebenzi lumele lwenziwe kwasekuqaleni kwimfundo yamabanga aphakamileyo. Elo lixesha abazali nolutsha olungamaKristu ekufuneka ngalo bafune ulwalathiso lukaYehova ekwenzeni ukhetho lobulumko, becinga ngezilangazelelo zoBukumkani. Abantu abaselula banotyekelo neziphiwo ezingafaniyo. Abazali abalumkileyo baya kuziqwalasela ezi. Yonke imisebenzi yokunyaniseka ibekekile, enoba yeyezandla okanye yeyaseofisini. Ngoxa ihlabathi lisenokuwuphakamisa umsebenzi waseofisini lize likujongele phantsi ukusebenza nzima ngezandla zikabani, ngokuqisekileyo iBhayibhile ayenzi njalo. (IZenzo 18:3) Ngoko xa abazali nolutsha olungamaKristu namhlanje, emva kokuziqwalasela ngenyameko nangomthandazo zonke iingenelo neengozi ezibandakanyekileyo, begqiba kwelokuba bakhetha okanye bayayichasa imfundo eyongezelelekileyo, abanye ebandleni abafanele babagxeke.

17. Bambi abazali abangamaNgqina babakhethela ntoni abantwana babo?

17 Ukuba ngendlela ebonisa inkathalo abazali abangamaKristu bagqiba ekubeni abantwana babo bafumane imfundo eyongezelelekileyo emva kwamabanga aphakamileyo, elo lilungelo labo. Ixesha elithatyathwa zezi zifundo liya kwahluka ngokohlobo lomsebenzi wobugcisa okanye omnye umsebenzi okhethiweyo. Ngenxa yezizathu zemali nokuze abantwana babo bakwazi ukungena kwinkonzo yexesha elizeleyo ngokukhawuleza kangangoko, abazali abangamaKristu abaninzi bakhethe izifundo ezithabatha ixesha elifutshane kwizikolo zokufundela umsebenzi okanye zobugcisa. Kwezinye iimeko ulutsha kuye kwafuneka lusebenze lufunda umsebenzi othile kodwa ngamaxesha onke lunosukelo lobomi bonke bokukhonza uYehova.

18. Ukuba kuthatyathwa izifundo ezongezelelekileyo, yintoni efanele ikhunjulwe?

18 Ukuba kuthatyathwa izifundo ezongezelelekileyo, ngokuqinisekileyo intsusa-senzo ayifanele ibe kukubalasela kwezemfundo okanye ukuzakhela umsebenzi obalulekileyo wehlabathi. Izifundo zifanele zikhethwe ngenyameko. Eli phephancwadi liye lagxininisa kwiingozi zemfundo ephakamileyo, kwaye oko likwenza ngakhona, kuba inkoliso yemfundo ephakamileyo efumanekayo iphikisana ‘nemfundiso ephilileyo’ yeBhayibhile. (Tito 2:1; 1 Timoti 6:20, 21) Ngokubhekele phaya, ukususela ngeminyaka yee-1960, izikolo ezininzi zemfundo eyongezelelekileyo ziye zaba ziindawo ezibalasele ngolwaphulo mthetho nokuziphatha kakubi. ‘Umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ukudimaze ngamandla ukuzifaka kwimeko-bume enjalo. (Mateyu 24:12, 45) Noko ke, simele sivume ukuba kule mihla ulutsha ludibana nazo ezi ngozi kwizikolo zamabanga aphezulu nakwiikholeji zobugcisa nakwiindawo zempangelo.—1 Yohane 5:19.a

19. (a) Banokuzikhusela njani abo bagqiba kwelokuthabatha izifundo ezongezelelekileyo? (b) Abanye bayisebenzise njani ngendlela eyingenelo imfundo yabo?

19 Ukuba kugqitywa kwelokuba iNgqina eliselula lifumana imfundo eyongezelelekileyo, kucebiseka ukuba, ukuba kunokwenzeka, liyifumane ngoxa lihlala ekhaya, ngaloo ndlela likwazi ukugcina imikhwa emihle yofundisiso lwamaKristu, ukuya ezintlanganisweni, nomsebenzi wokushumayela. Kukwafanelwe kuthatyathwe ukuma okuhle kwimigaqo yeBhayibhile zisuka nje. Kufanele kukhunjulwe ukuba uDaniyeli namaqabane akhe amathathu angamaHebhere babethinjiwe xa kwakunyanzelekile ukuba bafumane imfundo eyongezelelekileyo eBhabhiloni, kodwa bahlala beyilondolozile ingqibelelo yabo. (Daniyeli, isahluko 1) Ngoxa ebeka izilangazelelo zokomoya kuqala, amaNgqina aselula kumazwe amaninzi aye afunda izifundo zokuzixhobisela umsebenzi wesingxungxo njengokuba ngababhali-zimali, amagcisa, abafundisi-ntsapho, abaguquleli, iitoliki, okanye eminye imisebenzi ewaxhase ngokufanelekileyo kumsebenzi wawo oyintloko wobuvulindlela. (Mateyu 6:33) Iqela lolu lutsha kamva luye lwaba ngabaveleli abahambahambayo okanye abasebenzi bokuzithandela eBheteli.

Abantu Abamanyeneyo Nabafundileyo

20. Nguwuphi umahluko ihlabathi eliwenzayo ongamele ubekho phakathi kwabantu bakaYehova?

20 Phakathi kwabantu bakaYehova, enoba umntu usebenza eofisini, usebenza ngezandla, ungumlimi okanye wenza imisetyenzana emincinane, bonke kufuneka bayifundisise kakuhle iBhayibhile ibe babe ngabafundisi abanobuchule. Ubuchule obuzuzwa ngabo bonke bokufunda, ukufundisisa nokufundisa buyawususa umahluko ihlabathi eliwenzayo phakathi komntu osebenza ngezandla nosebenza eofisini. Oku kubangela umanyano nokuhlonelana okubonakala ngokukhethekileyo phakathi kwabasebenzi bokuzithandela kumakhaya aseBheteli nakwizakhiwo zeWatch Tower Society, apho iimfaneleko zokomoya ziyeyona nto ibalulekileyo yaye zifuneka kubo bonke. Apha, abasebenzi abanamava kumsebenzi waseofisini basebenza ngovuyo nabo banamava kumsebenzi wezandla, bonke bebonakalisa uthando lokuxabisana.—Yohane 13:34, 35; Filipi 2:1-4.

21. Lufanele lube yintoni usukelo lwamaKristu aselula?

21 Bazali, khokelelani abantwana benu kusukelo lokuba ngamalungu aluncedo ebutho lehlabathi elitsha! MaKristu aselula, sebenzisani amathuba enu emfundo njengendlela yokunixhobisela ukubambelela ngokuqinileyo kumalungelo enu ekukhonzeni uYehova! Njengabafundisiweyo, kwanga nonke ningangqineka ningamalungu axhotyiswe kakuhle ebutho lobuthixo ngoku nangonaphakade ‘kumhlaba omtsha’ othenjiswe nguThixo.—2 Petros 3:13; Isaya 50:4; 54:13; 1 Korinte 2:13.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona kwaneMboniselo kaMatshi 15, 1976, iphepha 142-3.

Vavanya Inkumbulo Yakho

◻ Kutheni amaKristu okwenyaniso enomdla kwimfundo?

◻ Ziziphi iimbono ezigabadeleyo zemfundo amaKristu okwenyaniso aya kuziphepha?

◻ Ziziphi iingozi zemfundo eyongezelelekileyo ezifanele ziqwalaselwe, yaye ubani unokuzikhusela njani?

◻ Nguwuphi umahluko ihlabathi eliwenzayo ongamele ubekho phakathi kwabantu bakaYehova?

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Ngokufundisisa ngenkuthalo, amaKristu aselula anokuba ngamalungu aluncedo ngakumbi ebutho lehlabathi elitsha

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Ukuba kukhethwa imfundo eyongezelelekileyo, ifanele ishukunyiswe ngumnqweno wokukhonza uYehova kakuhle ngakumbi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share