Abazali Abavuyayo!
1 Ukuba ungumntu oselula ohlala kwikhaya lamaKristu, kukho indlela ekhethekileyo onokubonwabisa ngayo abazali bakho. Ukuba usukela ikhondo lobulungisa, ‘uya kuvuya uyihlo nonyoko.’ (IMize. 23:22-25) Ngokuqhelekileyo abazali bakho bakunqwenelela okuhle. Akukho nto inokubavuyisa njengokukubona usenza inyaniso ibe yeyakho uze wahlulele ubomi bakho kuYehova.
2 Unokuba nombulelo ngokuba nabazali abasenyanisweni. Ukususela ekuzalweni kwakho, bakondla, bakunxiba baza bakuhlalisa endlwini baza bakunyamekela xa ugula. Okubaluleke nangakumbi kukuba baye bazabalazela ukukufundisa ngoYehova neendlela zakhe zobulungisa; olu luqeqesho olunokukuqinisekisa ngobomi obungunaphakade. (Efe. 6:1-4) Unokulubonakalisa njani uxabiso lwakho?
3 Yenza Inyaniso Ibe Yeyakho: Abazali bakho baye bazama ukukufundisa ukuyithabatha nzulu inyaniso, wenze inkqubela yokomoya uze uhlale usondele kwintlangano kaYehova. Unokubonisa uxabiso ngokuba nomdla kwisifundo sentsapho ungakhange unyanzelwe. Bonisa umnqweno wokubakho kwiintlanganiso, ungalindi ukuqhutywa ukuze ulungiselele ukuhamba ukuze intsapho ifike kwangexesha. Hlala nabazali bakho ebudeni beentlanganiso, uze unikele ingqalelo ngokupheleleyo ngokujonga kwiimpapasho ezixutyushwayo. Zabalazela ukuba nesabelo kwiintlanganiso ngokugqabaza. Zibonakalise ungumfundi ovumayo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, wamkele izabelo uze wenze okusemandleni akho ukuzizalisekisa. Yenza imisebenzi ethile eHolweni yoBukumkani ngokuzithandela, apho uncedo lwakho luya kufuneka khona. Ukuzibandakanya kuloo misebenzi kunokugcina intliziyo yakho icinga ngoko kulungileyo kuwe ngokomoya.
4 Zibekele Usukelo Oluqhubekayo: Zabalazela ukuba nesabelo ngokunentsingiselo kwinkonzo yasentsimini, ubonisa umnqweno wokufaneleka njengomvakalisi. Hambisana nofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki okanye, okuyingenelo nangakumbi, ufunde iBhayibhile uyigqibe ngokwakho. Zimisele ukuba uya kuphila ngokuvisisana neemfuneko zokuzahlulela nokubhaptizwa. Abazali bakho banokukunceda uzicebe ngenyameko izifundo zakho esikolweni, unenjongo yokufikelela uqeqesho oluya kukuxhobisela ukuba nesabelo ngokuzeleyo enkonzweni kaYehova. Nikela ingqalelo ekuzenzeleni udumo oluya kukhuthaza abanye bakuncomele njengofanele amalungelo akhethekileyo enkonzo njengobuvulindlela okanye inkonzo yaseBheteli. (IZe. 16:1, 2) Ukufikelela usukelo lwakho kunokukunceda ‘uzicikide izinto eziziincamisa, ukuze uzale ziziqhamo zobulungisa.’—Fil. 1:10, 11.
5 Ubutsha lixesha lokufunda, lokuzuza amava nelokufumana ubuchule bokuqhubana nabanye. Lixesha lokunandipha ubomi zingekho iingcinezelo neembopheleleko zobuntu obukhulu. USolomon wathi: “Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho.” (INtshu. 11:9) Ukuba unikela intliziyo yakho ekukhonzeni uYehova ebutsheni, uya kuvuna iintsikelelo eziya kuhlala ngonaphakade.—1 Kron. 28:9.
6 Ukuba ‘uphuthuma ubulungisa’ endaweni ‘yeenkanuko zobutsha,’ uya kuwothula umthwalo onzima wexhala nokukhathazeka kubazali bakho. (2 Tim. 2:22) Intliziyo yakho uya kuyenza ibe nesizathu sokuvuya. (IMize. 12:25) Ngaphezu kwako konke, uya kuzisa uvuyo kuMdali wakho, uYehova uThixo.—IMize. 27:11.