INgoma 31
Ukuzondelela Indlu KaYehova
1. Inzondelelo kaKristu
Ngenxa yendlu kaThixo
Yayimtshisa njengomlilo
Ek’tyhilen’ ok’ngendawo.
Wezel’ ukushumayela
Inyaniso kubantu.
Igama likaYehova
Walazisa kakhulu.
2. Ngoko nabo abafundi
Babezondelel’ uYa.
Nangomoya oyingcwele
Amabandla akhula.
Zange bayek’ uk’fundisa;
Batyelel’ indlu ngendlu.
Belwazisa usindiso
Nenguquko kubantu.
3. Nanamhla sibon’ abantu
Abazondelel’ uYa.
Kwihlabath’ elingendawo
Abanakutyhafiswa.
Bavuselelwa nguThixo,
Bezincamel’ uk’khonza.
Baqhubeka befundisa
Benokuzondelela.