IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/96 iphe. 3
  • Ndingamfumana Njani Umntu Ophulaphulayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingamfumana Njani Umntu Ophulaphulayo?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuncokola Nabantu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • ULidiya—Umnquli KaThixo Obuk’ Iindwendwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Umzekelo Wokuxeliswa—ULidiya
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 2/96 iphe. 3

Ndingamfumana Njani Umntu Ophulaphulayo?

1 Kwisixeko saseFilipi, “umfazi othile ogama linguLidiya, umthengisi wezimfusa, . . . wayephulaphule, kwaye uYehova wayivula yabanzi intliziyo yakhe ukuze anikele ingqalelo kwizinto ezazithethwa nguPawulos.” (IZe. 16:14) Le ngxelo isifundisa ntoni? Ukuphulaphula kuko okuvulela umntu ithuba lokufunda inyaniso. Impumelelo yethu ekwabelaneni nabanye ngesigidimi soBukumkani ixhomekeke ngokuyintloko kumdla womninimzi ekuphulaphuleni. Sakuba simfumene umntu ophulaphulayo, kuba lula ukunikela isigidimi sethu. Kodwa ukufumana umntu ophulaphulayo kunokuba lucelomngeni. Yintoni esinokuyenza?

2 Ngaphambi kokuya enkonzweni, sifanele sinikele ingqalelo kwimbonakalo yethu nakwizinto esizisebenzisayo. Ngoba? Abantu badla ngokumphulaphula umntu okhangeleka enesidima. Ngaba sinxiba kakuhle kodwa ngokundilisekileyo? Nakuba ukunxiba ngokungakhathali kusenokuthandwa ehlabathini, thina siyakuphepha oko kungakhathali kuba singabalungiseleli abamele uBukumkani bukaThixo. Inkangeleko yethu ecocekileyo nefanelekileyo inikela ubungqina obuhle kwisigidimi soBukumkani esishumayela ngabo.

3 Yiba Nobuhlobo Uze Ube Nentlonelo: Nangona isimo sengqondo sabantu banamhlanje siguquka, abaninzi basayihlonela iBhayibhile ibe basabela kakuhle kwincoko ebonisa intlonelo nobuhlobo ngoko kuqulethwe yiBhayibhile. Uncumo lobuhlobo nolokwenene, lunokumenza umninimzi akhululeke kuze kuvule ithuba lokuba nengxubusho emnandi. Kwakhona ukunyaniseka nesimilo sethu kufanele kubonakale kwintetho nakwihambo yethu, equka ukuphulaphula ngentlonelo koko kuthethwa ngumninimzi.

4 Injongo yethu kukwabelana nabanye ngethemba eliseBhayibhileni. Ekubeni sicinga ngoku, sifanele siqiniseke ukuba incoko yethu inomtsalane, ayixabeli okanye icel’ umngeni. Akuyomfuneko ukuchitha ixesha uxambulisana nomntu ozicaceleyo ukuba uyachasa. (2 Tim. 2:23-25) Sisenokukhetha kwiintshumayelo ezahlukeneyo ezikhuthazayo nezisexesheni esizilungiselelwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani nakwincwadi ethi Ukuqiqa. Kakade ke, kufuneka sizilungiselele kakuhle ukuze sithethe ngobuhlobo nangendlela eyeyisayo.—1 Pet. 3:15.

5 Emva kotyelelo lwethu, bambalwa abaninimzi abakwazi kakuhle ukuyikhumbula into ebesiyithethile. Noko ke, phantse bonke banokuyikhumbula indlela ebithethwe ngayo. Singaze siwadelele amandla okulunga nobubele. Ngokuqinisekileyo kukho uninzi lwabantu olunjengezimvu kwintsimi yethu oluya kuyiphulaphula inyaniso njengoLidiya ngenkulungwane yokuqala. Ukunikela ingqalelo ngenyameko kwimbonakalo nakwindlela esithetha ngayo kunokubakhuthaza abantu abanyanisekileyo baliphulaphule iLizwi likaThixo baze balamkele ngobubele.—Marko 4:20.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share