Mbonge UYehova “Imihla Yonke”
1 KwiNdumiso 145:2 uKumkani uDavide wenza esi sithembiso kuYehova: “Imihla yonke ndiya kukubonga, ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.” Nathi sinesizathu sokumbonga nokumdumisa uBawo wethu wasezulwini! Kodwa singawuxelisa njani umzekelo kaDavide xa siphakamisa ulongamo lukaYehova “imihla yonke”?
2 Masizalise Iintliziyo Zethu Ngombulelo KuYehova: Ukufundisisa iLizwi likaThixo rhoqo kuwenza nzulu umbulelo wethu ngoko uYehova asenzele kona, asenzela kona ngoku, nasaya kusenzela kona. Njengoko uxabiso lwethu ngezenzo zakhe ezimangalisayo lukhula, siya kumpompoza ukulunga kwakhe. (INdu. 145:7) Siya kumdumisa ngenzondelelo uYehova ngalo lonke ixesha elifanelekileyo.
3 Mdumise UYehova Kwincoko Yemihla Ngemihla: Xa sincokola nabamelwane, abo sifunda nabo esikolweni, esisebenza nabo nabanye esidibana nabo yonke imihla, sinokuwafumana amathuba okwabelana nabo ngethemba esinalo. Ummelwane usenokuvakalisa ukuxhalaba ngenxa yolwaphulo-mthetho ekuhlaleni; ofunda naye esikolweni usenokuxhalatyiswa kukusetyenziswa kakubi kweziyobisi okanye ukuziphatha okubi; osebenza naye usenokuchaza uluvo lwakhe komnye wemibandela yezopolitiko. Sinokubaxelela ngemigaqo namadinga aseLizwini likaThixo abonisa ikhondo elifanelekileyo abanokulithabatha ngoku nesicombululo sezi ngxaki kwixa elizayo. Loo mazwi athethwe “ngexa elililo” anokuba yintsikelelo!—IMize. 15:23.
4 Thetha NgoYehova Ixesha Elizeleyo: Umntu onoxabiso olunzulu ngoYehova ufuna ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nabaninzi kangangoko kunokwenzeka. (INdu. 40:8-10) Kule nkalo sifanele sizibuze, ‘Ngaba ndenza konke iimeko zam ezindivumela ndikwenze?’ Abanye bafumanise ukuba ngokwenza uhlengahlengiso olusengqiqweni, baye bakwazi ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. Ukuba okwangoku iimeko azisivumeli senjenjalo, ngaba singabhalisa njengoovulindlela abangabancedani? Ekubeni ixesha elizayo leSikhumbuzo ilixesha lomsebenzi owandisiweyo, inyanga kaMatshi neka-Aprili iya kuba lixesha elihle lokwandisa inkonzo yethu ngokuba ngoovulindlela abangabancedani.
5 Nceda Abasebatsha Basithelele Ekubongeni UYehova: ISikhumbuzo sokufa kukaYesu sisoloko sisikhumbuza ngezizathu zokumbulela uYehova nokudumisa igama Lakhe. Eli lixesha elihle ngokukhethekileyo lokukhuthaza abo sibafundela iBhayibhile basithelele ekubhengezeni ukuba uYehova ungukumkani. Babongoze bacinge ngomthandazo ngoko kuchazwe kwisiqendu 7-9 iphepha 173-5 kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ukuba bayafaneleka, abanasizathu sakungashumayeli kuba bengenamava. Bakho abavakalisi abanobuchule abanokubabonisa indlela owenziwa ngayo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ukuba abasebatsha banokuqweba inkalipho ekuthetheni ngeendaba ezilungileyo, banokuqiniseka ukuba uYehova uya kubanceda.—IZe. 4:31; 1 Tes. 2:2.
6 Xa sifuna ukubonga uYehova imihla yonke thina nabanye sifumana iingenelo zikanaphakade.