INgoma 64
Ukholo Olunjengoluka-Abraham
1. Luyolo kumntu ofuna
Uk’qond’ iZibhalo;
Kwasekuqaleni uYa
Wazis’ isiphelo.
Ukuze siqin’ ukholo
Wathetha kudala
Oko kwakubuprofeti
Ibe s’ya k’tyhilelwa.
2. Khawumbone uAbraham,
Enay’ uIsake,
Enyuk’ iNtab’ iMoriya;
Ukuze alingwe.
UYehova wathi kuye:
‘Unyana mnikele
Abe lidini kuThixo;
Wenz’ uk’thanda kwakhe.’
3. Kanti yena wathembeka,
Waza ngentobelo
Wabonis’ indlel’ uthando
Ol’hlaw’lela ngayo.
Ufun’ ubomi, na, wena?
Yiba nentobelo
Nokholo lukaAbraham,
Wenze ngentobelo.