IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/96 iphe. 1
  • Sinothumo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sinothumo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Hambani Niyokwenza Abafundi’
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • “Livakalise ILizwi”!
    Mvumeleni Iindumiso UYehova—Iculo Elincinane
  • UYehova Usinceda Njani Sikwazi Ukushumayela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Kutheni amaNgqina kaYehova Eshumayela Kwindlu Ngendlu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 11/96 iphe. 1

Sinothumo

1 UYesu wayalela abalandeli bakhe esithi ‘mabenze abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mat. 28:19) Kumazwe angama-232 namaqela eziqithi kumhlaba wonke, bangaphezu kwezigidi ezihlanu abadumisi bakaYehova uThixo abanikela ubungqina obuphilayo bokuzaliseka komyalelo kaYesu. Kodwa kuthekani ngathi ngokobuqu? Ngaba siluthabatha nzulu uthumo lokushumayela?

2 Imbopheleleko Enzulu: Uthumo “ngumyalelo wokwenza imisebenzi oyibekelweyo.” UKristu usiyalele ukuba sishumayele. (IZe. 10:42) Umpostile uPawulos wayeqonda ukuba oku kuthe zinzi phezu kwakhe imfanelo, okanye imbopheleleko enzulu, yokuvakalisa iindaba ezilungileyo. (1 Kor. 9:16) Ngokomzekelo: Khawuzithelekelele ungumsebénzi kwinqanawa ezikayo. Umphathi ukuyalela ukuba ulumkise abo bakhweleyo uze ubase kumaphenyane okuhlangula. Ngaba ubuya kuwutyeshela loo myalelo uze uzixakekise ngokusindisa esakho isiqu? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Abanye baxhomekeke kuwe. Ubomi babo busengozini. Unembopheleleko enzulu yokuphumeza uthumo lwakho lokubanceda.

3 UThixo usithume ukuba sihlokomise isilumkiso. Kungekudala uYehova uza kuyiphelisa yonke le nkqubo ingendawo yezinto. Izigidi zabantu azilazi ikamva lazo. Ngaba bekuya kuba yinto efanelekileyo ngathi ukulityeshela ishwangusha eliza kwehlela abanye size sizixhalabise ngokusindisa iziqu zethu kuphela? Kakade akunjalo. Sinembopheleleko enzulu yokunceda ekusindeni kobomi babanye.—1 Tim. 4:16.

4 Imizekelo Yokuthembeka Esinokuyilandela: Umprofeti uHezekile wayeziva enetyala lokulumkisa amaSirayeli awayengathembekanga. UYehova wamlumkisa kanobom ngemiphumo yokusilela ukuphumeza isabelo sakhe: “Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli . . . , wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.” (Hez. 3:18) UHezekile waluzalisekisa ngokunyaniseka uthumo lwakhe kwanaxa wayejamelene nenkcaso enzima. Ngoko ke, umele ukuba wavuya xa imigwebo kaYehova yaphunyezwayo.

5 Kwiinkulungwane kamva, umpostile uPawulos wabhala ngembopheleleko awayenayo yokushumayela. Wathi: “Ndimsulwa egazini labantu bonke, kuba andirhoxanga ekunixeleleni lonke icebo likaThixo.” UPawulos wayeshumayela ekuhleni nakwizindlu ngezindlu ngenxa yokuba wayesazi ukuba ukusilela ukwenjenjalo kwakunokumenza abe netyala legazi kuThixo.—IZe. 20:20, 26, 27.

6 Ngaba sinenzondelelo efana nekaHezekile? Ngaba siziva sinyanzelekile ukuba sishumayele njengokuba wayenjalo uPawulos? Uthumo lwethu luyafana nolwabo. Simele siqhubeke sizalisekisa imbopheleleko esinayo yokulumkisa abanye, nokuba abanamdla, okanye bayachasa. Amawakawaka angakumbi asenokusabela kwisigidimi soBukumkani aze athi: “Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani.” (Zek. 8:23) Kwanga indlela esimthanda ngayo uThixo nabanye abantu ingasishukumisela ekubeni singanikezeli. Sinothumo lokushumayela!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share