Qhubeka Ushumayela UBukumkani
“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—MATEYU 24:14.
1, 2. (a) Uyintoni owona msebenzi ubalulekileyo kule nkulungwane, ibe wenziwa ukusa kuwuphi umkhamo? (b) Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uYehova uyawusikelela lo msebenzi?
UKUSHUMAYELA iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kungowona msebenzi ubalulekileyo kule nkulungwane. Kuyinto uThixo uSomandla afuna ukuba yenziwe ngoku, yaye kuyaphunyezwa ukuze kuzaliseke iLizwi lakhe lesiprofeto. Ukusabela kwakho kuko kuya kulichaphazela ikamva lakho likanaphakade.—1 Korinte 9:16, 23.
2 Kuyinto echulumancisayo ukubona ukuba inani labantu abanesabelo kulo msebenzi wokushumayela liyaqhubeka lisanda, ekubeni ngoku kukho abangaphezu kwezigidi ezithathu abanenxaxheba kuwo. Abantu abaninzi ngakumbi kunanini na bangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ibe abantu abanomdla abaninzi ngakumbi bayakwamkela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile yaye benza umgudu wokufunda ukwenza ukuthanda kukaThixo.
3. Basenokuthini abanye ngemfuneko yokuba kuqhutyekwe kushunyayelwa iindaba ezilungileyo?
3 Noko ke, maxa wambi, bambi ‘basenokwetha amandla ekwenzeni okulungileyo’ baze ‘batyhafe’ ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela. (Galati 6:9; Hebhere 12:3) Basenokuthi iindaba ezilungileyo sele zishunyayelwe ngokubanzi kwintsimi yabo nabantu sele bezibonakalisile icala abangakulo yaye ngoku iyabacaphukisa into yokuba sibatyelela emakhayeni abo. Abo bashumayela kwindawo enjalo banceda abantu abambalwa gqitha okanye abancedi namnye. Ngoko, banoluvo lokuba, mhlawumbi umsebenzi ngokusisiseko wenziwe, yaye akukho mfuneko yokuba uqhubeke usenziwa. Yintoni ephosakeleyo ngale ndlela yokucinga?
Kutheni Simele Sizingise Nje?
4. Yintoni efanele isishukumisele ukuba siqhubeke sishumayela kwanakwintsimini ekungekho ntsabelo intle kuyo?
4 Okokuqala, ukunyamezela kwethu sithembekile kumsebenzi wokushumayela akufanele kuxhomekeke kwinto yokuba abantu bayasiphulaphula okanye abasiphulaphuli. UYeremiya washumayela kangangeminyaka engama-40 eYerusalem nakubeni baba mbalwa gqitha abaphulaphulayo yaye abaninzi bemchase ngendlela enogonyamelo. Kutheni wazingisayo nje? Kungenxa yokuba wayesenza umsebenzi awayewuyalelwe nguYehova yaye kungenxa yokuba oko wayekwazi ngokwesiprofeto ukuba kwakuza kwenzeka eYerusalem kwamnyanzela ukuba aqhubeke ethetha. (Yeremiya 1:17-19) Wathi: “Kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela.” (Yeremiya 20:7-10) Nathi sikwimeko efanayo. NguYehova, ngoYesu Kristu, owayalela ukuba “iindaba ezilungileyo” zifanele zishunyayelwe kulo elimiweyo liphela. (Mateyu 24:14) Xa abantu bengavumi ukuphulaphula, oku kusinika ithuba lokubonisa ubunzulu bothando nozahlulelo lwethu kuYehova ngokuzingisa ekwenzeni oko kulungileyo. (1 Yohane 5:3) Ngaphandle koko, xa sicamngca ngoko ikamva elingekude likufumbathele uluntu, singathini ukuba singazami ukulumkisa abamelwane bethu?—2 Timoti 4:2.
5. (a) Kungenxa yasiphi esinye isizathu esifanele sinyamezele kumsebenzi wokushumayela? (b) Umsebenzi wokushumayela usiso njani isiseko somgwebo?
5 Ngaphezu koko, ukushumayela kukaYeremiya ngokwenene kwakungumsebenzi wokugweba. Ngowama-607 B.C.E., xa iYerusalem yawayo, akukho namnye kwabo bafayo okanye kwababa ngamakhoboka owayenokuthi wayengasazi isizathu sokuba oko kwenzeke kubo. Kangangeminyaka engama-40 ngaphambi koko, uYeremiya wayebalumkisa kanye ngomphumo onjalo ukuba babeqhubeka bemvukela uYehova. (Thelekisa uHezekile 2:5.) Ngokufanayo namhlanje, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ‘njengobungqina kuzo zonke iintlanga’ kusisiseko somgwebo. Umpostile uPawulos ukwenza kucace oku xa esithi uKristu Yesu uya kuzisa impindezelo kwabo “bangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu. ” (2 Tesalonika 1:8, 9) Abantu baya kugwetywa ngokwendlela abasabela ngayo kwiindaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, kumele kuqhutyekwe kushunyayelwa ngokuvakalayo nangokucacileyo de kube sekupheleni. (ISityhilelo 14:6, 7) Akukho nto ifanele isithintele esi sigidimi sibalulekileyo ekubeni sisiwe ebantwini ngokufuthi kangangoko kunokwenzeka. Oku kuthi zinzi imbopheleleko enkulu kubo bonke abakhonzi abazahluleleyo baka Yehova.
6. Nangona isigidimi sethu sisenokuba saziwa ngokubanzi, kutheni kufuneka siqhubeke sishumayela?
6 Kuyinyaniso ukuba, sisenokuba sele sizishumayele ngokubanzi iindaba ezilungileyo kummandla wethu. Kodwa kukho izinto ezininzi gqitha ezenzekayo ehlabathini ezinokubangela ukuba nangona abantu abaninzi besivile isigidimi sethu basilibale ngokukhawuleza ukuba siyayeka ukushumayela. Khawucinge nje ngeemvukelo, izenzo zabagrogrisi, ugwayimbo, ukutyhilwa kwamahlazo ngabantu nezinye iziganeko ezenzeka ebantwini ngokubanzi. Kukwakho neentlobo ezininzi ezithandwayo zokuzonwabisa nezinye izinto eziphazamisayo. Simele siqhubeke sishumayela ukuze isigidimi sethu sisenze sifumaneke ebantwini phezu kwazo nje zonke ezi zinto zizezinye zitsal’ ingqalelo yabo.
7. Intsabelo yabantu abaninzi namhlanje ifana njani naleyo yamaSirayeli ekuprofeteni kukalsaya, kodwa kutheni oko kungafanele kusithintele nje ekushumayeleni?
7 Xa abaninzi bezama ukungasikhathaleli, sifanele sikhumbule uhlobo lwabantu umprofeti uIsaya awayefanele ashumayele kubo. UYehova wamxelela oku: “Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova; abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso; tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli.” Sekunjalo, ngokuthembekileyo uIsaya wabaxelela oku abantu: “NguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!” (Isaya 30:9-11, 18) Sifanele senze okufanayo. Lo gama nje sizingisa, isigidimi sethu siya kungena ukusa kumlinganiselo othile. Bambi baya kusithobela yaye abanye abayi kwenjenjalo. Kodwa bonke baya kuba belifumene ithuba lokusiva.
‘Baya Kusiva Njani Na?’
8. Nangona abantu besenokubonakala beye bema ngokuchaseneyo nenyaniso, ziziphi izinto ezinokuguqula iingqondo zabo?
8 Mhlawumbi sinoluvo lokuba kwintsimi ethile abantu baye banesimo sengqondo esingenakuguqulwa yaye bazimisele ukusibhebhetha okanye bade basichase isigidimi sethu. Kodwa khumbula ukuba, imeko kubomi babantu isoloko iguquka. Ngomso, kwiveki ezayo, okanye kwinyanga ezayo basenokujongana neengxaki okanye neemeko ezintsha eziya kubenza bayamkele inyaniso. Basenokuva ngeziganeko eziphazamisayo ezenzeka ehlabathini okanye mhlawumbi basenokuva ubunzima kwezoqoqosho, ukugula, okanye ukufa kothile entsatsheni. Izinto ezinjalo zinokubenza bathi qwaa baze bafune ukuqonda isizathu sentlungu abakuyo. Ukuba siyaqhubeka sishumayela, baya kuyazi indawo amabaphethukele kuyo.
9. Umsebenzi wethu wokushumayela unokuthelekiswa njani nalowo wabasebenzi abangabahlanguli kwindawo ekwehle kuyo intlekele?
9 Imeko yethu inokuthelekiswa naleyo yabasebenzi abangabahlanguli kwindawo ekwehle intlekele kuyo, njengasemva kwenyikima. Bambi basenokuba basebenza kwindawo apho bafumana khona abasindi abambalwa, kodwa into yokuba abasebenzi abangoowabo befumana abasindi abangakumbi kwenye indawo ibingenakubabangela ukuba bayekelele umxakatho baze bayishiye loo ndawo. Kunoko, bonke abasebenzi abangabahlanguli bayazingisa bengatyhafi kwanaxa benoluvo lokuba kusenokuba akukho basindi bangakumbi kwindawo abayabelweyo. Kuye kuthi maxa wambi bafumane omnye osindileyo. Bayekwa ukukhangelwa kuphela xa ixesha esele lidlule libonisa ukuba akukho themba lokufumana abangakumbi. Uphando lwethu alukapheli, yaye sisafumana amawaka ngamawaka abantu abafuna ukuhlangulwa kweli hlabathi lidala baze basinde ‘kwimbandezelo enkulu.’ (ISityhilelo 7:9, 14) Kwanakwimimandla eye yasetyenzwa ngokucokisekileyo nalapho abantu abaninzi bangasabeliyo khona, kusekho abathile abafumanekayo. Ibe kukho izizathu ezongezelelekileyo zokuqhubeka sishumayela.
10. Ngokutsho kwamaRoma 10:13, 14 yiyiphi ekuphela kwendlela abantu abanokwazi ngayo apho bafanele baphethukele khona ukuba bafuna inyaniso?
10 Abantu bafuna ukusoloko bekhunjuzwa ukuba “bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.” Phofu ke, kunjengokuba uPawulos eqhubeka kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, “bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?” (Roma 10:13, 14) Kuye ngamnye wethu la mazwi afanele abethelele imfuneko yokuqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
11. Yiyiphi imbopheleleko esinayo kwabaselula abakhulela ekubeni babe ngabantu abakhulu?
11 Njengoko ixesha lesiphelo liye laqhubeka, kuye kwazalwa abantwana baza bakhula baba ngabantu abakhulu okanye baba kwintanga yokuba bakwazi ukuzimela. Ngokufuthi aba bantu baselula abakhange banikele ngqalelo kwinyaniso. Kusenokuba abazali babo baye basichasa isigidimi bade bathetha izinto eziphosakeleyo ngaso. Kodwa ngoku aba bantwana badala ngokwaneleyo ukuba bacinge nzulu ngokunokwabo ngeemeko zehlabathi, ngekamva nangenjongo yabo ebomini. Nabo kufuneka banqule igama likaYehova ukuze basindiswe. Kodwa “bothini na ukukholwa kulowo bangamvanga?” (Roma 10:14) Kwiimeko ezininzi aba bantu bakwishumi elivisayo nabasele bedlule kwishumi elivisayo bayayamkela inyaniso, ngoko kufuneka sibafune size sibashumayeze.
12. Ukuqhubeka kwethu nomsebenzi wokushumayela kuyibonisa njani inceba kaYehova?
12 Into yokuba indlela ibe isavulekile ukuze kushunyayelwe ibonakalisa ukuba uYehova unenceba. Umpostile uPetros ubhala oku: “INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni. Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso.” (2 Petros 3:9, 15) Umnqweno kaYehova wokuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe awubonakaliswa kuphela kukuvumela kwakhe ngomonde ixesha elithile ngaphambi kokuba aphumeze umgwebo kodwa ukwabonakaliswa kukusoloko ebongoza abantu ukuba baguqukele kuye baze basindiswe. (1 Timoti 2:4) Njengoko siqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo, sibalaselisa inceba kaThixo, ibe ngale ndlela siyamdumisa.
Ukuphepha Ukuba Netyala Legazi
13, 14. (a) Umsebenzi wethu wokushumayela unokuthelekiswa njani nomsebenzi womlindi, njengokuba kukhankanywe kwisiprofeto sikaHezekile? (b) Wayethetha ukuthini uPawulos ngokuthi ‘umsulwa egazini labo bonke,’ ibe yiyiphi ekuphela kwendlela amaNgqina kaYehova anokukuthetha ngayo oku namhlanje?
13 Imbopheleleko yamaNgqina kaYehova azahluleleyo yokulumkisa abantu ngomgwebo kaThixo ozayo inokuthelekiswa naleyo kaHezekile ngexesha lakhe. Wamiselwa ukuba abe ngumlindi kwindlu kaSirayeli. Isabelo sakhe sasikukulumkisa amaSirayeli ukuba ayeza kufikelwa ngumgwebo ukuba ayengaguquki kwiindlela zawo ezimbi. Ukuba yena njengomlindi wayesilele ukuhlokomisa eso silumkiso, umgwebo wawusaya kubafikela abantu abangendawo, kodwa igazi labo laliya kubizwa phezu kwentloko yomlindi owayengakhathali. Koku uYehova ubonisa isimo sakhe sengqondo ekuphumezeni umgwebo: “Unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?”—Hezekile 33:1-11.
14 Umpostile uPawulos wayivuma imbopheleleko yakhe njengomlindi, ethetha oku kubadala base-Efese: “Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke.” Kwakutheni aze athethe oko? Uhlabela mgama esithi: “Kuba andinifihlelanga nto; ndanityela lonke icebo likaThixo.” (IZenzo 20:26, 27) Kunjalo kanye nangodidi olungumlindi namhlanje, intsalela yabalandeli baka Yesu Kristu abathanjisiweyo. Bonke aba, kunye namaqabane abo angaphezu kwezigidi ezithathu banethemba lokusinda ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto aze bafumane ubomi obungunaphakade emhlabeni, bamele bangaze bayekelele umxakatho ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nasekulumkiseni ngokuphunyezwa komgwebo wakhe ozayo. Ngale ndlela bayakuphepha ukuba netyala legazi.
15. NgokukaHezekile isahluko 9, ngoobani abaphawulwayo, yaye ngubani owabaphawulayo?
15 Umsebenzi wokushumayela namhlanje ngokwesiprofeto uchazwa kuHezekile isahluko 9. Kwesi sahluko, umgwebo kaYehova wawumiselwe isixeko saseYerusalem. Ngaphambi kokuba kuphunyezwe loo mgwebo, indoda enxibe ilinen nenezinto zokubhala ethangeni layo ixelelwa ukuba icande emzini ize ibeke uphawu emabunzini abo bonke abagcumayo ngenxa yezinto ezimbi ezenzeka apho. Xa lo msebenzi wokuphawula ugqityiwe, bonke abasesixekweni ngaphandle kwabo baphawulelwe ukusinda babeya kugwetywa. Ekuwugqibeni ngempumelelo umsebenzi wayo wokuphawula, le ndoda yanikela le ngxelo: “Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako.” (Hezekile 9:11) Yasenza ngokuthembekileyo isabelo sayo de yasigqiba.
16. (a) Indoda eyambethe Hinen ifanekisela bani namhlanje? (b) Imbambano yokuthethelelwa kolongamo lukaYehova isikhuthaza njani ukuba siqhubeke sishumayela?
16 Indoda eyayambethe Hinen ifanekisela intsalela ethanjisiweyo yabalandeli bakaKristu, yaye ithelelwa ‘sisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu.’ Njengakwixesha likaHezekile, imbambano enkulu namhlanje kukuthethelelwa kolongamo lukaYehova. Ngokubhekisele ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto ingendawo kwimfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla, uYehova uthi: “Zazi iintlanga ukuba ndinguYehova.” (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16; Hezekile 39:7) Ukuze iintlanga zikwazi oku, kunyanzelekile ukuba abakhonzi bakaYehova abasemhlabeni baqhubeke bevakalisa igama nenjongo yakhe zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.
17, 18. (a) Ukuqhubeka kwethu sishumayela kusinceda njani ukuba sihlale siphaphile? (b) Yiyiphi ingxelo thina sonke esifuna ukuyinikela ku Yehova xa umsebenzi wokushumayela ewufikisa esiphelweni sawo, ibe yiyiphi ekuphela kwendlela esinokukwenza ngayo oku?
17 Ngokuqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, sihlala singabaphaphileyo. Sihlala sikuqonda ukubaluleka kwegama nenjongo kaYehova. Ukuba siyekelela umxakatho, ithemba lethu loBukumkani linokuba buthathaka yaye sinokuminxwa ‘ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, size singavelisi siqhamo.’ (Luka 8:14) Ngokuzingisa ngenzondelelo ekuvakaliseni ‘iindaba ezilungileyo,’ ngokuthembekileyo silandela imiyalelo yeNkosi yethu, uYesu Kristu, owathi: “Lumkani, musani ukulala. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.”—Marko 13:10, 33, 37.
18 Ngoko, sonke masizingise ekufuneni ‘abo bagcumayo’ lo gama uYehova esalivumele ixesha lokubafuna. Kwanga thina sonke, enoba singabentsalela ethanjisiweyo okanye ‘singabezinye izimvu,’ singathembeka ekuphumezeni uthumo lwethu lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kulo elimiweyo liphela ukuze zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga. (Mateyu 24:14) Xa uYehova lo msebenzi ewufikisa esiphelweni sawo ngokuqalisa ‘kwembandezelo enkulu,’ kwanga ngamnye wethu angakwazi ukuthi kuYehova, ‘Senze njengoko ubusiyalele ngako.’
Uyakhumbula Na?
◻ Imiphumo ibonisa ntoni mayela nokushumayela kwethu?
◻ Ziziphi ezinye izizathu ezibangela kube yimfuneko ukuba siqhubeke sishumayela?
◻ Ukushumayela kwethu kuyibonakalisa njani inceba kaYehova?
◻ Sinokuhlala njani simsulwa kwigazi labo bonke?
◻ Ukushumay’ela kwethu kusinceda njani ukuba slhlale siphaphile?
[Isicangca esikwiphepha 28]
IMIPHUMO YOKUSHUMAYELA KWIMINYAKA ESIXHENXE EDLULEYO
Inani Abeza Inani Lezifundo
Lababhaptizwayo ESikhumbuzweni ZeBhayibhile
1981 119 836 5 987 893 1 475 177
1982 138 540 6 252 787 1 586 293
1983 161 896 6 767 707 1 797 112
1984 179 421 7 416 974 2 047 113
1985 189 800 7 792 109 2 379 146
1986 225 868 8 160 597 2 726 252
1987 230 843 8 965 221 3 005 048