IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/96 iphe. 1
  • Ngoobani Abaya Kuphulaphula Isigidimi Sethu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngoobani Abaya Kuphulaphula Isigidimi Sethu?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Qiniseka Ukuba Uyabuyela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Sinesixhobo Esitsha Sokuqalisa Izifundo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • ‘Ukuzisa Iindaba Ezilungileyo Zento Elunge Ngakumbi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 12/96 iphe. 1

Ngoobani Abaya Kuphulaphula Isigidimi Sethu?

1 Ngakumbi kunanini na ngaphambili kwimbali yoluntu, abantu bangxixhwa ngenkcazelo, ibe eninzi kuyo iphuthile yaye iyalahlekisa. Ngenxa yoko, abaninzi baziva bedidekile, yaye kuba lucelomngeni kuthi ukubenza baphulaphule isigidimi esingoBukumkani bukaThixo. Abawuqondi umphumo omhle osenokubangelwa kukuphulaphula kwabo iLizwi likaThixo kubo.—Luka 11:28.

2 Siyavuya kuba kwiindawo ezininzi zehlabathi, amashumi amawaka abantu ayasiphulaphula eso sigidimi yaye ayalamkela ilungiselelo lethu lezifundo zeBhayibhile zamakhaya. Noko ke, kweminye imimandla, intsabelo ayintle kangako. Kuninzi lwabantu esibatyelelayo kubulungiseleli akubikho miphumo mihle, yaye sisenokuzibuza ukuba ngoobani abaya kuphulaphula isigidimi sethu.

3 Simele sikulumkele ukudimazeka. UPawulos wacacisa wathi: “‘Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’ Noko ke, baya kubiza njani na kulowo . . . bangevanga ngaye? Ngokulandelayo, baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo? . . . Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: ‘Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!’” (Roma 10:13-15) Ukuba siyihlwayela ngenkuthalo imbewu yoBukumkani, uThixo uya kuyihlumisa kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo.—1 Kor. 3:6.

4 Undoqo Kukubuyela Ngokuthe Rhoqo: Kwimimandla ebonakala inabantu abambalwa abasabelayo kwisigidimi sethu, kufuneka sinikele ingqalelo ekukhuliseni nawuphi na umdla esiwufumanayo, enoba sihambise uncwadi okanye akunjalo. Kutheni ukhawuleza ugqibe kwelokuba akukho nto inokwenziwa apho? Xa sihlwayela imbewu, asazi ukuba yiyiphi eya kuntshula. (INtshu. 11:6) Ukuba sibuyela silungiselele ukuxelela loo mntu okuthile okuphuma eZibhalweni, kwanokuba kufutshane, sisenokuyifikelela intliziyo yakhe. Sinokumshiyela iphecana okanye amaphephancwadi ahanjiswayo ngelo xesha. Ekugqibeleni, sisenokumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile. Siya kumangaliswa kukubona indlela uYehova ayisikelela ngayo imigudu yethu.—INdu. 126:5, 6.

5 Elinye ibhinqa elabonakalisa nje umdla ongephi lashiyelwa iphecana. Alizange liphinde lifunyanwe kwikhaya lalo de kwadlula iinyanga ezimbini, kodwa lalixakeke gqitha ukuba lingancokola. Laphinda lashiyelwa kwaiphecana elifanayo. Phezu kwayo nje imigudu eqhubekayo yomvakalisi yokulifumana ekhaya, kwaphinda kwadlula ezinye iinyanga ezintathu ngaphambi kokuba adibane nalo, kodwa wafika ligula. Lo dade waphinda wabuya kwiveki elandelayo, baza baqalisa incoko emfutshane ngela phecana. Xa lo dade wabuyelayo kwiveki elandelayo, eli bhinqa labonakalisa umdla onyanisekileyo kwisigidimi soBukumkani. Ukuguquka kweemeko kubomi balo kwalenza layiqonda intswelo yalo yokomoya. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, laza emva koko lakukhuthalela ukufundisisa zonke iiveki.

6 Njengayo nayiphi na into esifuna ukuyibona ikhula, enoba ziintyatyambo, imifuno, okanye umdla kwisigidimi soBukumkani, kufuneka siyihlakulele. Oko kufuna ixesha, ukuzibhokoxa, inkathalo nozimiselo lokunganikezeli. Kunyaka ophelileyo, bangaphezulu kancinane kwisiqingatha sesigidi abantu abaye babhaptizwa eye yantshula kubo imbewu yoBukumkani! Ukuba siyaqhubeka sishumayela, ngokuqinisekileyo siya kufumana abangakumbi abaya kusiphulaphula isigidimi sethu.—Thelekisa eyabaseGalati 6:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share