Ixesha Lokudla Umhlalaphantsi—Ngaba Ngumnyango Okhokelela Kumsebenzi Ongokobuthixo?
IXESHA LOKUDLA UMHLALAPHANTSI—kwabaninzi lithetha isiphelo sexesha elide lokucinezeleka nokusindwa yimithwalo. Emva kokubotshwa yinkqubo yemihla ngemihla ekruqulayo nedinayo, abaninzi bakhangela phambili ekufumaneni umhlalaphantsi ukuze ubavulele umnyango okhokelela ekuphumleni nasekukhululekeni. Noko ke, ngokufuthi loo mnyango ukhokelela ekukruqukeni nasekunqeneni. Ukuzihlaziya nemisetyenzana yokuzonwabisa azimenzi umntu azixabise njengoko umsebenzi usenza.
KumaNgqina kaYehova, ukudla umhlalaphantsi kunokuvula “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” (1 Korinte 16:9) Nangona ukwaluphala kuneengxaki nemida yako, abanye abakhulileyo baye bafumanisa ukuba ngoncedo lukaYehova banokukwazi ukwandisa inkonzo yabo kuye. Khawuqwalasele amava amanye amaKristu akhulileyo aseNetherlands. Ebudeni bonyaka wenkonzo we-1995, oovulindlela (abavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo) abangama-269 kwabangaphezu kwe-1 223 bebeneminyaka engama-50 ubudala okanye ngaphezulu. Kwaba, abangama-81 bebeneminyaka engama-65 ubudala okanye ngaphezulu.
Bambi bayakwazi ukuba ngoovulindlela ngokuqhubeka besebenzisa indlela yokuphila exakekileyo ababeyiseke ngoxa babesasebenza. (Thelekisa eyabaseFilipi 3:16.) Omnye umKristu odla umhlalaphantsi ogama linguKarel ukhumbula oku: “Xa ndandiphangela, ndandidla ngokuqalisa ukusebenza nge–7:30 kusasa. Xa ndaqalisa ukufumana imali yam yomhlalaphantsi, ndagqiba kwelokuba ndiqhubeke naloo nkqubo yemihla ngemihla. Ndandiqalisa ngokunikela ubungqina esitratweni ngaphambi kwesikhululo sikaloliwe ntsasa nganye ngentsimbi yesixhenxe.”
Ukuceba ngenyameko kusisikhokelo esisa empumelelweni. (IMizekeliso 21:5) Ngokomzekelo, bambi baye bakwazi ukuzigcinela imali eyaneleyo ukuze bazixhase kubulungiseleli babo. Bambi baye bagqiba kwelokuba banciphise iindleko zobuqu baze bazifumanele umsebenzi wesingxungxo. Khawuqwalasele uTheodore noAnn. Baqalisa ubomi bomtshato bengoovulindlela de iimbopheleleko zentsapho zabanyanzela ukuba bayeke ubuvulindlela. Kodwa umoya wabo wobuvulindlela awuzange uphele! Njengoko iintombi zabo zazikhula, zazikhuthazwa rhoqo ukuba zibe ngoovulindlela. Okona kubalulekileyo kukuba uTheodore noAnn baba ngumzekelo omhle kuzo, ngokufuthi bethabatha inkonzo yobuvulindlela bobuncedani. Njengoko la mantombazana ayekhula, uTheodore noAnn baqalisa ukunciphisa ixesha ababelichitha kumsebenzi wokuziphilisa ukuze babe nexesha elingakumbi kwinkonzo yasentsimini.
Emva kokuba amantombazana abo engenele ubulungiseleli bexesha elizeleyo aza emka ekhaya, uAnn waqalisa ubuvulindlela. Ngenye imini wakhuthaza uTheodore ukuba awushiye umsebenzi wakhe. Wamcebisa: “Sinokuba ngoovulindlela sobabini.” UTheodore wazisa umqeshi wakhe ngeenjongo zakhe. Okwammangalisayo kukuba umqeshi wakhe wathi uza kumnceda ngokumnika umsebenzi wesingxungxo, esithi: “Ndicinga ukuba ufuna ukusebenzela umqeshi wakho lo uphezulu [ezulwini] ixesha elizeleyo.” Ngoku uTheodore noAnn bangoovulindlela bobabini.
Bambi baqalisa ubuvulindlela ngenxa yeemeko eziye zabavelela ebomini babo. Ukufa kabuhlungu kwentombi nomzukulwana waso kwabangela ukuba esinye isibini esikhulileyo sicinge nzulu ngendlela esasiyisebenzisa ngayo iminyaka yaso eseleyo. (INtshumayeli 7:2) Kunokuba buhlungu ngokugqithisileyo, saqalisa inkonzo yexesha elizeleyo, ngoku sele siyinandiphe kangangeminyaka engaphezu kwesibhozo!
Kuyavunywa ukuba kufuneka uzimiselo lokwenene ukuhlala kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ngokomzekelo, uErnst nomfazi wakhe, uRiek, baqalisa ubuvulindlela emva nje kokuba abantwana babo bemkile ekhaya. Kamsinya emva koko owayeshishina naye wathembisa uErnst ngomsebenzi onengeniso. UErnst waphendula: “Sinoyena mqeshi ulungileyo kwabakhoyo, yaye asizimisele kumshiya!” Ngenxa yokuba uErnst nomfazi wakhe babezigcine “beqeshwe” nguYehova, bavulekelwa ngamanye amalungelo enkonzo. Bakhonza kumsebenzi wesiphaluka kangangeminyaka engaphezu kwama-20 yaye basaqhubeka bengoovulindlela unanamhla. Ngaba bayazisola ngekhondo labo lokuzincama? Kwixesha elingephi elidluleyo esi sibini sabhala: “Ukuba uYehova uyathanda, kwiinyanga ezintathu ezizayo siza kuba sibhiyozela iminyaka engama-50 sitshatile, ngokufuthi ebizwa ngokuba yi-golden anniversary. Kodwa soyiseke ngokupheleleyo kwelokuba eyona minyaka yethu ixabiseke ngokwenene yaqalisa xa saqala ubuvulindlela.”
Abaninzi bafumanisa ukuba umnyango okhokelela kumsebenzi ongakumbi ukwakhokelela kuvuyo olungakumbi! Omnye umzalwana owaqalisa ubuvulindlela kwiiveki ezimbini emva kokuba efikelele kubudala beminyaka engama-65 uthi: “Ndimele ndivume ukuba andizange ebomini bam ndinandiphe ixesha elizaliswe ziintsikelelo ezityebe ngaphezu kweminyaka elishumi edlulileyo ndinguvulindlela.” Isibini esitshatileyo ebesingoovulindlela iminyaka engaphezu kwesixhenxe sithi: “Yintoni engenye enokwenziwa sisibini esikubudala bethu nesiphila phantsi kweemeko ezifana nezethu? Ngokufuthi sidibana nabantu abafana nathi entsimini—behleli kamnandi ekhaya, betyeba yaye besaluphala. Le nkonzo isigcina siphilile engqondweni nasemzimbeni. Sisoloko sikunye. Siyakuthanda ukuhleka yaye siyabunandipha ubomi.”
Kakade ke, asingabo bonke abantu abakhulileyo abaneemeko ezibavumelayo ukuba babe ngoovulindlela. La maKristu anokuqiniseka ukuba uYehova uyakuxabisa oko anokukwenza enkonzweni yakhe. (Thelekisa uMarko 12:41-44.) Ngokomzekelo, omnye udade onesiphene uhlala kwikhaya labalupheleyo. Noko ke, umnyango wokusebenza usavulekile kuye! Ugqirha othile wambuza ukuba ulichitha njani ixesha lakhe. Uyabalisa: “Ndamxelela ukuba ndisoloko ndingenaxesha laneleyo. Akazange akuqonde oku. Ndamxelela ukuba iintsuku zam zisoloko zizaliswe yimisebenzi eyanelisayo. Andililo ilolo, kodwa ndiye ndifune abanye abangamalolo ndize ndizame ukubaxelela oko uThixo aza kukwenzela uluntu.” Uqukumbela ngokuthi: “Ubani akanakulindela lukhulu kumntu oneminyaka emalunga nama-80 ubudala. Ndithandazeleni ukuze ndikwazi ukuqhubeka ndisizisa abaninzi kuYehova.”
Ngaba ukubudala bokudla umhlalaphantsi? Umnyango okhokelela ekuphumleni unokuba nomtsalane gqitha, kodwa awungomnyango okhokelela kwiintsikelelo zokomoya. Khawucingisise ngomthandazo ngokuphathelele iimeko zakho. Kusenokwenzeka ukuba unako ukungena ngomnyango okhokelela kumsebenzi owongezelelekileyo enkonzweni kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Ixesha lokudla umhlalaphantsi linokukhokelela kumsebenzi owongezelelekileyo kubulungiseleli