Hlala Unentembelo Eqinileyo Kude Kuse Esiphelweni
YIBA nombono wenqwelo-moya encinane ibhabha kwimozulu engentle. Umqhubi wayo akasakwazi kubona phantsi emhlabeni. Ugqunywe ngamafu angqingqwa. Akanakubona ngefestile yakhe engaphambili, ukanti uqinisekile ukuba uza kufikelela esiphelweni sohambo lwakhe ekhuselekile. Yintoni emenza abe nentembelo kangaka?
Unezixhobo ezichanileyo ezimenza akwazi ukuqhuba inqwelo-moya phakathi kwamafu nasemhlabeni ngobumnyama. Kuhambo lwakhe, ngokukodwa kufutshane nesikhululo seenqwelo-moya, kukho izibane ze-elektroniki ezimkhokelayo, yaye unonomathotholo anxibelelana ngawo nabalawuli beenqwelo-moya abasemhlabeni.
Ngendlela efanayo, sinokujamelana nekamva sinentembelo, kwanokuba iimeko zehlabathi zibonakala zisiba mbi ngakumbi. Uhambo lwethu kule nkqubo ingendawo lusenokuthabatha ixesha elidana kunokuba abanye belindele, kodwa sinentembelo yokuba sihamba kwindlela echanileyo yaye asishiywanga lixesha. Kutheni sinokuqiniseka nje? Kungenxa yokuba sinokhokelo olusenza sibone okungenakubonwa ngamehlo omntu.
ILizwi likaThixo ‘lisisibane seenyawo zethu,’ yaye ‘linyanisekile, linika isiyatha ubulumko.’ (INdumiso 19:7; 119:105) Njengezibane ezikhanyisa indlela yenqwelo-moya, iBhayibhile ibeka iziganeko zexesha elizayo ngokuchanileyo ize isinike imiyalelo ecacileyo ukuze siqiniseke ukuba sifika sikhuselekile apho siya khona. Noko ke, ukuze singenelwe kukhokelo lukaThixo, simele siluthembe.
Kwincwadi yakhe eya kumaHebhere, uPawulos wabongoza amaKristu angamaYuda ukuba ‘abambelele nkqi kwintembelo awayenayo ekuqaleni aqinise kude kuse ekupheleni.’ (Hebhere 3:14) Ithemba linokushukunyiswa ukuba ‘asiluqinisanga.’ Ngoko umbuzo uyaphakama, Singayigcina njani intembelo yethu kuYehova iqinile kude kuse esiphelweni?
Qhelisela Ukholo
Ngaphambi kokuba umqhubi aqhube inqwelo-moya engaboni, exhomekeke ngokupheleleyo kwizixhobo zakhe nakubalawuli beenqwelo-moya abasemhlabeni, kufuneka afumane uqeqesho olufanelekileyo neeyure ezininzi eqhuba inqwelo-moya. Ngokufanayo, umKristu kufuneka aluqhelisele ngokuqhubekayo ukholo lwakhe ukuze ahlale enentembelo kukhokelo lukaYehova, ngokukodwa xa kuvela iimeko ezinzima. Umpostile uPawulos wabhala: “Ngenxa yokuba sinomoya ofanayo wokholo njengalowo ekubhalwe ngawo kwathiwa: ‘Ndaqhelisela ukholo, ke ngoko ndathetha,’ nathi siqhelisela ukholo ke ngoko siyathetha.” (2 Korinte 4:13) Ngaloo ndlela, xa sithetha ngeendaba ezilungileyo zikaThixo, siqhelisela ukholo lwethu yaye siyaluqinisa.
UMagdalena, owachitha iminyaka emine kwinkampu yoxinaniso ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, uchaza ukuxabiseka komsebenzi wokushumayela: “Umama wandifundisa ukuba ukuze ndigcine ukholo lwam lomelele, kubalulekile ukuba ndiyixhalabele impilontle yokomoya yabanye. Ndikhumbula esinye isiganeko esibonisa indlela esasivakalelwa ngayo. Emva kokukhululwa kwethu kwinkampu yoxinaniso yaseRavensbrück, mna nomama saya kufika ekhaya ngoLwesihlanu. Emva kweentsuku ezimbini, ngeCawa, sathelela abazalwana ababeshumayela kwindlu ngendlu. Ndikholelwa kakhulu kwelokuba ukuba sinikela ingqalelo ekuncedeni abanye bakholose ngamadinga kaThixo, loo madinga aya kuba ngawokwenene kuthi.”—Thelekisa IZenzo 5:42.
Ukuhlala sinentembelo eqinileyo kude kuse esiphelweni kufuna sikhuthale ngokomoya nakwezinye iinkalo. Isifundo sobuqu silolunye uqheliselo olusemagqabini olomeleza ukholo. Ukuba sixelisa abantu baseBhereya size sizincine ngenkuthalo iZibhalo imihla ngemihla, oko kuya kusinceda sibe “nengqiniseko ezeleyo yethemba kude kuse ekupheleni.” (Hebhere 6:11; IZenzo 17:11) Kuyinyaniso ukuba isifundo sobuqu sifuna ixesha nokuzimisela. Kunokwenzeka ukuba eso sisizathu esabangela uPawulos alumkise amaHebhere ngengozi ‘yokudangala,’ okanye ukonqena, kwimibandela enjalo.—Hebhere 6:12.
Isimo sengqondo sokonqena sisenokuba nemiphumo emibi kwiinkalo ezininzi zobomi. USolomon waphawula ukuba “ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu.” (INtshumayeli 10:18) Amanzi emvula akhawuleza avuze kuphahla olunganyanyekelwayo. Ukuba sizenza zithambe izandla zethu ngokomoya size singalunyamekeli ukholo lwethu, sisenokuqalisa ukuba namathandabuzo. Kwelinye icala, ukufundisisa iLizwi likaThixo nokucamngca ngalo rhoqo kuya kulondla kuze kulukhusele ukholo lwethu.—INdumiso 1:2, 3.
Ukwakhela Ithemba Kumava
Kakade ke, umqhubi wenqwelo-moya ufunda kumava nakufundisiso ukuba izixhobo zakhe zinokuthenjwa. Ngokufanayo, intembelo yethu kuYehova iyakhula ukuba siyabubona ubungqina benyameko yakhe enothando kubomi bethu. Kwenzeka into efanayo kuYoshuwa, ibe wakhumbuza amaSirayeli akowabo oku: “Niyazi ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke, ukuba akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni.”—Yoshuwa 23:14.
UJosefina, udade otshatileyo wakwiiPhilippines, wafunda isifundo esifanayo. Uchaza ubomi bakhe ngaphambi kokuba azi inyaniso: “Umyeni wam wayeyindlamanzi, ibe xa enxilile, wayesiba nomsindo aze andibethe. Ubomi bethu obungonwabisiyo bomtshato babuchaphazela nonyana wethu. Mna nomyeni wam sasisebenza, sifumana intywenka yemali, kodwa inkoliso yomvuzo wethu sasingcakaza ngayo. Umyeni wam wayenabahlobo abaninzi, kodwa inkoliso yabo yayifuna ukuba ngabahlobo bakhe ukuze abathengele utywala, ibe abanye bada bazama nokumnxilisa ukuze nje bamenze ilifa lentsini.
“Izinto zaguquka xa sathi samazi uYehova saza sasamkela isiluleko sakhe. Umyeni wam akasaseli, siyekile ukungcakaza, yaye sinabahlobo bokwenene abasithandayo nabasincedayo. Ubomi bethu bomtshato bobonwabisayo, yaye unyana wethu ukhulela ekubeni ngumfana othandekayo. Sisebenza iiyure ezimbalwa, kodwa sinemali eninzi. Ngokusuka kumava siye sabona ukuba uYehova unjengoBawo onothando, osoloko esikhokelela kwicala elilungileyo.”
Ngenxa yemiyalelo esuka kubalawuli beenqwelo-moya abasebenzisa unomathotholo okanye ngokuhlola izixhobo zabo, abaqhubi beenqwelo-moya maxa wambi baye baqonde ukuba kufuneka balungise indlela abahamba ngayo. Nathi ngokufanayo kusenokufuneka sijike kwicala ebesisiya kulo ngokwemiyalelo kaYehova. “Iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.” (Isaya 30:21) NgeLizwi lakhe nangentlangano yakhe, sifumana isiluleko esisilumkisa ngeengozi zokomoya. Enye yazo iphathelele izinxulumani.
Izinxulumani Zinokusikhupha Endleleni
Inqwelo-moya encinane inokuphuma lula endleleni yayo ukuba izinto ekufuneka zilungisiwe azenziwa. Ngokufanayo, iimpembelelo ezivela ngaphandle zisoloko ziwathwaxa amaKristu namhlanje. Siphila kwihlabathi elicinga ngezinto zokwenyama apho abantu abaninzi bazigxekayo izinto zokomoya, bebalaselisa imali noyolo. UPawulos walumkisa uTimoti esithi imihla yokugqibela ‘kwakuya kuba nzima ukuqhubana nayo.’ (2 Timoti 3:1-5) Abakwishumi elivisayo, abalangazelela ukwamkelwa nokwaziwa, ngamaxhoba akhethekileyo onxulumano olubi.—2 Timoti 2:22.
UAmanda, oneminyaka eli-17 ubudala, uyachaza: “Kangangexesha elithile ukholo lwam lwaba buthathaka ukusa kumlinganiselo othile ngenxa yabo ndandifunda nabo eklasini. Babesoloko besithi unqulo lwam lunemiqathango emininzi yaye alukho ngqiqweni, ibe oku kwaqalisa ukundityhafisa. Noko ke, abazali bam bandinceda ndaqonda ukuba injongo yokhokelo lobuKristu kukukhusela kungekhona ukubeka imiqathango. Ngoku ndiyaqonda ukuba le migaqo iyandinceda ukuba ndibe nobomi obanelisayo kunobomi babo babengabahlobo bam esikolweni. Ndiye ndafunda ukuthemba abo bandikhathalela ngokwenene—abazali bam noYehova—ibe ndingenele inkonzo yobuvulindlela.”
Enoba sibadala kangakanani na, siya kudibana nabantu abazigxekayo iinkolelo zethu. Basenokubonakala bechubekile, kodwa kuThixo bangabantu bokwenyama, kungekhona abokomoya. (1 Korinte 2:14) Iqela elalinempembelelo kwiKorinte yemihla kaPawulos yayingabaThandabuzi ababenobulumko behlabathi. Iimfundiso zezi zithandi zobulumko ngokunokwenzeka zabangela amanye amaKristu aseKorinte awakholelwa kwithemba lovuko. (1 Korinte 15:12) Umpostile uPawulos walumkisa: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa esebenzisekayo.”—1 Korinte 15:33.
Kwelinye icala, unxulumano oluhle luyasomeleza ngokomoya. Kwibandla lamaKristu, sinethuba lokunxulumana nabantu abaphila ubomi bokholo. UNorman, umzalwana owafunda inyaniso ngowe-1939, usengumthombo wokhuthazo olukhulu kubo bonke. Yintoni eye yagcina imbono yakhe yokomoya iqaqambile? Uyaphendula: “Iintlanganiso nobuhlobo obusenyongweni nabazalwana abathembekileyo zibalulekile. Olu hlobo lonxulumano luye lwandinceda ukuze ndiwubone kakuhle umahluko phakathi kwentlangano kaThixo nekaSathana.”
Amandla Akhohlisayo Obutyebi
UBrian, umqhubi wenqwelo-moya onamava, uthi “maxa wambi umqhubi wenqwelo-moya usenokukufumanisa kunzima ukuzikholelwa izixhobo zakhe—ngenxa nje yokuba ithuku lakhe lingavumelani nazo. Abaqhubi beenqwelo-moya zasemkhosi abanamava baye baqhuba iinqwelo-moya zabo zijongise iintloko ezantsi kuba izibane eziphantsi emhlabeni zibonakala ngathi ziinkwenkwezi—nangona izixhobo zabo bezibabonisa ukuba akunjalo.”
Ngokufanayo, ithuku lethu elizingcayo linokusilahlekisa ngokomoya. UYesu wathi ubutyebi ‘bunamandla akhohlisayo,’ ibe uPawulos walumkisa esithi ‘ukuthanda imali kuye kwabalahlekanisa nokholo abaninzi.’—Marko 4:19; 1 Timoti 6:10.
Njengezibane eziqaqambileyo ezikhohlisayo, usukelo lwezinto eziphathekayo lunokusilahlekisa. Kunokuvuya ‘ngenxa yezinto ezithenjiweyo,’ sinokuphambukiswa kukuqhayisa ngezinto zeli hlabathi lidlulayo. (Hebhere 11:1; 1 Yohane 2:16, 17) Ukuba ‘sizimisele’ ukuphila ubomi obutofotofo, sinokungabi nexesha elaneleyo lokukhula ngokomoya.—1 Timoti 6:9; Mateyu 6:24; Hebhere 13:5.
Umfana otshatileyo ogama linguPatrick wavuma ukuba yena nomfazi wakhe bancama usukelo lokomoya ukuze baphile ubomi obusemgangathweni. Uyachaza: “Sasiphenjelelwa ngabo baneenqwelo-mafutha ezintle nezindlu ezitofotofo ebandleni. Nangona singazange siphelelwe lithemba loBukumkani, sasivakalelwa kukuba sasimele siphile ubomi obutofotofo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha sabona ukuba ulonwabo lokwenene lufumaneka ngokukhonza uYehova nangokukhula ngokomoya. Ngoku siphila ubomi obuqhelekileyo kwakhona. Siye saziphungula iiyure zethu zomsebenzi, yaye siye saba ngoovulindlela abathe ngxi.”
Ukholo Luxhomekeke Kwintliziyo Evumayo
Intliziyo evumayo ikwaphumeza indima ebalulekileyo ekwakheni intembelo kuYehova. Kuyinyaniso ukuba “ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, imbonakaliso ebonakalayo [okanye, “ubungqina obeyisayo,” umbhalo osemazantsi we-NW] yezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:1) Kodwa ngaphandle kokuba sibe neentliziyo ezivumayo, asinakukholwa. (IMizekeliso 18:15; Mateyu 5:6) Ngenxa yesi sizathu umpostile uPawulos wathi “ukholo asinto banayo bonke abantu.”—2 Tesalonika 3:2.
Ngoko ke, singazenza njani iintliziyo zethu zihlale zibamkela bonke ubungqina obeyisayo obukhoyo? Ngokuhlakulela iimpawu zobuthixo, iimpawu ezityebisa zize zikhulise ukholo. UPetros usibongoza ukuba ‘elukholweni lwethu songezelele isidima, ulwazi, ukuzeyisa, unyamezelo, uzinikelo lobuthixo, umsa wobuzalwana nothando.’ (2 Petros 1:5-7; Galati 5:22, 23) Kwelinye icala, ukuba siphila ubomi bokuzingca okanye sinikela kuYehova inkonzo yokudlulisela usana kunina, akuyi kuba sengqiqweni ukulindela ukholo lwethu lukhule.
UEzra “wayilungisa intliziyo yakhe” ukuze afunde iLizwi likaYehova yaye alisebenzise. (Ezra 7:10, NW) UMika ngokufanayo wayenentliziyo ethambileyo. “Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam.”—Mika 7:7.
UMagdalena, ocatshulwe ngaphambilana, naye ulindela ngomonde kuYehova. (Habhakuki 2:3) Uthi: “Sele siyifumene iparadisi yokomoya. Inyathelo lesibini, iParadisi yokoqobo, liya kuza kungekudala. Okwangoku amakhulu amawaka athelela isihlwele esikhulu. Kuyandichwayitisa ukubona abantu abaninzi kangaka bethontelana kwintlangano kaThixo.”
Ukukhangela KuThixo Wosindiso Lwethu
Ukugcina intembelo yethu iqinile kude kuse esiphelweni kufuna siqhelisele ukholo lwethu size siphulaphule ngenyameko kukhokelo esilufumana kuYehova nakwintlangano yakhe. Ngokuqinisekileyo sifanele senze umgudu woko. Umqhubi wenqwelo-moya uziva aneliseke gqitha xa emva kohambo olude, olunzima, esihla aze aphume phakathi kwaloo mafu angqingqwa. Ngaphambi kwakhe kuthe natya umhlaba—oluhlaza yaye umamkela. Indlela yokuhamba iinqwelo-moya kwisikhululo sazo iphantsi phaya, ilindele ukumamkela.
Nathi silindelwe ngamava achulumancisayo. Eli hlabathi libi, lingendawo liya kuthatyathelw’ indawo ngumhlaba omtsha onobulungisa. Silindelwe kukwamkelwa nguThixo. Sinokufika apho ukuba sithobela amazwi omdumisi athi: “Ulithemba lam, Nkosi yam, Yehova, inkoloseko [intembelo] yam kwasebuncinaneni bam. . . . Indumiso yam ingawe ngamaxesha onke.”—INdumiso 71:5, 6.