Indlela Yokusabela Kumazwi Anokuthintela Incoko
Amagqabaza: Ithemba lobomi labantu lixhomekeke kwisimo sabo sengqondo ngoYehova uThixo noBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu Yesu. Isigidimi soBukumkani bukaThixo siyachwayitisa, ibe salatha kwekuphela kwethemba elinokuthenjwa luluntu. Sisigidimi esiguqula ubomi babantu. Sifuna wonk’ ubani asive. Siyaqonda ukuba liqaqobana kuphela eliya kusamkela ngoxabiso, kodwa siyazi ukuba abantu ubuncinane kufuneka besivile ukuba baza kwenza ukhetho olushukunyiswa lulwazi. Kanti asimntu wonke okuthandayo ukuphulaphula, ibe asizami kubanyanzela. Kodwa ngobulumko kudla ngokwenzeka ukujika amazwi anokuthintela incoko ingaqhubeki abe ngamathuba engxubusho engakumbi. Apha kukho imizekelo yoko amaNgqina athile anamava aye akusebenzisa kwimigudu yawo yokufuna abafanelekileyo. (Mat. 10:11) Into esiyincomelayo asikokucengceleza nayiphi na yezi mpendulo kodwa sincomela ukuba ungenise ingcamango yoku engqondweni, uyithethe ngawakho amazwi uze uyichaze ngendlela edlulisa umdla wakho wokwenyaniso kumntu othetha naye. Njengoko usenjenjalo, unokuba nentembelo yokuba abo baneentliziyo ezilungileyo baya kuphulaphula baze basabele ngoxabiso koko uYehova akwenzayo ukubatsalela kumalungiselelo akhe othando nangawobomi.—Yoh. 6:44; Ize. 16:14.
‘ANDINAMDLA’
● ‘Makhe ndikubuze ndithi, Xa usithi akunamdla ngaba uthetha ukuba akunamdla eBhayibhileni, okanye akunamdla nje kuyo yonke into elunqulo? Oko ndikubuza ngenxa yokuba sidibene nabaninzi abathi ngaxa lithile baba ngabantu bonqulo kodwa abangasayiyo ecaweni ngenxa yokubona uhanahaniso olukhulu ezicaweni (okanye, banoluvo lokuba unqulo lolunye nje ushishino lokwenza imali; okanye, abayithandi into yokugxuphuleka konqulo kwiipolitiki; njl.). NeBhayibhile ayilwamkeli uqheliselo olunjalo ibe inikela ekuphela kwesizinzi esinokuthi ngentembelo sikhangele kuso kwikamva ngentembelo.’
● ‘Ukuba uthetha into yokuba akunamdla kolunye unqulo, ndiyakuqonda oko. Kodwa kusenokwenzeka ukuba unomdla kwinto yokuba luhlobo olunjani lwekamva esinokululindela njengoko kukho isisongelo semfazwe yenyukliya (okanye, indlela esinokubalondoloza ngayo abantwana bethu ukuze bangazisebenzisi kakubi iziyobisi; okanye, ngento enokwenziwa ngolwaphulo-mthetho ukuze kungabi yomfuneko ukoyika ukuhamba ezitratweni; njl.). Ngaba unokubona naliphi na ithemba lesicombululo sokwenene?’
● ‘Ngaba oko kungenxa yokuba sele unalo unqulo? . . . Khawundixelele, Ngaba ucinga ukuba asisoze silibone ixesha laxa wonk’ ubani engowonqulo olunye? . . . Yintoni ebonakala imi endleleni? . . . Ukuze lube lolunentsingiselo, luhlobo olunjani lwesiseko obeluya kufuneka?’
● ‘Ndiyakuqonda oko. Kwiminyaka embalwa edlulileyo nam ndandivakalelwa ngendlela efanayo. Kodwa ndafunda enye into eBhayibhileni eyandincedayo ukuze ndijonge imicimbi ngokwembono eyahlukileyo. (Bonisa lo mntu loo nto wayifundayo.)’
● ‘Ubungathanda na ukuba bendinokukubonisa eBhayibhileni indlela onokuphinda ubabone ngayo abantu bakowenu abafileyo nobathandayo (okanye, ngenjongo yokwenene yobomi; okanye, indlela enokusinceda ngayo ukugcina iintsapho zethu zimanyene; njl.)?’
● ‘Ukuba uthetha into yokuba akunamdla ekuthengeni into, mandingakusokolisi. Andenzi msebenzi worhwebo. Kodwa ungalithanda na ithuba lokuphila kumhlaba oyiparadisi, ongenazigulo nalwaphulo-mthetho, onabamelwane abakuthanda ngokwenene?’
● ‘Ngaba leyo yindlela oqhele ukuphendula ngayo xa amaNgqina kaYehova ekutyelela? . . . Ngaba wakhe wazibuza ngokwenene isizathu sokuba sisoloko sityelela okanye wakha wazibuza na ngento esiyithethayo? . . . Ngokufutshane, isizathu sokuba ndizokukubona sesokuba ndazi into nawe omele uyazi. Kutheni ungaphulaphuli nje okweli thuba?’
‘ANDINAMDLA ELUNQULWENI’
● ‘Ndiyayiqonda indlela ovakalelwa ngayo. Ngokuphandle nje, iicawa eli hlabathi azilenzi indawo ekhuselekileyo ekunokuphilwa kuyo, andibi kunjalo? . . . Makhe ndibuze ndithi, Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngendlela ovakalelwa ngayo ngoku? . . . Kodwa ngaba uyakholelwa kuThixo?’
● ‘Baninzi abantu abanembono enjengeyakho. Unqulo alubancedanga ngokwenene. Eso sesinye isizathu sokuba sityelele abantu—kungenxa yokuba iicawa azibaxelelanga abantu inyaniso engoThixo nenjongo yakhe emangalisayo ngoluntu.’
● ‘Kodwa ndiqinisekile ukuba unomdla kwikamva lakho. Ubusazi na ukuba iBhayibhile yazixela kwangaphambili kanye iimeko ezikhoyo ehlabathini namhlanje? . . . Ibe ibonisa ngoko umphumo uya kuba kuko.’
● ‘Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngaloo ndlela? . . . Uvakalelwa njani ngekamva?’
‘ANDINAMDLA KUMANGQINA KAYEHOVA’
● ‘Baninzi abantu abasixelela oko. Wakhe wazibuza na ngesizathu sokuba abantu abanjengam bezinikela ukwenza la matyelelo nakubeni sisazi ukuba uninzi lwabaninimzi lusenokungasamkeli? (Nikela ingongoma ephambili kuMateyu 25:31-33, ucacisa ukuba kwahlulwa abantu bazo zonke iintlanga ibe indlela abasabela ngayo kwisigidimi soBukumkani kuyinto ebalulekileyo koku. Okanye chaza ingongoma eyintloko kaHezekile 9:1-11, ucacisa ukuba, ngokwendlela abantu abasabela ngayo kwisigidimi soBukumkani, wonk’ ubani ‘uphawulelwa’ ukulondolozwa nguThixo ukutyhubela imbandezelo enkulu okanye ukutshatyalaliswa nguye.)’
● ‘Ndiyakuqonda oko, kuba nam ndandidla ngokuvakalelwa ngendlela efanayo. Kodwa, ndagqiba ukuba ndikhe ndiphulaphule omnye wawo. Ibe ndafumanisa ukuba ndandingaxelelwanga into eyinyaniso ngawo. (Khankanya isimangalo esiqhelekileyo sobuxoki uze ke ucacise esikukholelwayo.)’
● ‘Kwithuba elifutshane elidluleyo ndathetha into efanayo kwiNgqina elandityelela ekhayeni lam. Kodwa ngaphambi kokuba lihambe ndaphakamisa umbuzo endandiqinisekile ukuba lalingenakuwuphendula. Ubungathanda na ukwazi ukuba wawusithini na? . . . (Ngokomzekelo: UKayin wamfumana phi umfazi?)’ (Umele usetyenziswe ngabo babekhe banawo amava anjalo.)
● ‘Ukuba ungumntu wonqulo, ndinokukuqonda oko. Ngokungathandabuzekiyo unqulo lwakho luthetha lukhulu kuwe. Kodwa ndiyacinga ukuba uya kuvuma ukuba sobabini sinomdla kwi-(chaza umxholo ofanelekileyo).’
● ‘Ngoko ngokungathandabuzekiyo unolwakho unqulo. Ungakhathazeka na xa ndikubuza ukuba uhamba eyiphi icawa? . . . Siyakunandipha ukuthetha nabantu abangabecawa yakho. Uziva njani nge-(khankanya umxholo wakho wengxubusho)?’
● ‘Ewe, ndiyaqonda. Kodwa isizathu sokutyelela kwethu sesokuba siyintsapho ethanda ukubona abantu bephila kunye eluxolweni. Sikruqukile ziindaba ezivakala kusuku ngalunye ezineengxelo zeemfazwe nokubandezeleka kwabantu. Ndicinga ukuba nawe uvakalelwa njalo. . . . Kodwa yintoni enokuzisa inguqulelo efunekayo? . . . Ukhuthazo silufumene kwizithembiso zeBhayibhile.’
● ‘Ndiyakuvuyela ukundazisa kwakho ngendlela ovakalelwa ngayo. Ubungakhathazeka na ukuba ubungandixelela le nto ibangela ukuba ungasithandi? Ngaba kungenxa yoko sikubonisa kona eBhayibhileni, okanye ngaba kungenxa yokutyelela kwethu wena?’
‘NDINECAWA YAM’
● ‘Ungakhathazeka na kukundiphendula kulo mbuzo uthi, Ngaba icawa yakho iyakufundisa ukuba kuya kufika ixesha laxa abantu abathanda okufanelekileyo beya kuphila emhlabeni ngonaphakade? . . . Ngaba leyo asinto inomtsalane? . . . Ichazwe kanye apha eBhayibhileni. (INdu. 37:29; Mat. 5:5; ISityhi. 21:4)’
● ‘Ndiyavuma ukuba kulo mcimbi mntu ngamnye umele azenzele esakhe isigqibo. Kodwa ubusazi na ukuba uThixo ukhangela uhlobo oluthile lwabantu oluza kuba ngabanquli bakhe bokwenyaniso? Khawuphawule apha kuYohane 4:23, 24. Bekuya kuthetha ntoni ukunqula uThixo ‘ngenyaniso’? . . . Yintoni uThixo asinike yona ukusinceda sazi okuyinyaniso nokungeyiyo? . . . (Yoh. 17:17) Yaye phawula indlela okubaluleke ngayo kuthi ngokobuqu. (Yoh. 17:3)’
● ‘Ngaba ubungumntu wonqulo kubo bonke ubomi bakho? . . . Ngaba ucinga ukuba uluntu luya kuze lumanyane kunqulo olunye? . . . Ndiye ndacinga kakhulu ngako oko ngenxa yoko kubhalwe apha kwiSityhilelo 5:13. . . . Yintoni efunekayo kuthi ukuze sifaneleke koku?’
● ‘Bendinethemba lokufumana uthile onjengawe onomdla kwizinto zokomoya. Abantu abaninzi namhlanje abanamdla. Uvakalelwa njani ngesithembiso seBhayibhile sokuba uThixo uya kususa bonke ubungendawo aze enze lo mhlaba ube yindawo apho kuya kuhlala khona abantu abathanda ubulungisa kuphela kuwo? Ngaba oku kunomtsalane kuwe?’
● ‘Ngaba ubandakanyeke ngokupheleleyo kwimicimbi yecawa? . . . Ngaba icawa idla ngokuba nabantu abaninzi ezinkonzweni kule mihla? . . . Ngaba ufumanisa ukuba amalungu amaninzi ngokwenene abonakalisa umnqweno wokwenyaniso wokusebenzisa iLizwi likaThixo kubomi bemihla ngemihla? (Okanye, Ngaba ufumanisa ukuba amalungu acinga ngendlela emanyaneyo ngokubhekisele kwisicombululo seengxaki ezijongene nehlabathi?) Sifumanisa ukuba ukufunda iBhayibhile ngokobuqu ekhayeni lakho kuyanceda.’
● ‘Kucacile ukuba wanelisekile lunqulo lwakho. Kodwa abantu abaninzi abaneliswanga ziimeko zehlabathi. Mhlawumbi nakuwe kunjalo; andibi kunjalo? . . . Ngaba konke oku kusingise phi?’
● ‘Ngaba ungumntu okunandiphayo ukufunda iBhayibhile? . . . Ngaba uyalifumana ixesha lokuyifunda ngokuthe rhoqo?’
● ‘Ndiyakuvuyela ukundixelela kwakho oko. Ndiqinisekile ukuba uya kuvuma ukuba, kungakhathaliseki ukuba injani na imvelaphi yethu yonqulo, sonke sinomdla gqitha kuxolo lwehlabathi (okanye, kwiindlela zokukhusela abantwana bethu kwiimpembelelo ezimbi; okanye ekubeni nabamelwane abangabantu abathandana ngokwenene; okanye, sinomdla ekunandipheni ulwalamano oluhle nabanye abantu, ibe oko kunokuba lucelomngeni xa wonk’ umntu eziva ephantsi kwengcinezelo).’
● ‘Ndiyavuya kukwazi ukuba ungumntu oluthandayo unqulo. Namhlanje abantu abaninzi abalujongi lubalulekile unqulo. Bambi bade bacinge ukuba akukho Thixo. Kodwa, ngokwento oyifundisiweyo, ucinga ukuba uThixo uluhlobo olunjani lomntu? . . . Phawula ukuba iBhayibhile isinika igama lakhe lobuqu. (Eks. 6:3; INdu. 83:18)’
● ‘Xa uYesu wathuma abafundi bakhe ukuya kushumayela, wabaxelela ukuba baye kuzo zonke iindawo zomhlaba, ngoko babeza kuhlangana nabantu abaninzi abakwiinkonzo ezahlukileyo kuleyo yabafundi bakhe. (Ize. 1:8) Kodwa wayesazi ukuba abo balambele nabanxanelwe ubulungisa babeya kuphulaphula. Sisiphi isigidimi esikhethekileyo awathi sasiya kunikelwa kumhla wethu? (Mat. 24:14) Buthetha ntoni obo Bukumkani kuthi?’
‘NATHI SINGAMAKRISTU APHA’
● ‘Ndiyakuvuyela ukwazi oko. Ngokungathandabuzekiyo uyazi ukuba uYesu wenza umsebenzi onjengalo, etyelela abantu emakhayeni abo, ibe wayalela abafundi bakhe ukuba nabo bawenze. Ngaba uyawazi umxholo wento abashumayela ngayo? . . . Leyo yinto esizokuthetha ngayo namhlanje. (Luka 8:1; Dan. 2:44)’
● ‘Ngoko ndiqinisekile ukuba uyakuqonda ukubaluleka kwento eyathethwa nguYesu apha kwiNtshumayelo yaseNtabeni. Wangqala gqitha kodwa wakwabonisa uthando xa wathi . . . (Mat. 7:21-23) Ngoko, umbuzo ekufuneka sizibuze wona ngulo, Ndikwazi kangakanani ukuthanda kukaBawo wasezulwini? (Yoh. 17:3)’
‘NDIXAKEKILE’
● ‘Ngoko ndiza kubetha koomofu. Bendityelele ukuze ndikubalisele nje into enye ebalulekileyo. (Chaza ingongoma ephambili yomxholo wengxubusho yakho ngezivakalisi ezinokuba zibini.)’
● ‘Kulungile. Ndinokukuvuyela ukutyelela ngelinye ixesha, xa woba ungaxakekanga noko. Kodwa ngaphambi kokuba ndikushiye, ndingathanda ukukufundela nje isibhalo esinye ngokwenene esinokusinika into ethile esinokuthi sicinge ngayo.’
● ‘Ndiyakuva. Nam njengomama (okanye, njengomntu osebenzayo; okanye, njengomfundi) ndisoloko ndixakekile. Ngoko ndiza kubetha nje koomofu. Thina sonke sijongene nemeko embi. IBhayibhile ibonisa ukuba sisondele gqitha kwixesha laxa uThixo eya kutshabalalisa inkqubo yezinto engendawo nekhoyo. Kodwa kuya kubakho abasindayo. Nangu umbuzo, Mna nawe simele senze ntoni ukuze sibe phakathi kwabo? IBhayibhile iyawuphendula loo mbuzo. (Zef. 2:2, 3)’
● ‘Uyazi yintoni, eso sisizathu kanye sokuba ndityelele apha. Sonke sixakekile—sixakeke kangangokuba izinto ezibaluleke ngokwenene ebomini maxa wambi ziyatyeshelwa, akunjalo na? . . . Ndiza kubetha nje koomofu, kodwa ndiqinisekile ukuba uya kuba nomdla kwisibhalo nje esinye. (Luka 17:26, 27) Akukho namnye kuthi ofuna ukuzifumana ekuloo meko, ngoko kufuneka sizenzele ixesha lokuqwalasela okuthethwa yiBhayibhile kubomi bethu obusigcina sixakekile. (Hambisa umnikelo woncwadi.)’
● ‘Ngaba bekuya kulunga ngakumbi ukuba besinokubuya sityelele malunga nesiqingatha seyure emva koku, emva kokuba sityelele abamelwane abathile bakho?’
● ‘Andinakukubambezela. Mhlawumbi ndingatyelela ngenye imini. Kodwa ngaphambi kokuba ndihambe, ndingathanda ukukunika lo mnikelo ukhethekileyo. (Mbonise umnikelo wenyanga.) Le mpapasho inemibandela efundisayo eya kukwenza uzazi iimpendulo zakho zeBhayibhile kwimibuzo enjengale (khankanya omnye nje okanye emibini).’
● ‘Ndiva kabuhlungu kuba ndiye ndakufumana ngethuba elingakulungelanga. Njengoko usenokuba uyazi, mna ndingomnye wamaNgqina kaYehova. Bendinqwenela ukwabelana nawe ngombandela obalulekileyo ophuma eBhayibhileni. Kodwa ekubeni ungenalo ixesha lokuphulaphula kanye ngoku, ndingathanda ukukunika eli phecana, lona lixubusha (chaza umbandela). Akuyi kuthabatha xesha lide ukulifunda, kodwa uya kulifumanisa libangela umdla kakhulu.’
● ‘Ndikuqonda kakuhle oko. Kubonakala kungekho xesha laneleyo lokwenza izinto zonke. Kodwa wakhe wacinga na ngendlela obusenokwahluka ngayo ubomi ukuba ubunokuphila ngonaphakade? Ndiyazi ukuba oko kusenokuvakala kumangalisa. Kodwa makhe ndikubonise isibhalo nje esinye seBhayibhile esicacisa indlela enokwenzeka ngayo into enjalo. (Yoh. 17:3) Ngoko, ekufuneka sikwenzile kukuzondla ngolu lwazi lukaThixo noNyana wakhe. Kungeso sizathu le nto sishiya olu ncwadi.’
‘KUTHENI LE NTO BANTUNDINI NIFIKA NGOKUFUTHI KANGAKA?’
● ‘Kungenxa yokuba sikholelwa ukuba siphila kwimihla yokugqibela ekuthethwe ngayo eBhayibhileni. Sinoluvo lokuba kubalulekile ukuba thina sonke sicinge ngoko umphumo weemeko ezikhoyo oya kuba kuko. (Khankanya isiganeko esinye okanye ezibini zakutshanje okanye iimeko ezikhoyo.) Umbuzo ngulo, Yintoni ekufuneka siyenzile ukuba siza kusinda kwisiphelo sale nkqubo yezinto?’
● ‘Kungenxa yokuba siyamthanda uThixo nabamelwane bethu. Oko koko thina sonke esimele sikwenze, akunjalo na?’
‘NDINAZI KAKHULU NINA’
● ‘Ndikuvuyela gqitha ukukuva oko. Ngaba unesalamane okanye umhlobo osondeleyo oliNgqina? . . . Makhe ndikubuze ndithi: Ngaba uyakukholelwa esikufundisa kuphuma eBhayibhileni, okokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ uyakholelwa na ukuba kungekudala uThixo uza kubatshabalalisa abangendawo, nokuba lo mhlaba uza kuba yiparadisi apho abantu banokuphila ngonaphakade bekwimpilo egqibeleleyo phakathi kwabamelwane abathandana ngokwenene?’
‘ASINAMALI’
● ‘Asihambi sicel’ imali. Kodwa sizinikela ngesisa ebantwini ukuba sibaqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya. Omnye wemibandela esiyigubungelayo ngulo (sebenzisa umxholo wesahluko ophuma kwimpapasho yakutshanje). Ndicela ukukubonisa nje imizuzu embalwa indlela esebenza ngayo. Oko akuyi kukudla mali.’
● ‘Sinomdla ebantwini, kungekhona kwimali yabo. (Qhubeka nengxubusho. Babonise enye yeempapasho oziphetheyo uze ubacacisele indlela enokuba yingenelo ngayo kubo. Ukuba babonakalisa umdla wokwenene kwaye bethembisa ukuyifunda, bashiyele yona. Ukuba kufanelekile, cacisa indlela umsebenzi wethu wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke oxhaswa ngayo ngemali.)’
XA UMNTU ESITHI, ‘NDINGUMBHUDA’
● Musa ukugqiba ngelokuba iinkolelo zalo mntu ziyafana nawo onke amanye amaBhuda. Iimfundiso zamaBhuda azicacanga ibe indlela ezicaciswa ngayo zahlukahlukene kumntu ngamnye. UbuBhuda baseJapan bahluke mpela kubuBhuda boMzantsi-mpuma weAsia. Nabantu ngabanye bahlukile ngokubhekisele kwiimbono zabo. Noko ke, ngokuqhelekileyo, iingongoma ezilandelayo zisenokuba luncedo: (1) UbuBhuda abumgqali uThixo othe geqe yedwa, uMdali onobuntu obuthile. Kodwa amaBhuda amaninzi anqula imifanekiso eqingqiweyo nezinto eziziimpahla zikaBhuda. (2) USiddhartha Gautama, owanikwa igama elithi Bhuda, wathi wajongwa njengonokunqulwa ngabalandeli bakhe, nanjengomele ukuxeliswa ngabo. Wakhuthaza ukuba kuzuzwe ukukhanya ngokufundisisa uluntu ngokwembono yabantu, wakwasusa oonobangela bokubandezeleka ngokulawula ingqondo ukuze kupheliswe yonke inkanuko yasemhlabeni. Wafundisa ukuba ngale ndlela ubani usenokufikelela eNirvana, angabi saphinda azalwe eyenye into. (3) AmaBhuda anqula ookhokho bawo, kuba oku akugqala njengomthombo wobomi bawo.
Amacebiso okuqalisa incoko: (1) Xa uthetha nomBhuda, gxininisa ukuba akuyonxalenye yeNgqobhoko. (2) AmaBhuda ayazihlonela “iincwadi ezingcwele,” ibe ngokuqhelekileyo ayayihlonela iBhayibhile ngenxa yeso sizathu. Endaweni yokuhlasela ingcamango yobuBhuda, nikela isigidimi esikhuthazayo seBhayibhile. Benze bazi ukuba iBhayibhile asiyongcamango nje yabantu kodwa iliLizwi elinokuthenjwa loMdali woluntu, uYehova uThixo. Ngobuchule babuze enoba usenokubabonisa na ingongoma eyeyomdla ekule ncwadi ingcwele, iBhayibhile. (3) AmaBhuda amaninzi anomdla kunene eluxolweni nakubomi bentsapho ibe afuna ukuphila ubomi bokuziphatha okuhle. Ingxubusho yawo nawuphi na umbandela kule idla ngokwamkelwa. (4) Bonisa ukuba iBhayibhile ithetha ngorhulumente wasezulwini ongowobulungisa noza kulawula phezu komhlaba njengesicombululo sokwenene kwiingxaki ezijongene noluntu. Icacisa ikamva lomhlaba nethemba elimangalisayo lokuphila ngonaphakade kwiparadisi yasemhlabeni. (5) Usenokubonisa ukuba iBhayibhile icacisa ngemvelaphi yobomi, intsingiselo yobomi, imeko yabafi nangethemba lovuko, isizathu sobukho bobungendawo. Intshumayelo ebonisa ububele engeenyaniso ezicacileyo zeLizwi likaThixo iya kwamkelwa ngoxabiso ziintliziyo zababumvu.
Incwadana ethi In Search of a Father ngokukhethekileyo yalungiselelwa ukuze kungenelwe amaBhuda anyanisekileyo.
XA UMNTU ESITHI, ‘MNA NDINGUMHINDU’
● Kufuneka uqonde ukuba ingcamango yamaHindu iphixene gqitha ibe ayiqiqeki. Usenokukufumanisa kuluncedo ukuba nezi ngongoma zilandelayo engqondweni: (1) UbuHindu bufundisa ukuba uthixo onguBrahman uquka iintlobo ezintathu—uBrahma onguMdali, uVishnu onguMlondolozi noSiva onguMtshabalalisi. Kodwa amaHindu akanayo ingqondo yokuba kukho uthixo onegama lobuqu nokhoyo njengomntu omnye. (2) AmaHindu akholelwa ukuba zonke izinto zemvelo zinomphefumlo ongaze ufe, yaye akholelwa ukuba umphefumlo phantse ngokungenasiphelo uqhubeka uzalwa usesinye isidalwa, nokuba iintlobo othi uzalwe ukuzo zigqitywa zizenzo (Karma), nokuba ukukhululeka kulo ‘mjikelo ungenasiphelo’ kunokwenzeka kuphela ngokuphelisa yonke inkanuko yenyama, yaye akholelwa kwelokuba ukuba oku kuyafezwa, umphefumlo uya kumanyana nomoya wendalo iphela. (3) Ngokuqhelekileyo, amaHindu ayazihlonela ezinye iinkonzo. AmaHindu akholelwa ukuba, phezu kwaso nje isibakala sokuba zifundisa iimfundiso ezingqubanayo, zonke iinkonzo zikhokelela kwinyaniso efanayo.
Endaweni yokuzama ukuthetha ngeengcamango eziphixeneyo zamaHindu, nikela iinyaniso ezanelisayo ezifumaneka kwiBhayibhile Engcwele. Amalungiselelo kaYehova othando nangawobomi avulekele abantu bazo zonke iindidi, ibe iinyaniso ezicacileyo eziseLizwini lakhe ziya kufikelela iintliziyo zabo balambele nabanxanelwe ubulungisa. Kuphela yiBhayibhile enikela ithemba lekamva elinesiseko sokwenyaniso; kuphela yiBhayibhile enikela iimpendulo ezanelisa ngokwenene kwimibuzo ebalulekileyo ejongene nalo lonke uluntu. Banike ithuba lokuva ezo mpendulo. Iyeyomdla into yokuba iculo lamaHindu eliyiRig-Veda 10. 121, libe linomxholo othi “Kongaziwayo UThixo.” Kwiimeko ezithile usenokukufumanisa kufanelekile ukuthetha ngalo ngendlela efana naleyo umpostile uPawulos wabhekisela ngayo kwisibingelelo esithi “Kongaziwayo UThixo” eAtene. (Ize. 17:22, 23) Into ebangel’ umdla yeyokuba, igama lothixo wamaHindu uVishnu, xa engekho unobumba ongu-V, liba lelithi, Ish-nuh, ngokolwimi lwamaKaledi elithetha “indoda enguNowa.” Bonisa okuthethwa yiBhayibhile ngokubaluleka koMkhukula womhlaba ngemihla kaNowa. Abo banxunguphaliswe lithemba lokuvela ngokutsha nangokungenasiphelo basenokuncedwa ngumbandela okwiphepha 366, 367, phantsi komxholo omkhulu othi “UkuVela Ngokutsha.”
Incwadana ethi The Path of Divine Truth Leading to Liberation nethi From Kurukshetra to Armageddon—And Your Survival ziqulethe inkcazelo eya kuba yingenelo gqitha kumaHindu anyanisekileyo.
XA UMNTU ESITHI, ‘MNA NDINGUMYUDA’
Okokuqala, fumanisa indlela lo mntu azijonga ngayo njengomYuda. Ambalwa angabantu bonqulo. Amaninzi, ukuba ngumYuda ligama nje lesizwe.
Nazi iingongoma ezimbalwa ekuyingenelo ukuzikhumbula: (1) AmaYuda angawonqulo akujonga ukuvakalisa igama likaThixo kuyinto engavunyelwanga. (2) AmaYuda amaninzi “iBhayibhile” ayicingela iyincwadi yamaKristu, kodwa ukuba ubhekisela “kwiZibhalo zesiHebhere,” “iZibhalo” okanye “iTora,” loo ngxaki ayiveli. (3) Isithethe siyinxalenye ephambili yokholo lwawo ibe amaYuda amaninzi angawonqulo asijonga silingana negunya eliseZibhalweni. (4) Asenokunxulumanisa uYesu Kristu nentshutshiso enenkohlakalo eyafunyanwa ngamaYuda kumaNgqobhoka egameni likaYesu. (5) Asoloko ekholelwa ukuba uThixo ufuna amaYuda agcine iSabatha, nkolelo leyo equka ukuphepha ukuphatha imali ngolo suku.
Ukumisela into enifana ngayo, usenokuthi: (1) ‘Ngokungathandabuzekiyo ubunokuvuma ukuba, kungakhathaliseki ukuba injani na imvelaphi yethu, sonke sijongene neenzima ezifanayo kwihlabathi lanamhla. Ngaba uyakholelwa ukuba ngokwenene kuya kubakho isicombululo esihlala sihleli kwiingxaki ezinkulu ezijongene nesi sizukulwana? (INdu. 37:10, 11, 29; INdu. 146:3-5; Dan. 2:44)’ (2) ‘Asiyonxalenye yeNgqobhoko ibe asikholelwa kuBathathu Emnye kodwa sinqula uThixo ka-Abraham. Ngokukhethekileyo sinomdla kumbandela wenyaniso yonqulo. Ungakhathazeka na ukuba ndiyakubuza ngokuthi ukugqiba njani okuyinyaniso, ingakumbi ngenxa yesibakala sokuba kukho iinkolelo ezahlukahlukene gqitha phakathi kwabantu abangamaYuda? . . . (Dut. 4:2; Isa. 29:13, 14; INdu. 119:160)’ (3) ‘Sinomdla kunene kwidinga likaThixo kuAbraham elithi ngembewu yakhe abantu bazo zonke iintlanga baya kusikelelwa. (Gen. 22:18)’
Ukuba umntu ubonakalisa ukungabi nalukholo kuThixo, khawumbuze enoba ebesoloko evakalelwa ngaloo ndlela na. Wandule ke mhlawumbi uxubushe ngesizathu sokuba uThixo evumele ubungendawo nokubandezeleka. Iinkumbulo zembubhiso yamaNazi zibangele amaYuda amaninzi akuxhalabela oku.
Ukuba uxubusha ngokubaluleka kokusebenzisa igama likaThixo, okokuqala fumanisa indlela lo mntu avakalelwa ngayo ngaloo nto. Bonisa ukuba iEksodus 20:7 iyakwalela ukusebenzisa igama likaThixo ngendlela engaxabisekanga, kodwa ayikwaleli ukulisebenzisa ngentlonelo. Yandula ke uqiqe ngezibhalo ezinjenge-Eksodus 3:15 (okanye INdumiso 135:13); 1 Kumkani 8:41-43; Isaya 12:4; Yeremiya 10:25; Malaki 3:16.
Xa uxubusha ngoMesiya: (1) Okokuqala thetha ngentsikelelo yexesha elizayo phantsi kolawulo lwakhe, endaweni yokuthetha ngegama lakhe. (2) Yandula ke uqiqe ngezibhalo ezibonisa ngoMesiya wobuqu. (Gen. 22:17, 18; Zek. 9:9, 10; Dan. 7:13, 14) (3) Kusenokufuneka uxubushe ngokuza kukaMesiya okuziindidi ezimbini. (Thelekisa uDaniyeli 7:13, 14 noDaniyeli 9:24-26.) (4) Xa uthetha ngoYesu, yenjenjalo ngokomongo ogxininisa injongo kaThixo ehambela phambili. Khankanya ukuba xa uYesu Kristu wafundisayo, lalisondele ixesha lokuba uThixo avumele ukutshatyalaliswa kwetempile yesibini, engazange iphinde yakhiwe. Kodwa uYesu wagxininisa ekuzalisekeni koMthetho nabaProfeti nangekamva eliqaqambileyo abantu ngokholo ababeya kwalathiselwa kulo.