IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 5/15 iphe. 7-9
  • Uyunike Noloyisi—Abafundisi Abangumzekelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyunike Noloyisi—Abafundisi Abangumzekelo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imfundo “Ukususela Ebusaneni”
  • Ukuhamba KukaTimoti
  • Okubalulekileyo Esikufundayo
  • Oomama Bangafunda Ntoni KuYunike
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • “Mntwana Wam Oyintanda Nothembekileyo ENkosini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • UTimoti Wayefuna Ukunceda Abantu
    Fundisa Abantwana Bakho
  • Lutsha—Zibekeleni Usukelo Oluzukisa UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 5/15 iphe. 7-9

Uyunike Noloyisi—Abafundisi Abangumzekelo

Njengabakhonzi bakaYehova, siyazi ukuba kuyimbopheleleko enzulu ukudlulisela imfundo engokomoya eluncedo kubantwana bethu. Kwanaxa izinto zihamba kakuhle, lo msebenzi usenokuba luxanduva olunemiqobo neengxaki ezininzi. Zide zigqithise kumzali ongumKristu ojamelene nolo celomngeni kwintsapho eyahluleleneyo ngonqulo. Imeko enjalo ayiqali namhlanje. IZibhalo zisixelela ngomnye umzali owazifumanisa ekuloo meko ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo.

Intsapho yebhinqa elinguYunike yayihlala eListra, isixeko esasikummandla weLikawoniya ekumzantsi wombindi weAsiya Mayina. IListra yayisisixekwana esingabalulekanga selo phondo. Yayilithanga lamaRoma elalibizwa ngokuba yiJulia Felix Gemina Lustra, elasekwa nguAgasto Kesare ukuze alwe nomzabalazo wabanqolobi ababekwimimandla eyingqongileyo. UYunike wayengumKristu ongumYuda owayehlala kwikhaya elahluleleneyo ngonqulo nomyeni wakhe ongumGrike, nonyana wakhe uTimoti, nonina uLoyisi.—IZenzo 16:1-3.

Kusenokwenzeka ukuba, amaYuda ayembalwa eListra, ekubeni iBhayibhile ingathethi ngendlu yesikhungu kule ndawo, nangona ayekho amaYuda eIkoniyo, emalunga neekhilomitha ezingama-30 ukusuka apho. (IZenzo 14:19) Ngoko kusenokuba kwakungelula ukuba uYunike aqhelisele unqulo lwakhe. Isibakala sokuba unyana wakhe, uTimoti, engazange oluswe esandul’ ukuzalwa siye sabangela abanye abaphengululi bakholelwa kukuba umyeni kaYunike wayeyikhabe ngaw’ omane loo nto.

Noko ke, uYunike wayengeyedwa kwezi nkolelo zakhe. Kubonakala ukuba uTimoti wafumana imfundo ‘yemibhalo engcwele’ kunina nakuninakhulu ozala unina, uLoyisi.a Umpostile uPawulos wabongoza uTimoti esithi: “Qhubeka kwizinto owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni, ubazi abantu owazifunda kubo nokuba ukususela ebusaneni uye wayazi imibhalo engcwele, enako ukukwenza ube nobulumko obusa elusindisweni ngalo ukholo olunxibelelene noKristu Yesu.”—2 Timoti 3:14, 15.

Imfundo “Ukususela Ebusaneni”

Xa uPawulos wayesithi imfundo kaTimoti ‘yemibhalo engcwele’ yayidluliselwe “ukususela ebusaneni,” kubonakala ukuba wayethetha ukuba wafundiswa eselusana. Oku kuvisisana nokusebenzisa kwakhe igama lesiGrike (elithi breʹphos) ngokuqhelekileyo elithetha imveku. (Thelekisa uLuka 2:12, 16.) Ngaloo ndlela uYunike wayithabatha nzulu imbopheleleko awayeyinikwe nguThixo, akaphozisa maseko ekuqaliseni ukuqeqesha uTimoti ngendlela eyayiza kumnceda akhulele ekubeni ngumkhonzi ozinikeleyo kaThixo.—Duteronomi 6:6-9; IMizekeliso 1:8.

UTimoti ‘wayeyiselwe ekukholelweni’ iinyaniso zeZibhalo. Ngokutsho kwesinye isichazi-magama sesiGrike, igama elisetyenziswe nguPawulos apha lithetha “ukweyiselwa ngokupheleleyo; ukuqinisekiswa” ngento ethile. Alithandabuzeki elokuba, kwakufuneka ixesha nomgudu owaneleyo ukuze kufikelelwe intliziyo kaTimoti, ukuze ancedwe aqiqe ngeLizwi likaThixo yaye abe nokholo kuye. Ngoko ke, kuyabonakala ukuba uYunike noLoyisi bazibhokoxa ekufundiseni uTimoti ngeZibhalo. Ibe onjani umvuzo owafunyanwa ngala mabhinqa ahlonel’ uThixo! UPawulos wakwazi ukubhala oku ngoTimoti: “Ndikhumbula ukholo olukuwe olungenalo naluphi na uhanahaniso, nolwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi nakunyoko uYunike, kodwa endinentembelo yokuba lukho nakuwe.”—2 Timoti 1:5.

Enjani ukubaluleka indima eyaphunyezwa nguYunike noLoyisi ebomini bukaTimoti! Ngokuphathelele lo mba, umbhali uDavid Read uthi: “Ukuba umpostile wayekholelwa ukuba ayikho into eyayibaluleke ngaphezu kokuguquka kukaTimoti, ngewayemxelele zisuka oko. Kodwa into yokuqala ayithethayo ngokholo lukaTimoti kukuba lwalusele ‘luhleli kuLoyisi . . . nakuYunike.’” Amazwi kaPawulos ngokuphathelele ukholo lukaLoyisi, uYunike noTimoti abonisa ukuba ngokufuthi imfundo engokweZibhalo eqaliswa umntwana esemncinane ngabazali kwanootatomkhulu noomakhulu ibalulekile ekumbekeleni usukelo olungokomoya lwexesha elizayo. Ngaba oku akufanele kwenze amalungu entsapho acinge nzulu ngoko akwenzayo ukuze azalisekise imbopheleleko yawo kuThixo nakubantwana bawo?

Mhlawumbi uPawulos wayekwacinga ngemekobume yekhaya eyayidalwe nguLoyisi noYunike. Lo mpostile usenokuba wayekhe wandwendwela kwikhaya labo ebudeni bexesha lotyelelo lwakhe lokuqala eListra, malunga nowama-47 nowama-48 C.E. Mhlawumbi ngelo xesha la mabhinqa mabini aguqukela kubuKristu. (IZenzo 14:8-20) Mhlawumbi ulwalamano lothando nolonwabo olwalukho kwelo khaya lwabangela uPawulos akhethe eli gama xa wabhekisela kuLoyisi ngokuthi ‘nguninakhulu’ kaTimoti. Ngokutsho komphengululi uCeslas Spicq, ibinzana lesiGrike awalisebenzisayo (elithi mamʹ-me, kunelithi teʹthe ekwakukudala lisetyenziswa nelibonisa intlonelo) “ligama elisetyenziswa ngumntwana ukubonakalisa uthando” kuninakhulu, kulo mongo elidlulisela “ingcamango yokuqhelana neyokusondelelana.”

Ukuhamba KukaTimoti

Asazi nokuba uYunike wayenomyeni xa uPawulos watyelela eListra okwesihlandlo sesibini (malunga nowama-50 C.E.). Abaphengululi abaninzi bacinga ukuba wayengumhlolokazi. Enoba yayinjani na imeko, phantsi kolwalathiso lukanina noninakhulu, uTimoti wayekhulele ekubeni ngumfana ofanelekayo, mhlawumbi ngelo xesha wayesele eneminyaka emalunga nama-20 ubudala. “Kwakunikelwa ingxelo entle ngaye ngabazalwana eListra naseIkoniyo.” (IZenzo 16:2) Kuyabonakala ukuba, umnqweno wokusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani wawumiliselwe entliziyweni kaTimoti, kuba wasamkela isimemo sikaPawulos sokuhamba naye noSilas kuhambo lwabo lobuvangeli basemazweni.

Khawuthelekelele indlela uYunike noLoyisi abavakalelwa ngayo xa uTimoti wayesele eza kuhamba! Babesazi ukuba kwisihlandlo sokugqibela uPawulos awayetyelele ngaso kweso sixeko, lo mpostile waxulutywa ngamatye waza washiywa kucingwa ukuba ufile. (IZenzo 14:19) Ngoko kusenokuba kwakungelula kubo ukuvumela uTimoti owayeseze ngobuso elizweni ukuba ahambe. Kusenokwenzeka ukuba babezibuza ngobude bexesha awayeza kulihamba nokuba wobuya ekhuselekile kusini na. Phezu kwawo nje loo maxhala, alithandabuzeki elokuba unina noninakhulu bamkhuthaza ukuba alamkele eli lungelo likhethekileyo elaliza kumenza akhonze uYehova ngokuzele ngakumbi.

Okubalulekileyo Esikufundayo

Kuninzi okunokufundwa xa kuphononongwa ngenyameko lo mbandela kaYunike noLoyisi. Ukholo lwabashukumisela ukuba bakhulise uTimoti ngendlela efanelekileyo ngokomoya. Umzekelo wokuqola nokuzinza kuzinikelo lobuthixo omiselwa ngoomakhulu nootatomkhulu kubazukulwana nakwabanye ngokuqinisekileyo unokuba yingenelo kwibandla lamaKristu liphela. (Tito 2:3-5) Ngokufanayo, umzekelo kaYunike ukhumbuza oomama abanabayeni abangakholwayo ngembopheleleko nomvuzo wokumilisela imfundo yokomoya ebantwaneni babo. Ukuze benze oku, maxa wambi kusenokufuneka bakhaliphe gqitha, ngokukodwa ukuba uyise wabantwana akaziginyi kakuhle iinkolelo zonqulo lweqabane lakhe. Oku kukwafuna nobuchule, ekubeni umfazi ongumKristu emele abuhlonele ubuntloko bomyeni wakhe.

Ukholo, umgudu nokuzincama kukaLoyisi noYunike kwavuzwa ngokubona uTimoti esenza inkqubela yokomoya ukusa kwinqanaba lokuba ngumvangeli wasemazweni nomveleli osemagqabini. (Filipi 2:19-22) Ngokufanayo namhlanje, ukufundisa abantwana bethu iinyaniso zeZibhalo kufuna ixesha, umonde nozimiselo, ukanti imiphumo encumisayo yenza wonke loo mgudu ube ngofanelekileyo. Uninzi lolutsha oluyimizekelo olungamaKristu oluye lwafundiswa ‘imibhalo engcwele kwasebusaneni’ kwintsapho eyahluleleneyo ngonqulo lumenza agcobe umzali ohlonela uThixo. Kwaye hayi indlela eyinyaniso ngayo intetho ethi: “Ozele isilumko uyavuya ngaso”!—IMizekeliso 23:23-25.

Umpostile uYohane wathetha wenjenje ngabantwana bakhe bokomoya: “Akukho nobangela mkhulu ngakumbi ndinaye wokuba nombulelo kunezi zinto, zokuba ndibe ndingeva ukuba abantwana bam bayaqhubeka behamba enyanisweni.” (3 Yohane 4) Alithandabuzeki elokuba, la mazwi achaza indlela abavakalelwa ngayo abaninzi abaye bazingqina benjengoYunike noLoyisi, abafundisi ababini abangumzekelo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Isibakala sokuba uLoyisi wayengengonina kayise kaTimoti siboniswa yinguqulelo yesiSyriac kweyesi-2 kuTimoti 1:5 ethi “umama kamama wakho.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share