Ukufikelela Iintliziyo Ngobuchule Bokweyisela
KUNINZI lwabantu igama elithi “ukweyisela” lisenokungamkeleki kakuhle. Engqondweni ubani usenokuba nombono womthengisi onyanzelisayo okanye isibhengezo esiyilelwe ukuqhatha okanye ukuxhaphaza umthengi. KwanaseBhayibhileni, ingcamango yokweyisela maxa wambi inikela intsingiselo engamkelekiyo, ibonisa ukonakala okanye ukukhohlisa. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos ongumKristu wabhalela abaseGalati esithi: “Benibaleka kakuhle. Ngubani onithinteleyo ekuqhubekeni nithobela inyaniso? Olu hlobo lolweyiseko aluveli kuLowo unibizayo.” (Galati 5:7, 8) Kwakhona uPawulos walumkisa abaseKolose nxamnye nokuvumela nabani na ‘abarhwebeshele ngeengxoxo ezeyisayo.’ (Kolose 2:4) Ukweyisela okunjalo kuxhomekeke kwiingxoxo ezinobuchule ezakhelwe kwiziseko zobuxoki.
Noko ke, kwincwadi yakhe yesibini eyayisiya kuTimoti, umpostile uPawulos wasebenzisa ingcamango yokweyisela ngendlela eyahlukileyo. Wabhala: “Qhubeka kwizinto owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni, ubazi abantu owazifunda kubo.” (2 Timoti 3:14) ‘Ngokweyiselwa ekuzikholelweni,’ uTimoti wayengaqhathwa ngunina kwanoninakhulu, awafunda kubo iinyaniso zeZibhalo.—2 Timoti 1:5.a
Ngoxa wayeseluvalelweni endlwini eRoma, uPawulos wanikela ubungqina obucokisekileyo kwabaninzi, “ngokusebenzisa ukweyisela kubo ngokuphathelele uYesu esusela kokubini emthethweni kaMoses nakubaProfeti, ukususela kusasa kude kuhlwe.” (IZenzo 28:23) Ngaba uPawulos wayebaqhatha abaphulaphuli bakhe? Nakanye! Ngoko, licacile elokuba ukweyisela akusoloko kuphosakele.
Xa lisetyenziswa ngendlela efanelekileyo, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukweyisela” lithetha ukuguqula ingqondo ngokusebenzisa ingqiqo. Ngoko umfundisi unokwakha isiseko ngokweZibhalo, esebenzisa ukweyisela ekudluliseleni kwabanye inyaniso yeBhayibhile. (2 Timoti 2:15) Eneneni, olu yayiluphawu lobulungiseleli bukaPawulos. KwanoDemetriyo umkhandi wesilivere, owayezigqala iimfundiso zamaKristu njengezibubuxoki, wathi: ‘Akukho se-Efese kuphela kodwa phantse kuzo zonke izithili zaseAsiya athe lo Pawulos weyisela isihlwele esikhulu waza wasiphethulela kolunye uluvo, esithi abo benziwe ngezandla asingabo oothixo.’—IZenzo 19:26.
Ukusebenzisa Ukweyisela Kubulungiseleli
UYesu Kristu wayalela abalandeli bakhe oku: “Hambani ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bagcine zonke izinto endiye ndaniyalela zona. Yaye, khangelani! ndikunye nani yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:19, 20) Ngaphezu kwamazwe angama-230, amaNgqina kaYehova athobela lo myalelo. Nyanga nganye kunyaka wenkonzo yowe-1997, aye ngokomlinganiselo aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezizi-4552 589 ehlabathi lonke.
Ukuba unelungelo lokuqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya, usenokuhlangabezana nocelomngeni olufuna usebenzise ubuchule bokweyisela. Ngokomzekelo, masithi kwisifundo sakho esilandelayo, kubuzwa umbuzo ngokuphathelele uBathathu Emnye. Kuthekani ukuba uyazi ukuba umntu omfundelayo ukholelwa kule mfundiso? Usenokumnika impapasho exubusha ngalo mbandela. Emva kokuba eyifundile, usenokufumanisa ukuba uye weyiselwa ekubeni uThixo noYesu abangomntu omnye. Kodwa ukuba kukho imibuzo eseleyo, unokwenza ntoni?
Phulaphula ngenyameko. Oku kuya kukunceda uqonde oko umfundi sele ekukholelwa ngalo mbandela. Ngokomzekelo, ukuba umntu omfundelayo uthi, “Ndikholelwa kuBathathu Emnye,” ngokukhawuleza usenokuxubusha iZibhalo ezibonisa ukungachani kwale mfundiso. Kodwa kukho iinkolelo ezahlukeneyo ngokuphathelele uBathathu Emnye. Umntu omfundelayo usenokukholelwa kokwahluke mpela koko wena ukuchaza njengemfundiso kaBathathu Emnye. Kunokuthethwa okufanayo nangezinye iinkolelo, ezinjengokuzalwa ngokutsha, ukungafi komphefumlo, kwanosindiso. Ngoko phulaphula ngenyameko ngaphambi kokuba uthethe. Musa ukukuqikelela oko umfundi akukholelwayo.—IMizekeliso 18:13.
Buza imibuzo. Usenokuquka le: ‘Ngaba ubusoloko ukholelwa kuBathathu Emnye? Ngaba wakhe wenza ufundisiso olucokisekileyo ngoko iBhayibhile ikuthethayo ngalo mbandela? Ukuba uThixo ebeyinxalenye kabathathu emnye, ngaba iLizwi lakhe, iBhayibhile, belingayi kusixelela ngokucacileyo nangokungqalileyo?’ Xa ufundisa umfundi, nqumama ngamathuba athile uze ubuze imibuzo enjengale: ‘Ngaba oko sele sikugubungele kuvakala kusengqiqweni kuwe?’ ‘Ngaba uyavumelana nale ngcaciso?’ Ngokusebenzisa kwakho imibuzo ngobuchule, uyambandakanya umfundi koko nikufundayo. Akafanele aphulaphule nje kuwe ucacisa umbandela othile.
Sebenzisa ingqiqo. Ngokomzekelo, xa nixubusha imfundiso kaBhathathu Emnye, unokuthi kumntu omfundelayo: ‘Xa uYesu wayebhaptizwa, kwaphuma ilizwi ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam, oyintanda.” Ukuba ngokwenene uThixo wayesemhlabeni ebhaptizwa, ngaba wayenokuthumela ilizwi lakhe ezulwini aze alibuyisele emhlabeni ukuze loo mazwi avakale khona? Ngaba oku bekungayi kuba yinkohliso? Ngaba uThixo, “ongenakuxoka,” angakhohlisa ngolo hlobo?’—Luka 3:21, 22; Tito 1:1, 2.
Ingongoma echazwe ngobuchule idla ngokuphumelela. Qwalasela umzekelo webhinqa esiza kulibiza ngokuba nguBarbara. Ubomi balo bonke, belikholelwa ukuba uYesu nguThixo yaye uyinxalenye kabathathu emnye nto leyo equka umoya oyingcwele. Kodwa omnye wamaNgqina kaYehova walixelela ukuba uThixo noYesu ngabantu ababini abahlukeneyo, waza walibonisa izibhalo ezixhasa oko akutshoyo.b UBarbara wayengenakukukhanyela oko kwakuseBhayibhileni. Kwangaxeshanye, wayedanile. Ngapha koko, wayeyixabise kakhulu imfundiso kaBathathu Emnye.
Ngomonde eli Ngqina laqiqa noBarbara. Labuza oku: “Ukuba ubuzama ukundifundisa ukuba abantu ababini bayalingana, ubuya kundizekelisela ngawaphi amalungu entsapho?” Wacinga okwethutyana waza waphendula wathi: “Bendinokuzekelisa ngomntu nomntakwabo.” “Kunjalo kanye,” laphendula lisitsho eli Ngqina. “Mhlawumbi kwanamawele. Kodwa xa wayesifundisa ukumgqala uThixo njengoBawo kwanaye njengoNyana, wayebonisa ntoni uYesu?” “O-o, ndiyabona,” waphendula uBarbara, esitsho ekhuph’ amehlo. “Uchaza omnye njengomdala yaye onegunya elingaphezulu.”
Eli Ngqina laphendula lisithi: “Ewe, yaye abaphulaphuli bakaYesu abangamaYuda, ababehlala kwibutho loosolusapho, ngokukhethekileyo ngebabefikelele kweso sigqibo.” Ligxininisa ingongoma yalo, eli Ngqina laqukumbela lenjenje: “Ukuba sicinge ngomzekelo ofaneleke ngolo hlobo xa sifundisa ngokulingana—owomntu ngomntakwabo okanye amawele—ngokuqinisekileyo uYesu, uMfundisi Omkhulu, ngewayenze okufanayo. Kunoko, wasebenzisa amagama ‘uyise’ nelithi ‘unyana’ ekuchazeni ulwalamano phakathi kwakhe noThixo.”
Ekugqibeleni uBarbara wayifumana ingongoma, waza wayamkela. Intliziyo yakhe yafikelelwa ngobuchule bokweyisela.
Ukuqhubana Neemvakalelo
Iinkolelo zonqulo ezendele ngamandla zidla ngokukhatshwa ziimvakalelo. Cinga ngemeko kaEdna, umKatolika ozinikeleyo. Abazukulwana bakhe abakwishumi elivisayo bambonisa ubungqina obungokweZibhalo bokuba uThixo noYesu abangomntu mnye. UEdna wakuqonda oko wayekuva. Sekunjalo, ngobubele kodwa engacengi wathi: “Ndikholelwa kuBathathu Emnye ongcwele.”
Mhlawumbi kwakhe kwenzeka okufanayo nakuwe. Abaninzi bazigqala iimfundiso zonqulo lwabo ngokungathi ziyinxalenye yobuntu babo. Ukweyisela abafundi beBhayibhile abanjalo, kufuneka okungakumbi kunokuqiqa nje okunganiki mdla okanye ungcelele lwezibhalo ezibonisa ukungachani kwembono yaloo mntu. Iimeko ezinjalo zinokuconjululwa ngokulungelelanisa ubuchule bokweyisela nemfesane. (Thelekisa amaRoma 12:15; Kolose 3:12.) Kuyavunywa ukuba umfundisi onempumelelo ufanele abe nolweyiseko olunamandla. Ngokomzekelo, uPawulos wasebenzisa amabinzana anjengathi “ndeyisekile” nathi “Ndiyazi yaye ndeyisekile kwiNkosi uYesu.” (Roma 8:38; 14:14) Noko ke, ekuchazeni ulweyiseko lwethu, asifanele sithethe ngendlela yokuzingca, yokuzigqala singamalungisa, yaye asifanele sikwekwe okanye sinyembe xa sinikela iinyaniso zeBhayibhile. Ngokuqinisekileyo asifuni ukumkhubekisa okanye ukumxabela loo mfundi.—IMizekeliso 12:18.
Ukuzihlonela iinkolelo zaloo mfundi kwanokuliqonda ilungelo analo lokukholelwa ngaloo ndlela kuphumelela ngakumbi. Undoqo kukuthobeka. Umfundisi onokuthobeka kwengqondo akavakalelwa kukuba nakanjani na ungaphezulu kunalowo amfundelayo. (Luka 18:9-14; Filipi 2:3, 4) Ukweyisela kobuthixo kuquka ukuthobeka, ngokungathi kunjalo okuthi: ‘Ngenceba uYehova uye wandinceda ndabona oku. Makhe ndabelane nawe ngako.’
KumaKristu akhonza naye eKorinte, uPawulos wabhala: “Izixhobo zomlo wethu azizezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okubhukuqa izinto ezinqatyiswe ngamandla. Kuba sibhukuqa iingqiqo nayo yonke into ephakamileyo ephakanyiswa nxamnye nolwazi lukaThixo; yaye sizisa ekuthinjweni yonke ingcamango ukuze siyenze ithobele uKristu.” (2 Korinte 10:4, 5) Namhlanje, amaNgqina kaYehova asebenzisa iLizwi likaThixo ekubhenceni iimfundiso zobuxoki ezendele ngamandla kwanoqheliselo olukhoyo nokwenza izinto ezingamkholisiyo. (1 Korinte 6:9-11) Ekwenzeni oku, amaNgqina akhumbula ukuba uYehova uye ngothando wanomonde kuwo. Hayi indlela avuya ngayo ngokuba neLizwi lakhe, iBhayibhile, nokusebenzisa esi sixhobo ekushenxiseni iimfundiso zobuxoki aze afikelele iintliziyo ngobuchule bokweyisela!
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “UYunike NoLoyisi—Abafundisi Abangumzekelo,” kwiphepha 7-9 kule nkupho yeMboniselo.
b Bona uYohane 14:28; Filipi 2:5, 6; Kolose 1:13-15. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
Ukufikelela Intliziyo Yomntu Omfundelayo
◻ Thandazela ukhokelo lukaYehova ekufikeleleni intliziyo yomfundi weBhayibhile.—Nehemiya 2:4, 5; Isaya 50:4.
◻ Kuqonde oko umfundi akukholelwayo kwanesizathu sokuba ayithande kangaka le nkolelo ebubuxoki.—IZenzo 17:22, 23.
◻ Ngomonde nangobubele, yakha ingxoxo esengqiqweni nengokweZibhalo ngoxa ubalaselisa oko nikukholelwa ngokufanayo.—IZenzo 17:24-34.
◻ Ukuba kunokwenzeka, xhasa iinyaniso zeBhayibhile ngokusebenzisa imizekelo ephumelelayo.—Marko 4:33, 34.
◻ Mbonise umfundi ngeengenelo zokwamkela ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile.—1 Timoti 2:3, 4; 2 Timoti 3:14, 15.