IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/00 iphe. 1
  • Ukwazisa Igama LikaYehova Emhlabeni Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwazisa Igama LikaYehova Emhlabeni Wonke
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukushumayela Ekuhleni Nakwizindlu Ngezindlu
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Iindlela Zokushumayela Iindaba Ezilungileyo
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Iindlela Zokushumayela​—⁠Kusetyenziswa Zonke Iindlela Zokuba Abantu Beve Isigidimi
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Ukushumayela Kwindlu Ngendlu—Kutheni Kubalulekile Namhlanje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 1/00 iphe. 1

Ukwazisa Igama LikaYehova Emhlabeni Wonke

1 Xa uYesu wathuma abafundi bakhe ukuba babe ngamangqina akhe “kwezona ndawo zikude zomhlaba,” wayesele ebabekele kakade umzekelo wokuba bawulandele. (IZe. 1:8) Nanini na yaye naphi na apho wayebafumana khona abantu wayethetha ngenjongo kaThixo ngoluntu. Ekuxeliseni uYesu, udidi lwekhoboka elithembekileyo lisebenzisa iindlela ezininzi ezahlukahlukeneyo ukuze lazise igama likaYehova “emhlabeni wonke.”—Isa. 12:4, 5.

2 Oko Kwakusenziwa Kwimihla Yamandulo: Kwiminyaka yamandulo, iintshumayelo zazipapashwa kumaphephandaba; kwaveliswa ‘iPhoto-Drama of Creation’ yaza yaboniswa kwizigidi zabantu; kwakusetyenziswa kwaneenqwelo-mafutha ezinesandisi-lizwi; yaye kangangexesha elithile, kwakusetyenziswa igramafoni kwanoonomathotholo—zonke izezokushumayela iindaba ezilungileyo. Kakade ke, ngokusisiseko kudla ngokugxininiswa ekuthetheni ngokobuqu nabantu ukuze kukhuliswe umdla ofunyenweyo. Ngenxa yoko, ubulungiseleli bendlu ngendlu buye baphumelela gqitha ekwaziseni igama likaYehova kuyo yonke indawo.—IZe. 5:42.

3 Oko Kwenziwa Kumhla Wethu: Ngenxa yokutshintsha kwamaxesha ihlabathi lihamba ngesantya esiphezulu, yaye kwiindawo ezininzi kunqabile ukubafumana besekhaya abantu. Liqaqobana elityekele ekuchitheni ixesha lifunda yaye licamngca ngezinto zokomoya. Ngoko ke, simele sivisisanise ubulungiseleli bethu noku. Ukongezelela ekuwugubungeleni ngokuqhubekayo umhlaba kwindlu ngendlu, siye sakhuthazwa ukuba siye apho bakhoyo abantu yaye ‘sisoloko sikulungele’ ukuzithethelela ngethemba elingaphakathi kwethu. (1 Pet. 3:15) Oku kuthetha ukuba sizabalazele ukushumayela kwabo sisebenza nabo, kwesifunda nabo, kubantu abasesitratweni nasezipakini okanye kwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha, ezivenkileni, naphi na apho banokufumaneka khona abantu. Ekubeni sixhaswa nguYehova, imigudu yethu iya kuba nempumelelo. Ngaba unesabelo ekufikeleleni abantu naphi na apho bakhoyo?

4 Ngamana ngokwabantu ngabanye singenza konke okusemandleni ethu ukwazisa igama likaYehova kumhlaba wethu. Sinokufumana ulwaneliseko olukhulu ekubuphumezeni ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu, njengoko sikhangele kuYehova ukuba atsale abantliziyo zinyanisekileyo.—Yohane 6:44.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share