IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/00 iphe. 4
  • Ngaba Uyawuxabisa Umonde KaYehova?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyawuxabisa Umonde KaYehova?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Yiba Nomonde NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Funda Kumonde KaYehova NokaYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ungayeki Ukuba Nomonde
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Simele Sibe Nomonde Xa Sisentsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 7/00 iphe. 4

Ngaba Uyawuxabisa Umonde KaYehova?

1 Ukuba uYehova ebengakhange abe nomonde kule minyaka ili-10, ingama-20, nangaphezulu idluleyo, evumela ukuba kunikelwe ubungqina obungakumbi, ngaba ngewawuyifundile inyaniso? Hayi indlela esinombulelo ngayo ngokuba eye wavumela abantu abaninzi ngakumbi ukuba “bafikelele enguqukweni.” Kanti, imini enkulu kaYehova yomgwebo “iza njengesela.” (2 Pet. 3:9, 10) Ngenxa yoko, umonde kaThixo awufanele kutolikwa phosakeleyo ngokungathi uyalibazisa ukuphelisa le nkqubo yezinto.—Heb. 2:3.

2 Yiba Nemfesane Ngabantu: Ukuzeka kade umsindo kukaYehova kulugqwesa lee ulwazi lwethu. Asimele siyiphose injongo yako. (Yona 4:1-4,11) UYehova uyabubona ubugxwayiba abakubo abantu yaye unemfesane ngabo. UYesu uvakalelwa ngendlela efanayo. Wayenemfesane ngezihlwele awayeshumayela kuzo, wayefuna umsebenzi wokushumayela wande ukuze abangakumbi babe nethuba lokufumana ubomi obungunaphakade.—Mat. 9:35-38.

3 Xa kuvela iintlekele, ngaba asivelani nabantu abangayaziyo inyaniso? Namhlanje abantu ‘banjengezimvu ezingenamalusi’ njengokuba bezama ukuqonda nokuhlangabezana noqulukubhode osehlabathini. (Marko 6:34) Ngokushumayela iindaba ezilungileyo ngenzondelelo, sithuthuzela abo baneentliziyo ezinotyekelo oluhle kwaye sibonisa uxabiso lwethu ngomonde kaYehova.—IZe. 13:48.

4 Umsebenzi Wethu Ungxamisekile: Kunyaka ophelileyo kubhaptizwe abantu abangama-323,439 yaye bangaphezu kwezi-14 000 000 ababeze eSikhumbuzweni. Hayi indlela abaninzi ngayo abantu abanokusinda kwisiphelo sale nkqubo yezinto! Ukuba siya kuba sikhulu kanganani “isihlwele esikhulu,” asazi. (ISityhi. 7:9) Ukuba uthumo lwethu lokushumayela liya kuthabatha ixesha elide kangakanani, asazi. Kodwa uYehova uyazi. Iindaba ezilungileyo ziya kushunyayelwa de aneliseke, “kwandule ke kufike ukuphela.”—Mat. 24:14.

5 Ixesha eliseleyo lifinyele, kwaye usuku lukaThixo lusemnyango. (1 Kor. 7:29a; Heb. 10:37) Ngokungathandabuzekiyo, “usindiso lwethu lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo.” (Rom. 13:11) Masingayiphosi injongo yomonde kaThixo. Kunoko, masishumayele ngongxamiseko ukuze abangakumbi abalangazelela ubulungisa baxhamle inceba enkulu kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share