IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 1/15 iphe. 23-28
  • Ukunceda Abanye Bafunde Oko Kufunwa NguThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunceda Abanye Bafunde Oko Kufunwa NguThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Lucelomngeni Kodwa Asiloxanduva
  • Ukukuxhobela Ngokufanelekileyo Ukunceda Abanye
  • Ukuhlola Isixhobo Esitsha
  • Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Isixhobo Esitsha Sokunceda Abantu Bafunde Oko Kufunwa NguThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Nceda Abo Bangenamava Baqonde
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Vakalisa Iindaba Ezilungileyo ZoBukumkani Ngeencwadana Ezinemifanekiso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 1/15 iphe. 23-28

Ukunceda Abanye Bafunde Oko Kufunwa NguThixo

“Kubekwe imfuneko phezu kwam. Ngokwenene, yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!”—1 KORINTE 9:16.

1, 2. (a) Nguwuphi umsebenzi ontlu-mbini uYehova afuna sibe nesabelo kuwo? (b) Yintoni abafanele bayiqonde abantu abantliziyo zinyanisekileyo ukuze babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo?

UYEHOVA uneendaba ezilungileyo aziphathele uluntu. UnoBukumkani, yaye ufuna bonke abantu beve ngabo! Sakuziqonda ezi ndaba zilungileyo, uThixo ufuna sabelane nabanye ngazo. Lo ngumsebenzi ontlu-mbini. Okokuqala, simele sivakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kwisiprofeto sakhe esasiphathelele ‘ukuqosheliswa kwenkqubo yezinto,’ uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:3, 14.

2 Inkalo yesibini yalo msebenzi ibandakanya ukufundisa abo basabela ngomdla kwisigidimi soBukumkani. Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu waxelela iqela elikhulu labalandeli bakhe: “Hambani ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bagcine zonke izinto endiye ndaniyalela zona. Yaye, khangelani! ndikunye nani yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:19, 20) ‘Izinto ezaziyalelwe nguKristu’ zazingaveli kuye; wafundisa abanye ukuba bagcine imiyalelo okanye izinto ezifunwa nguThixo. (Yohane 14:23, 24; 15:10) Ngaloo ndlela ukufundisa abanye ukuba ‘bagcine izinto ezaziyalelwe nguKristu’ kubandakanya ukubanceda baqonde oko kufunwa nguThixo. Abantu abantliziyo zinyanisekileyo bamele bahlangabezane nezinto ezifunwa nguThixo ukuze babe ngabalawulwa boBukumkani bakhe.

3. Buyintoni uBukumkani bukaThixo, ibe yintoni obuza kuyiphumeza eyenza isigidimi soBukumkani sibe ziindaba ezilunge ngolu hlobo?

3 Buyintoni uBukumkani bukaThixo? Yaye yintoni le buza kuyiphumeza eyenza isigidimi soBukumkani sibe ziindaba ezilungileyo? UBukumkani bukaThixo bungurhulumente wasezulwini. Bubaluleke gqitha entliziyweni kaYehova, kuba buyindlela aza kungcwalisa ngayo igama lakhe, elicoca kulo lonke ugculelo. UBukumkani busisixhobo esiza kusetyenziswa nguYehova ukuze kwenziwe ukuthanda kwakhe emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini. Kungoko uYesu wasifundisa ukuba sithandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike waza wasibongoza ukuba sibubeke tanci ebomini bethu. (Mateyu 6:9, 10, 33) Ngaba uyasibona isizathu sokuba kubaluleke kangaka kuYehova ukuba sifundise abanye ngoBukumkani bakhe?

Lucelomngeni Kodwa Asiloxanduva

4. Kunokuboniswa njani ukuba imbopheleleko yethu yokushumayela iindaba ezilungileyo asiloxanduva?

4 Ngaba kuluxanduva ukushumayela ezi ndaba zilungileyo? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Ngokomzekelo: Ubawo unembopheleleko yokulungiselela intsapho yakhe izinto zokwenyama. Ukusilela ukwenjenjalo kufana nokukhanyela ukholo lobuKristu. Umpostile uPawulos wabhala: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.” (1 Timoti 5:8) Kodwa ngaba loo mbopheleleko iluxanduva kwindoda engumKristu? Akunjalo ukuba iyayithanda intsapho yayo, kuba xa iyithanda ifuna ukuyilungiselela.

5. Nangona umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi uyinto esimele siyenze, kutheni sifanele sikuvuyele ukuba nesabelo kuwo?

5 Ngokufanayo, umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi uyimbopheleleko, uyinto efunekayo, obuxhomekeke kuyo ubomi bethu. UPawulos wayibeka ngolu hlobo: “Kubekwe imfuneko phezu kwam. Ngokwenene, yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!” (1 Korinte 9:16; thelekisa uHezekile 33:7-9.) Noko ke, intshukumisa yethu yokushumayela luthando, asikwenzi oko kuba sinyanzelekile. Ngokuyintloko siyamthanda uThixo, kodwa siyabathanda nabamelwane bethu, yaye siyayazi indlela ekubaluleke ngayo ukuba beve iindaba ezilungileyo. (Mateyu 22:37-39) Zibanika ithemba ngekamva. UBukumkani bukaThixo kungekudala buza kulungisa ukungabikho kokusesikweni, bushenxise yonke ingcinezelo buze bubuyisele uxolo nomanyano—ukuze kusikelelwe ngonaphakade abo bazithoba kulawulo lwabo lobulungisa. Ngaba akusivuyisi kuze kusichwayitise ukwabelana nabanye ngezi ndaba zilungileyo?—INdumiso 110:3.

6. Kutheni umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi ulucelomngeni lokwenene?

6 Kwangaxeshanye, lo msebenzi wokushumayela nokwenza abafundi ulucelomngeni lokwenene. Abantu abafani. Abathandi zinto zifanayo okanye balingane ngamandla bonke. Bambi bafundile, ngoxa abanye bengafundanga kangako. Ukulesa—okwakufudula kuyeyona nto ithandwayo yokuhambisa ixesha—ngokufuthi ngoku kugqalwa njengomsebenzi onzima. Ukungabi namdla wokufunda kuyingxaki ekhulayo, kwanakumazwe anabantu abaninzi gqitha abafundileyo. Ngoko ke, sinokubanceda njani abantu abaneemvelaphi nabathanda izinto ezingafaniyo baqonde oko kufunwa nguThixo?—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 9:20-23.

Ukukuxhobela Ngokufanelekileyo Ukunceda Abanye

7. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lasixhobisa njani ukuze sincede abanye baqonde oko kufunwa nguThixo?

7 Umsebenzi olucelo-mngeni kulula ukuwenza ukuba unezixhobo ezifanelekileyo. Isixhobo esifanelekele umsebenzi othile namhlanje sinokuphuculwa okanye kude kufakwe esinye endaweni yaso ngomso ukuze kuhlangatyezwane neemfuno eziguqukayo. Kunjalo nangothumo lwethu lokuvakalisa isigidimi soBukumkani bukaThixo. Kangangeminyaka, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lasilungiselela izixhobo ezifanelekileyo, iimpapasho ezenziwe ukuze kuqhutywe izifundo zeBhayibhile. (Mateyu 24:45) Ngaloo ndlela sixhotyiselwe ukunceda abantu bazo “zonke iintlanga nezizwe . . . neelwimi” baqonde izinto ezifunwa nguThixo. (ISityhilelo 7:9) Ngamaxesha athile, kuye kwalungiselelwa izixhobo ezitsha ngenxa yeemfuno eziguqukayo kwintsimi yehlabathi. Makhe siqwalasele imizekelo embalwa.

8. (a) Incwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso” iye yaba nayiphi indima ekuhambiseleni phambili imfundo yeBhayibhile? (b) Sisiphi isixhobo sokuqhuba isifundo seBhayibhile esalungiselelwa ngowe-1968, ibe sasilungiselelwe ngokukhethekileyo njani? (c) Incwadi ethi INyaniso yanceda njani kumsebenzi wokwenza abafundi?

8 Ukususela ngowe-1946 ukusa kowe-1968, incwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso” yasetyenziswa njengesixhobo esinamandla semfundo yeBhayibhile, ibe kwapapashwa imibhalo emalunga nezi-19 250 000 ngeelwimi ezingama-54. Ngowe-1968 kwakhutshwa incwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade (ngesiNgesi) yaza kangangeminyaka emininzi yasetyenziswa ngokunomphumo ekufundisiseni iBhayibhile nabantu abanomdla. Ngaphambilana, kwakuyinto eqhelekileyo ukuba abanye abantu bafundisise namaNgqina kaYehova kangangeminyaka bengade babhaptizwe. Kodwa esi sixhobo sasenzelwe ukumbandakanya umfundi, simkhuthaza ukuba asebenzise oko wayekufunda. Waba yintoni umphumo? Incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo ithi: “Kwiminyaka yenkonzo emithathu eyaqala ngoSeptemba 1, 1968, ukusa kuAgasti 31, 1971, kwabhaptizwa abantu abangama-434 906—inani eliliphinda ngaphezu kwezihlandlo ezibini elabo babebhaptizwe kwiminyaka yenkonzo emithathu ngaphambili!” Ukususela ekukhutshweni kwayo, incwadi ethi INyaniso iye yahanjiswa ngendlela engummangaliso—ngaphezu kwezi-107 000 000 ngeelwimi ezili-117.

9. Yiyiphi inkalo ekhethekileyo enayo incwadi ethi Unokuphila, ibe iye yaba naliphi igalelo kubavakalisi boBukumkani?

9 Ngowe-1982 incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni yaba yincwadi eyintloko ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Esi sixhobo sinemifanekiso engaphezu kwe-150, ngamnye unamazwi abhalwe kakuhle abalaselisa ngokucacileyo oko kufundiswa yiloo mifanekiso. Inkupho kaOktobha 1982 yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani (baseUnited States) yathi: “Kwiminyaka emalunga nama-20 incwadi ethi ‘UThixo Makabe Nenyaniso’ yaba yincwadi eyintloko yokuqhuba izifundo (ukususela ngowe-1946 ukusa phakathi kwiminyaka yee-1960) bangaphezu kwesi-1000 000 abavakalisi boBukumkani abatsha abaye bongezelelwa kuthi. Kwandula ke kwangena esinye isi-1000 000 sabavakalisi xa incwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade yaba yincwadi eyintloko yokuqhuba izifundo emva kokukhutshwa kwayo ngowe-1968. Njengoko sisebenzisa le ncwadi yethu intsha yokuqhuba izifundo ethi, Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, ngaba siya kubona ulwando olufanayo lwabavakalisi boBukumkani? Ngokuqinisekileyo koba njalo, ukuba oko kukuthanda kukaYehova!” Kubonakala ukuba oko yayikukuthanda kukaYehova, kuba ukususela ngowe-1982 ukusa kowe-1995, bangaphezu kwezi-2700 000 abaye bongezelelwa kubavakalisi boBukumkani!

10. Sisiphi isixhobo esitsha esiye salungiselelwa ngowe-1995, ibe kutheni sifanele senze abafundi beBhayibhile bakwazi ukwenza inkqubela ekhawulezileyo yokomoya?

10 UYesu wathi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa.” (Mateyu 9:37) Ngokwenene, isivuno sikhulu. Kusekuninzi ekufuneka kwenziwe. Kwamanye amazwe kuye kufuneke ukuba abantu babhalise baze balinde ukuze baqhutyelwe izifundo zeBhayibhile. Ngoko ukuze likhawulezise ukusasaza ulwazi ngoThixo, ngowe-1995 “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lalungiselela isixhobo esitsha, incwadi enamaphepha ali-192 enomxholo othi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Esi sixhobo sixabisekileyo asibethi sibuyelela kwiimfundiso zobuxoki. Sibeka iinyaniso zeBhayibhile ngendlela eyakhayo. Kulindeleke ukuba siya kwenza abafundi beBhayibhile benze inkqubela ekhawulezayo noko ngokomoya. Incwadi ethi Ulwazi sele inegalelo elikhulu kwintsimi yehlabathi ekubeni sele kushicilelwe imibhalo ezizi-45 500 000 ngeelwimi ezili-125 yaye isaguqulelwa ngezinye iilwimi ezongezelelekileyo ezingama-21.

11. Sisiphi isixhobo esisebenzisekayo esalungiselelwa ukunceda abo bangafundanga okanye abangakwazi ukufunda kakuhle, ibe siye sanempembelelo enamandla njani kwinkqubo yethu yokufundisa yehlabathi lonke?

11 “Ikhoboka elithembekileyo” liye ngokuqhubekayo lalungiselela izixhobo ezenzelwe abantu abathile. Ngokomzekelo, kuthekani ngabantu abasenokufuna uncedo olukhethekileyo ngenxa yemvelaphi yabo engokwesithethe okanye yonqulo? Sinokubanceda njani bafunde oko uThixo akufunayo? Ngowe-1982 safumana kanye le nto sasiyifuna—incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! Le ncwadi inemifanekiso emininzi iye yasisixhobo esisebenzisekayo ekufundiseni abo bangafundanga okanye abangakwazi kulesa kakuhle. Iqulethe indlela ecacileyo nekulula gqitha ukuyiqonda yokubeka iimfundiso ezisisiseko zeZibhalo. Ukususela ekukhululweni kwayo, le ncwadana inemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi iye yafak’ isandla gqitha kwinkqubo yethu yokufundisa yehlabathi. Kuye kwashicilelwa imibhalo engaphezu kwezi-105 100 000 ngeelwimi ezingama-239, oko kuyenza ibe yeyona ncwadi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi kwiimpapasho eziveliswe yiWatch Tower Society kutshanje!

12, 13. (a) Ukususela ngowe-1990, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liye lalungiselela yiphi indlela ehlaziyiweyo yokufikelela abantu abangakumbi? (b) Sinokuzisebenzisa njani iividiyo zoMbutho kubulungiseleli bethu basentsimini? (c) Sisiphi isixhobo esitsha kutshanje esiye salungiselelwa ukunceda kumsebenzi wethu wokwenza abafundi?

12 Ukongezelela kwiimpapasho ezishicilelweyo, ukususela ngowe-1990 “ikhoboka elithembekileyo” liye lasilungiselela uhlobo lokufundisa oluyindlela entsha yokufikelela abantu abangakumbi—iikhasethi zevidiyo. Ngo-Oktobha waloo nyaka, ividiyo ethabatha imizuzu engama-55 ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name yakhutshwa—ividiyo yokuqala eyaveliswa yiWatch Tower Society. Lo mboniso mhle, unenkcazelo eninzi, nofumaneka ngeelwimi ezingama-35, ubonisa intlangano yehlabathi lonke yabantu bakaYehova abazalisekisa umyalelo kaYesu wokuvakalisa iindaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba. Le vidiyo yenziwe ngokukhethekileyo ukuze isincede kumsebenzi wethu wokwenza abafundi. Abavakalisi boBukumkani abazange baphozise maseko ekusebenziseni esi sixhobo sitsha kubulungiseleli basentsimini. Bambi babesiphatha ezingxoweni zabo zeencwadi, besoloko bekulungele ukuyibonisa okanye ukubolekisa ngayo kubantu abanomdla. Kungekudala emva kokuba ikhutshiwe, umveleli ohambahambayo othile wabhala: “Iividiyo ziye zaba yindlela yenkulungwane yama-21 yokufikelela iingqondo neentliziyo zezigidi zabantu, ngoko sinethemba lokuba le vidiyo iza kuba yeyokuqala kwiividiyo ezininzi eziza kusetyenziswa nguMbutho ukuhambisela phambili umsebenzi woBukumkani wehlabathi lonke.” Ngokwenene, kuye kwalungiselelwa iividiyo ezingakumbi, kuquka ungcelele oluneenxalenye ezintathu olunomxholo othi The Bible—A Book of Fact and Prophecy kunye nethi Jehovah’s Witnesses Stand Firm Against Nazi Assault. Ukuba iividiyo zoMbutho ziyafumaneka ngolwimi lwakho, ngaba uye wazisebenzisa kubulungiseleli bakho basentsimini?a

13 Kutshanje kuye kwalungiselwa isixhobo esitsha, incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, ukuze inikele uncedo kumsebenzi wethu wokwenza abafundi. Kutheni ukuze ipapashwe? Inokusetyenziswa njani?

Ukuhlola Isixhobo Esitsha

14, 15. Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ilungiselelwe oobani, yaye iqulethe ntoni?

14 Impapasho entsha ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? ilungiselelwe abantu abasele bekholelwa kuThixo nabayihlonelayo iBhayibhile. Abaveleli abahambahambayo kunye nabavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi abaneminyaka emininzi yamava kumazwe asakhasayo baye bafak’ isandla ekulungiseleleni le ncwadana. Iqulethe isifundo esipheleleyo, esigubungela iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Kuyo kusetyenziswe amazwi athantamisayo, acacileyo nangqalileyo. Kwangaxeshanye, umongo wayo awulula ngokugqithiseleyo. Ayinikeli “ubisi” nje kuphela kodwa ikwanikela “ukutya okuqinileyo” okuvela kwiLizwi likaThixo ngendlela inkoliso yabantu enokukwazi ukuyiqonda ngayo.—Hebhere 5:12-14.

15 Kwiminyaka yakutshanje abavakalisi boBukumkani abakumazwe ahlukahlukeneyo baye bacela impapasho enjalo kanye. Ngokomzekelo isebe leWatch Tower Society lasePapua New Guinea lathi: “Abantu badidekile ziimfundiso zonqulo ezingqubanayo. Bafuna amazwi acacileyo enyaniso, axhaswa liqela lemibhalo yeBhayibhile abanokuyihlola kwiiBhayibhile zabo. Bafuna kubekwe ngokucacileyo nangokweenkcukacha oko uThixo akufunayo kumaKristu okwenyaniso nezithethe noqheliselo olungamkelekanga kuye.” Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo koko kanye sikufunayo ukuze sincede abanjalo baqonde oko kufunwa nguThixo.

16. (a) Ngoobani abanokungenelwa ngokukhethekileyo kwiingcaciso ezilula ezikule ncwadana intsha inemifanekiso? (b) Abo bakwintsimi yakho banokungenelwa njani kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo?

16 Unokusisebenzisa njani esi sixhobo sitsha? Okokuqala, sinokusetyenziswa ukufundisisa nabantu abangakwazi ukufunda okanye abangakuthandiyo ukufunda.b Abantu abanjalo banokungenelwa kwiingcaciso ezicacileyo zaloo ncwadana enemifanekiso. Emva kokuqwalasela umbhalo wangaphambi kokushicilelwa wale mpapasho, amasebe eWatch Tower abhala oku kulandelayo: “Le ncwadana inemifanekiso iza kusebenziseka kakhulu kwiindawo ezininzi zeli lizwe apho abantu bengakuthandi ukufunda kakhulu.” (eBrazil) “Kukho iqela labemi bamanye amazwe elingakwazi ukufunda ulwimi lwalo nekusenzima kulo ukufunda ulwimi lwesiFrentshi. Le ncwadana isenokusetyenziswa njengoncedo lokufundisisa nabantu abanjalo.” (eFransi) Ngaba bakho abantu ocinga ngabo entsimini yakho abanokungenelwa kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo?

17. Yiyiphi indlela esenokuba luncedo ngayo incwadana entsha enemifanekiso kumazwe amaninzi, yaye ngoba?

17 Okwesibini, kumazwe amaninzi le ncwadana inemifanekiso inokuba luncedo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile nabantu aboyika uThixo kungakhathaliseki ukuba bafunde kangakanani na. Kakade ke, kufanele kwenziwe umgudu wokuqalisa ukufundisisa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kodwa kwezinye iimeko kunokuba lula ngakumbi ukuqalisa isifundo ngencwadana. Ngoko ngexesha elifanelekileyo, isifundo sifanele sitshintshelwe kwincwadi ethi Ulwazi, incwadi eyintloko nekukhuthazwa ukuba isetyenziswe ekufundiseni. Ngokuphathelele ukusetyenziswa kwale ncwadana inemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, amasebe eWatch Tower abhala: “Kunzima ukuqalisa izifundo zeBhayibhile, ibe amathuba okuqalisa isifundo abonakala ebhetele xa umvakalisi eqalisa ngencwadana enemifanekiso.” (eJamani) “Incwadana enemifanekiso elolu hlobo iya kusebenziseka kakhulu ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ezitsha, ezinokuthi emva koko ziqhutywe ngencwadi ethi Ulwazi.” (eItali) “Nangona inkoliso yabantu baseJapan ifunde gqitha, inkoliso yabo ayinalwazi kangako ngeBhayibhile nangeemfundiso zayo ezisisiseko. Le ncwadana inemifanekiso ifanele ibe ngumchankcatho omhle wokuya kwincwadi ethi Ulwazi.”—eJapan.

18. Yintoni esifanele siyikhumbule ngokuhlangabezana nezinto ezifunwa nguThixo?

18 Amasebe oMbutho ehlabathini lonke aye ayicela le ncwadana inemifanekiso, ibe iye yavunyelwa ukuba iguqulelwe kwiilwimi ezingama-221. Ngamana le mpapasho intsha ingangqineka ibalulekile ekusincedeni ukuze sincede abanye baqonde oko kufunwa nguYehova uThixo kubo. Kwelethu icala, masikhumbule ukuba ukuhlangabezana noko kufunwa nguThixo, kuquka umyalelo wokushumayela nokwenza abafundi, kusinika ithuba elixabisekileyo lokubonisa uYehova indlela esimthanda ngayo. Ewe, oko uThixo akufunayo kuthi akuloxanduva. Kuyeyona ndlela ilungileyo yokuphila!—INdumiso 19:7-11.

[Imibhalo esemazantsi]

a Incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo ithi: “Iikhasethi zevidiyo azithabatheli ndawo iincwadi ezishicilelweyo okanye ukunikela ubungqina ngokobuqu. Iimpapasho zoMbutho ziyaqhubeka zinendima ebalulekileyo ekusasazeni iindaba ezilungileyo. Umsebenzi wendlu ngendlu wamaNgqina kaYehova useyinkalo yobulungiseleli bawo esekelwe ngokuqinileyo kwiZibhalo. Noko ke, iikhasethi zevidiyo zongezelela kwezi zinto njengezixhobo ezixabisekileyo zokuhlakulela ukholo kwizithembiso zikaYehova ezixabisekileyo nokuvuselela uxabiso ngoko akwenzayo emhlabeni kule mihla yethu.”

b Ukuze ufumane ingcaciso ngendlela yokuqhuba isifundo ngencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, bona inqaku elithi “Isixhobo Esitsha Sokunceda Abantu Bafunde Okufunwa NguThixo,” kwiphepha 16-17.

Ngaba Unokuchaza?

◻ Nguwuphi umsebenzi ontlu-mbini uYehova afuna abakhonzi bakhe babe nesabelo kuwo?

◻ Kutheni imbopheleleko yethu yokushumayela nokwenza abafundi ingeloxanduva kuthi?

◻ “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lalungiselela ziphi izixhobo ukuze zisetyenziswe kumsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi?

◻ Ilungiselelwe oobani incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, ibe singayisebenzisa njani kubulungiseleli bethu?

[Picture On Page 24]

Umsebenzi wethu wokushumayela nokwenza abafundi awuloxanduva

[Pictures On Page 26]

“UThixo Makabe Nenyaniso” (yowe-1946, yahlaziywa ngowe-1952): 19 250 000 ngeelwimi ezingama-54

“INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade” (1968): 107000000 ngeelwimi ezili-117 (kuboniswe eyesiFrentshi)

“Unokuphila Ngonaphakade Kwiparadisi Esemhlabeni” (1982): 80900000 ngeelwimi ezili-130 (kuboniswe eyesiRashiya)

“Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungu- naphakade” (1995): 45500000 ngeelwimi ezili-125 (kuboniswe eyesiJamani)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share