INgoma 38
Ukubonakalisa Ukunyaniseka
(INdumiso 18:25, NW)
1. UYehova unabantu
Abanegama lakhe,
Nabanyaniseke kuye
Ukuze adunyiswe.
Yonk’ imihla bayazondla
Kwitafile yokomoya
Kuba bakholeke kuye
Ngezenzo nangeengcinga.
2. Sonyaniseka kwibandla
Elithembekileyo,
Ewe, nasenkathazweni
Soba ngabamileyo.
Solikhusela ibandla
Lingangen’ ezingozini;
Xa linok’thi lisongelwe
Sokhaw’lez’ ek’ncedeni.
3. Ngok’nyan’seka sobanceda
Abazalwana bonke
Ngokufunda nangenkonzo
Ngenceba nobubele.
Njengentsaph’ epheleleyo
Singaze singathembani.
Kodwa sibonis’ ukuba
Sonyan’seka ngenyani.
4. Kwihlabathi lobuxoki
Sobonis’ uk’nyan’seka
Kwabo bakufaneleyo
Ngoxa sikule ndlela.
Sibe nako ukumngqina
Elixoki uSathana
Kodw’ uThixo elungile.
Oku komonwabisa.