Masibe Luhlobo Olunokholo
“Siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.”—HEBHERE 10:39.
1. Kutheni kunokuthiwa ukholo lomkhonzi ngamnye onyanisekileyo kaYehova luxabisekile?
XA UPHINDA usiya kwiHolo yoBukumkani ezele ngabanquli bakaYehova, khawunqumame uze ukhangele abo bakungqongileyo. Cinga ngeendlela ezininzi ababonisa ngazo ukholo. Usenokubona abakhulileyo abebekhonza uThixo kangangamashumi eminyaka, ulutsha oluxhathisa ingcinezelo yoontanga mihla le, nabazali abazibhokoxayo bekhulisa abantwana aboyik’ uThixo. Kukho abadala bebandla nezicaka zolungiselelo, abasingatha iimbopheleleko ezininzi. Ewe, unokubona abazalwana noodade bokomoya abakubudala obahlukahlukeneyo aboyisa zonke iintlobo zemiqobo ukuze bakhonze uYehova. Hayi indlela oluxabiseke ngayo ukholo lwakhe ngamnye!—1 Petros 1:7.
2. Kutheni isiluleko sikaPawulos esikumaHebhere isahluko 10 nese-11 siyingenelo kuthi namhlanje?
2 Bambalwa abantu abangafezekanga, ukuba phofu bakho, abakuqondayo ukubaluleka kokholo ngaphezu kompostile uPawulos. Enyanisweni, waphawula ukuba ukholo lokwenene lukhokelela ‘ekugcinweni komphefumlo uphila.’ (Hebhere 10:39) Noko ke, uPawulos wayesazi ukuba ukholo lunokuhlaselwa luze lukhukuliswe kweli hlabathi lingenalukholo. Wayewaxhalabele ngokunzulu amaKristu angamaHebhere awayeseYerusalem nakwelakwaYuda, awayezama ukulondoloza ukholo lwawo. Njengoko sikhangela iinxalenye zencwadi yamaHebhere isahluko 10 nese-11, masiphawule iindlela ezasetyenziswa nguPawulos ukwakha ukholo lwawo. Njengoko siqhubeka, siya kubona indlela thina nabo basingqongileyo esinokulwakha ngayo ukholo olomelele ngakumbi.
Ukubonakalisa Intembelo Omnye Komnye
3. Amazwi kaPawulos afumaneka kweyamaHebhere 10:39 abonisa njani ukuba wayenentembelo kubazalwana noodade wabo abaselukholweni?
3 Into yokuqala esinokuyiphawula sisimo sengqondo sikaPawulos esifanelekileyo ngabaphulaphuli bakhe. Wabhala: “Ke thina asilulo uhlobo lwabo barhwaqelela emva entshabalalweni, kodwa siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.” (Hebhere 10:39) UPawulos wayecinga okona kulungileyo, kungekhona okona kubi, ngamaKristu athembekileyo awayekholwa kunye nawo. Kwakhona, phawula ukuba wasebenzisa ibinzana elithi “thina.” UPawulos wayeyindoda elilungisa. Ukanti, akazange abeye abaphulaphuli bakhe xa ethetha nabo, ngokungathi yena wayekwinqanaba eliphakamileyo lobulungisa ngaphezu kwabo. (Thelekisa INtshumayeli 7:16.) Kunoko, waziquka naye phakathi kwabo. Wavakalisa intembelo esuk’ entliziyweni yokuba bonke, yena namaKristu athembekileyo awayeza kufunda incwadi yakhe babeya kujamelana nemiqobo edimazayo, nokuba ngenkalipho babengayi kuvuma ukurhwaqelela emva entshabalalweni, baze bazingqine beluhlobo olunokholo.
4. Ziziphi izizathu ezazibangela uPawulos abe nentembelo ngabo wayekholwa kunye nabo?
4 Wayenokuba nayo njani uPawulos intembelo enjalo? Ngaba wayengaziboni iimpazamo zamaKristu angamaHebhere? Ngokwahlukileyo koko, wawanika isiluleko esicacileyo ukuze awancede oyise iintsilelo zawo zokomoya. (Hebhere 3:12; 5:12-14; 6:4-6; 10:26, 27; 12:5) Sekunjalo, uPawulos wayenezizathu ezibini ubuncinane zokuba nentembelo kubazalwana bakhe. (1) Njengalowo uxelisa uYehova, uPawulos wayezabalazela ukubajonga abantu bakaThixo ngendlela uYehova abajonga ngayo. Wayengajongi iimpazamo zabo kodwa wayejonga iimpawu zabo ezintle namandla ababenawo okukhetha ukwenza okulungileyo kwixa elizayo. (INdumiso 130:3; Efese 5:1) (2) UPawulos wayenokholo olupheleleyo kumandla omoya oyingcwele. Wayesazi ukuba kwakungekho miqobo, ubuthathaka bobuntu, obabunokuthintela uYehova ekudluliseleni “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” kuye nawuphi na umKristu ozabalazela ukumkhonza ngokuthembekileyo. (2 Korinte 4:7; Filipi 4:13) Ngoko intembelo awayenayo uPawulos ngabazalwana noodade wabo yayingeyiyo engafanelekanga, engekho ngqiqweni, okanye esekelwe kwithemba elililize. Yayisekelwe ngokuqinileyo kwiZibhalo.
5. Sinokuyixelisa njani intembelo awayenayo uPawulos, yaye unokuba yintoni umphumo?
5 Ngokuqinisekileyo, intembelo awayenayo uPawulos yayisosulela. Kumele ukuba yayithetha lukhulu kumabandla aseYerusalem nakwelakwaYuda into yokuba uPawulos athethe nawo ngendlela ekhuthaza ngolo hlobo. Nangona abachasi abangamaYuda babewagculela yaye bengenamdla, amazwi anjalo ayewanceda amaKristu angamaHebhere ukuba azimisele ezintliziyweni zawo ukuba abe luhlobo olunokholo. Ngaba nathi namhlanje sinako ukwenzelana okufanayo? Kulula ngakumbi ukubona kuphela iimpazamo ezininzi kunye nemikhwa engaqhelekanga yabanye. (Mateyu 7:1-5) Ukanti, sinako ukuncedana ngakumbi ukuba siyaluphawula size siluxabise ukholo olukhethekileyo ngamnye analo. Xa sikhuthazana ngolo hlobo, aya kuba maninzi amathuba okuba ukholo lukhule.—Roma 1:11, 12.
Ukulisebenzisa Kakuhle ILizwi LikaThixo
6. Wayecaphula kuwuphi umthombo uPawulos xa wayebhala amazwi akweyamaHebhere 10:38?
6 Kwakhona uPawulos walwakha ukholo lwamakholwa awayekhonza kunye nawo ngokusebenzisa iZibhalo ngobuchule. Ngokomzekelo, wabhala: “ ‘Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,’ yaye, ‘ukuba urhwaqelela emva, umphefumlo wam awukholiswa nguye.’ ” (Hebhere 10:38) UPawulos apha wayecaphula umprofeti uHabhakuki.a La mazwi kusenokuba ayeqhelekile kwabo babeza kufunda incwadi kaPawulos, amaKristu angamaHebhere awayezazi kakuhle iincwadi zeziprofeto. Xa uphawula usukelo lwakhe—ukomeleza ukholo lwamaKristu awayeseYerusalem nawayekufuphi nayo malunga nowama-61 C.E.—watyapha ukukhetha umzekelo kaHabhakuki. Ngoba?
7. UHabhakuki wasibhala nini isiprofeto sakhe, yaye zazinjani iimeko kwaYuda ngelo xesha?
7 Ubungqina bubonisa ukuba uHabhakuki wabhala incwadi yakhe ngaphezulu nje kancinane kwamashumi amabini eminyaka ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Embonweni, lo mprofeti wabona amaKaledi (okanye, amaBhabhiloni), “uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula,” lutshayela uYuda yaye lutshabalalisa iYerusalem, lubimbiliza izizwana neentlanga. (Habhakuki 1:5-11) Kodwa loo ntlekele yayixelwe kwangaphambili ukususela ngomhla kaIsaya, ngaphezu kwenkulungwane ngaphambili. Ngexesha likaHabhakuki, uYehoyakim wangena ezihlangwini zikaKumkani uYosiya olungileyo, baza banda kwakhona ubungendawo kwaYuda. UYehoyakim wayebatshutshisa ade ababulale abo babethetha ngegama likaYehova. (2 Kronike 36:5; Yeremiya 22:17; 26:20-24) Akumangalisi ngoko ukuba umprofeti uHabhakuki wadandulukayo esithi: “Kuya kude kube nini na Yehova?”—Habhakuki 1:2, NW.
8. Kutheni umzekelo kaHabhakuki wawunokuba luncedo kumaKristu enkulungwane yokuqala nakwawanamhlanje?
8 UHabhakuki wayengazi ukuba intshabalalo yaseYerusalem isondele kangakanani. Ngokufanayo, amaKristu enkulungwane yokuqala ayengazi ukuba inkqubo yezinto yamaYuda iza kuphela nini. Nathi asazi namhlanje ukuba unini loo “mhla nelo lixa” xa le nkqubo ingendawo iya kufikelwa ngumgwebo kaYehova. (Mateyu 24:36) Ngoko ke, makhe siphulaphule impendulo entlu-mbini uYehova awayinika uHabhakuki. Okokuqala, wamqinisekisa lo mprofeti ukuba isiphelo sasiya kufika kanye ngexesha elimiselweyo. “Awuyi kubuya umva,” watsho njalo uThixo, nangona ngokwembono yomntu, wawunokubonakala ulibazisa. (Habhakuki 2:3) Okwesibini, uYehova wakhumbuza uHabhakuki oku: “Ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.” (Habhakuki 2:4) Hayi indlela ayinyaniso nacace ngayo loo mazwi! Eyona nto ibalulekileyo asikokuba sifika nini isiphelo, kodwa kukuba siqhubeka siphila ubomi bokholo kusini na.
9. Abakhonzi abathobekileyo bakaYehova baqhubeka njani bephila ngokuthembeka (a) emva kowama-607 B.C.E.? (b) ngowama-66 C.E.? (c) Kutheni kubalulekile ukuba someleze ukholo lwethu?
9 Xa iYerusalem yaphangwayo ngowama-607 B.C.E., uYeremiya, unobhala wakhe uBharuki, uEbhedi-meleki, namaRekabhi anyanisekileyo babona ukunyaniseka kwesithembiso sikaYehova kuHabhakuki. ‘Baqhubeka bephila’ ngokusaba intshabalalo eyoyikekayo yaseYerusalem. Ngoba? UYehova wakuvuza ukuthembeka kwabo. (Yeremiya 35:1-19; 39:15-18; 43:4-7; 45:1-5) Ngokufanayo, amaKristu angamaHebhere enkulungwane yokuqala amele ukuba asabela kakuhle kwisiluleko sikaPawulos, kuba xa imikhosi yamaRoma yahlasela iYerusalem ngowama-66 C.E. aza arhoxa ngesizathu esingaziwayo, loo maKristu asithobela ngokuthembeka isilumkiso sikaYesu sokusaba. (Luka 21:20, 21) Aqhubeka ephila ngenxa yokuthembeka kwawo. Ngokufanayo, siya kuqhubeka siphila ukuba sifunyanwa sithembekile xa isiphelo sifika. Esinjani sona ukubaluleka isizathu sokuba someleze ukholo lwethu ngoku!
Ukusebenzisa Imizekelo Yokholo
10. UPawulos waluchaza njani ukholo lukaMoses, yaye sinokumxelisa njani uMoses kule nkalo?
10 UPawulos walwakha ukholo nangokusebenzisa imizekelo. Njengoko ufunda amaHebhere isahluko 11, phawula indlela ayisebenzisa ngayo imizekelo yabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, uthi uMoses “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Hebhere 11:27) Ngamanye amazwi, uYehova wayengumntu wokwenene kuMoses kangangokuba wayengathi uyambona uThixo ongabonakaliyo. Ngaba kunokutshiwo nangathi? Kulula ukuthetha ngolwalamano noYehova, kodwa ukulwakha nokulomeleza olo lwalamano ngumsebenzi. Nguloo msebenzi ke ekufuneka siwenze! Ngaba uYehova ungumntu wokwenene kuthi kangangokuba siye sicinge ngaye xa sisenza izigqibo, kuquka nezo zibonakala zincinane? Ukholo olunjalo luya kusinceda sinyamezele neyona nkcaso ikrakra.
11, 12. (a) Kuphantsi kwaziphi iimeko ekusenokwenzeka ukuba ukholo lukaEnoki lwavavanywa kuzo? (b) Nguwuphi umvuzo okhuthazayo owafunyanwa nguEnoki?
11 Kwakhona, khawuqwalasele ukholo lukaEnoki. Kunzima nokuyicinga inkcaso awayejamelene nayo. UEnoki kwakufuneka adlulisele isigidimi somgwebo esihlabayo nxamnye nabantu abangendawo ababephila ngelo xesha. (Yude 14, 15) Intshutshiso eyayisongela le ndoda ithembekileyo ngokucacileyo yayiyeyenkohlakalo, iyeyogonyamelo kangangokuba uYehova ‘wamfudusa,’ emsusa ebomini yaye emenza ukuba alale ukufa phambi kokuba iintshaba zakhe zimbambe. Ngoko uEnoki akazange ayibone inzaliseko yesiprofeto awasivakalisayo. Noko ke, wafumana isipho, ngandlel’ ithile, esasilunge ngakumbi.—Hebhere 11:5; Genesis 5:22-24.
12 UPawulos uyachaza: “Ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.” (Hebhere 11:5) Kwakuthetha ntoni oku? Ngaphambi kokuba alale ekufeni, kusenokwenzeka ukuba uEnoki waba nombono othile, mhlawumbi oweParadesi yasemhlabeni apho aza kuvuselwa khona kungekudala. Enoba imeko iyintoni na, uYehova wamazisa uEnoki ukuba wayekholisiwe likhondo lakhe lokuthembeka. UEnoki wayivuyisa intliziyo kaYehova. (Thelekisa IMizekeliso 27:11.) Ukucinga ngobomi bukaEnoki kuyachukumisa, akunjalo? Ngaba ungathanda ukuphila ubomi bokholo obunjalo? Ngoko khawucinge ngaba bantu bayimizekelo; ubajonge njengabantu bokoqobo. Zimisele ukuphila ngokholo, usuku nosuku. Kwakhona, khumbula ukuba uhlobo olunokholo alukhonzi uYehova lunosuku oluthile engqondweni okanye lucinga ngexesha uThixo aya kuwazalisekisa ngalo amadinga akhe. Kunoko, sizimisele ukukhonza uYehova ngonaphakade! Ukwenjenjalo kuyeyona ndlela ilungileyo yokuphila kule nkqubo yezinto nakwezayo.
Indlela Yokomelela Ngakumbi Elukholweni
13, 14. (a) Amazwi kaPawulos abhalwe kweyamaHebhere 10:24, 25 anokusinceda njani senze iintlanganiso zethu izihlandlo zovuyo? (b) Siyintoni esona sizathu siyintloko seentlanganiso zamaKristu?
13 UPawulos wabonisa amaKristu angamaHebhere iindlela ezisebenzisekayo awayenokomeleza ukholo lwawo ngazo. Makhe siqwalasele ezimbini nje kuphela. Kusenokwenzeka ukuba siqhelene nesibongozo sakhe esikumaHebhere 10:24, 25, esisibongoza ukuba sihlanganisane rhoqo kwiintlanganiso zethu zamaKristu. Noko ke, khumbula ukuba amazwi kaPawulos aphefumlelweyo akathethi ukuba sibekho njengababukeli kwiintlanganiso ezinjalo. Kunoko, uPawulos uchaza iintlanganiso njengamathuba okuba sazane, size sishukumiselane ekukhonzeni uThixo ngokuzele ngakumbi, yaye sikhuthazane. Injongo yokubakho kwethu apho kukuze siphe, kungekhona ukwamkela kuphela. Oko kunceda ukuba iintlanganiso zethu zibe zizihlandlo zovuyo.—IZenzo 20:35.
14 Noko ke, esona sizathu siyintloko sokuba siye kwiintlanganiso zamaKristu kukuze sinqule uYehova uThixo. Senjenjalo ngokuthelela emthandazweni nasengomeni, ngokuphulaphula ngenyameko, nangokunikela ‘ngesiqhamo semilebe’—amazwi okudumisa uYehova ngamagqabaza ethu nangeenxalenye zentlanganiso. (Hebhere 13:15) Ukuba sihlala sicinga ngolo sukelo size senze ngokuvisisana nalo kwintlanganiso nganye, ngokuqinisekileyo ukholo lwethu luya kwakheka sihlandlo ngasinye.
15. Kwakutheni ukuze uPawulos akhuthaze amaKristu angamaHebhere ukuba abambelele ngokuqinileyo kubulungiseleli bawo, yaye kutheni isiluleko esifanayo sifanelekile namhlanje?
15 Enye indlela yokwakha ukholo ngumsebenzi wokushumayela. UPawulos wabhala: “Masilubambe nkqi uvakaliso lwasesidlangalaleni lwethemba lethu ngaphandle kokuxengaxenga, kuba uthembekile lowo uthembisileyo.” (Hebhere 10:23) Usenokubongoza abanye ukuba babambelele ngokuqinileyo kokuthile xa bebonakala besengozini yokunikezela. Ngokuqinisekileyo uSathana wayewacinezela loo maKristu angamaHebhere ukuba abuyeke ubulungiseleli bawo, nanamhlanje uyabacinzela abantu bakaThixo. Xa sijamelene nengcinezelo enjalo, yintoni esifanele siyenze? Phawula oko kwenziwa nguPawulos.
16, 17. (a) UPawulos wayifumana njani inkalipho kubulungiseleli? (b) Ngawaphi amanyathelo esifanele siwathabathe ukuba sizifumana sisoyika inkalo ethile yobulungiseleli bethu bobuKristu?
16 UPawulos wabhalela amaKristu aseTesalonika wenjenje: ‘Emva kokuba saqala sabandezeleka saza saphathwa ngokusa eFilipi (kanye njengokuba nisazi), saqweba inkalipho ngoThixo wethu ukuba sithethe kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo ngokuzabalaza okukhulu.’ (1 Tesalonika 2:2) UPawulos namaqabane akhe ‘baphathwa ngokusa’ njani eFilipi? Ngokutsho kwabanye abaphengululi, igama lesiGrike elisetyenziswe nguPawulos lithetha ukuthukwa, ukuhlaziswa okanye ukuphathwa ngenkohlakalo. Abasemagunyeni baseFilipi bababetha ngeentonga, babafaka entolongweni, baza babavalela ezitokisini. (IZenzo 16:16-24) Loo mava abuhlungu ngolo hlobo amchaphazela njani uPawulos? Ngaba abo babekwisixeko esilandelayo kutyelelo lwakhe lobuvangeli basemazweni, iTesalonika, bafumanisa ukuba uPawulos urhwaqelela emva luloyiko? Akunjalo, ‘waqweba inkalipho.’ Waloyisa uloyiko waza waqhubeka eshumayela ngenkalipho.
17 Yayivela phi le nkalipho wayenayo uPawulos? Ngaba yayivela kuye? Akunjalo, uthi waqweba inkalipho “ngoThixo wethu.” Incwadi eneembekiselo yabaguquleli beBhayibhile ithi la mazwi anokuguqulelwa ngokuthi “uThixo walukhupha uloyiko ezintliziyweni zethu.” Ngoko ukuba akunankalipho ngobulungiseleli bakho, okanye ukuba kukho inkalo ethile yabo ekoyikisayo ngokukhethekileyo, kutheni ungaceli uYehova akwenzele okufanayo nawe? Mcele alukhuphe uloyiko entliziyweni yakho. Mcele akuncede ube nenkalipho yokwenza lo msebenzi. Ukongezelela, thabatha amanye amanyathelo asebenzisekayo. Ngokomzekelo, lungiselela ukusebenza nothile onobuchule kolu hlobo lokunikela ubungqina lukuxhalabisayo. Isenokuba yintsimi ekummandla wamashishini, ubungqina basesitratweni, ukushumayela ngokungacwangciswanga, okanye ukunikela ubungqina ngomnxeba. Mhlawumbi iqabane elo lakho linokuvuma ukuthetha kuqala. Ukuba kunjalo, bukela uze ufunde. Kodwa ke yiba nenkalipho uze uzame nawe.
18. Ziziphi iintsikelelo esinokuzifumana ukuba siqweba inkalipho kubulungiseleli bethu?
18 Ukuba uqweba inkalipho, cinga ngoko kunokuba ngumphumo woko. Ukuba uyazingisa uze ungazivumeli ukuba udimazeke, mhlawumbi uya kuba namava amnandi ekwabelaneni nabanye ngenyaniso, amava ebesenokukuphosa mhlawumbi. (Bona iphepha 25.) Uya kufumana ulwaneliseko lokwazi ukuba uye wamkholisa uYehova ngokwenza into ekunzima ukuba uyenze. Uya kuzuza iintsikelelo noncedo lwakhe ngokoyisa uloyiko onalo. Ukholo lwakho luya komelela ngakumbi. Eneneni, akunakukwazi ukwakha ukholo lwabanye ngoxa ngaxeshanye ungalwakhi olwakho.—Yude 20, 21.
19. Nguwuphi umvuzo oxabisekileyo obekelwe ‘uhlobo olunokholo’?
19 Kwanga ungaqhubeka usomeleza ukholo lwakho nokholo lwabo bakungqongileyo. Ungakwenza oko ngokuzakha wena kunye nabanye usebenzisa iLizwi likaThixo ngobuchule, ngokufundisisa ngemizekelo yokholo eseBhayibhileni uze uyisebenzise, ngokulungiselela nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu, nangokubambelela ngokuqinileyo kwilungelo elixabisekileyo lobulungiseleli basesidlangalaleni. Xa usenza ezi zinto, qiniseka ukuba, eneneni, ungomnye ‘wohlobo olunokholo.’ Kwakhona, khumbula ukuba olo hlobo lwabantu lunomvuzo oxabisekileyo. ‘Luhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.’b Ngamana ukholo lwakho lungaqhubeka lukhula, yaye ngamana uYehova uThixo angakugcina uphila ngonaphakade!
[Imibhalo esemazantsi]
a UPawulos wacaphula inguqulelo yeSeptuagint kuHabhakuki 2:4, equka ibinzana elithi “ukuba nabani na urhwaqelela emva, umphefumlo wam awukholiswa nguye.” La mazwi akabonakali kwimibhalo-ngqangi yesiHebhere esekhoyo. Bambi bathi iSeptuagint yayisekelwe kwimibhalo-ngqangi yangaphambili yesiHebhere engasekhoyo ngoku. Enoba kuyintoni na, uPawulos wawaquka apha yaye wayephefumlelwe ngumoya oyingcwele kaThixo. Ngaloo ndlela agunyaziswe nguThixo.
b Umxholo wonyaka wamaNgqina kaYehova wama-2000 uza kube usithi: “Asilulo uhlobo lwabo barhwaqelela emva . . . kodwa siluhlobo olunokholo.”—Hebhere 10:39.
Ubunokuphendula Uthini?
◻ UPawulos wavakalisa njani ukuba unentembelo ngamaKristu angamaHebhere, yaye yintoni esinokuyifunda koku?
◻ Kutheni ukubhekisela kukaPawulos kumprofeti uHabhakuki kwakufaneleke kangaka?
◻ Yiyiphi imizekelo yokholo yeZibhalo eyasetyenziswa nguPawulos?
◻ Ziziphi iindlela ezisebenzisekayo zokwakha ukholo ezanconyelwa nguPawulos?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Emva kokuphathwa kwakhe ngogonyamelo eFilipi, uPawulos waqweba inkalipho yokuqhubeka eshumayela
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Ngaba unokuqweba inkalipho ukuze uzame ukusebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokunikela ubungqina?