Zingisani Ekushumayeleni
1 Siphila kumaxesha anzima. Kuyinto exhaphakileyo ukubona iimfazwe zamakhaya, iimfazwe zobuzwe, iintlekele zemvelo nezinye iziganeko ezoyikekayo. Kunanini na ngaphambili, abantu bafuna iindaba ezilungileyo. Noko ke, baninzi abantu abangazikhathalelanga izinto zokomoya. Kwezinye iindawo, kusenokuba nzima ukufumana abantu emakhaya, ibe kunzima nakakhulu ukufumana abantu abaya kusiphulaphula okanye abafuna ukufundisisa iBhayibhile. Sekunjalo, kubalulekile ukuba sizingise ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo.—Mat. 24:14.
2 Ukuthanda Abantu: Xa sishumayela senza abantu babone ukuba uYehova uyabathanda. “Akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Pet. 3:9; Hez. 33:11) Ngenxa yoko, uye wayalela ukuba, njengokuba uYesu watshoyo, “kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) UThixo ubongoza abantu ukuba basondele kuye baze basinde kumgwebo okufutshane wehlabathi likaSathana. (Yow. 2:28, 29, 32; Zef. 2:2, 3) Ngaba asinambulelo kuYehova ngokusinika elo thuba?—1 Tim. 1:12, 13.
3 Ingxelo yehlabathi ibonisa ukuba ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2004, kuye kwaqhutywa umlinganiselo wezifundo zeBhayibhile ezizizi-6 085 387 nyanga nganye yaye kuye kwabhaptizwa umlinganiselo wabafundi abatsha abangama-5 000 veki nganye! Abanye baba basandul’ ukuzahlulela baye bafumaneka ngenxa yokusikelela kukaYehova imigudu yabavakalisi yokuthetha naye wonke umntu kwintsimi yabo. Hayi indlela okuye kwawavuyisa ngayo amabandla oku, yaye hayi indlela ekulilungelo ngayo ukuba sisebenze kunye noThixo kulo msebenzi wokusindisa ubomi!—1 Kor. 3:5, 6, 9.
4 Ukudumisa Igama LikaThixo: Siyazingisa ekushumayeleni ukuze sidumise uYehova kuwonke-wonke size singcwalise negama lakhe kuluntu. (Heb. 13:15) USathana uye walahlekisa “umhlaba omiweyo uphela” ekukholelweni ukuba uThixo akanawo amandla okucombulula iingxaki zoluntu, nokuba akabakhathalelanga abantu ababandezelekayo okanye akakho. (ISityhi. 12:9) Ngokushumayela, simela inyaniso ngoBawo wethu osemazulwini ozukileyo. Ngamana singaqhubeka sidumisa igama lakhe—ngoku nangonaphakade.—INdu. 145:1, 2.