IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 1/15 iphe. 28-31
  • ‘Olungileyo Uzuza Inkoliseko KaThixo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Olungileyo Uzuza Inkoliseko KaThixo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uqeqesho Lubalulekile
  • “Iingcambu Ezingenakuncothulwa”
  • “Umfazi Ofanelekileyo Usisithsaba Kumnini Wakhe”
  • Iingcinga Zikhokelela Kwizenzo Eziphumela Kokuthile
  • Othobekileyo Uya Kuphumelela
  • Ukulima Kuqulethe Isifundo Esingokulunga
  • Olilungisa Uyachuma
  • Hamba ‘Ngomendo Othe Tye’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • “Nabani Na Osihlonelayo Isohlwayo Unobuqili”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Incwadi YeBhayibhile 20—IMizekeliso
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Umthetho Wesilumko”—Ngumthombo Wobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 1/15 iphe. 28-31

‘Olungileyo Uzuza Inkoliseko KaThixo’

UBOMI buvela kuYehova uThixo. (INdumiso 36:9) Ewe, “ngaye sinobomi siyashukuma yaye sikho.” (IZenzo 17:28). Yaye ngaba asibi nombulelo osuk’ entliziyweni xa sicinga ngendlela abavuza ngayo abo banolwalamano olusenyongweni naye? Kaloku, “isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade.” (Roma 6:23) Kubaluleke ngokwenene ukufuna inkoliseko kaYehova!

Umdumisi usiqinisekisa ukuba ‘uThixo unikela ubabalo.’ (INdumiso 84:11) Kodwa ulunika oobani? Ngokuqhelekileyo abantu namhlanje banikela uncedo olukhethekileyo ebantwini kuba befundile, bezizityebi, ngenxa yebala labo, imvelaphi yabo yobuhlanga nezinye izinto ezifana nezo. UThixo ukholiswa ngoobani? UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo uphendula esithi: “Olungileyo uzuza inkoliseko kaYehova, kodwa umntu weengcinga ezingendawo umvakalisa engongendawo.”—IMizekeliso 12:2.

Kucacile ukuba, uYehova ukholiswa ngumntu olungileyo—ilungisa. Ukulunga komntu olungileyo kuquka ukuba neempawu ezinjengokuzeyisa, ukungabi nakhethe, ukuthobeka, ukuba nemfesane nobulumko. Iingcinga zakhe zilungile, amazwi akhe ayakhuthaza, wenza okusesikweni nokuyinzuzo. Inxalenye yokuqala yesahluko 12 yencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso isibonisa indlela ukulunga okunokubuchaphazela ngayo ubomi bethu bemihla ngemihla ize ichaze iinzuzo ezibangelwa kukubonakalisa olu phawu. Ukuqwalasela oko kubhalwe apho kuya kusinika ‘ingqiqo yokwenza okulungileyo.’ (INdumiso 36:3) Ukusebenzisa eso siluleko sobulumko kuya kusinceda sifumane inkoliseko kaThixo.

Uqeqesho Lubalulekile

USolomon uthi: “Othanda ingqeqesho uthanda ukwazi, kodwa umthiyi wesohlwayo akaqiqi.” (IMizekeliso 12:1) Kuba ekufuna ngamandla ukuphucula, umntu olungileyo uyakulangazelela ukuqeqeshwa. Uyakhawuleza ukusebenzisa isiluleko asifumana kwiintlanganiso zamaKristu okanye xa encokola nabanye. Amazwi eZibhalo nafumaneka kwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni anjengemviko emkhokelela ukuba ahambe ngekhondo elifanelekileyo. Ufuna ulwazi aze alusebenzise ukuze enze iindlela zakhe zithi tye. Ewe, othanda ingqeqesho ukwathanda ulwazi.

Hayi indlela olubaluleke ngayo uqeqesho kubanquli bokwenyaniso—ingakumbi ukuzeyisa! Sinokunqwenela ukuba nolwazi olunzulu ngeLizwi likaThixo. Sinokuba nomnqweno wokuphumelela ngakumbi kubulungiseleli bamaKristu size sibe ngabafundisi abanobuchule obungakumbi beLizwi likaThixo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Kodwa ukuze ifezeke loo minqweno kufuneka sikwazi ukuzeyisa. Ukuzeyisa kuyafuneka nakwezinye izinto ebomini. Ngokomzekelo, zininzi izinto ezenzelwe ukukhuthaza ukuziphath’ okubi namhlanje. Ngaba akufanele uzeyise ukuze ukwazi ukulawula iliso ekujongeni izinto ezingafanelekanga? Ngaphezu koko, ekubeni “intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe,” eneneni ingcinga yokuziphath’ okubi isuka engqondweni. (Genesis 8:21) Ukuze sikuphephe ukuba neengcinga ezinjalo kufuneka ukuzeyisa.

Kwelinye icala, umntu osithiyileyo isiluleko akaluthandi uqeqesho okanye ulwazi. Evumela imikhwa yesono somntu sokungafuni ukululekwa, uzenza afane nesilwanyana esingenangqiqo—irhamncwa—umntu ongenamilinganiselo yokuziphatha. Simele siluxhathise ngamandla olu tyekelo.

“Iingcambu Ezingenakuncothulwa”

Kakade ke, umntu olungileyo akanakuba akalolungisa okanye akakho sikweni. Ngoko ke ubulungisa nabo bubalulekile ukuze sizuze inkoliseko kaYehova. UKumkani uDavide wavuma ingoma esithi: “Kuba uya kumsikelela nabani na olilungisa, Yehova; ngokungathi kungekhaka elikhulu, uya kubangqonga ngenkoliseko.” (INdumiso 5:12) Ebonisa umahluko phakathi kolilungisa nongendawo, uSolomon uthi: “Akukho mntu uya kumiselwa ngokuqinileyo bubungendawo; kodwa yona ingcambu yamalungisa, ayisayi kushukunyiswa.”—IMizekeliso 12:3.

Abangendawo basenokubonakala behambela phambili. Cinga ngamava omdumisi uAsafu. Uthi: “Ke mna, iinyawo zam beziphantse zathi gu bucala, ukunyathela kwam bekuphantse kwenziwa kwatyibilika.” Kwakutheni? UAsafu uphendula esithi: “Kuba ndabamonela abaqhayisi, xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo.” (INdumiso 73:2, 3) Kodwa njengoko wayesiya kwingcwele yetempile kaThixo, waqonda ukuba uYehova umbeke emhlabeni omtyibilizi. (INdumiso 73:17, 18) Nayiphi na impumelelo ebonakala benayo abangendawo yeyokwexeshana. Kutheni ke sibamonela?

Ngokwahlukileyo koko, umntu onenkoliseko kaYehova uzinzile. Esebenzisa ingcambu eyomeleleyo yomthi njengesafobe, uSolomon uthi: “Amalungisa aneengcambu ezingenakuncothulwa.” (IMizekeliso 12:3, The New English Bible) Iingcambu ezingabonwayo zomthi omkhulu, njengesequoia yaseKhalifoniya, zinokunabela kummandla oziihektare ezininzi yaye zinokuwuxhasa umthi xa kukho umkhukula nomoya omkhulu. Le sequoia enkulu isenokude ixhathise inyikima enamandla.

Njengeengcambu ezinjalo ezikwintlabathi yomhlaba, iingqondo neentliziyo zethu zifanele zembe ngokunzulu kwiLizwi likaThixo zize zizuze amanzi alo anika ubomi. Ngaloo ndlela, ukholo lwethu luyomelela ngokuqinileyo, ithemba lethu liqinisekile yaye liqinile. (Hebhere 6:19) Asisayi ‘kukhukuliswa ngamaza yaye siphetshethwe yiyo yonke imimoya yeemfundiso zobuxoki.’ (Efese 4:14) Kakade ke, siya kuyibona imiphumo yezilingo ezinjengesaqhwithi yaye sinokoyika xa sijamelane nobunzima. Kodwa ‘ingcambu yethu ayisayi kushukunyiswa.’

“Umfazi Ofanelekileyo Usisithsaba Kumnini Wakhe”

Abantu abaninzi baqhelene nentetho yesiNgesi ethi, “Indoda iphumelela kuba ixhaswa ngumfazi wayo olungileyo.” Ebonisa ukubaluleka kokuba nomfazi okuxhasayo uSolomon uthi: “Umfazi ofanelekileyo usisithsaba kumnini wakhe, kodwa owenza okuziintloni unjengokubola emathanjeni akhe.” (IMizekeliso 12:4) Igama elithi “ofanelekileyo” ligubungela zonke iinkalo zokulunga. Ukulunga komfazi ofanelekileyo, njengoko kuchazwe ngokweenkcukacha kwiMizekeliso isahluko 31, kuquka ukukhuthala, ukuthembeka nobulumko. Umfazi onezi mpawu usisithsaba kwindoda yakhe kuba ihambo yakhe efanelekileyo iyayizukisa ize iyidumise kwabanye. Akasayi kufuna ukulawula okanye akhuphisane nayo ecel’ injezu. Kunoko, ungumphelelisi nomncedisi wendoda yakhe.

Umfazi unokubangel’ iintloni njani, yaye oko kunokuphumela entwenini? Ihambo ebangel’ iintloni isenokususela kwingxabano ise ekukrexezeni. (IMizekeliso 7:10-23; 19:13) Izenzo zomfazi ezinjalo ziyayihlazisa indoda yakhe. ‘Unjengokubola emathanjeni ayo’ yaye ngokutsho kwenye incwadi oko kuthetha ukuba “uyayonzakalisa, njengesifo esenza umzimba ube buthathaka.” Ukanti enye incwadi ithi: “Elinye igama lezi mini elinokusetyenziswa lelithi ‘umhlaza’—isifo esiqoba umzimba womntu ngokuthe ngcembe.” Ngamana abafazi abangamaKristu bangazabalazela ukufumana inkoliseko kaThixo ngokubonakalisa ukulunga komfazi ofanelekileyo.

Iingcinga Zikhokelela Kwizenzo Eziphumela Kokuthile

Iingcinga zikhokelela kwizenzo, yaye izenzo ziphumela kokuthile. Wandula ke uSolomon achaze indlela iingcinga ezikhokelela ngayo kwizenzo, ethelekisa ezamalungisa nezabangendawo. Uthi: “Iingcamango zamalungisa zisisigwebo; ukulawulwa ngabangendawo yinkohliso. Amazwi abangendawo alalela igazi, kodwa umlomo wabathe tye uya kubahlangula.”—IMizekeliso 12:5, 6.

Iingcinga zabantu abalungileyo zifanelekile yaye azinakhethe kwaye zisesikweni. Ekubeni amalungisa eshukunyiswa luthando ngoThixo nangabanye abantu, aneenjongo ezilungileyo. Kwelinye icala, abangendawo bashukunyiswa kukuzingca. Ngenxa yoko, iinjongo zabo—iindlela zokufikelela usukelo lwabo—ziyinkohliso. Izenzo zabo zinobuqhophololo. Abalibazisi ukubambisa abantu abangenatyala, mhlawumbi kwinkundla yomthetho, ngokubatyhola ngobuxoki. Amazwi abo “alalela igazi” kuba befuna ukonzakalisa abantu abangenatyala. Kuba benolwazi ngamaqhinga abangendawo yaye benobulumko obufunekayo ukuze bahlale bephaphile, abalulamileyo bayakwazi ukuyiphepha le ngozi. Basenokude bakwazi ukulumkisa abo bangalumkanga baze babasindise kumaqhinga ongendawo.

Kuya kwenzeka ntoni kumalungisa nakwabangendawo? USolomon uphendula esithi: “Abangendawo bayabhukuqwa bangabikho, kodwa indlu yamalungisa iya kuqhubeka imile.” (IMizekeliso 12:7) Enye incwadi ithi, indlu “imela umninimzi nayo yonke into exabisekileyo kuye, nto leyo ngokwenene emenza aphile.” Kwakhona isenokubhekisela kwintsapho nakwinzala yalowo ulilungisa. Enoba imela ntoni, ingongoma yalo mzekeliso icacile: Ilungisa liya kuhlala lomelele ebudeni bobunzima.

Othobekileyo Uya Kuphumelela

Egxininisa ukubaluleka kokuqonda, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Ngokuba umntu omlomo unengqiqo uya kudunyiswa, kodwa ontliziyo ijijekileyo uya kudelwa.” (IMizekeliso 12:8) Umntu onengqiqo akathethi ngokungxama. Uyacinga ngaphambi kokuba athethe yaye uyakuvuyela ukuba seluxolweni nabanye kuba ‘umlomo onengqiqo’ umkhokelela ukuba awakhethe ngokucokisekileyo amazwi akhe. Xa ebuzwa umbuzo ongenangqiqo okanye imbono yakhe, umntu onengqiqo uyakwazi ‘ukuwabamba amazwi akhe.’ (IMizekeliso 17:27) Umntu onjalo uyadunyiswa yaye ukholekile kuYehova. Hayi indlela ahluke ngayo kulowo oneembono ezigqwethekileyo eziphuma ‘kwintliziyo ejijekileyo’!

Ewe, umntu onengqiqo uyadunyiswa, kodwa umzekeliso olandelayo usifundisa ukubaluleka kokuthobeka. Uthi: “Ulunge ngakumbi ojongelwe phantsi enomkhonzi ngaphezu kozizukisayo kodwa eswele isonka.” (IMizekeliso 12:9) Kubonakala ukuba uSolomon uthi kubhetele umntu othobekileyo ongenazinto, onekhoboka elinye kuphela, kunokuchitha bonke ubuncwane onabo uzama ukuba kudidi oluphezulu lwabantu. Eli licebiso elihle ngokwenene kuthi—ukuphila ngoko sinako!

Ukulima Kuqulethe Isifundo Esingokulunga

Esebenzisa iindlela zokulima, uSolomon usifundisa izifundo ezibini ngokulunga. Uthi: “Ilungisa liyawunyamekela umphefumlo wesilwanyana sasekhaya, kodwa inceba yabangendawo iyinkohlakalo.” (IMizekeliso 12:10) Umntu olungileyo uziphatha ngobubele izilwanyana zakhe. Uyakwazi oko zikufunayo yaye uxhalabele impilo-ntle yazo. Umntu ongendawo usenokuthi uzixhalabele izilwanyana, kodwa akazikhathalelanga iimfuno zazo. Iinjongo zakhe zezokuzingca, yaye izilwanyana uziphatha ngendlela yokuba afumane inzuzo ngazo. Oko lo mntu akugqala njengendlela efanelekileyo yokunyamekela izilwanyana isenokuba yimpatho yenkohlakalo.

Umgaqo wokuphatha izilwanyana ngobubele ukwasebenza nasekunyamekeleni izilwanyana zasekhaya. Bekuya kuba yinkohlakalo ngokwenene ukuzisa isilwanyana ekhaya uze usinxunguphalise ngokungasikhathaleli okanye ngokusiphatha kakubi! Xa isilwanyana sibandezeleka kakhulu ngenxa yokugula kakhulu okanye kuba sonzakele, kusenokuba kukubonakalisa ububele ukusibulala.

Kwakhona esebenzisa omnye umzekelo wokulima—ukulima umhlaba—uSolomon uthi: “Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela sisonka.” Eneneni, ukuzibhokoxa emsebenzini kunenzuzo. “Kodwa osukela izinto ezingenaxabiso uswele intliziyo.” (IMizekeliso 12:11) Ngenxa yokungakwazi ukwenza ukhetho olufanelekileyo okanye ukuqonda, lowo “uswele intliziyo” usukelana nezinto ezingenamsebenzi nezichitha ixesha, ezingeyonzuzo nezingabalulekanga. Izifundo ezikwezi ndinyana zimbini zicacile: Yiba nenceba uze ukhuthale.

Olilungisa Uyachuma

Ukumkani osisilumko uthi: “Ongendawo unqwenela ixhoba elibanjiswe ngomnatha womntu onobubi.” (IMizekeliso 12:12a) Ongendawo ukwenza njani oko? Ukwenza oko ngokunqwenela izinto ezifumaneka ngokwenza okubi.

Kunokuthiwani ngolungileyo? Umntu onjalo uyaluthanda uqeqesho yaye unokholo olomeleleyo. Ulungile yaye usesikweni, unengqiqo yaye uthobekile, unemfesane yaye ukhuthele. Yaye uSolomon uthi “ingcambu yamalungisa, iyavelisa” okanye “iyachuma.” (IMizekeliso 12:12b; iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) IAn American Translation ithi: “Ingcambu yamalungisa iya kuhlala ngonaphakade.” Umntu onjalo uzinzile yaye akanaxhala. Eneneni, ‘olungileyo uzuza inkoliseko kaThixo.’ Ngoko ke, ‘masikholose ngoYehova senze okulungileyo.’—INdumiso 37:3.

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Njengomthi ochumayo, ukholo lwelungisa lomelele

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share