IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ‘Sondliwa Ngamazwi Okholo’
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Januwari
    • ‘Sondliwa Ngamazwi Okholo’

      1 Ukuphila ngozinikelo lobuthixo kufuna ukuzibhokoxa. (1 Tim. 4:7-10) Ukuba besinokuzama ngamandla ethu besiya kukhawuleza sidinwe kukuphila ngale ndlela. (Isa. 40:29-31) Enye indlela esinokuwafumana ngayo amandla kuYehova ‘kukondliwa ngamazwi okholo.’—1 Tim. 4:6.

      2 Ukutya Kokomoya Okutyebileyo: UYehova usilungiselela ukutya okutyebileyo kokomoya esebenzisa iLizwi lakhe ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45) Ngaba sidlala indima yethu ukuze singenelwe kuko? Ngaba sifundisisa iBhayibhile suku ngalunye? Ngaba sinamaxesha esiwabekele bucala okufundisisa nokucamngca? (INdu. 1:2, 3) Ukutya kokomoya okunentswane ngolo hlobo kuyasomeleza kuze kusikhusele kwiingozi zehlabathi likaSathana. (1 Yoh. 5:19) Ukuba sizalisa iingqondo zethu ngezinto ezakhayo size sizisebenzise ebomini bethu, uYehova uya kuba nathi.—Fil. 4:8, 9.

      3 Kwakhona uYehova usomeleza ngeentlanganiso zebandla. (Heb. 10:24, 25) Imfundo yokomoya nonxulumano olwakhayo esilufumana kwezi ntlanganiso ziyasomeleza ukuze sikwazi ukuxhathisa izilingo. (1 Pet. 5:9, 10) Enye intombazana engumKristu yathi: “Ndidimazeka kakhulu xa ndisesikolweni. Kodwa iintlanganiso zinjengamanzi entlango, ziyandihlaziya ndize ndikwazi ukuqhubeka ndisiya esikolweni.” Hayi indlela esisikelelwa ngayo ngomgudu esiwenzayo wokuya ezintlanganisweni!

      4 Ukuvakalisa Inyaniso: Ukushumayela kubantu kwakunjengokutya kuYesu. Kwakumhlaziya. (Yoh. 4:32-34) Ngendlela efanayo, nathi xa sithetha nabanye ngezithembiso zikaThixo, siziva sihlaziyekile. Ukuxakeka kubulungiseleli kugcina iintliziyo neengqondo zethu zitsoliswe kuBukumkani nakwiintsikelelo ezizayo. Loo nto isihlaziya ngokwenene.—Mat. 11:28-30.

      5 Hayi indlela esinelungelo ngayo ngokondliwa ngokutya kokomoya okutyebileyo uYehova akulungiselele abantu bakhe namhlanje! Ngamana singaqhubeka simdumisa ngovuyo.—Isa. 65:13, 14.

  • Icandelo 5: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Januwari
    • Icandelo 5: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

      Ukuqonda Umbandela Ofanele Uwugubungele

      1 Xa wayefundisa, uYesu wanikel’ ingqalelo kwiintswelo zabafundi bakhe, ethetha nabo “kangangoko babekwazi ukuphulaphula.” (Marko 4:33; Yoh. 16:12) Ngendlela efanayo, abafundisi beLizwi likaThixo banamhlanje kufuneka banikel’ ingqalelo kwisantya abasiqhuba ngaso isifundo seBhayibhile. Ubungakanani bombandela onokuxutyushwa buya kuxhomekeka kwiimeko zomfundisi nesifundo.

      2 Yakha Ukholo Olomeleleyo: Ezinye izifundo kusenokufuneka kufundwe nazo izihlandlo ezibini okanye ezithathu ngaphambi kokuba zikuqonde oko kunokuqondwa ngabanye kwakwisihlandlo sokuqala. Sifuna isifundo siwuqonde kakuhle umbandela kunokuba sikhawuleze sigqibe. Isifundo ngasinye kufuneka sibe nesiseko esiqinileyo elukholweni esisekelwe eLizwini likaThixo.—IMize. 4:7; Roma 12:2.

      3 Njengoko uqhuba isifundo veki nganye, chitha ixesha elaneleyo ukuze uncede isifundo siqonde size samkele oko sikufunda eLizwini likaThixo. Musa ukusigqwagqwa isifundo kuba sinokungangenelwa kwezo nyaniso usifundisa zona. Yiba nexesha elaneleyo ukuze uxubushe iingongoma eziziintloko nezibhalo ezisekelwe kuzo ezo mfundiso.—2 Tim. 3:16, 17.

      4 Bambelela Emxholweni: Ngoxa sifuna ukukuphepha ukusigqwagqwa isifundo, asikufuni ukuphazanyiswa zizinto ezisecaleni. Ukuba isifundo sithanda ukuthetha ngeengxaki zaso, sinokulungiselela ukuba zixutyushwe emva kwesifundo.—INtshu. 3:1.

      5 Kwelinye icala, ihlombe lethu ngenyaniso linokwenza sithethe kakhulu xa siqhuba isifundo. (INdu. 145:6, 7) Ingongoma esecaleni okanye amava anokusinceda isifundo, kodwa asingethandi ukuba abe maninzi kakhulu ngokokude aphazamisane nesifundo, singakwazi ukufumana ulwazi oluchanileyo lweemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile.

      6 Ukuba sixubusha umbandela osengqiqweni sihlandlo ngasinye sifunda, siyazinceda izifundo ‘zihambe ekukhanyeni kukaYehova.’—Isa. 2:5.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share