-
Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Matshi
-
-
Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukuthandaza Xa Uqhuba Isifundo
1. (a) Kutheni kufanelekile ukusivula nokusivala ngomthandazo isifundo seBhayibhile? (b) Sinokusichazela njani isifundo seBhayibhile ngomthandazo?
1 Ukuze izifundo zeBhayibhile zenze inkqubela ngokomoya, kufuneka intsikelelo kaYehova. (1 Kor. 3:6) Ngoko ke, kufanelekile ukuba isifundo sivulwe size sivalwe ngomthandazo. Ngokufuthi oku sinokukwenza kwisihlandlo sokuqala xa sifundela abantu abatyekele elunqulweni. Kwabanye abantu, kusenokufuneka sizibonele ukuba singaqalisa nini ukusivula ngomthandazo isifundo. Ukuze uncede umfundi aqonde isizathu sokuba kufuneka kuthandazwe xa kuza kuqhutywa isifundo usenokusebenzisa INdumiso 25:4, 5 neyoku-1 kaYohane 5:14 uze umcacisele indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza kuYehova egameni likaYesu Kristu usebenzisa uYohane 15:16.
2. Ukuba udade oza kuqhuba isifundo ukunye nomzalwana obhaptiziweyo okanye nomvakalisi oyindoda ongabhaptizwanga, ngubani ofanele athandaze?
2 Ngubani ofanele athandaze xa kuza kuqhutywa isifundo seBhayibhile? Ukuba udade oza kuqhuba isifundo ukunye nomzalwana obhaptiziweyo, nguloo mzalwana ofanele athandaze, yaye udade kuya kufuneka athwale entloko xa esiqhuba. (1 Kor. 11:5, 10) Kwelinye icala, ukuba udade oza kuqhuba isifundo uhamba nomvakalisi woBukumkani oyindoda ongabhaptizwanga, ngudade othandazayo. Kule meko, ufanele athwale xa eza kuthandaza naxa eqhuba isifundo.
3. Ziintoni ezifanele ziqukwe xa kuthandazelwa isifundo seBhayibhile?
3 Yintoni Enokuqukwa Emthandazweni: Xa kuza kuqhutywa isifundo seBhayibhile akufanele kwenziwe umtyangampo womthandazo, kodwa ufanele ungqale. Ngaphandle kokufuna intsikelelo kaThixo kwisifundo nokumbulela ngeenyaniso ezifundiweyo, kufanelekile ukudumisa uYehova njengoMthombo wale mfundiso. (Isa. 54:13) Kwakhona sinokuquka amazwi abonisa umdla wokwenene esinawo kuloo mntu simfundelayo noxabiso ngentlangano ayisebenzisayo uYehova. (1 Tes. 1:2, 3; 2:7, 8) Xa sithandazela ukuba uYehova asikelele imigudu ayenzayo umfundi ukuze asebenzise izinto azifundayo kunokumnceda abone ukubaluleka kokuba ‘ngumenzi welizwi.’—Yak. 1:22.
4. Ukusivula nokusivala ngomthandazo isifundo seBhayibhile kunaziphi iingenelo ezingakumbi?
4 Zininzi iingenelo ezibangelwa ngumthandazo. Uzisa intsikelelo kaThixo. (Luka 11:13) Ugxininisa ukubaluleka kokufunda iLizwi likaThixo. Njengoko umfundi ephulaphula imithandazo esiyenzayo, ufunda indlela yokuthandaza. (Luka 6:40) Ngaphezu koko, imithandazo ephuma entliziyweni ezaliswe kukuthanda uThixo nombulelo ngenxa yeempawu zakhe ezingenakufaniswa nanto inokunceda umfundi ahlakulele ulwalamano lobuqu noYehova.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Matshi
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Mat. 15
“Abantu kulo lonke ihlabathi bayazincoma iimfundiso zikaYesu. [Funda ingcaphulo ekwiphepha 3, isiqendu 1.] Kodwa ucinga ukuba ezo mfundiso, ezifana nalo mzekelo ufumaneka kwesi sibhalo, ziyasebenza kule mihla? [Funda uMateyu 5:21, 22a. Emva koko mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha oko uYesu wakufundisayo nendlela esinokungenelwa ngayo kuko.”
IMboniselo Apr. 1
“Ukhe uve kusithiwa inzululwazi neBhayibhile ziyaphikisana, anditsho? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha imbali yokungquzulana okuphakathi kwenzululwazi nonqulo. Kodwa likwaveza ubungqina bokuba inzululwazi yokwenene iyangqinelana neBhayibhile.” Mbonise iphepha 6-7. Emva koko funda INtshumayeli 1:7.
Vukani! Apr. 8
“Abantu abaninzi bayabuthanda ubuhle beentaba, kodwa ubusazi phofu ukuba zibalulekile ukuze kubekho ubomi apha emhlabeni? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha isizathu sokuba zibaluleke iintaba kunye noko kwenzeka kuzo namhlanje. Likwakhankanya nendlela uMdali aya kuzihlangula ngayo.” Funda INdumiso 95:4.
“Ucinga ukuba abazali banokubanceda njani abantwana babo baphephe iingxaki zeminyaka yeshumi elivisayo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uIsaya 48:17, 18.] Eli phephancwadi libonisa indlela ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile okunokubanceda ngayo abazali badale unxibelelwano oluhle nabantwana babo kwaye bababekele imida esengqiqweni.”
-