Qhubeka Uthetha Ilizwi LikaThixo Ngenkalipho
1 Njengabalungiseleli abangamaKristu, siyazi ukuba isigidimi sethu asiyi kuthandwa ngumntu wonke. (Mat. 10:14) Kodwa ke, asinakuvumela inkcaso ukuba isithintele ekushumayeleni. (IMize. 29:25) Yintoni esincedayo ukuze siqhubeke silithetha ilizwi likaThixo ngenkalipho?
2 Umpostile uPawulos waliqonda ‘ixabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu.’ Oku kwamenza wathetha ‘ngolweyiseko olunamandla.’ (Fil. 3:8; 1 Tes. 1:5) Nakuba abanye babesijonga njengobudenge isigidimi awayesishumayela, yena wayesazi ukuba ‘singamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.’ (Roma 1:16) Ngenxa yoko, kwanaxa wayechaswa, waqhubeka ‘ethetha ngenkalipho ngegunya likaYehova.’—IZe. 14:1-7; 20:18-21, 24.
3 Umthombo Wamandla Esinawo: UPawulos akazange ashumayele ngenkalipho ngamandla akhe. Ethetha ngaye noSilas, uPawulos wabhala: “Emva kokuba siqale ngokubandezeleka saza saphathwa ngokusa eFilipi . . . uThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tes. 2:2; IZe. 16:12, 37) Kanti, xa wayekwintolongo yaseRoma, uPawulos wacela abanye ukuba bamthandazele ukuze aqhubeke eshumayela iindaba ezilungileyo ‘ngenkalipho ngendlela awayefanele athethe ngayo.’ (Efe. 6:18-20) Ngenxa yokuthembela ngoYehova kunesiqu sakhe, uPawulos wakwazi ukuqhubeka elithetha ilizwi likaThixo ngenkalipho.—2 Kor. 4:7; Fil. 4:13.
4 Kunjalo nakule mihla. Omnye umzalwana owayemadolw’ anzima ukuzazisa emsebenzini njengeNgqina likaYehova nokushumayela ngokungacwangciswanga, wawuthandazela lo mba waza waqalisa ukushumayela. Omnye asebenza naye waqala wamchasa, kodwa ukuthetha kwakhe ngovuko kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile. Ukususela ngoko, lo mzalwana wasebenzisa naliphi ithuba elivelayo ukuze ashumayele. Kwenye indawo awayesebenza kuyo, wanceda abantu abangama-34 ukuba babhaptizwe kwisithuba seminyaka eli-14. Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusomeleza ukuze ‘sihlale silithetha ilizwi lakhe ngenkalipho yonke.’—IZe. 4:29.