IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Indlela Yokuqalisa Izifundo Kwincwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • Indlela Yokuqalisa Izifundo Kwincwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile

      Abaninzi kuthi bebenokukuvuyela ukuqhuba isifundo seBhayibhile, ingxaki nje kukusiqalisa. Incwadi entsha ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iya kusinceda. Intshayelelo ekwiphepha 3-7 ilungiselelwe ukuqalisa incoko yeBhayibhile nomninimzi usebenzisa le ncwadi. Nabo bangenamava kangako entsimini baya kukufumanisa kulula ukuqalisa izifundo.

      ◼ Unokuzama le ntshumayelo usebenzisa iphepha 3:

      Emva kokukhankanya into okanye ingxaki ethile exhalabisa abantu basekuhlaleni, mbonise umninimzi imibuzo ebhalwe ngamagama angqindilili kwiphepha 3, uze umcele agqabaze ngayo. Wandule utyhile kwiphepha 4-5.

      ◼ Okanye unokukhetha ukusiqalisa ngokuthetha ngezinto ezikwiphepha 4-5:

      Unokuthi, “Ngaba bekungayi kuba mnandi ukuba iinguqu ozibona apha bezinokwenzeka ngokwenene?” Okanye unokubuza, “Ziziphi izinto apha onokuthanda ukuba zenzeke?” Yiphulaphule ngenyameko impendulo.

      Ukuba umninimzi unomdla okhethekileyo kwesinye sezibhalo, umbonise ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngaloo mbandela ngokufunda iziqendu ezisixubushayo. (Bona ibhokisi ekweli phepha lesihlomelo.) Xubusha lo mbandela ngendlela odla ngokwenza ngayo xa uqhuba isifundo. Oku kunokwenziwa ngemizuzu emihlanu ukusa kwelishumi xa utyelela okwesihlandlo sokuqala umi emnyango.

      ◼ Enye indlela kukufumana imbono yomninimzi usebenzisa iphepha 6:

      Bonisa umninimzi imibuzo esezantsi kwephepha, uze umbuze, “Ngaba wakha wazibuza eminye yale mibuzo?” Ukuba unomdla komnye wale mibuzo, tyhila kwisiqendu esiwuphendulayo. (Bona ibhokisi ekweli phepha lesihlomelo.) Njengoko nifunda le nkcazelo kunye, uqhuba isifundo seBhayibhile.

      ◼ Unokusebenzisa iphepha 7 ukuze ubonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile:

      Funda izivakalisi ezithathu zokuqala kweli phepha, uze utyhile isahluko 3 wandule ubonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo usebenzisa isiqendu 1-3. Lungiselela ukubuya ukuze uxubushe iimpendulo zemibuzo ekwisiqendu 3.

      ◼ Indlela yokulungiselela ukubuyela:

      Xa uqhuba isifundo okwesihlandlo sokuqala, lungiselela ukuqhubeka nencoko kwakhona. Mhlawumbi unokuthi: “Kwimizuzu nje embalwa, sifunde ngoko iBhayibhile ikufundisayo ngombandela obalulekileyo. Kwixesha elizayo, siza kuxubusha [mshiye nombuzo oza kuwuphendula]. Ndingafika ngexesha elifanayo kwiveki ezayo?”

      Njengoko sisiya sisondela kwixesha elimiselwe nguYehova, uyaqhubeka esixhobisa ukuze siwenze kakuhle umsebenzi asinike wona. (Mat. 28:19, 20; 2 Tim. 3:17) Masisisebenzise kakuhle esi sixhobo sitsha sokuqalisa izifundo zeBhayibhile.

  • Indlela Yokuhambisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • Indlela Yokuhambisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile

      Esi sihlomelo sinamacebiso ahlukahlukeneyo endlela yokuhambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Ukuze asebenze, wabeke ngamazwi akho, intshumayelo yakho yenze ifaneleke kubantu basekuhlaleni, yaye zazi iingongoma onokuthetha ngazo kule ncwadi. Unokusebenzisa nezinye iintshumayelo eziya kusebenza kwintsimi yakho.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005, kwiphe. 8.

      IArmagedon

      ◼ “Xa abantu besiva igama elithi ‘Armagedon,’ abaninzi bacinga ngentshabalalo. Ngaba unokothuka xa unokuva ukuba iArmagedon yinto onokukhangela phambili kuyo? [Mvumele aphendule wandule ufunde ISityhilelo 16:14, 16.] Phawula indlela obuchazwa ngayo ubomi basemva kweArmagedon.” Tyhila kwiphepha 82-4, uze ufunde isiqendu 21.

      IBhayibhile

      ◼ “Abantu badla ngokubhekisela kwiBhayibhile njengeLizwi LikaThixo. Ngaba wakha wazibuza ukuba incwadi eyabhalwa ngabantu inokubizwa njani ngokuba liLizwi likaThixo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyesi-2 kuPetros 1:21 nesiqendu 5 kwiphepha 19.] Le ncwadi iyiphendula ngokusuka eBhayibhileni le mibuzo.” Mbonise imibuzo ekwiphepha 6.

      ◼ “Kule mihla, abantu bayakwazi ukufumana inkcazelo engakumbi kunanini na ngaphambili. Kodwa ucinga ukuba sinokusifumana phi isiluleko esinokusinceda siphile ubomi obonwabisayo nobuphumelelayo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 nesiqendu 12 kwiphepha 22.] Le ncwadi ichaza indlela esinokuphila ngayo ngokukholisa uThixo size singenelwe.” Mbonise isicangca nomfanekiso okwiphepha 122-3.

      Imfazwe/Uxolo

      ◼ “Kuzo zonke iindawo abantu balangazelela uxolo. Ucinga ukuba kuliphupha nje ukuba nethemba lokubona uxolo emhlabeni? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INdumiso 46:8, 9.] Le ncwadi ithetha ngendlela uThixo aya kuyizalisekisa ngayo injongo yakhe aze azise uxolo emhlabeni.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 35, uze ufunde isiqendu 17-21 kwiphepha 33-4.

      Inkxwaleko/Ukubandezeleka

      ◼ “Xa abantu besebugxwayibeni, abaninzi baye bazibuze enoba uThixo ubakhathalele na abantu yaye uyakubona kusini na ukubandezeleka kwabo. Ngaba nawe wakha wazibuza oko? [Mvumele aphendule. Mfundele eyoku-1 kuPetros 5:7 nesiqendu 11 kwiphepha 11.] Le ncwadi ichaza indlela uThixo aya kukuphelisa ngayo ngokupheleleyo ukubandezeleka kwabantu.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 106.

      Intsapho

      ◼ “Sonke sinomdla wokonwaba ezintsatsheni zethu. Uthini wena? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ithetha ngento wonke ubani entsatsheni anokuyenza ukuze abe negalelo kulonwabo lwentsapho—ukuxelisa uThixo ekubonakaliseni uthando.” Mfundele eyabase-Efese 5:1, 2 nesiqendu 4 kwiphepha 135.

      Izindlu

      ◼ “Kwiindawo ezininzi kunzima ukufumana indawo yokuhlala eyanelisayo nefikelelekayo ngexabiso. Ngaba ucinga ukuba ngenye imini kuya kuze kubekho izindlu ezanele wonke umntu? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uIsaya 65:21, 22 nesiqendu 20 kwiphepha 34.] Le ncwadi ichaza indlela esiya kuzaliseka ngaso esi sithembiso sivela kuThixo.”

      Ubomi Obungunaphakade

      ◼ “Abantu abaninzi bafuna ukuba nempilo entle nokuphila ubomi obude. Kodwa ukuba bekunokwenzeka, ubungathanda ukuphila ngonaphakade? [Mvumele aphendule, wandule ufunde ISityhilelo 21:3, 4 nesiqendu 17 kwiphepha 53.] Le ncwadi ithetha ngendlela esinokubufumana ngayo ubomi obungunaphakade nendlela obuya kuba yiyo ubomi xa eso sithembiso sizaliseka.”

      Ukufa/Uvuko

      ◼ “Abantu abaninzi bayazibuza ngoko kwenzekayo xa sisifa. Ucinga ukuba sinokukwazi oko kwenzekayo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INtshumayeli 9:5 nesiqendu 5-6 kwiphepha 58-9.] Le ncwadi ikwachaza ngoko kuthethwa sisithembiso seBhayibhile ngovuko lwabo bafileyo.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 75.

      ◼ “Xa sifelwa ngumntu esimthandayo, kuyinto eqhelekileyo ukufuna ukumbona kwakhona. Akunjalo? [Mvumele aphendule.] Abantu abaninzi baye bathuthuzelwa lithemba lovuko eliseBhayibhileni. [Mfundele uYohane 5:28, 29 nesiqendu 16-17 kwiphepha 72.] Esi sahluko sikwaphendula le mibuzo.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 66.

      Umthandazo

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza ngendlela uThixo ayiphendula ngayo imithandazo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyoku-1 kuYohane 5:14, 15 nesiqendu 16-18 kwiphepha 170-2.] Esi sahluko sichaza isizathu sokuba sifanele sithandaze kuThixo noko simele sikwenze ukuze asiphulaphule.”

      Unqulo

      ◼ “Abantu abaninzi baqalisa ukugqala iicawa zeli hlabathi njengonobangela weengxaki zoluntu kunokuba zizicombulule. Ucinga ukuba unqulo lukhokelela abantu kwindlela efanelekileyo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uMateyu 7:13, 14 kwisiqendu 5 kwiphepha 145-6.] Esi sahluko sichaza iinkalo ezintandathu esinokulubona ngazo unqulo olumkholisayo uThixo.” Mbonise uludwe olukwiphepha 147.

      UYehova UThixo

      ◼ “Abantu abaninzi abakholelwa kuThixo bangathanda ukuba ngabahlobo bakhe. Ubusazi ukuba iBhayibhile ibongoza ukuba sisondele kuye? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uYakobi 4:8a nesiqendu 20 kwiphepha 16.] Le ncwadi ilungiselelwe ukunceda abantu bafunde okungakumbi ngoThixo, besebenzisa iiBhayibhile zabo.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 8.

      ◼ “Abantu abaninzi bathandazela ukuba igama likaThixo lingcwaliswe. Ngaba wakha wazibuza ukuba ngubani elo gama? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INdumiso 83:18 nesiqendu 2-3 kwiphepha 195.] Le ncwadi ichaza oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile ngoYehova uThixo nenjongo yakhe ngoluntu.”

      UYesu Kristu

      ◼ “Abantu ehlabathini lonke bakhe beva ngoYesu Kristu. Abanye bathi wayengumntu nje obalaseleyo. Abanye bamnqula njengoThixo uSomandla. Ucinga ukuba kunomsebenzi oko sikukholelwayo ngoYesu Kristu?” Mvumele aphendule, wandule ufunde uYohane 17:3 nesiqendu 3 kwiphepha 37-8. Funda imibuzo esekuqaleni ezantsi komxholo wesahluko.

      [Ibhokisi ekwiphepha 5]

      Iindlela Zokukhankanya Ilungiselelo Lomnikelo

      “Ukuba ungathanda ukwenza umnikelo omncinane namhlanje kumsebenzi wethu wehlabathi lonke, singawuvuyela.”

      “Nangona singahlawulisi ngeencwadi zethu, siyawamkela umnikelo kumsebenzi wethu wehlabathi lonke.”

      “Usenokuzibuza ngendlela esikwazi ngayi ukuhlangabezana neendleko zalo msebenzi siwenzayo. Lo msebenzi wethu wehlabathi lonke uxhaswa yiminikelo yokuzithandela. Ukuba ungathanda ukwenza umnikelo omncinane namhlanje, singawuvuyela.”

  • (1) Buza Umbuzo, (2) Ufunde ISibhalo Uze (3) Umbonise Isahluko
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • (1) Buza Umbuzo, (2) Ufunde ISibhalo Uze (3) Umbonise Isahluko

      Indlela elula yokuhambisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? (1) kukubuza umbuzo ofuna izimvo, (2) ukufunda isibhalo esifanelekileyo (3) nokumbonisa isahluko sale ncwadi esixubusha loo mbandela ngokufunda imibuzo etshayelelayo ephantsi komxholo wesahluko. Ukuba umninimzi unomdla, unokukwazi ukumbonisa indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile ngokusebenzisa iziqendu zokuqala zeso sahluko. Le ndlela inokusetyenziswa ukuze kuqaliswe izifundo kutyelelo lokuqala okanye xa ubuyela.

      ◼ “Ucinga ukuba inokwenzeka into yokuba abantu bamazi uMdali wethu ongusomandla ngale ndlela kuchazwe ngayo eBhayibhileni?” Funda IZenzo 17:26, 27, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 1.

      ◼ “Kwezi ngxaki zingaka sijongene nazo kule mihla, ucinga ukuba kunokwenzeka ukuba sifumane intuthuzelo nethemba elichazwe apha?” Funda eyabaseRoma 15:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 2.

      ◼ “Ukuba bekusemandleni akho, ngaba ubunokulwenza olu tshintsho?” Funda ISityhilelo 21:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ucinga ukuba abantwana bethu baya kuze baphile kwezi meko zichazwe kule ngoma yamandulo?” Funda INdumiso 37:10, 11, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ucinga ukuba aya kuze azaliseke la mazwi?” Funda uIsaya 33:24, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza enoba abafi bayayazi kusini na into eyenziwa ngabaphilayo?” Mnike ithuba lokuphendula. Emva koko, funda INtshumayeli 9:5, uze umbonise isahluko 6.

      ◼ “Ucinga ukuba siya kuze sizibone izihlobo nezalamane ezafayo, njengoko uYesu ebonisa kwezi ndinyana?” Funda uYohane 5:28, 29, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 7.

      ◼ “Ngendlela obona ngayo, kunokwenzeka njani ukuthanda kukaThixo emhlabeni ngendlela okwenzeka ngayo ezulwini, njengoko kukhankanywe kulo mthandazo udumileyo?” Funda uMateyu 6:9, 10, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 8.

      ◼ “Ucinga ukuba sele siphila kwixesha elichazwe kwesi siprofeto?” Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 9.

      ◼ “Abantu abaninzi bayazibuza isizathu sokuba iingxaki zoluntu ziye zisiba mandundu. Ngaba wakha wacinga ngale ngcaciso ichazwe apha?” Funda ISityhilelo 12:9, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 10.

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza umbuzo ofana nalo?” Funda uYobhi 21:7, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 11.

      ◼ “Ucinga ukuba ukusebenzisa eli cebiso livela eBhayibhileni bekuya kubanceda abantu bonwabe ezintsatsheni zabo?” Funda eyabase-Efese 5:33, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 14.

      Unokuqalisa ukufaka isifundo seBhayibhile kwingxelo yakho yentsimi wakube usiqhube kabini emva kokuba nenze ilungiselelo lesifundo naxa unesizathu sokucinga ukuba eso sifundo siya kuqhubeka.

  • Kunandiphe Ukufunda Incwadi Ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • Kunandiphe Ukufunda Incwadi Ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

      1 Sibe nemincili xa bekukhululwa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kwiiNdibano ZeSithili ‘Zokuthobela UThixo.’ Kungekudala siza kuyisebenzisa entsimini, ingakumbi ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Ngoko ke, kufuneka siyiqhele le ncwadi intsha. Sinokukwenza oko kuba siza kuyifunda kwiSifundo Sencwadi Sebandla ukususela kwiveki eqala ngoAprili 17, 2006.

      2 Umveleli weSifundo Sencwadi Sebandla uya kubuza imibuzo esekuqaleni kwesahluko ngasinye. Emva koko isifundo siza kuqhutywa kusetyenziswa imibuzo esezantsi ephepheni. Kuza kufundwa izibhalo eziyintloko zize zixutyushwe, yaye ibhokisi ethi “Oko Kufundiswa YiBhayibhile” esekupheleni kwesahluko ngasinye iya kuba luncedo ekwenzeni impinda kuba le bhokisi iqulethe iimpendulo ezisuka eBhayibhileni zemibuzo ekwintshayelelo. Uya kukuvuyela ukuphendula kuba le ncwadi igubungela imibandela ngendlela ecacileyo, elula nebangela umdla.

      3 Isihlomelo sale ncwadi sinikela iinkcukacha ngemibandela eyahlukahlukeneyo. Siza kulisebenzisa eli candelo xa izifundo zeBhayibhile zifuna iinkcukacha ezingakumbi kumbandela othile. Maxa wambi iinxalenye ezithile zesihlomelo ziza kuxutyushwa kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Yonke inkcazelo ekwisihlomelo enento yokwenza nombandela iza kufundwa ngumzalwana ofunda iziqendu kwisifundo sencwadi, yaye amanqaku amade anokugutyungelwa ngokwamacandelo. Isihlomelo asinayo imibuzo. Kodwa umveleli unokubuza imibuzo ebalaselisa iingongoma eziyintloko.

      4 Le ncwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile iza kufundwa ngesantya esikhawulezileyo kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Akulindelekanga ukuba sihambe ngesantya esifanayo xa sifunda le ncwadi nabanye, ingakumbi ukuba loo mntu unolwazi oluncinane okanye akanalo kwaphela ulwazi ngeBhayibhile. (IZe. 26:28, 29) Xa siqhuba izifundo zeBhayibhile, siya kuxubusha izibhalo ngokucokisekileyo, sicacise imizekeliso nezinye izinto. Ngoko ke zenzele usukelo lokubakho veki nganye uze ube nenxaxheba xa sifunda le ncwadi ithi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

  • Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

      Ucwangciso lwesifundo olususela kwiveki ka-Aprili 17, 2006, ukusa kwekaJanuwari 1, 2007.

      IVEKI EQALA ISAHLUKO IZIQENDU ISIHLOMELO

      NgoAprili 17 1* 1-13

      NgoAprili 24 1 14-24 iphe. 195-7

      NgoMeyi 1 2 1-17

      NgoMeyi 8 2 18-20 iphe. 199-201

      NgoMeyi 15 3 1-12

      NgoMeyi 22 3 13-24

      NgoMeyi 29 4 1-11 iphe. 197-9

      NgoJuni 5 4 12-22 iphe. 201-4

      NgoJuni 12 5 1-13 iphe. 204-6

      NgoJuni 19 5 14-22 iphe. 206-8

      NgoJuni 26 6 1-6 iphe. 208-11

      NgoJul. 3 6 7-20

      NgoJul. 10 7 1-15

      NgoJul. 17 7 16-25 iphe. 212-15

      NgoJul. 24 8 1-17

      NgoJul. 31 8 18-23 iphe. 215-18

      NgoAga. 7 9 1-9 iphe. 218-19

      NgoAga. 14 9 10-18

      NgoAga. 21 10 1-9

      NgoAga. 28 10 10-19

      NgoSept. 4 11 1-11

      NgoSept. 11 11 12-21

      NgoSept. 18 12 1-16

      NgoSept. 25 12 17-22

      Ngo-Okt. 2 13 1-9

      Ngo-Okt. 9 13 10-19

      Ngo-Okt. 16 14 1-13

      Ngo-Okt. 23 14 14-21

      Ngo-Okt. 30 15 1-14

      NgoNov. 6 15 15-20 iphe. 219-20

      NgoNov. 13 16 1-10 iphe. 221-2

      NgoNov. 20 16 11-19 iphe. 222-3

      NgoNov. 27 17 1-11

      NgoDis. 4 17 12-20

      NgoDis. 11 18 1-13

      NgoDis. 18 18 14-25

      NgoDis. 25 19 1-14

      NgoJan. 1 19 15-23

      Fundani nize nixubushe izibhalo ezicatshuliweyo kangangoko kunokwenzeka ukuba ixesha liyavuma. Zonke iziqendu, ezisencwadini nezikwisihlomelo, zifanele zifundwe. Xubushani ibhokisi ethi “Oko Kufundiswa YiBhayibhile” emva kokufunda isiqendu sokugqibela kwisahluko ngasinye.

      * Quka intshayelelo ekwiphepha 3-7.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share