Lisebenzise Ngamaxesha Onke
1. Yintoni elisinceda kuyo iphecana elithi Eyona Nyaniso?
1 Iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? lenzelwe ukusinceda siqalise izifundo zeBhayibhile. Liphinda libe sisixhobo esiphumelelayo esinokusisebenzisa ukuze sisasaze imbewu yenyaniso. (INtshu. 11:6) Nanga amanye amacebiso anokusinceda silisebenzise kakuhle eli phecana.
2. Sinokulisebenzisa njani eli phecana ukuze siqalise incoko?
2 Indlela Yokuqalisa Incoko: Unokunika umninimzi eli phecana ube sele umbonisa imibuzo emithandathu ekwiphepha lokuqala, uze uthi: “Ngaba wakha wazibuza omnye wale mibuzo?” Emva kokuba ephendule, mbonise indlela iBhayibhile ewuphendula ngayo loo mbuzo kweli phecana, uze ke umfundele esinye kwezo zibhalo zicatshuliweyo. Funda okanye ushwankathele iphepha elingasemva, wandule ke umnike incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Kwanokuba akayamkeli incwadi uya kuba elifumene eli phecana, ibe linokumnceda abe nomdla kwinyaniso.—Mat. 13:23.
3. Yintoni esinokuyenza ukuba umninimzi uxakekile?
3 Ukuba Umninimzi Uxakekile: Usenokuthi: “Ekubeni uxakeke kangaka, ndicela ukukushiyela eli phecana. Linemibuzo emithandathu esidla ngokuzibuza yona libe sele linikela impendulo engqalileyo ephuma eBhayibhileni. Xa siphinda sibonana, ndicela undazise uluvo lwakho ngoko ukufundileyo.”
4. Yintoni esinokuyithetha xa sihambisa eli phecana esitratweni?
4 Xa Sishumayela Esitratweni: Usenokuthi: “Molo. Ngaba wakha wazibuza omnye kule mibuzo? [Mlinde aphendule.] Eli phecana lineempendulo ezicacileyo, nezanelisayo ezifumaneka eBhayibhileni.” Ukuba loo mntu akangxamanga, unokuxubusha naye ngenye impendulo ekweli phecana uze umnike incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile.
5. Sinokulisebenzisa njani maxa wambi eli phecana kwimizi ekungekho bantu kuyo?
5 Xa Kungekho Bantu: Kwezinye iindawo, abavakalisi badla ngokushiya uncwadi kwimizi ekungekho bantu kuyo. Ukuba nani niyakwenza oko kwibandla lenu, kutheni ungashiyi eli phecana maxa wambi? Xa ubuyela kuloo mzi, unokuthi: “Xa besilapha kwixa elidluleyo, bekungekho mntu saza ke sakushiyela eli phecana emnyango. Nguwuphi kule mibuzo ongathanda ukufumana impendulo yawo?”
6. Yintoni ebangela ukuba eli phecana libe sisixhobo esiphumelelayo sokushumayela?
6 Eli phecana lichaza inyaniso ngendlela elula nengqalileyo. Libangela umdla kubantu bazo zonke iintlobo zonqulo neemvelaphi. Kulula gqitha ukuluhambisa; oku kunjalo nakubavakalisi abaselula nabatsha. Ngaba uyalisebenzisa ngalo lonke ixesha kuvela ithuba?