UBomi
Ingcaciso: Yimeko yokuphila eyahlula izityalo, izilwanyana, abantu nezidalwa ezingumoya kwizinto ezingaphiliyo. Ngokuqhelekileyo izinto eziphilileyo nezibonakalayo zinako ukukhula, ukutya, ukusabela kwizinto ezingaphandle ezizishukumisayo, ibe zinako ukuzala. Uhlaza lunobomi obulwenza lusebenze kodwa alunabomi ngokwendlela yokuba ngumphefumlo onengqiqo. Imiphefumlo yasemhlabeni, izilwanyana nabantu, zonke zinamandla obomi asebenzayo nazishukumisayo kwanempefumlo yokuzimasa loo mandla obomi.
Ubomi ngokwengqiqo eyiyeyona ipheleleyo, nanjengoko busetyenziswa ebantwini abanengqiqo, kukubakho ngokugqibeleleyo unelungelo kubo. Umphefumlo womntu unokufa. Kodwa abakhonzi bakaThixo abathembekileyo banethemba lobomi obungunaphakade emfezekweni—kwabaninzi babo bobasemhlabeni, ‘umhlambi omncinane’ ube sezulwini njengeendlalifa zoBukumkani bukaThixo. Akuvuselwa kubomi bokomoya, amalungu odidi loBukumkani enziwa abe ngangenakufa, uhlobo lobomi ekungeyomfuneko ukuba buzinyaswe ngayo nayiphi na into edaliweyo.
Iyintoni injongo yobomi babantu?
Into esisiseko ekufumaneni injongo kubomi bethu kukugqala uMthombo wobomi. Ukuba ubomi bebuyimveliso yento eyenzeke ngengozi engenangqiqo, ngokunyanzelekileyo, ubukho bethu bebungayi kuba nanjongo, ibe bekungayi kubakho kamva linokuthenjwa ebesinokulilungiselela. Kodwa IZenzo 17:24, 25, 28 zisazisa oku: ‘UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, nguye obanika bonke ubomi, nomphefumlo [nempefumlo, NW], nazo zonke izinto. Kuba kuye sihleli, siyashukuma, sikho.’ ISityhilelo 4:11, esibhekiswa kuThixo, songezelela oku: “Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; ngokuba inguwe owadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.” (Bona kwanephepha 350-356, phantsi komxholo omkhulu othi “UThixo.”)
Ukatyo lubangelwa likhondo lobomi elingqubanayo nokufunwa nguMdali nemigaqo yakhe yokhokelo yokuzuzwa kolonwabo. AmaGalati 6:7, 8 alumkisa ngelithi: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni.”—KwanamaGalati 5:19-21. (Bona kwanomxholo omkhulu othi “UkuZilawula.”)
Isono esizuzw’ ilifa kuAdam sithintela abantu bangabunandiphi ubomi ngoku njengoko uThixo wayenaloo njongo ekuqalekeni. AmaRoma 8:20 athi, ngenxa yomgwebo kaThixo owalandela isono sika-Adam, “indalo [uluntu] yalulanyiselwa kokungelutho.” Ethetha ngeyakhe imeko njengomntu onesono, umpostile uPawulos wabhala oku: “Mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono. Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am. Athi ke mna, mntu uludwayi!”—Roma 7:14, 19, 22-24.
Sifumana olona lonwabo lukhulu lunokubakho ngoku ibe ubomi bethu buba nentsingiselo engakumbi xa siyisebenzisa imigaqo yeBhayibhile size sikubeke kuqala ukwenza ukuthanda kukaThixo. Asimphuculi uThixo ngokumkhonza; usifundisa ‘okungasincedayo.’ (Isa. 48:17) IBhayibhile iluleka ngelithi: “Qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.”—1 Kor. 15:58.
IBhayibhile isibekela ithemba lobomi obungunaphakade emfezekweni ukuba sinokholo kumalungiselelo kaYehova obomi size sihambe ezindleleni zakhe. Elo themba linesiseko esiqinileyo; aliyi kusikhokelela ekudaneni; umsebenzi ovisisana nelo themba unokuzalisa ubomi bethu ngentsingiselo yokwenene kwanangoku.—Yoh. 3:16; Tito 1:2; 1 Pet. 2:6.
Ngaba abantu babenzelwe nje ukuphila iminyaka embalwa baze ke bafe?
Gen. 2:15-17: “UYehova uThixo wamthabatha umntu [uAdam], wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.” (Apha uThixo wathetha ngokufa, kungekhona njengemeko eyayingenakuphepheka, kodwa njengento eyayiya kubangelwa sisono. Wayebongoza uAdam ukuba akuphephe. Thelekisa amaRoma 6:23.)
Gen. 2:8, 9: “UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile. UYehova wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi.” (Emva kwesono sika-Adam isibini esingabantu sagxothwa e-Eden ukuze singatyi kumthi wobomi, ngokutsho kweGenesis 3:22, 23. Ngoko kubonakala ukuba ukuba uAdam wahlala emthobele uMdali wakhe, ekuhambeni kwexesha uThixo ngewayemvumele wadla kulo mthi njengomqondiso wokuzingqina kwakhe ekufanelekele ukuphila ngonaphakade. Ubukho bomthi wobomi e-Eden babubonisa ithemba elinjalo.)
INdu. 37:29: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (Eli dinga liyayicacisa into yokuba injongo kaThixo esisiseko ngomhlaba noluntu ayikaguquki.)
Bona kwanephepha 104, phantsi komxholo omkhulu othi “UkuFa.”
Kodwa kwimeko yethu namhlanje, ngaba ukuphila okufutshane, okudla ngokuphazanyiswa kukubandezeleka, bubomi ekucetyelwe ukuba sibuphile?
Roma 5:12: “Njengokuba isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.” (Oko koko thina sonke sakuzuz’ ilifa, kungekhona ngenxa yokuba uThixo wayenenjongo yako, kodwa kwakungenxa yesono sika-Adam.) (Bona kwanomxholo omkhulu othi “IliShwa.”)
Yobhi 14:1: “Umntu, into ezelwe ngumfazi, imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.” (Ngomlinganiselo omkhulu oku kuluphawu lobomi kule nkqubo yezinto ingafezekanga.)
Noko ke, kwanaphantsi kwezi meko ubomi bethu bunokonwabisa ngokuvuzayo, buzaliswe yintsingiselo. Bona umbandela okwiphepha 80, 81 ongenjongo yobomi babantu.
Ngaba ubomi emhlabeni buyindawo yokugqiba ngabo baya kuya ezulwini?
Bona iphepha 427-433, phantsi komxholo omkhulu othi “IZulu.”
Ngaba sinawo umphefumlo ongafiyo oqhubeka uphila emva kokufa komzimba wenyama?
Bona iphepha 283-287, phantsi komxholo omkhulu othi “UmPhefumlo.”
Kungokwasiphi isizinzi anokuthi nabani na abe nethemba lokufumana okungaphezulu kunobomi bakhe bobuntu obufutshane nobukhoyo ngoku?
Mat. 20:28: “Kwanjengokuba uNyana woMntu [uYesu Kristu] engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”
Yoh. 3:16: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.”
Heb. 5:9: “Waza [uYesu Kristu], egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo.” (KwanoYohane 3:36)
Liya kuzaliseka njani ithemba lobomi bexesha elizayo?
Ize. 24:15: “Ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.” (Oku kuya kuquka abantu abathe ngokuthembekileyo bakhonza uThixo kwixa elidluleyo kwanabaninzi abangazange bazi okwaneleyo ngoThixo oyinyaniso ukuze bamkele iindlela zakhe okanye bazichase.)
Yoh. 11:25, 26: “Wathi uYesu kuye, [udade bomfo awathi emva koko wambuyisela ebomini], Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?” (Ngoko, ngaphandle kwethemba lovuko, uYesu wathembisa ngenye into ebantwini abaya kube bephila ngexesha laxa kufika isiphelo sehlabathi elikhoyo elingendawo. Abo banethemba lokuba ngabalawulwa basemhlabeni boBukumkani bukaThixo banethemba lokusinda nelokungaze bafe konke konke.)
Ngaba kukho nabuphi na ubungqina kwindlela owenziwe ngayo umzimba womntu ukubonisa ukuba wawuyilelwe ukuphila ngonaphakade?
Ngokubanzi kuyaqondwa ukuba amandla obuchopho bomntu abodlula lee nakuphi na esikwenzayo ebudeni bexesha lethu langoku lobomi, enoba siphila side sibe neminyaka engama-70 okanye kwaneli-100 ubudala. IEncyclopedia Britannica ichaza ukuba ubuchopho bomntu “bunamandla angakumbi kunokuba kunokuqondwa ebudeni bobomi bomntu.” (1976, Umqu. 12, iphe. 998) Isazinzulu uCarl Sagan sachaza ukuba ubuchopho bomntu bunokugcina inkcazelo enganako “ukuzalisa imiqulu enokuba zizigidi ezingamashumi amabini, elingana naleyo ikweyona mizi yogcino-ncwadi mikhulu emhlabeni.” (Cosmos, 1980, iphe. 278) Sithetha ngamandla obuchopho bomntu “okugcina ulwazi,” isazi ngemichiza yomzimba uIsaac Asimov sabhala ngelithi “bukwazi kakuhle ukusingatha nawuphi na umthwalo wemfundo nokukhumbula ekungenzeka umntu awuthwalise bona—ibe bungenjenjalo izihlandlo eziliwaka lesigidi ngaphezu kweso sixa.”—The New York Times Magazine, Oktobha 9, 1966, iphe. 146. (Kutheni le nto ubuchopho bomntu banikwa amandla anjalo ukuba babungayi kusetyenziswa? Ngaba akukho ngqiqweni ukuba abantu, abanamandla angapheliyo okufunda, babe enyanisweni babenzelwe ukuba baphile ngonaphakade?)
Ngaba bukho ubomi kwezinye izijikelezi-langa?
IThe New York Times ithi: “Ukufunwa kwezidalwa ezinengqiqo kwenye indawo kwindalo iphela . . . kwaqalisa kwiminyaka engama-25 eyadlulayo . . . Lo msebenzi ukhwankqisayo, oquka ukuhlolisiswa kwamakhulu amawaka ezigidi zeenkwenkwezi, ukuza kuthi ga ngoku awunikanga bungqina bucacileyo bokuba zikho izidalwa ezingaphaya koMhlaba.”—Julayi 2, 1984, iphe. A1.
IThe Encyclopedia Americana ithi: “Azikho ezinye izijikelezi-langa [ezingaphandle kwiphahlothi lelanga] ngokuqinisekileyo eziye zafunyanwa. Kodwa kwisijikelezi-langa ngasinye esisenokuba singaphandle kwiphahlothi lelanga, kusenokwenzeka ukuba ubomi baqalisa baza baguqukela ekubeni yimpucuko ehambele phambili.” (1977, Umqu. 22, iphe. 176) (Njengoko kubonisiwe kula mazwi, ngaba kunokwenzeka ukuba intshukumisa ephambili ekufuneni ubomi esithubeni nokuchitha imali ngokugqithiseleyo kungumnqweno wokufumana ubungqina obuthile bengcamango yendaleko, ubungqina obuthile bokuba umntu wayengadalwanga nguThixo ibe engamele aziphendulele Kuye?)
IBhayibhile ityhila ukuba ubomi kulo mhlaba asikuphela kobomi obukhoyo. Kukho izidalwa zokomoya—uThixo nezithunywa zezulu—eziphakame ngokugqithiseleyo emntwini ngokwengqondo nangamandla. Sele zinxibelelene noluntu, zicacisa imvelaphi yobomi noko isicombululo sikuko kwiingxaki ezicinezelayo ezijongene nehlabathi. (Bona umxholo omkhulu othi “IBhayibhile” nothi “UThixo.”)