Ama-Amon—Abantu Ababuyekeza Ububele Ngentiyo
ISIXEKO sezi mini esibizwa ngokuba yiAmman, esilikomkhulu lobukumkani bamaHashem aseYordan, sisikhumbuza abantu abanyamalalayo emhlabeni. Babebizwa ngokuba ngama-Amon. Ayengoobani, yaye sinokufunda ntoni ngokuwohloka kwawo?
Ama-Amon ayeyinzala kaLote indoda eyayililungisa. (Genesis 19:35-38) Ekubeni uLote wayengumtshana ka-Abraham, usenokuthi ama-Amon ayengabazala kumaSirayeli. Noko ke, inzala kaLote yaguqukela kunqulo loothixo bobuxoki. Sekunjalo, uYehova uThixo waqhubeka enomdla kuyo. Njengoko uhlanga lwakwaSirayeli lwalusondela kwiLizwe Ledinga, uThixo walulumkisa esithi: “Uze ungababandezeli, [abakwa-Amon] uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.”—Duteronomi 2:19.
Ngaba ama-Amon abuxabisa obo bubele? Ngokuchaseneyo noko, akazange avume ukuba uYehova uwaphe nayiphi na into. Umdla wobubele kaThixo kuwo awubuyekeza ngentiyo egqithiseleyo kubantu bakaThixo, amaSirayeli. Nangona amaSirayeli awuthobelayo umyalelo kaThixo aza akawahlasela, ama-Amon nabazalwana bawo abangamaMowabhi aziva esongelwa. Liyinyaniso elokuba ama-Amon akazange ahlasele ngomkhosi, kodwa aqesha umprofeti ogama linguBhileham aza amcela ukuba aqalekise amaSirayeli!—Numeri 22:1-6; Duteronomi 23:3-6.
Kwandula ke kwenzeka into engaqhelekanga. IBhayibhile isixelela ukuba uBhileham akazange akwazi ukuwaqalekisa. Kuphela wawasikelela, esithi: “Mabasikelelwe abakusikelelayo, baqalekiswe abakuqalekisayo.” (Numeri 24:9) Abo babebandakanyekile, kuquka ama-Amon, babefanele bafunde isifundo esibalulekileyo koku: Xa abantu bakaThixo babebandakanyekile, wayekulungele ukubamela!
Noko ke, ama-Amon aqhubeka ekhangela iindlela zokuchasa amaSirayeli. Ebudeni bexesha laBagwebi, ama-Amon amanyana namaMowabhi kunye nama-Amaleki aza ahlasela iLizwe Ledinga, engena kulo de aya kufika eYeriko. Noko ke, uloyiso lwawo lwalulolwexeshana, kuba uMgwebi wakwaSirayeli uEhude wababuyisela umva abahlaseli. (ABagwebi 3:12-15, 27-30) Isivumelwano awasenzayo sokuphelisa imfazwe nesasiwaxhalabisa saqhubeka de kwayimihla yoMgwebi uYifeta. Ngelo xesha uhlanga lwamaSirayeli lwaluwele kunqulo-zithixo, ngoko uYehova wayeka ukulukhusela. Kangangeminyaka eli-18, uThixo ngaloo ndlela “wathengisa ngawo . . . esandleni soonyana baka-Amon.” (ABagwebi 10:6-9) Ama-Amon oyiswa kabuhlungu kwakhona njengoko amaSirayeli athi alulahla unqulo-zithixo aza ahlanganisana ekhokelwa nguYifeta.—ABagwebi 10:16–11:33.
Ixesha lolawulo lwabagwebi kwaSirayeli laphela ngokuthweswa isithsaba kokumkani wawo wokuqala, uSawule. Kungekudala uSawule eqalisile ukulawula intiyo yama-Amon yaqalisa kwakhona. UKumkani uNahashe wahlasela ngequbuliso kwisixeko samaSirayeli iYabheshe yaseGiliyadi. Xa amadoda eso sixeko acela ukuxolelwa, uNahashe umAmon ngenkohlakalo wanyanzelisa oku: “Ndiya kunimisela umnqophiso wokuthi, ndinikrukre nonke iliso lasekunene.” Umbhali-mbali uFlavius Josephus uthi ngokuyinxenye oku kwakusenzelwa ukuzikhusela, ukuze “xa amehlo awo asekhohlo egqunywe ngamakhaka, angakwazi ukulwa emfazweni.” Kodwa, eyona njongo yesi sisongelo sokugqibela senkohlakalo yayikukuwenza intlekisa la maSirayeli.—1 Samuweli 11:1, 2.
Kwakhona ama-Amon ayebuyekeze ububele bukaYehova ngentiyo. UYehova akazange asiphose kwelokulibala esi sisongelo. “Umoya kaYehova wamfikela ngamandla uSawule ekuwaveni kwakhe la mazwi [kaNahashe], wavutha umsindo wakhe kunene.” Phantsi kolwalathiso lomoya kaThixo, uSawule waqokelela umkhosi wamadoda angama-330 000 awathi awacokisa ama-Amon kangangokuba “akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.”—1 Samuweli 11:6, 11.
Ukuzixhalabela okubangelwa kukuzingca kwama-Amon, inkohlakalo yawo nokubawa kwawo ekugqibeleni kwakhokelela ekutshatyalalisweni kwawo ngokupheleleyo. Njengoko umprofeti kaYehova uZefaniya wayexele kwangaphambili, aba ‘njengeGomora kwaba senkangala kuwo, kude kuse ephakadeni ngokuba engcikivile, azikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi.’—Zefaniya 2:9, 10.
Iinkokeli zehlabathi zanamhlanje zifanele zikuphaphele okwenzeka kuma-Amon. Ngendlela efanayo uThixo uye ngomlinganiselo othile wabonakalisa ububele kwiintlanga ngokuzivumela ukuba zihlale esihlalweni seenyawo zakhe, umhlaba. Kodwa kunokuba ziwunyamekele umhlaba, iintlanga ezizingcayo ziyawutshabalalisa, zide zasisongela ngokusitshabalalisa ngenyukliya esi sijikelezi-langa. Kunokuba zibonakalise ububele kubanquli bakaYehova abasemhlabeni, ngokufuthi iintlanga zibonakalisa intiyo, zibatshutshisa ngokuqatha. Ngoko ke isifundo esingama-Amon sikukuba uYehova akakugqali njengento engabalulekanga ukubuyekeza ububele bakhe ngentiyo. Kwaye ngexesha lakhe elifanelekileyo, uya kuthabatha inyathelo, kanye njengokuba wenzayo kumaxesha amandulo.—Thelekisa INdumiso 2:6-12.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Amabhodlo amaRoma eAmman, inxuwa laseRabha, ikomkhulu lama-Amon
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ama-Amon ayehlala kulo mmandla
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.