IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 7/15 iphe. 15-19
  • Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Olona Phawu Lubalulekileyo—Uthando
  • Simele Simthande UYehova
  • Simele Sikuthande Oko Sikufundisayo
  • Simele Sibathande Abantu
  • Yakheka Ngenxa Yothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Mthande UThixo Okuthandayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ngaba Uya Kusabela Kuthando LukaYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • “Uze Umthande UYehova UThixo Wakho”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 7/15 iphe. 15-19

Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando

“Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.”—YOH. 7:46.

1. Abantu basabela njani kwindlela awayefundisa ngayo uYesu?

CINGA indlela ekumele ukuba kwakubangel’ imincili ngayo ukuphulaphula uYesu xa efundisa! Xa sifunda iBhayibhile siyakwazi ukubona indlela ababechukumiseka ngayo abantu ababemphulaphula. Ngokomzekelo, umbhali weVangeli uLuka uthi abantu bedolophu yakuloYesu “bamangaliswa ngamazwi amnandi awayephuma emlonyeni wakhe.” Yena uMateyu uthi abantu ababephulaphule iNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni ‘bathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa.’ UYohane usixelela ukuba amagosa awayethunyelwe ukuba aye kumbamba abuya ephaca, esithi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.”—Luka 4:22; Mat. 7:28; Yoh. 7:46.

2. Ziziphi iindlela zokufundisa ezazisetyenziswa nguYesu?

2 Loo magosa ayengaphazami. Alinakuphikiswa elokuba uYesu wayengoyena Mfundisi ubalaseleyo wakha waphila. Wayefundisa ngendlela ecacileyo, elula nengenakuphikiswa. Wayenobuchule bokusebenzisa imizekeliso nemibuzo. Wayekwazi ukwenza imfundiso yakhe ilungele nabani na awayethetha naye, kungakhathaliseki ukuba ukwisikhundla esiphezulu okanye ngumntu nje oqhelekileyo. Inyaniso awayeyifundisa yayiqondakala lula ngoxa yayinzulu. Noko ke, ayizizo ezi zinto kuphela ezamenza uYesu waba ngoyena Mfundisi ubalaseleyo.

Olona Phawu Lubalulekileyo—Uthando

3. Njengomfundisi, uYesu wayahluke njani kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe?

3 Kubabhali nabaFarisi, basenokuba babekho ababekrelekrele, ababenolwazi nobuchule bokufundisa. Yintoni ke eyabangela ukuba imfundiso kaYesu yahluke kangaka kweyabo? Iinkokeli zonqulo zelo xesha zazingabathandi abantu abaqhelekileyo. Zazibajongela phantsi, zibagqala njengabantu “abaqalekisiweyo.” (Yoh. 7:49) Ngokwahlukileyo kuzo, uYesu wayebasizela ‘ngenxa yokuba babehlinzekile, belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ (Mat. 9:36) Wayethantamisa, enovelwano nobubele. Enye into, iinkokeli zonqulo zazingamthandi ngokusuk’ entliziyweni uThixo. (Yoh. 5:42) Ukanti yena uYesu wayemthanda uYise yaye evuyiswa kukwenza ukuthanda kwakhe. Iinkokeli zonqulo zazilijika “ilizwi likaThixo” ukuze lilungele zona, ngoxa uYesu wayelithanda—elifundisa, elicacisa, elithethelela yaye ephila ngalo. (Luka 11:28) Ewe, uthando lwalusegazini kuKristu, lulawula izinto awayezifundisa, indlela awayebaphatha ngayo abantu, nendlela awayebayalela ngayo.

4, 5. (a) Kutheni kubalulekile ukufundisa ngothando? (b) Kutheni kubalulekile ukuba nolwazi nobuchule xa sifundisa?

4 Kuthekani ngathi? Njengabalandeli bakaKristu sifuna ukumxelisa kubulungiseleli bethu nakwindlela esiphila ngayo. (1 Pet. 2:21) Ngoko, injongo yethu asikokufundisa nje iBhayibhile kodwa kukubonisa iimpawu zikaYehova, ngokukodwa uthando. Enoba sinolwazi okanye ubuchule bokufundisa obungakanani na, luthando esinalo oluya kufikelela iintliziyo zabo sishumayela kubo. Ukuze siphumelele kumsebenzi wokwenza abafundi, simele sixelise uYesu, sifundise ngothando.

5 Kakade ke, ukuze sibe ngabafundisi abaphumelelayo, kufuneka siyazi into esifundisa ngayo size sibe nobuchule bokuyidlulisela kwabanye. UYesu wanceda abafundi bakhe bakwenza oko, kodwa thina namhlanje sincedwa nguYehova nentlangano yakhe. (Funda uIsaya 54:13; uLuka 12:42.) Sekunjalo, asifanele sizame ukufundisa kuphela nje ngengqondo kodwa simele sifundise nangentliziyo. Xa sisebenzisa ulwazi, ubuchule nothando, imiphumo iya kuncumisa ngakumbi. Ngoko sinokulubonisa njani uthando xa sifundisa? UYesu nabafundi bakhe balubonisa njani? Makhe sibone.

Simele Simthande UYehova

6. Sithetha njani ngomntu esimthandayo?

6 Siyakuthanda ukuthetha ngezinto esizithandayo. Xa sithetha ngento esiyithandayo, asikwazi kuzibamba yaye oko kubonakala ebusweni nakwizimbo zomzimba. Oku kuba njalo ngokukhethekileyo xa sithetha ngomntu esimthandayo. Ngokuqhelekileyo, siba nomdla wokuxelela abanye ngaloo mntu. Siyamncoma, size sithethe kakuhle ngaye. Oko sikwenzela ukuba nabanye bamthande njengathi.

7. Ukuthanda uThixo kwabangela ukuba uYesu enze ntoni?

7 Ngaphambi kokuba sikwazi ukunceda abanye bathande uYehova, simele siqale simazi yaye simthande. Ngapha koko, unqulo lokwenyaniso lusekelwe ekuthandeni uThixo. (Mat. 22:36-38) UYesu wasimisela umzekelo omhle kule nkalo. Wayemthanda uYehova ngentliziyo, ngengqondo, ngomphefumlo nangamandla akhe ephela. Wayemazi kakuhle uYise kuba waphila naye iminyaka emininzi ezulwini. Oko kwaba nayiphi imiphumo? UYesu wathi: “Ndiyamthanda uBawo.” (Yoh. 14:31) Olo thando lwalubonakala kuyo yonk’ into ayithethayo nayenzayo. Lwalubangela ukuba asoloko esenza izinto ezimkholisayo uThixo. (Yoh. 8:29) Lwamenza wazibhenca iinkokeli zonqulo ezazihanahanisa zisithi zimela uThixo. Kwakhona lwamenza ukuba athethe ngoYehova aze ancede abanye ukuba bamazi baze bamthande uThixo.

8. Ukuthanda uThixo kwabangela ukuba abafundi bakaYesu benze ntoni?

8 NjengoYesu, abafundi bakhe benkulungwane yokuqala babemthanda uYehova, yaye oko kwabangela ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo ngenkuthalo nenzondelelo. Bayizalisa iYerusalem ngemfundiso yabo nakuba babechaswa ziinkokeli zonqulo ezazinempembelelo enamandla. Abazange bayeke ukuthetha ngezinto ababezibonile nababezivile. (IZe. 4:20; 5:28) Babesazi ukuba uYehova unabo yaye uza kubasikelela—ibe wenjenjalo. Kungekapheli neminyaka engama-30 emva kokufa kukaYesu, umpostile uPawulos wathi iindaba ezilungileyo zazisele zishunyayelwe “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”—Kol. 1:23.

9. Yintoni esinokuyenza ukuze simthande ngokunzulu uThixo?

9 Ukuba sifuna ukuba ngabafundisi abaphumelelayo, kufuneka simthande ngokunzulu uThixo. Sinokukwenza njani oko? Ngokusoloko sithetha noThixo ngomthandazo. Xa sifundisisa iLizwi lakhe, iincwadi ezisekelwe kulo nangokuya kwiintlanganiso zamaKristu sibonisa ukuba simthanda ngokunzulu. Ngokuya simazi ngakumbi uThixo, siya kumthanda ngeentliziyo zethu ziphela. Njengoko sibonisa indlela esimthanda ngayo uThixo ngamazwi nangezenzo, abanye baya kukuphawula oko baze batsaleleke kuye.—Funda iNdumiso 104:33, 34.

Simele Sikuthande Oko Sikufundisayo

10. Yintoni eyenza umntu abe ngumfundisi ophumelelayo?

10 Umntu uba ngumfundisi ophumelelayo xa eyithanda into ayifundisayo. Umele akholelwe ukuba kuyinyaniso, kubalulekile yaye kuxabisekile. Ukuba ukukhathalele oko akufundisayo, ubonakala ngehlombe, nempembelelo yakhe kwabo abafundisayo. Kwelinye icala, ukuba akakuxabisi oko akufundisayo akanakulindela ukuba bona bakuxabise. Ungaze uwuthabathe lula umzekelo owumiselayo njengomfundisi weLizwi likaThixo. UYesu wathi: “Wonk’ umfundi oqeqeshwe kakuhle uya kuba njengomfundisi wakhe.”—Luka 6:40, iThe New Berkeley Version in Modern English.

11. Yintoni eyayibangela ukuba uYesu akuthande oko wayekufundisa?

11 UYesu wayeyithanda into awayefundisa ngayo. Wayesazi ukuba unento ebalulekileyo ekufuneka ayixelele abantu—inyaniso ngoYise wasezulwini, “amazwi kaThixo” ‘namazwi obomi obungunaphakade.’ (Yoh. 3:34; 6:68) Njengokukhanya okuqaqambileyo, inyaniso eyayifundiswa nguYesu yayibhenca okubi ize ibalaselise okulungileyo. Yayibanika ithemba ize ibathuthuzele abo bathobekileyo ababelahlekiswe ziinkokeli zonqulo lobuxoki nababecinezelwe nguMtyholi. (IZe. 10:38) Indlela uYesu awayeyithanda ngayo inyaniso ayaneli nje ukubonakala kwiimfundiso zakhe, kodwa ibonakala nakuzo zonke izinto awayezenza.

12. Wayevakalelwa njani umpostile uPawulos ngeendaba ezilungileyo?

12 NjengoYesu, abafundi bakhe babeyithanda yaye beyixabisa inyaniso ephathelele uYehova noKristu kangangokuba abachasi babengakwazi ukubathez’ amandla ekuxeleleni abanye ngayo. UPawulos wabhalela amaKristu aseRoma esithi: “Ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo . . . Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.” (Roma 1:15, 16) UPawulos wayekujonga njengelungelo ukuvakalisa inyaniso. Wabhala wathi: “Mna, . . . ndanikwa obu bubele bungasifanelanga, ukuze ndivakalise kuzo iintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu.” (Efe. 3:8) Akukho nzima ukuyibona indlela uPawulos awayenehlombe ngayo ngoxa wayefundisa abanye ngoYehova neenjongo zakhe.

13. Ziziphi izizathu ezibangela ukuba sizithande iindaba ezilungileyo?

13 Iindaba ezilungileyo ezikwiLizwi likaThixo zisinceda simazi uMdali wethu size sibe nolwalamano oluhle naye. Zisinika iimpendulo ezanelisayo zemibuzo ebalulekileyo ngobomi yaye zinokubutshintsha ubomi bethu, zisenze sibe nethemba zize zisomeleze ngamaxesha obunzima. Ukongezelela koko, zisibonisa indlela yokufumana ubomi obunenjongo nobungenakuze buphele. Alukho olunye ulwazi oluxabiseke nolubaluleke njengeendaba ezilungileyo. Zisisipho esingenakuthelekiswa nanto nesibangela uvuyo olungathethekiyo. Zisenza sivuye ngakumbi xa sisabelana nabanye ngazo.—IZe. 20:35.

14. Yintoni esimele siyenze ukuze sikuthande ngakumbi oko sikufundisayo?

14 Yintoni onokuyenza ukuze uzithande ngakumbi iindaba ezilungileyo? Xa ufunda iLizwi likaThixo, nqumama uze ucingisise ngoko usandul’ ukukufunda. Ngokomzekelo, khawuzibone uhamba noYesu ngoxa wayesemhlabeni eshumayela okanye uhamba nompostile uPawulos. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ukwihlabathi elitsha, ucinge ngendlela obuya kwahluka ngayo ubomi kobu sibuphilayo. Cinga ngeentsikelelo oye wazifumana ngenxa yokwamkela kwakho iindaba ezilungileyo. Ukuba uhlala uzithanda iindaba ezilungileyo, abo ushumayela kubo baya kukubona oko. Ngoko sinezizathu ezifanelekileyo zokuziphonononga izinto esizifundileyo size sinikele ingqalelo koko sikufundisayo.—Funda eyoku-1 kuTimoti 4:15, 16.

Simele Sibathande Abantu

15. Kutheni umfundisi efanele abathande abo abafundisayo?

15 Umntu okwaziyo ukufundisa ubenza bakhululeke abo abafundisayo kuze kube lula kubo ukuthetha ngezinto abazifundayo. Umfundisi onothando nobakhathaleleyo abo abafundisayo ubaxelela yonke into efanelekileyo. Ubafundisa ngokuvisisana neemeko zabo kunye nolwazi abanalo. Uyakwazi ukubona amandla abo okuqonda. Xa abafundisi bebathanda ngolo hlobo abantu ababafundisayo, nabo baya kukubona oko, baze bakunandiphe oko bakufundiswayo.

16. Ziziphi iindlela uYesu awalubonisa ngazo uthando ebantwini?

16 UYesu wayebathanda ngolo hlobo abantu. Eyona ndlela ibalaseleyo awalubonisa ngayo olo thando, yaba kukuncama ubomi bakhe njengomntu ofezekileyo ukuze basindiswe. (Yoh. 15:13) Ngexesha lobulungiseleli bakhe, uYesu wayesoloko ebanyamekela abantu, ingakumbi ngokomoya. Kunokulindela ukuba abantu beze kuye, wayehamba amakhulu eekhilomitha aye kushumayela iindaba ezilungileyo kubo. (Mat. 4:23-25; Luka 8:1) Wayenomonde yaye eziqonda iimeko zabo. Xa kufuneka ebakhalimele abafundi bakhe, oko wayekwenza ngothando. (Marko 9:33-37) Wabakhuthaza ngokubonisa kwakhe intembelo kubo ukuba babeya kuba ngabashumayeli abaphumelelayo beendaba ezilungileyo. Akakho omnye umfundisi owakha wanothando ngaphezu koYesu. Indlela awayebathanda ngayo abafundi bakhe yabangela ukuba bamthande baze bagcine imiyalelo yakhe.—Funda uYohane 14:15.

17. Abafundi bakaYesu balubonisa njani uthando kwabanye?

17 Bexelisa uYesu, abafundi bakhe babenothando nomsa ebantwini ababeshumayela kubo. Benyamezela intshutshiso yaye bebeka ubomi babo esichengeni, babenceda abanye yaye bephumelela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Babenomsa kwabo babezamkela. Achukumisa ngokwenene amazwi ompostile uPawulos athi: “Saba ngabathantamisayo phakathi kwenu, njengaxa umama oncancisayo ebaphatha ngononophelo abakhe abantwana. Ngokunjalo, ngenxa yokuba sinomsa ngani, kuye kwakholeka kuthi ukuba sininike, kungekuphela nje iindaba ezilungileyo zikaThixo, kodwa kwanemiphefumlo yethu, ngenxa yokuba naba ziintanda kuthi.”—1 Tes. 2:7, 8.

18, 19. (a) Kutheni sikulungele nje ukuzincama ukuze siqhubeke sishumayela? (b) Chaza umzekelo obonisa ukuba abantu bayalubona uthando esinalo.

18 Ngokufanayo, namhlanje amaNgqina kaYehova atyhutyha elimiweyo ekhangela abo balangazelela ukwazi uThixo nokumkhonza. Enyanisweni, kule minyaka ili-17 idlulileyo, nyaka ngamnye besichitha iiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi sishumayela yaye sisenza abafundi—ibe sisatyhalela phambili nalo msebenzi. Oku sikwenza ngokuzithandela nakubeni lo msebenzi ufuna sincame ixesha, amandla nobuncwane bethu. NjengoYesu, siyazi ukuba uBawo wethu wasezulwini onothando unqwenela ukuba abantu bafumane ulwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3; 1 Tim. 2:3, 4) Uthando lubangela ukuba sincede abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bamazi baze bamthande uYehova njengathi.

19 Abantu bayalubona uthando esinalo. Ngokomzekelo, omnye udade onguvulindlela waseUnited States usoloko ebhalela abo bafelweyo iileta, abathuthuzele. Iphendula, enye indoda yathi: “Ekuqaleni ndothuswa kukuba umntu azidube ngokubhalela umntu angamaziyo ukuze amkhuthaze ngexesha lobunzima. Ekuphela kwento endinokuyitsho kukuba uyabathanda abantu noThixo okhokelela abantu kwindlela yokuphila.”

20. Kubaluleke kangakanani ukufundisa ngothando?

20 Kudla ngokuthiwa xa usenza izinto uqhutywa luthando, imiphumo yoko iyancumisa. Xa sifundisa, sizabalazela ukunceda abantu bamazi uYehova baze bamthande ngokusuka entliziyweni. Ukuze sibe ngabafundisi abaphumelela ngokwenene, kufuneka simthande uThixo, sithande inyaniso kunye nabantu. Njengoko sizabalazela ukubonisa olo thando kubulungiseleli bethu, asaneli nje kukuvuyiswa kukupha, kodwa sivuyiswa nakukwazi ukuba sixelisa uYesu yaye siyamkholisa uYehova.

Ungaphendula Uthini?

• Njengoko sishumayela iindaba ezilungileyo kwabanye, kutheni kubalulekile nje ukuba . . .

sithande uThixo?

sithande oko sikufundisayo?

sithande abantu esibafundisayo?

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Yintoni eyayisenza ukuba indlela awayefundisa ngayo uYesu yahluke kuleyo yababhali nabaFarisi?

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ukuze ube ngumfundisi ophumelelayo, kufuneka ube nolwazi, ubuchule, yaye ngaphezu kwako konke ube nothando

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share