IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 7/15 iphe. 19-23
  • Xelisa UYesu—Ushumayele Ngesibindi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xelisa UYesu—Ushumayele Ngesibindi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Isibindi Ukuze Sijamelane Nobutshaba
  • Uthando Lwabangela Ukuba UYesu Ashumayele Ngesibindi
  • Umoya Oyingcwele Usinika Amandla Okushumayela Ngesibindi
  • Namhlanje AmaKristu Ashumayela Ngesibindi
  • Ngaba Ushumayela Ngenkalipho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • ‘Lithethe Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Qhubeka Uthetha Ilizwi LikaThixo Ngenkalipho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Isibindi
    Bathande Abantu—Yenza Abafundi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 7/15 iphe. 19-23

Xelisa UYesu—Ushumayele Ngesibindi

‘Wasomeleza ukuze sizithethe kuni iindaba ezilungileyo.’—1 TES. 2:2.

1. Kutheni zimnandi kangaka nje iindaba ezilungileyo zoBukumkani?

AKUKHO nto imnandi njengokuva iindaba ezilungileyo. Kodwa ezona zimnandi ngakumbi ziindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ezi ndaba zilungileyo ziyasiqinisekisa ukuba ukubandezeleka, ukugula, intlungu, usizi nokufa kuya kuphela. Zisinika ithemba lobomi obungunaphakade, zityhile injongo kaThixo, zize zisibonise indlela yokuba nolwalamano oluhle naye. Usenokucinga ukuba bonke bantu babenomdla kwiindaba ezilungileyo ezashunyayelwa nguYesu. Okubuhlungu kukuba, akunjalo.

2. Chaza oko kuthethwa ngamazwi kaYesu athi: “Ndize kwahlukanisa.”

2 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Musani ukucinga ukuba ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa, kungekhona uxolo, kodwa ikrele. Kuba ndize kwahlukanisa indoda noyise, intombi nonina, umfazana noninazala. Eneneni, iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe.” (Mat. 10:34-36) Kunokuba bazamkele iindaba ezilungileyo, abantu abaninzi bayazigatya. Abanye bade babe ziintshaba zabo bazishumayelayo nangona bengamalungu asondeleyo eentsapho zabo.

3. Yintoni ekufuneka sibe nayo ukuze sifeze umsebenzi wethu wokushumayela?

3 Sivakalisa inyaniso eyayivakaliswa nguYesu, yaye xa abantu beyiva basabela ngendlela abasabela ngayo abaninzi ngomhla kaYesu. Akusothusi oko. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yoh. 15:20) Kumazwe amaninzi asitshutshiswa ngokuphandle, kodwa siye sidibane nabantu abasigculelayo nabangenamdla. Ngenxa yoko, kufuneka sibe nokholo nenkalipho ukuze sikwazi ukunyamezela xa sishumayela iindaba ezilungileyo ngesibindi.—Funda eyesi-2 kaPetros 1:5-8.

4. Kutheni kwakufuneka uPawulos ‘omelele’ ukuze akwazi ukushumayela?

4 Mhlawumbi akho amaxesha ekukhe kube nzima ukushumayela, okanye uzive usoyika. Ukuba kunjalo, akuwedwa. Umpostile uPawulos wayengumshumayeli onesibindi, owayeyazi kakuhle inyaniso, kodwa ngamany’ amaxesha kwakukhe kube nzima nakuye. Ebhalela amaKristu aseTesalonika, wathi: “Emva kokuba siqale ngokubandezeleka saza saphathwa ngokusa eFilipi (kanye njengokuba nisazi), uThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tes. 2:2) Abasemagunyeni baseFilipi bamtywatyusha uPawulos nogxa wakhe uSilas, babaphosa entolongweni, baza babagcina ezitokisini. (IZe. 16:16-24) Sekunjalo, uPawulos noSilas ‘bomelela’ baza baqhubeka beshumayela. Singenza ntoni thina ukuze somelele? Ukuze sifumane impendulo, makhe siqwalasele oko kwanceda abakhonzi bakaThixo kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile baba nesibindi sokuthetha inyaniso ngoYehova, size sibone nendlela esinokubaxelisa ngayo.

Kufuneka Isibindi Ukuze Sijamelane Nobutshaba

5. Kutheni abantu abanyanisekileyo kuYehova kusoloko kufuneka babe nesibindi?

5 Kakade ke, uYesu Kristu ngoyena wamisela umzekelo omhle wokuba nesibindi. Ukususela ekuqaleni kwembali yabantu, bonke abo banyanisekileyo kuYehova bekufuneka babe nesibindi. Ngoba? Emva kwemvukelo yase-Eden, uYehova waxela kwangaphambili ukuba kuza kubakho ubutshaba phakathi kwabo bakhonza uThixo nabo bakhonza uSathana. (Gen. 3:15) Kungekudala obu butshaba babonakala xa uAbheli, indoda elilungisa, yabulawa ngumkhuluwa wayo. Kamva, noEnoki, indoda eyayithembekile neyayiphila ngaphambi koMkhukula, yathiywa. Waprofeta esithi uThixo uya kuza namashumi amawaka akhe angcwele aze atshabalalise abangenabuthixo. (Yude 14, 15) Ngokuqinisekileyo esi sigidimi sakhe asizange sithandwe ngabaninzi. Bamthiya uEnoki ibe kuyacaca ukuba ngebabembulele ukuba uYehova wayengamthabathanga. UEnoki waba nesibindi esingummangaliso.—Gen. 5:21-24.

6. Kwakutheni ukuze kufuneke uMoses abe nesibindi xa wayethetha noFaro?

6 Cinga nangesibindi esaboniswa nguMoses xa wayethetha noFaro, umlawuli owayengagqalwa njengommeli woothixo, kodwa owayegqalwa njengothixo, unyana wothixo welanga uba. Kusenokwenzeka ukuba naye, njengabanye ooFaro wayenqula owakhe umfanekiso. Kwakungekho mntu unokuwuphikisa umthetho wakhe. Ekubeni wayenamandla, enekratshi, yaye eneenkani, wayengenakuxelelwa mntu ukuba makenze ntoni. Yile ndoda ke ekwafuneka ukuba uMoses, umalusi olulamileyo, amane esiya kuma phambi kwayo ingambizanga aze afike engamkelekanga. Waprofeta ngantoni uMoses? Ngezibetho ezibuhlungu. Yintoni kanye awayeyifuna? Wayefuna ukuba uFaro akhulule izigidi zamakhoboka akhe ziphume kwelo lizwe. Ngaba oku kwakufuna abe nesibindi? Ngokuqinisekileyo.—Num. 12:3; Heb. 11:27.

7, 8. (a) Abakhonzi abathembekileyo bamandulo bajamelana naziphi izilingo? (b) Yintoni eyabangela ukuba abo babephila ngaphambi kwexesha lobuKristu babe nesibindi sokubambelela kunqulo olunyulu nokuluhambisela phambili?

7 Kwiinkulungwane ezalandelayo, abaprofeti nabanye abakhonzi abathembekileyo bakaThixo baqhubeka benesibindi ukuze bamele unqulo olunyulu. Ihlabathi likaSathana lalingenalusini kubo. UPawulos uthi: “Baxulutywa ngamatye, balingwa, banqunqwa ngesarha, bafa ngokubulawa ngogonyamelo ngekrele, babehambahamba ngeemfele zeegusha, ngeemfele zeebhokhwe, ngoxa babeswele, besezimbandezelweni, bephatheke kabuhlungu.” (Heb. 11:37) Yintoni eyanceda abo bakhonzi bakaThixo ukuba bame beqinile? Kwiindinyana ezingaphambili, umpostile wachaza into eyanceda uAbheli, uAbraham, uSara nabanye, bakwazi ukunyamezela. Wathi: ‘Abazange bayifumane inzaliseko yazo izithembiso, kodwa ngokholo bazibona zisekude, bazithakazelela.’ (Heb. 11:13) Akuthandabuzeki ukuba, nabo abaprofeti abafana noEliya, uYeremiya nabanye abathembekileyo ababephila ngaphambi kwexesha lobuKristu, banyamezela baza balumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso, ngenxa yokuba bagcina amehlo abo etsoliswe kwizithembiso zikaYehova.—Tito 1:2.

8 Abo bakhonzi bathembekileyo babephila ngaphambi kwexesha lobuKristu babekhangele kwikamva eliqaqambileyo nelivuyisayo. Emva kokuvuswa kwabo, umbingeleli uKristu uYesu nababingeleli abangaphantsi kwakhe abali-144 000, baya kubenza bafezeke baze ‘bakhululwe ekukhotyokisweni kukonakala.’ (Roma 8:21) Ngaphezu koko, uYeremiya nabanye abakhonzi bakaThixo ababenesibindi bamandulo bomelezwa sisiqinisekiso sikaThixo esachazwa nguYeremiya esithi: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” (Yer. 1:19) Nathi namhlanje, somelezwa zizithembiso zikaThixo eziphathelele ikamva nasisiqinisekiso sokuba uya kusikhusela.—IMize. 2:7; funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:17, 18.

Uthando Lwabangela Ukuba UYesu Ashumayele Ngesibindi

9, 10. UYesu wasibonisa njani isibindi phambi (a) kweenkokeli zonqulo, (b) kwebutho lamajoni, (c) kombingeleli omkhulu, (d) koPilato?

9 UYesu onguMzekelo wethu wabonisa isibindi ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, nangona wayethiyiwe ngabo basemagunyeni nababenempembelelo ebantwini, akazange akungxenge oko uThixo wayefuna kwaziwe ngabantu. Engoyiki wazibhenca iinkokeli zonqulo ezinamandla ngokuzenza kwazo amalungisa nangeemfundiso zazo zobuxoki. Oko wakwenza ngokungqalileyo. Ngesinye isihlandlo wathi: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninentsobi yamangcwaba aqatywe mhlophe, ngaphandle eneneni abonakala emahle kodwa ngaphakathi azele ngamathambo abantu abafileyo nalo lonke uhlobo lokungahlambuluki. Ngaloo ndlela nani, ngaphandle eneneni, nibonakala ningamalungisa ebantwini, kodwa ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchas’ umthetho.”—Mat. 23:27, 28.

10 Xa wayerhangqwe libutho lamajoni kumyezo waseGetsemane, ngesibindi uYesu wawachazela ukuba ungubani. (Yoh. 18:3-8) Kamva wasiwa kwiSanhedrin waza waphekw’ esophulwa ngemibuzo ngumbingeleli omkhulu. Nakuba wayesazi ukuba umbingeleli omkhulu ufuna into anokumbamba ngayo ukuze abulawe, engoyiki uYesu wazichaza ukuba unguKristu noNyana kaThixo. Wongezelela ngelithi baya kumbona “ehleli ngakwisandla sasekunene samandla.” (Marko 14:53, 57-65) Kungekudala emva koko, uYesu wema phambi koPilato owayenokumkhulula. Kodwa uYesu akazange akhuphe nelimdaka xa wayetyholwa. (Marko 15:1-5) Konke oku kwakufuna ukuba abe nesibindi.

11. Ukuba nesibindi kunxulumene njani nothando?

11 UYesu wathi kuPilato: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yoh. 18:37) UYehova wathuma uYesu ukuba ashumayele iindaba ezilungileyo, yaye wakuvuyela oko kuba wayemthanda uYise osezulwini. (Luka 4:18, 19) Kwakhona uYesu wayebathanda abantu. Wayesazi ukuba batsala nzima. Ngokufanayo, nathi sishumayela ngesibindi ngenxa yokuba siyamthanda uThixo nommelwane.—Mat. 22:36-40.

Umoya Oyingcwele Usinika Amandla Okushumayela Ngesibindi

12. Yintoni eyabavuyisayo abafundi benkulungwane yokuqala?

12 Kwiiveki ezimbalwa emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe babevuya kuba uYehova wayesongezelela abafundi abangakumbi. Kusuku nje olunye, kwabhaptizwa amaYuda nabo babeguqukele ebuYudeni abangama-3 000 ababevela kumazwe amaninzi, beze kubhiyozela iPentekoste eYerusalem. Abantu bamele ukuba babengawuval’ umlomo ngeso siganeko. IBhayibhile ithi: “Yonke imiphefumlo yafikelwa luloyiko, yaye kwenzeka imihlola nemiqondiso emininzi ngabapostile.”—IZe. 2:41, 43.

13. Kwakutheni ukuze abazalwana bathandazele ukuba nesibindi, yaye waba yintoni umphumo?

13 Iinkokeli zonqulo zavutha ngumsindo zaza zavalela uPetros noYohane entolongweni, zabagcina apho ubusuku bonke, zabaxelela ukuba bangaphindi bathethe ngoYesu. Emva kokuba bekhululwe, aba babini baxelela abazalwana ngoko kwenzekileyo, baza bonke bathandazela intshutshiso ababejamelene nayo besithi: “Yehova, . . . wanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho.” Waba yintoni umphumo? “Bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye babelithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.”—IZe. 4:24-31.

14. Umoya oyingcwele usinceda njani kumsebenzi wethu wokushumayela?

14 Phawula ukuba yayingumoya oyingcwele kaYehova onamandla owanceda abafundi ukuba balithethe ngesibindi ilizwi likaThixo. Asinakuzingomb’ isifuba ngokuba nenkalipho yokuthetha ngenyaniso nabanye, kwanabo basichasayo isigidimi sethu. UYehova unako ukusinika umoya wakhe oyingcwele ukuba siyawucela. Ngoncedo lukaYehova, nathi sinokuba nesibindi sokujamelana nenkcaso ngokuphumelelayo.—Funda iNdumiso 138:3.

Namhlanje AmaKristu Ashumayela Ngesibindi

15. Inyaniso ibahlula njani abantu namhlanje?

15 Njengakwixa elidluleyo, namhlanje inyaniso isaqhubeka isahlula abantu. Abanye basabela kakuhle, ngoxa abanye bengaluqondi yaye bengaluxabisi unqulo lwethu. Abanye bayasigxeka, basigculele, okanye basithiye, kanye njengokuba uYesu waprofetayo. (Mat. 10:22) Ngamanye amaxesha amajelo eendaba atheth’ izinto eziphosakeleyo ngathi yaye ayasinyelisa. (INdu. 109:1-3) Sekunjalo, emhlabeni wonke, abantu bakaYehova bashumayela iindaba ezilungileyo ngesibindi.

16. Ngawaphi amava abonisa ukuba, ukuba nesibindi kunokubatshintsha abantu esishumayela kubo?

16 Ukuba nesibindi kwethu kunokubangela ukuba abantu bayitshintshe indlela abasijonga ngayo isigidimi soBukumkani. Omnye udade waseKyrgyzstan uthi: “Ngoxa ndandishumayela, enye indoda endangena emzini wayo yathi: ‘Ndiyakholelwa kuThixo kodwa andikholelwa kuThixo wamaKristu. Ukuba ukhe waphinda wangena kweli sango, ndakukufunza ngale nja!’ Emva kwayo kwakubotshelelwe inja enkulu. Kodwa xa sasikwiphulo lokuhambisa iKingdom News No. 37, enomxholo othi ‘Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!,’ ndagqiba kwelokuba ndibuyele kuloo ndlu ndinethemba lokuba ndiza kudibana namanye amalungu entsapho yaloo ndoda. Kodwa kwavula kwale ndoda. Ndakhawuleza ndathandaza kuYehova, ndaza ndathi kuyo: ‘Molo, ndiyayikhumbula incoko ebesinayo kwiintsuku ezintathu ezidluleyo, yaye ndiyayikhumbula nenja yakho. Kodwa bendingenakudlula nje, kuba njengawe nam ndikholelwa kuThixo omnye oyinyaniso. Kungekudala uThixo uza kulohlwaya unqulo olungamhloneliyo. Unokufunda okungakumbi ngoku kweli phecana.’ Ndothuka xa le ndoda ilamkela. Emva koko ndaya kwindlu elandelayo. Kwimizuzu embalwa kamva, yeza kum ibaleka iphethe le Kingdom News. Yathi: ‘Ndiyifundile. Yintoni endimele ndiyenze ukuze ndingachatshazelwa ngumsindo kaThixo?’” Yaqhutyelwa isifundo seBhayibhile, yaza yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu.

17. Isibindi esaboniswa ngomnye udade samnceda njani umfundi weBhayibhile owayesoyika abantu?

17 Ukuba nesibindi kwethu kunokukhuthaza nabanye ukuba babe naso. ERashiya omnye udade wanika umntu owayekhwele naye ibhasi iphephancwadi. Kanye ngelo xesha, kwaphakama enye indoda yalihlutha elo phephancwadi kulo dade, yalishwabanisa, yaza yaliphosa phantsi. Inkqangaza, yafuna iadresi yalo dade ngenkani yaza yathi angaze aphinde ashumayele kummandla wabo. Lo dade wacela uncedo kuYehova yaye wakhumbula amazwi kaYesu athi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba.” (Mat. 10:28) Ezolile waphakama waza wathi kuyo, “Andinakukunika iadresi yam, ibe andisoze ndiyeke ukushumayela kummandla wenu.” Emva koko wehla ebhasini. Nakuba lo dade wayengazi, kwathi kanti kuloo bhasi, ukhwele nomntu awayemqhubela isifundo seBhayibhile. Lo mfundi wayengayi kwiintlanganiso zebandla ngenxa yokoyika abantu. Emva kokuba ebone indlela anesibindi ngayo lo dade, wagqiba kwelokuba aqalise ukuya kwiintlanganiso.

18. Yintoni enokukunceda ushumayele ngesibindi, njengoYesu?

18 Kweli hlabathi lingamhloneliyo uThixo, kufuneka sibe nesibindi ukuze sikwazi ukushumayela njengoYesu. Yintoni enokukunceda? Khangela phambili kwikamva. Mthande ngakumbi uThixo nommelwane. Cela isibindi kuYehova. Mayihlale inkenteza engqondweni yakho into yokuba akuwedwa, kuba uYesu unawe. (Mat. 28:20) Umoya oyingcwele uza kukomeleza. NoYehova uza kukusikelela aze akuxhase. Ngamana singomelela size sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?”—Heb. 13:6.

Ungaphendula Uthini?

• Kutheni kufuneka abakhonzi bakaThixo babe nesibindi?

• Ngokuphathelele ukuba nesibindi sifunda ntoni . . .

kubakhonzi abathembekileyo ababephila ngaphambi kokufika kukaKristu?

kuYesu Kristu?

kumaKristu enkulungwane yokuqala?

kwamanye amaKristu namhlanje?

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ngenkalipho uYesu wazibhenca iinkokeli zonqulo

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UYehova usenza sibe nesibindi sokushumayela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share