Ngaba Uyabahlaziya Abanye?
KUMMANDLA osekupheleni kwamazantsi odederhu lweeNtaba zeAnti-Lebanon, ubona iNtaba iHermon, encopho yayo ifikelela kwiimitha ezingama-2 814 ukuphakama. Phantse wonke unyaka, incopho yeHermon igutyungelwa likhephu, nto leyo ebangela ukuba inkungu ehamba phezu kwelo khephu ijike ibe ngumbethe. Lo mbethe wehlela kwimithi yeziqhamo nemipayini esemagedukeni nakwizidiliya ezisemazantsi. Mandulo kwaSirayeli, xa kukho imbalela ende, loo mbethe uhlaziyayo wawulufumisa uhlaza.
Kwenye ingoma ephefumlelwe nguThixo, umanyano oluhlaziyayo lwabakhonzi bakaYehova lufaniswa ‘nombethe weHermon ohla phezu kweentaba zaseZiyon.’ (INdumiso 133:1, 3) Kanye njengokuba iNtaba yeHermon ifumisa uhlaza ngombethe ohlaziyayo, nathi sinokubahlaziya abantu esidibana nabo. Sinokukwenza njani oko?
Umzekelo KaYesu Wokuhlaziya
UYesu Kristu wayenempembelelo gqitha kwabanye. Ithutyana nje elingephi bekunye naye, lalibahlaziya. Ngokomzekelo, umbhali weVangeli uMarko uthi: ‘UYesu wawola abantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.’ (Marko 10:16) Hayi indlela abamele ukuba bahlaziyeka ngayo abo bantwana!
Kubusuku bakhe bokugqibela emhlabeni njengomntu, uYesu wahlamba iinyawo zabafundi bakhe. Oko kuzithoba kwakhe kumele ukuba kwazichukumisa iintliziyo zabo. Emva koko uYesu wathi: “Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.” (Yohane 13:1-17) Ewe, nabo kwakufuneka bathobeke. Nangona abapostile bengazange bakuqonde oko kwakuthethwa nguYesu ngelo xesha baza kwangobo busuku bunye baqalisa ukuphikisana ngokuba nguwuphi omkhulu phakathi kwabo, uYesu akazange abe nomsindo. Kunoko, waqiqa nabo enomonde. (Luka 22:24-27) ‘Kwanaxa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise.’ Phofu ke, “xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.” Sifanele silandele lo mzekelo kaYesu wokuhlaziya.—1 Petros 2:21, 23.
UYesu wathi: “Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mateyu 11:29) Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho ufundiswa nguYesu ngokwakhe. Abantu abahlala kummandla wakowabo bamangaliswa bakumva efundisa kwindlu yesikhungu baza bathi: “Lo mntu ubufumene phi na obu bulumko nale misebenzi yamandla?” (Mateyu 13:54) Sinokufunda okuninzi kwindlela uYesu awayebahlaziya ngayo abanye xa sijonga ubomi nobulungiseleli bakhe. Makhe siqwalasele indlela uYesu awawumisela ngayo umzekelo obalaseleyo ngentetho yakhe eyakhayo nangokusoloko elangazelela ukunceda.
Ukuhlala Uthetha Ngendlela Eyakhayo
Kulula ukuchitha isakhiwo kunokusakha. Loo mgaqo wokuchitha nokwakha uyasebenza nakwindlela esithetha ngayo. Njengabantu abangafezekanga, sonke siyasilela. UKumkani uSolomon wathi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” (INtshumayeli 7:20) Kulula ukubona amakhwiniba omnye umntu uze umthob’ isidima ngamazwi ahlabayo. (INdumiso 64:2-4) Kwelinye icala, ukuze sikwazi ukuhlala sithetha izinto ezakhayo, kufuneka sicingisise ngaphambi kokuba sithethe.
UYesu wayencokola ngezinto ezakhayo nabantu. Wayebaxelela ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani, nto leyo eyayibahlaziya ngokomoya. (Luka 8:1) Kwakhona, uYesu wabahlaziya abafundi bakhe ngokubachazela ngoYise wasezulwini. (Mateyu 11:25-27) Ayimangalisi ke ngoko into yokuba abantu babesondela kangaka kuye!
Ngokwahlukileyo koko, ababhali nabaFarisi babengazikhathalele iimfuno zabanye. UYesu wathi: “Bathanda eyona ndawo iphambili kwizidlo zangokuhlwa nezihlalo eziphambili kwizindlu zesikhungu.” (Mateyu 23:6) Eneneni, babebajongela phantsi abantu ababevakalelwa kukuba ababalulekanga, besithi: “Esi sihlwele singawaziyo uMthetho singabantu abaqalekisiweyo.” (Yohane 7:49) Ngokuqinisekileyo kwakungekho nto ihlaziyayo ngabantu abanjalo.
Into ephuma emilonyeni yethu isoloko ibonisa oko kusezingqondweni zethu nendlela esibajonga ngayo abanye. UYesu wathi: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe, kodwa umntu ongendawo uvelisa okungendawo kubuncwane bakhe obungendawo; kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Ngoko yintoni esimele siyenze ukuze siqiniseke ukuba indlela esithetha ngayo iyabahlaziya abanye?
Enye into esinokuyenza kukucinga ngaphambi kokuba sithethe. IMizekeliso 15:28 ithi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.” Ukucamngca impendulo akumele kuthabathe xesha elide. Singadanga sacinga xesha lide, sinokuyiqonda indlela abantu abaza kuvakalelwa ngayo ngento esiza kuyithetha. Sisenokuzibuza oku: ‘Ngaba le nto ndiza kuyithetha iza kuvakala kamnandi? Ngaba yenzekile okanye lulwimi nje? Ngaba ‘lilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo?’ Ngaba iya kubahlaziya ize ibakhe abo ndiza kuncokola nabo?’ (IMizekeliso 15:23) Ukuba siyabona ukuba ayakhi okanye ayikabi loxesha lakuyithetha, masizame ukuyikhupha engqondweni. Kutheni singazami ukuncokola ngenye into eyakhayo? Amazwi angacingisiswanga kakuhle afana ‘nokuhlaba kwekrele,’ ngoxa amazwi awakhayo ‘ephilisa.’—IMizekeliso 12:18.
Enye into enokusinceda kukunikel’ ingqalelo kwizinto ezenza uThixo abaxabise abo sikholwa nabo. UYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) UYehova ubona iimpawu ezintle kubo bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo—kwanakwabo sicinga ukuba baneempawu ezingathandekiyo. Xa sizabalazela ukukhangela iimpawu zabo ezintle, siya kuba nesizathu sokuthetha kakuhle ngabo.
Nceda Abanye
UYesu wayeyiqonda kakuhle imeko yabantu abacinezelweyo. Wathi “akubona izihlwele wazisizela, ngenxa yokuba zazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) UYesu akazange anele kukuyibona nje loo meko ilusizi zazikuyo; kodwa wenza okuthile ukuze azincede. Wazimema esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.” Kwakhona waziqinisekisa ngala mazwi: “Idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28, 30.
Namhlanje, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Abanye abantu basindwa ‘ngamaxhala ale nkqubo yezinto.’ (Mateyu 13:22) Abanye banxunguphaliswa ziimeko zobuqu. (1 Tesalonika 5:14) Sinokubahlaziya njani abantu abanjalo? NjengoKristu, sinokuyenza lula imithwalo yabo.
Indlela abanye abantu abayothula ngayo imithwalo esemagxeni abo kukuncokola ngeengxaki zabo. Ukuba kufika abantu abantliziyo zityumkileyo befuna sibancede, ngaba sibaphulaphula ngenyameko? Ukuze ube ngumphulaphuli onovelwano kufuneka uziqeqeshe. Kufuneka unikel’ ingqalelo kwinto ethethwayo, kunokuba ube ucinga ukuba kanene ndimele ndisabele njani kule meko okanye ndimele ndiyicombulule njani le ngxaki. Xa siphulaphula kakuhle, simjonge emehlweni lowo sithetha naye, side sincume nokuncuma xa kufanelekile, sibonisa inkathalo.
Kwibandla lamaKristu, sinamathuba amaninzi okukhuthaza abo sikholwa nabo. Ngokomzekelo, xa sikwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani, sinokuya kwabo bakhathazwa yimpilo. Maxa wambi sinokubakhuthaza ngemizuzwana nje embalwa ngaphambi okanye emva kweentlanganiso. Ukanti simele singabalibali nabo bangabonakaliyo kwiZifundo Zencwadi Zebandla esiya kuzo. Mhlawumbi sinokubafowunela sizama ukuqonda ngentlalo-ntle yabo okanye sibancede.—Filipu 2:4.
Abadala abangamaKristu banembopheleleko enzima ebandleni. Sinokuwenza lula umthwalo wabo ngokuba sisebenzisane nabo size senze nasiphi na isabelo abasinika sona. ILizwi likaThixo lisibongoza ngala mazwi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.” (Hebhere 13:17) Ukuba sinomdla kwizinto abafuna sizenze, sinokubahlaziya abo ‘bongamela ngendlela entle.’—1 Timoti 5:17.
Qhubeka Uthetha Ngendlela Eyakhayo Uze Uncede Abanye
Umbethe ohlaziyayo ubangelwa ngamaqabaza angenakubaleka achaphazayo, mhlawumbi angaziwayo nokuba avela phi. Ngokufanayo asinakubahlaziya abantu ngesenzo nje esinye sobubele kodwa banokuhlaziyeka xa siqhubeka sibonisa iimpawu zikaKristu ngamaxesha onke.
Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Masisisebenzise esi siluleko sikaPawulos. Ngamana indlela esithetha nesenza ngayo izinto ingabahlaziya abanye.
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Umbethe weNtaba iHermon—ufumisa uhlaza ukuze luhlaziyeke
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukuphulaphula ngovelwano kuyabahlaziya abanye