Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2024 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
SEPTEMBA 2-8
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 79-81
Bonisa Uthando Ngegama LikaYehova Elizukileyo
Intlawulelo—“Isipho Esigqibeleleyo” Esivela KuBawo
5 Thina, sinokubonisa njani ukuba siyalithanda igama likaThixo? Ngendlela esenza ngayo izinto. UYehova ufuna sibe ngcwele. (Funda eyoku-1 kaPetros 1:15, 16.) Loo nto ithetha ukuba kufuneka sinqule uYehova kuphela kwaye simthobele ngentliziyo epheleleyo. Kwanaxa sitshutshiswa, sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze siphile ngemigaqo nangemithetho yakhe yobulungisa. Xa sisenza izinto ezilungileyo, silwenza lukhanye ukhanyiselo lwethu kwaye siyalizukisa igama likaThixo. (Mat 5:14-16) Njengabantu abangcwele, singqina ngendlela esiphila ngayo ukuba imithetho kaYehova ilungile nokuba izityholo zikaSathana zibubuxoki. Ekubeni sonke sizenza iimpazamo, siye siguquke ngokwenene kuzo size siyilahle loo mikhwa ingcolisa igama likaYehova.—Nd 79:9.
Roma 10:13—“Obiza Egameni LeNkosi”
Amazwi athi “othembela egameni likaYehova” aseBhayibhileni akathethi nje ukwazi igama likaThixo nokulisebenzisa xa simkhonza. (INdumiso 116:12-14) Athetha nokumthemba uThixo sazi ukuba nguye oza kusinceda.—INdumiso 20:7; 99:6.
Igama likaThixo lalibalulekile nakuYesu Kristu. Amazwi okuqala awawathetha kumthandazo wakhe ayesithi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho,” okanye lenziwe libe ngcwele. (Mateyu 6:9) UYesu wabonisa nokuba xa sifuna ukufumana ubomi obungunaphakade sifanele silazi igama likaThixo, simthobele size simthande.—Yohane 17:3, 6, 26.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 111
UYosefu
Igama LikaYosefu Linikwe Udumo. UYosefu yayingoyena udumileyo koonyana bakaYakobi ibe ngenxa yoko kwakusengqiqweni ukuba ngamanye amaxesha kusetyenziswe igama lakhe xa kubhekiselwa kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli (INd 80:1) okanye kwabo babe yinxalenye yobukumkani basemntla. (INd 78:67; Amo 5:6, 15; 6:6) Eli gama likhona nakwiziprofeto seBhayibhile. Kumbono kaHezekile osisiprofeto, ilifa likaYosefu ziziqwenga zomhlaba ezimbini (Hez 47:13), enye yeegeyithi zesixeko esibizwa ngokuba “UYehova Ulapho” ithiywe ngegama likaYosefu (Hez 48:32, 35), ibe xa kuthethwa ngendlela uYehova aza kuphinda abamanyanise ngayo abantu bakhe uYosefu uchazwa njenge nkosi yenxalenye yezizwe zakwaSirayeli aze uYuda abe yinkosi yenye inxalenye. (Eze 37:15-26) Isiprofeto sikaObhadiya sabonisa ukuba “indlu kaYosefu” yayizakuba nesandla ekutshatyalalisweni ‘kwendlu kaEsawu (Obha 18), isiprofeto sikaZekariya sona sithetha ngokusindiswa ‘kwendlu kaYosefu nguYehova.’ (Zek 10:6) Endaweni kaEfrayim, uYosefu ubaliwe kwizizwe zikaSirayeli wokomoya.—ISi 7:8.
Into yokuba uYosefu ebaliwe kwizizwe zakwaSirayeli kwiSityhilelo 7:8 ibonisa ukuba isiprofeto esingomandlalo wokufa kaYakobi sibhekisela kuSirayeli wokomoya. Kuyaphawuleka kengoko ukuba Lowo Unamandla kaYakobi, uYehova uThixo, usinike uYesu Kristu njengoMalusi Olungileyo owanikela ngobomi bakhe ngenxa “yezimvu” (Yoh 10:11-16) UKristu Yesu ulilitye lekona elisisiseko apho itempile kaThixo ebunjwa nguSirayeli wokomoya ihleli khona. (Efe 2:20-22; 1Pe 2:4-6) Ibe loMalusi, eliLitye likunye noThixo uSomandla.—Yoh 1:1-3; IZe 7:56; Heb 10:12; thelekisa Gen 49:24, 25.
SEPTEMBA 9-15
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 82-84
Zixabise Izinto Okwazi Ukumenzela Zona UYehova
Yintoni Esinokuyifunda Kwiintaka Zezulu?
Zaziqhelekile iinkonjane kubantu baseYerusalem, kuba iindlwane zazo zazizenza phakathi kophahla nodonga lwendlu. Ezinye zazizenza etempileni kaSolomon. Kusenokwenzeka ukuba iinkonjane ezazisenza iindlwane zazo minyaka le etempileni zaziyibona iyindawo ekhuselekileyo yokukhulisa amantshontsho azo ngaphandle kweziphazamiso.
Omnye woonyana bakaKora owabhala iNdumiso 84 owayekhonza etempileni iveki enye kwiinyanga ezintandathu, wazibona ezo ndlwane etempileni. Wayebawela ukufana nenkonjane ehlala endlwini kaYehova. Wathi: “Hayi indlela othandeka ngayo umnquba wakho ozukileyo, Owu Yehova wemikhosi! Umphefumlo wam uphelile kukulangazelela iintendelezo zikaYehova. Kwanentaka iyifumene indlu, nenkonjane yazifumanela indlwane, apho iwabeke khona amantshontsho ayo—isibingelelo sakho esizukileyo, Yehova wemikhosi, Kumkani wam noThixo wam!” (Nd 84:1-3) Ngaba thina kunye nabantwana bethu siyakubawela yaye siyakuthanda ukusoloko sisebandleni kunye nabantu bakaThixo?—Nd 26:8, 12.
Zibekele Usukelo Olusengqiqweni Uze Uhlale Wonwabile
Ukukhula ngeminyaka okanye impilo enkenenkene kunokusisikel’ umda kwizinto esinokuzenza kwinkonzo kaYehova. Ukuba ungumzali, usenokuvakalelwa kukuba akungenelwa kangako kufundisiso lobuqu okanye kwiintlanganiso zamaKristu ngenxa yokuba ixesha lakho elininzi namandla ulichitha unyamekela abantwana bakho. Noko ke, akungebi mhlawumbi unikela ingqalelo kakhulu kwizinto ongenakukwazi ukuzenza de maxa wambi ungaziboni nezo unokukwazi ukuzenza?
Kumawaka eminyaka eyadlulayo, omnye umLevi wavakalisa umnqweno awayenawo nawayengenakukwazi ukuwanelisa. Wayenelungelo lokukhonza etempileni kangangeeveki ezimbini ngonyaka. Kodwa wavakalisa umnqweno omhle wokuhlala ngokusisigxina kufutshane nesibingelelo. (INd 84:1-3) Yintoni eyanceda le ndoda ithembekileyo ukuba yaneliseke? Yaqonda ukuba kwanokuhlala usuku nje olunye kwiintendelezo zetempile kwakulilungelo elingathethekiyo. (INd 84:4, 5, 10) Ngokufanayo, kunokuhlala sicinga ngezinto esingenakuzifikelela, sifanele sibe nombulelo ngezo zinto sikwaziyo ukuzenza.
Ubalulekile KuYehova UThixo Wakho
12 Ukuba uyagula, qiniseka ukuba uYehova uyayazi ingxaki yakho. Mcele ukuba akuncede ukuze uyeke ukukhathazeka kakhulu. Emva koko, funda amazwi akuthuthuzela ngawo aseBhayibhileni. Funda kakhulu iivesi ezithetha ngendlela ababaluleke ngayo abakhonzi bakhe kuye. Loo nto iza kukwenza ubone ukuba uYehova ulungile kubo bonke abantu abathembekileyo kuye.—INd 84:11.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 816
Umntwana Ongenatata
Ekubeni kwakulula ukungabahoyi abo baswelekelweyo nabangakhuselekanga, uYehova wasebenzisa igama elithi “umntwana ongenatata” xa ethetha ngendlela amaSirayeli angamalungisa ngayo okanye ngendlela aphambuke ngayo kwiindlela zobulungisa. Xa uhlanga lwalumkhonza kakuhle uYehova umntwana ongenatata wayekhathalelwa. Kwelinye icala xa kungekho bulungisa elizweni, abantwana abangenatata babengahoywa nto leyo eyayibonisa ukuba uhlanga lwalubhekele kuYehova. (INd 82:3; 94:6; Isa 1:17, 23; Yer 7:5-7; 22:3; Hez 22:7; Zek 7:9-11; Mal 3:5) UYehova wayebaqalekisa abo babebaphatha kakubi abantwana abangenatata. (Dut 27:19; Isa 10:1, 2) UYehova uzichaza njengoMhlawuleli (IMi 23:10, 11), Umncedi (INd 10:14), noTata (INd 68:5) wabo bangenatata. UYehova uyabalwela (Dut 10:17, 18), abenzele inceba (Hos 14:3), abakhusele (INd 146:9), aze abagcine bephila.—Yer 49:11.
Olunye uphawu abonakala ngalo amaKristu okwenene kukucingela abantu abaswelekelwe ngabayeni okanye ngabazali. Umfundi uYakobi wabhalela amaKristu esithi: “Indlela ecocekileyo nengenachaphaza yokukhonza uThixo onguTata wethu, yile: kukukhathalela iinkedama nabahlolokazi abasentlungwini, nokuphepha iindlela ezimbi zehlabathi.”—Yak 1:27.
SEPTEMBA 16-22
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 85-87
Umthanazo Usinceda Sinyamezele
Ngaba Ubonakalisa Uzuko LukaYehova?
10 Kwakhona, ukuze sibonise uzuko lukaThixo kufuneka ‘sizingise emthandazweni.’ (Rom 12:12) Sinako yaye sifanele sithandazele ukuba uYehova asincede simkhonze ngendlela emkholisayo. Ukuze senjenjalo, sinokucela umoya oyingcwele, ukuba nokholo olungakumbi, amandla okukwazi ukuxhathisa isilingo nokukwazi ‘ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2Ti 2:15; Mat 6:13; Luk 11:13; 17:5) Njengomntwana oxhomekeke kuyise, nathi kufuneka sixhomekeke kuBawo wethu wasezulwini, uYehova. Ukuba siyamcela ukuba asincede simkhonze ngokupheleleyo, sinokuba nentembelo yokuba uya kwenjenjalo. Asimele sivakalelwe kukuba siyamkhathaza! Kunoko, ngomthandazo masimdumise, simbulele, sicele ulwalathiso lwakhe ngokukodwa xa sisesilingweni size sicele ukuba asincede simkhonze ngendlela eza kuzukisa igama lakhe elingcwele.—INd 86:12; Yak 1:5-7.
UYehova Uyiphendula Njani Imithandazo Yethu?
17 Funda iNdumiso 86:6,7.Umdumisi uDavide wayeqinisekile ukuba uYehova wayeyiva aze ayiphendule imithandazo yakhe. Nawe unokuqiniseka njengaye. Amabali esithethe ngawo kweli nqaku asenza siqiniseke ukuba uYehova unokusinika ubulumko namandla esiwadingayo ukuze sikwazi ukunyamezela iingxaki. Unokusinceda esebenzisa abazalwana noodade, nkqu nabantu abangekamkhonzi
18 Ngoxa uYehova esenokungasoloko eyiphendula ngendlela esilindele ngayo imithandazo yethu, eyona nto siyaziyo kukuba uza kuyiphendula. Uza kusinika kanye le nto siyidingayo, ngexesha esiyidinga ngalo. Ngoko qhubeka uthandaza, unokholo lokuba uYehova uza kukukhathalela ngoku aze ‘anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo’ kwihlabathi elitsha elizayo.—INdu. 145:16.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-1-E 1058 ¶5
Intliziyo
Khonza “Ngentliziyo Epheleleyo.” Ukuze isebenze kakuhle intliziyo yokoqobo ifanele iphelele kodwa intliziyo yokomfuziselo inokwahlukana. UDavid wathandaza wathi: “Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho,” okuthetha ukuba intliziyo yomntu inako ukoyika okanye ithande izinto ezingadibaniyo. (INd 86:11) Umntu onjalo usenokuba ‘unentliziyo engaphelelanga’—udikidiki ekukhonzeni uThixo. (INd 119:113; ISi 3:16) Umntu unokuba ‘nentliziyo embaxa’ (ngokoqobo, ngentliziyo nentliziyo), azame ukukhonza iinkosi ezimbini okanye angabinanyani athetha le abe ecinga into eyahlukileyo kule ayithethayo. (1Kr 12:33; INd 12:2, umbhalo osemazantsi) UYesu wabagxeka kabukhali aba bahanahanisi baneentliziyo ezimbaxa.—Mat 15:7, 8.
SEPTEMBA 23-29
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 88-89
Ulawulo LukaYehova Lolona Lufanelekileyo
Xhasa Indlela KaYehova Yokulawula!
5 Nasi esinye isizathu sokuba uYehova ekufanelekela ukulawula. Igunya lakhe ulisebenzisa ukuze agwebe ngokugqibeleleyo. Uthi: “NdinguYehova, Lowo ubonakalisa ububele bothando, okusesikweni nobulungisa emhlabeni; kuba ndiyoliswa zezo zinto.” (Yer. 9:24) Akajongi mithetho ibhalwe ngabantu ukuze abone indlela eyiyo yokugweba. Bubuntu bakhe ukugweba ngokugqibeleleyo, ibe ngenxa yoko, nguye obhalele abantu imithetho. “Ubulungisa nomgwebo yindawo emisiweyo yetrone [yakhe],” ngoko sinokuqiniseka ukuba yonke imithetho, imigaqo nezigqibo zakhe zilungile. (INdu. 89:14; 119:128) Nangona esithi ulawulo lukaYehova luwa nganeno, uSathana akakwazanga ukwenza ukuba kusoloko kugwetywa ngendlela efanelekileyo apha emhlabeni.
Xhasa Indlela KaYehova Yokulawula!
10 Indlela uYehova alawula ngayo ayicinezeli kwaye ayikho ngqwabalala. Ivumela umntu abe nenkululeko kwaye yenza kubekho ulonwabo. (2 Kor. 3:17) UDavide uyibeka ngolu hlobo: “Isidima nobungangamsha buphambi kwakhe, amandla novuyo endaweni yakhe.” (1 Kron. 16:7, 27) Ngokufanayo, umdumisi uEtam wabhala wathi: “Banoyolo abantu abayaziyo imikhwazo yovuyo. Bahamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova. Egameni lakho bayavuya imini yonke baphakame nangobulungisa bakho.”—INdu. 89:15, 16
11 Xa sihlala sicamngca ngendlela uYehova alunge ngayo siya kuqiniseka ukuba ulawulo lwakhe lolona lufanelekileyo. Siya kutsho sizive njengomdumisi owathi: “Imini ezintendelezweni zakho ilunge ngakumbi kunewaka kwenye indawo.” (INdu. 84:10) Phofu ke besinokulindela ntoni? Kaloku uMdali noMenzi wethu onothando uyazazi izinto esizidingayo ukuze sonwabe ngokwenene, ibe usinika intabalala yazo. Nantoni na afuna siyenze sukube ecingela kwathina kwaye efuna sonwabe. Kunjalo kwanaxa kukho izinto ekufuneka sizincamile.—Funda uIsaya 48:17.
Yiba Nokholo Olungagungqiyo KuBukumkani
14 Khawuve ukuba uYehova wamthembisa ntoni uKumkani uDavide wakwaSirayeli esebenzisa umnqophiso kaDavide. (Funda eyesi-2 kaSamuweli 7:12, 16.) UYehova wawenza lo mnqophiso ebudeni bolawulo lukaDavide eYerusalem, emthembisa ukuba uMesiya wayeza kuphuma kwisizukulwana sakhe. (Luka 1:30-33) Ngaloo ndlela, uYehova wasikrobisa ukuba yayiza kuphuma kubani le mbewu waza wamisela ukuba indlalifa ethile kaDavide yayiza kuba ‘nelungelo elisemthethweni’ lokuhlala kwitrone yoBukumkani bukaMesiya. (Hez. 21:25-27) Ekubeni uYesu enguKumkani, ulawulo lukaDavide luza ‘kumiselwa ngokuqinileyo kangangexesha elingenammiselo.’ Imbewu kaDavide “iya kubakho de kuse kwixesha elingenammiselo, netrone yakhe ibe njengelanga.” (INdu. 89:34-37) Ulawulo lukaMesiya alusoze lonakale, ibe luza kwenza izinto eziya kuhlala ngonaphakade!.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
“Nguwe Wedwa Onyanisekileyo”
4 ‘Ukunyaniseka’ kusetyenziswe eZibhalweni zesiHebhere ukubhekisela ekubonakalisweni kobubele bothando ngokungapheliyo de injongo yokubonakaliswa kwabo ifezekiswe. Kubandakanya okungakumbi kunokuthembeka. Ngapha koko, umntu usenokuthembeka kuba nje enyanzelekile. Kanti kona ukunyaniseka kusekelwe eluthandweni. Kwakhona, igama elithi “ukuthembeka” linokusetyenziswa nakwizinto ezingaphiliyo. Ngokomzekelo, umdumisi wayibiza inyanga “njengengqina elithembekileyo esibhakabhakeni” ngenxa yokuvela kwayo rhoqo ebusuku. (INdumiso 89:37) Kodwa inyanga ayinakuchazwa njengenyanisekileyo. Ngoba? Kuba ukunyaniseka kubhekisela ekubonakalisweni kothando—nto leyo ezingenakukwazi ukuyenza izinto ezingaphiliyo.
5 Ngokwengcamango yeZibhalo, ukunyaniseka kuhambisana nobubele. Lowo ukubonakalisayo sukuba enolwalamano oluthile nalowo akubonakalisa kuye. Ukunyaniseka okunjalo akubi yinto yamabona-ndenzile. Akuguquguquki ngenxa yeemeko njengamaza olwandle abhudlwa yimimoya. Kunoko, ukunyaniseka, okanye uthando olunyanisekileyo, luzinzile yaye lunamandla okumelana neyona miqobo inzima.
SEPTEMBA 30–OKTOBHA 6
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 90-91
Ukuze Uphile Ubomi Obude Thembela NgoYehova
Abantu Bakhangela Indlela Yokuphila Ixesha Elide
Abanye oososayensi bathi nangona zininzi iindlela zokuphelisa ukwaluphala abantu abanakukwazi ukuphila ixesha elide. Ewe kona, ukususela kwiminyaka yoo-1800 abantu baye bakwazi ukuphila ixesha elidana. Le nto ibangelwa kukuba bahlala becocekile, basebenzisa amayeza abangela ukuba bangaguli naphelisa iiintlungu. Abanye oososayensi bakholelwa ukuba abantu baphila iminyaka ababedalelwe ukuba bayiphile.
Kwiminyaka emalunga neyi-3 500 eyadlulayo, umbhali weBhayibhile uMoses wathi: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo, ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo; kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.” (INdumiso 90:10) Abantu benze konke okusemandleni abo ukuze siphile ixesha elidana, kodwa ubomi esibuphilayo busenjengokuba uMoses wayetshilo.
Ngoxa siphila le minyaka mifutshane kangaka, kukho iintlanzi eziphila iminyaka eyi-200 nemithi ephila ngaphezu kweminyaka eyi-1000. Xa sithelekisa iminyaka esiyiphilayo nobezi zidalwa, inoba siyazibuza ukuba, ‘Ngaba sasidalelwe ukuphila iminyaka eyi-70 okanye eyi-80?’
wp19.1 5, ibhokisi
Ngubani Igama LikaThixo?
Baninzi abantu abazibuza lo mbuzo. Mhlawumbi nawe uyazibuza. Ngamany’ amazwi uthi lo mbuzo: Ukuba umhlaba nayo yonk’ into okuyo yadalwa, wayevela phi ke yena uThixo?
Ososayensi bayavuma ukuba umhlaba unesiqalo. Nevesi yokuqala yeBhayibhile xa ithetha ngaloo nto ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1.
Umhlaba wawungenakuzidala; wawungekakuvel’ usuk’ ubekho ungenziwanga. Akukho nto inokubakho ingenziwanga. Ukuba kwakungekho menzi ngaphambi kokuba kubekho umhlaba, ngewungekabikho nanamhlanje. Nangona kunzima ukuba siyiqonde thina loo nto, wayekho umenzi ongabonakaliyo owayehleli ephila ngonaphakade. UYehova uThixo ongumoya, nonamandla angapheliyo nobulumko, unguloo Menzi.—Yohane 4:24.
IBhayibhile ithi ngoThixo: “Ngaphambi kokuba neentaba zizalwe, okanye uzise ngokungathi kungenimba umhlaba nelizwe elinemveliso, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.” (INdumiso 90:2) Ngoko, uThixo wayehleli ekho. Wathi ke “ekuqaleni” wadala umhlaba.—Isityhilelo 4:11.
Uthando Lungasinceda Njani Siyeke Ukoyika?
16 USathana uyazi ukuba siyabuthanda ubomi. Uthi singancama yonke into esinayo, sishiye noYehova, kuba nje sifuna ukuqhubeka siphila. (Yobhi 2:4, 5) Uxoka gqitha ke apho! Kuba ‘ekwazi ukubangela ukufa,’ uzama ukusenza simshiye uYehova, esebenzisa ukoyika kwethu ukufa. (Heb. 2:14, 15) Ngamanye amaxesha, usebenzisa abantu bakhe ukuba basoyikise ngokusibulala ukuba asiyeki ukuba ngamaNgqina. Kanti usenokusebenzisa amaxesha axa sigulela ukufa, azame ukusenza singamthobeli uThixo. Oogqirha okanye abantu esizalana nabo abangengomaNgqina basenokusinyanzela ukuba senze into engafunwayo nguThixo, sivume ukutofela igazi. Okanye omnye umntu usenokusikhuthaza ukuba sifune ukunyangwa ngendlela engafunwayo ziZibhalo.
17 Asifuni kusweleka, kodwa siyazi ukuba noba singasweleka, uYehova soze ayeke ukusithanda. (Funda amaRoma 8:37-39.) Akabalibali abahlobo bakhe xa besweleka, iba ngathi basaphila kuye. (Luka 20:37, 38) Ukhangele phambili ekubavuseni. (Yobhi 14:15) UYehova usithenge ngexabiso elikhulu ukuze ‘sifumane ubomi obungunaphakade.’ (Yoh. 3:16) Siyayazi indlela asithanda nasikhathalele ngayo. Ngoko kunokuba simshiye kuba sigula okanye sisoyika ukufa, masimthembe ukuba uza kusithuthuzela, asinike ubulumko namandla. Yiloo nto kanye eyenziwa nguValérie nomyeni wakhe.—INd. 41:3.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba Unengelosi Yakho?
IBhayibhile ayifundisi ukuba umntu ngamnye unengelosi yakhe emkhuselayo. Yinyani ukuba uYesu wakhe wathi: “Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane [abafundi bakaKristu], kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.” (Mateyu 18:10) Kodwa ke, uYesu wayengathi umntu unengelosi yakhe, kodwa wayesithi iingelosi zinomdla kumntu ngamnye kubafundi bakhe. Ngoko abanquli bokwenyaniso abazifakI engozini kuba besithi iingelosi zikaThixo ziza kubakhusela.
Ngaba loo nto ithetha ukuba iingelosi azibancedi abantu? Hayi, ayithethi loo nto. (INdumiso 91:11) Abanye abantu bakholelwa ukuba uThixo uyabakhusela aze abakhokele esebenzisa iingelosi. Omnye waba bantu nguKenneth, ebekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala. Nangona singenakunyanzelisa izimvo zethu, kodwa kusenokwenzeka ukuba uchanile. AmaNgqina KaYehova asoloko elubona uncedo lweengelosi xa ekumsebenzi wokushumayela. Kodwa ke, ekubeni iingelosi zingabonakali, asinakuyazi ukuba uThixo uzisebenzisa njani okanye nini ukuze ancede umntu ngamnye. Into esiyaziyo kukuba, simele simbulele uSomandla ngazo zonke iindlela asinceda ngazo.—Kolose 3:15; Yakobi 1:17, 18.
OKTOBHA 7-13
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 92-95
Ukukhonza UYehova Yeyona Ndlela Yokuphila!
Lutsha, Ningatshintshi Kwizinto Enizimisele Ukuzenzela UYehova!
5 Esona sizathu sokuba sigqibe ngezinto esifuna ukumenzela zona uYehova kukumbulela kuba esithanda nangezinto asenzele zona. Umdumisi wathi: “Kulungile ukubulela kuYehova . . . kuba undenze ndanemihlali, Yehova, ngenxa yomsebenzi wakho; ngenxa yomsebenzi wezandla zakho ndimemelela ngovuyo.” (INdu. 92:1, 4) Lutsha, khanicinge ngezinto enimtyala zona uYehova. Kungenxa yakhe le nto niphila, ninokholo, nineBhayibhile, ninebandla kwaye ninethemba lokuphila ngonaphakade. Ningambulela ngezi ntsikelelo ngokuthi nibeke izinto zakhe kwindawo yokuqala, ibe loo nto iza kunisondeza kuye.
Ngubani Okufundisa Indlela Yokucinga?
8 Njengaye nawuphi na umzali olungileyo, uYehova ufuna abantwana bakhe bonwabe. (Isa. 48:17, 18) Yiloo nto esichazela imigaqo esimele siyithobele ukuze siziphathe kakuhle size siphathe nabanye kakuhle. Ukuze senze le nto, uthi masizame ukucinga njengaye size siziphathe ngendlela asiyalela ngayo. Le nto ayisivimbi inkululeko kodwa iyayiphucula indlela esicinga ngayo ize isivule ingqondo. (INdu. 92:5; IMize. 2:1-5; Isa. 55:9) Sitsho senze izigqibo ezisinceda sonwabe ngoxa sigcina ubuntu bethu obahlukahlukeneyo. (INdu. 1:2, 3) Kunceda nyhani ukucinga njengoYehova!
Ubalulekile KuYehova UThixo Wakho
18 Xa sisaluphala, sinokuqiniseka ukuba ukhona umsebenzi uYehova afuna siwenze. (INdu. 92:12-15) UYesu wasifundisa ukuba nokuba asikwazi ukuzenza zonke izinto esifuna ukuzenza okanye esikwaziyo ukuzenza zibonakala zingabalulekanga kuthi, zibalulekile kuYehova. (Luka 21:2-4) Ngoko cinga ngezinto okwaziyo ukuzenza. Ngokomzekelo, uyakwazi ukuthetha ngoYehova, ukuthandazela abazalwana bakho nokukhuthaza abanye ukuba bangagungqi ekumkhonzeni. UYehova uthi usebenza naye kuba umthobela, hayi kuba unezinto okwaziyo ukuzenza.—1 Kor. 3:5-9.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
18 Phawula indlela umpostile uPawulos akugxininisa ngayo ukubalasela kobulumko bukaYehova: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!” (Roma 11:33) Ngokuqalisa kwakhe le ndinyana ngokuthi “Hayi indlela,” uPawulos wayebonisa indlela awayechukumiseke ngayo—ekhwankqiswe ngokwenene. Igama lesiGrike alisebenzisileyo eliguqulelwe ngokuthi “ubunzulu” lihlobene kakhulu negama eliguqulelwa ngokuthi “inzonzobila.” Ngoko, la mazwi akhe asinika umfanekiso-ngqondweni ocacileyo. Xa sicingisisa ngobulumko bukaYehova, kufana nokondela inzonzobila enzulu nenkulu ngokungenasiphelo kangangokuba asikwazi nokubuthelekelela ubukhulu bayo, singasathethi ke ngokuzama ukwenza imaphu eneenkcukacha zayo. (INdumiso 92:5) Ngaba oko akusenzi sizive sithobekile?
OKTOBHA 14-20
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 96-99
“Vakalisa Iindaba Ezilungileyo”!
Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?
AMAKRISTU afanele ashumayele “iindaba ezilungileyo zobukumkani” ngokuxelela abanye abantu ngazo, ukuba uBukumkani ngurhulumente wehlabathi wexesha elizayo oza kulawula umhlaba ngobulungisa. Nakuba kunjalo, ibinzana elithi “iindaba ezilungileyo” lisetyenziswa nangezinye iindlela eBhayibhileni. Ngokomzekelo, kuthethwa ‘ngeendaba ezilungileyo zosindiso’ (INdumiso 96:2); “iindaba ezilungileyo zikaThixo” (Roma 15:16); ‘neendaba ezilungileyo ezingoYesu Kristu.’—Mark 1:1.
Ngamafutshane, iindaba ezilungileyo ziquka zonke iinyaniso athetha ngazo uYesu nababhala ngazo abafundi bakhe. Ngaphambi kokuba enyukele ezulwini uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngaloo ndlela umsebenzi wamaKristu asikokwazisa nje abanye ngoBukumkani; nabo bafanele bafune ukwenza abafundi.
Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?
Njengokuba kuboniswe kumfanekiso osekunene, abantu abaninzi bacinga ukuba ngeMini yoMgwebo iibhiliyoni zabantu ziya kuziswa phambi kwetrone kaThixo ukuze bagwetywe ngokwezinto ababezenze ngaphambili—abanye baza kuvuzwa ngobomi ezulwini, abanye baza kuthuthunjiswa esihogweni. Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba injongo yeMini yoMgwebo kukuhlangula abantu kwingcinezelo. (INdumiso 96:13) UThixo umisele uYesu ukuba abe ngumgwebi oza kubuyisela okusesikweni kuluntu.—Funda Isaya 11:1-5; Izenzo 17:31.
Kuza Kubakho Uxolo Iminyaka Eliwaka—Nangaphezulu!
18 Xa abantu baphenjelelwa nguSathana, olo manyano lwaphazamiseka baza bavukela ulongamo lukaYehova. Kodwa ke, ukususela ngowe-1914, uBukumkani bukaMesiya buye bathabatha amanyathelo athe ngcembe okubuyisela umanyano nemvisiswano. (Efe. 1:9, 10) Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka, izinto ezimangalisayo ngoku ‘esingekaziboni’ ziza kwenzeka. Emva koko, kuza kulandela “isiphelo,” esibhekisela ekupheleni koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. Yintoni eza kulandela? Nangona enikwe “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni” uYesu akalinyolukelanga. Akanazinjongo zakubhukuqa uYehova. Ngokuzithoba ‘unikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise.’ Isigxina negunya lakhe uya kuzisebenzisela ‘ukuzukisa uThixo.’—Mat. 28:18; Fil. 2:9-11.
19 Ngelo xesha, kuya kube kubuyiselwe abalawulwa basemhlabeni boBukumkani emfezekweni. Baya kulandela umzekelo kaYesu baze ngokuthobeka balugqale ulongamo lukaYehova. Baya kuba nethuba lokubonisa ukuba bayakufuna ukukwenza oko, ngokuphumelela uvavanyo lokugqibela. (ISityhi. 20:7-10) Emva koko, bonke abavukeli—abangabantu nabazizidalwa zomoya—baya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Eneneni elo iya kuba lixesha lemigcobo nemincili! Yonke indalo iya kumdumisa ngovuyo uYehova, oya kuba ‘ezizinto zonke kubo bonke.’—Funda iNdumiso 99:1-3.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-E 2 994
Ingoma
Amagama athi “ingoma entsha” awaveli kwiiNdumiso kuphela kodwa ayavela nakwimibhalo kaIsaya nekampostile uYohane. (INd 33:3; 40:3; 96:1; 98:1; 144:9; 149:1; Isa 42:10; ISi 5:9; 14:3) Xa kujongwa kwiindawo avela kuzo amagama athi “ingoma entsha” kufunyaniswa ukuba le ngoma iculwa kuba kukho into entsha kwindlela uYehova alusebenzisa ngayo ulongamo lwakhe. KwiNdumiso 96:10 kuvakaliswa ngovuyo ukuba “UYehova nguKumkani.” Le ‘ngoma intsha’ ithetha ngezinto ezintsha kulwando lobukumkani bukaYehova nendlela amazulu nomhlaba achaphazeleka ngayo.—INd 96:11-13; 98:9; Isa 42:10, 13.
OKTOBHA 21-27
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 100-102
Mbulele UYehova Ngothando Lwakhe Olungagungqiyo
Ziintoni Omele Uzenze Ukuze Ubhaptizwe?
18 Olona phawu luhle onalo kukuthanda uYehova. (Funda iMizekeliso 3:3-6.) Ukuba simthanda kakhulu uThixo sinokukwazi ukumelana neengxaki esinazo. IBhayibhile isoloko isithi uYehova ubathanda ngokungagungqiyo abakhonzi bakhe. Le nto ithetha ukuba akasoze abashiye, engasoze ayeke ukubathanda. (INdu. 100:5) Ukwenze wafana naye. (Gen. 1:26) Ngoko ungalubonisa njani uthando olufana nolwakhe?
19 Qala ngokumbulela uYehova. (1 Tes. 5:18) Qho ngosuku zibuze, ‘Ziintoni azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba uyandithanda?’ Emva koko, qiniseka ukuba uyambulela xa uthandaza, uchaza izinto akwenzele zona. Njengompostile uPawulos nawe yiqonde into yokuba uYehova ukwenzela izinto ezintle kuba ekuthanda. (Funda amaGalati 2:20.) Zibuze, ‘Ngaba nam ndiyafuna ukumbonisa indlela endimthanda ngayo?’ Ukuthanda uYehova kuza kukunceda ungayeki ukulwa nezinto ezingalunganga ezifunwa ngumzimba onesono, ukwazi nokunyamezela iingxaki. Kuza kukwenza ungayeki ukumkhonza, yonke imihla ubonise uTata wakho indlela omthanda ngayo
“Hlalani Nisezingqondweni, Nilumke!”
10 Ezinye izinto eziyingozi esimele sizilumkele kukuncwasa, ukunxila, ukuba ngamadlakudla, ukuthetha amazwi ahlabayo, ukubukela abantu abalwayo, iphonografi nezinto ezifana nezo. (INdu. 101:3) Utshaba lwethu, uMtyholi, lusoloko lukhangela amathuba okusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova. (1 Pet. 5:8) Ukuba asilumkanga, lunokutyala ezintliziyweni nasezingqondweni zethu imbewu yomona, ukunganyaniseki, ukubawa, inzondo nekratshi. (Gal. 5:19-21) Ekuqaleni, ezi isenokuba zizinto njee ezingenamsebenzi. Kodwa ukuba asikhawulezi sizisiphule neengcambu, ziza kukhula njengesityalo esinetyhefu size sibe sengxakini..—Yak. 1:14, 15.
Ngaba Uza Kuziphulaphula Izilumkiso ZikaYehova Ezicacileyo?
7 Yintoni ebandakanyekileyo ekuphepheni abafundisi bobuxoki? Asibamkeli emakhayeni ethu okanye sibabulise. Kwakhona asizifundi iincwadi zabo, sibukele iinkqubo zabo ezikumabonwakude, singene kwiiWebhusayithi zabo okanye sibhale amagqabaza ethu kuzo. Kutheni sisima siqinile ngaloo ndlela? Kungenxa yothando. Siyamthanda ‘uThixo wenyaniso,’ ngoko asinamdla weemfundiso ezigqwethekileyo ezichasene neLizwi lakhe eliyinyaniso. (INdu. 31:5; Yoh. 17:17) Kwakhona, siyayithanda intlangano kaYehova, ekusetyenziswe yona ukusifundisa inyaniso echukumisayo—kuquka igama likaYehova nentsingiselo yalo, injongo kaThixo ngomhlaba, imeko yabafi nethemba lovuko. Ngaba usayikhumbula indlela owavakalelwa ngayo xa wawuqala ukufunda ezi nyaniso nezinye ezixabisekileyo? Kutheni ke ngoko, uzivumela udinyazwe ngumntu onyelisa intlangano ekuncede wakwazi ukufunda ezi nyaniso?—Yoh 6:66-69.
8 Enokuba banokuthetha ntoni na abafundisi bobuxoki, asiyi kubalandela! Kutheni usiya kuloo maqula angenalo nethontsi aza kukulahla aze akudanise? Kunoko, masizimisele ukuhlala sinyanisekile kuYehova nakwintlangano eyaziwa ngokusoloko isiqabula unxano ngamanzi acwengileyo nahlaziyayo enyaniso ekwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.—Isa. 55:1-3; Mat. 24:45-47.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it-2-E 596
Ingcwangube Yasentlango
Xa ingcwangube yasentlango ihluthi kakhulu kukutya, iye ibhabhe iyokuhlala endaweni ethe cwaka, apho iye ihlale ngendlela ebononakala ingathi ikhathazeke kakhulu, intloko iyifake phakathi kwamagxa ayo, ayishukumi ibe usenokude ucinge ukuba lilitye elimhlophe xa uyibona ukude. Le ntaka ihlala ngale ndlela kangangexesha elide, le ndlela ifana nqwa naleyo umdumiso ayichazayo xa ebhala ngentlungu yakhe esithi: “Ndifana nengcwangube yasentlango.” (INd 102:6) Apha igama elithi ‘intlango’ alibhekiseli nje kwithafa kodwa libhekisela kwindawo ekude nabantu mhlawumbi umgxobhozo. Ngamaxesha athile enyakeni imigxobhozo ekumantla yeNtlambo yeYordan iba likhaya lengcwangube yasentlango nanamhlanje. Kukho iintlobo ezintathu zengcwangube yasentlango ezifumaneka kwaSirayeli. Eyona ixhaphakileyo kwezingcwangube zasentlango yebizwa ngokuba yieastern white pelican (Pelecanus onocrotalus); iDalmatian pelican (Pelecanus crispus) nepink-backed pelican (Pelecanus rufescens) zona azibonakali kakhulu.
Ingcwangube yasentlango izithanda kakhulu iindawo ezingahlali bantu kuba ingazukuphazanyiswa ngabantu. Apho iye yakhe indlwana yayo, ibeke amaqanda, ikhulise amatshontsho wayo ize iphumle emva kokubamba iintlanzi emanzini. Ngoko, kuba le ntaka izithanda iindawo ezithe cwaka nezingenabantu, iBhayibhile isebenzisa yona ukubonisa into elusizi ngeyona ndlela. Ukubonisa intshabalalo nosizi olwaluza kufikela iEdom, uIsaya wachaza kusengaphambili ukuba ingcwangube yasentlango yayiza kuba ngumhlali welo lizwe. (Isa 34:11) UZefaniya waprofeta wathi ingcwangube yasentlango yayiza kuhlala phakathi kweentsika zesixeko zeNineve, nto leyo ebonisa ukuba yayiza kuba ngamabhodlo ibe kungahlali bantu.—Zef 2:13, 14.
OKTOBHA 28–NOVEMBA 3
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INDUMISO 103-104
Ukhumbula “Ukuba Siluthuli”
Yiba Bhetyebhetye NjengoYehova
5 Ukuthobeka kukaYehova nokubavela abantu kumenza abe bhetyebhetye. Ngokomzekelo, indlela athobeke ngayo yabonakala xa wayeza kutshabalalisa abantu baseSodom ababengalunganga. Wathumela iingelosi ukuba ziye kuxelela uLote owayelilungisa ukuba abalekele ezintabeni. ULote woyika ukuya apho. Ngoko wacela ukuba yena nentsapho yakhe babalekele eTsoware, idolophu encinci uYehova awayeza kuyitshabalalisa nayo. UYehova wayesenokuthi makenze le nto amxelela yona, kodwa wamvumela ukuba aye eTsoware, akayitshabalalisa. (Gen. 19:18-22) Kumakhulu eminyaka emva koko uYehova wavela abantu baseNineve. Wathuma uYona ukuba aye kuxelela abantu balapho ababengalunganga ukuba uza kusitshabalalisa eso sixeko. Kodwa bathi bakuguquka, uYehova wabavela akabatshabalalisa.—Yona 3:1, 10; 4:10, 11.
Thembela NgoYehova NjengoSamson
16 Ngoxa uSamson wehlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yempazamo awayenzayo, zange ayeke ukuzama ukwenza izinto ezithandwa nguYehova. Nokuba kuye kwafuneka sohlwaywe okanye siyekiswe umsebenzi ebesiwenza entlanganweni ngenxa yempazamo esiyenzileyo, masingancami. Masikhumbule le nto, uYehova akasincami. (INdu. 103:8-10) Nokuba siyazenza iimpazamo uYehova unokusisebenzisa njengokuba wamsebenzisayo noSamson.
17 Khawuve ukuba kwenzeka ntoni komnye umzalwana osemtsha, uMichael. Wayeyikhuthalele imisebenzi kaThixo, esisicaka solungiselelo ekwanguye novulindlela othe ngxi. Kodwa wenza impazamo kwaza kwafuneka ayiyeke imisebenzi ebeyenza ebandleni. Uthi, “Ngaphambi kokuba kwenzeke loo nto ndandixakeke kakhulu ndisebenzela uYehova, kodwa ngokuqhwanyaza kweliso ndaziva ngathi akukho nto ndinokumenzela yona uYehova. Ndandisazi kona ukuba uYehova soze andilahle, kodwa ndandizibuza ukuba siza kuphinda sibe ngabahlobo njengakuqala na. Ndiza kukwazi na ukuphinda ndimsebenzele ngendlela endandimsebenzela ngayo ebandleni.”
18 Into evuyisayo kukuba uMichael zange ancame. Uphinda athi: “Ndasebenza nzima ukuze ndiphinde ndisondele kuYehova. Ndandihlala ndithandaza, ndifunda futhi ndicingisisa ngezinto endizifundayo.” Ekuhambeni kwexesha uMichael waphinda wanikwa imisebenzi ebandleni. Ngoku ngumdala, ukwanguye novulindlela othe ngxi. Uthi: “Indlela enandikhuthazwa futhi ndincedwa ngayo, ngokukodwa ngabadala, yandenza ndaqonda ukuba uYehova usandithanda. Ndinokuphinda ndikhonze ebandleni ndingatyiwa sisazela. Le nto indifundise ukuba uYehova uyamxolela nabani na oguquke nyhani.” Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisebenzisa aze asisikelele nokuba siye senza iimpazamo, ukuba nje senza konke okusemandleni ethu ukuze silungise iindlela zethu size siqhubeke simthemba.—INd. 86:5; IMi. 28:13.
Unokude Uyenze Into Ozimisele Ukuyenzela UYehova
2 Ukuba kukho into ozimisele ukuyenza kodwa ungade ukwazi ukuyenza, sukutyhafa. Kaloku nokuba incinci into ozimisele ukuyenza, idla ngokufuna ixesha nomzamo. Kwainto yokuba ube nento ofuna ukuyenzela uYehova ibonisa ukuba kubalulekile kuwe ukuba ngumhlobo wakhe, nokuba ufuna ukumenzela konke okusemandleni akho. Ziyamvuyisa iinzame ozenzayo. Inyaniso kukuba akalindelanga ukuba wenze okungaphezu kwamandla akho. (INdu. 103:14; Mika 6:8) Ngoko zimisele ukwenza into onokukwazi ukuyenza. Emva kokuba usenzile isigqibo sento ofuna ukuyenza, yintoni enokunceda uyenze? Nanga amacebiso.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Amandla Okudala—“UMenzi Wezulu Nomhlaba”
18 Yintoni esiyifundayo ekusebenziseni kukaYehova amandla akhe okudala? Sikhwankqisiwe kukuphangalala kwendalo. Omnye umdumisi wadanduluka wathi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! . . . Uzele umhlaba yimveliso yakho.” (INdumiso 104:24) Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oko! Izazi ngendalo ziye zafumanisa ngaphezu kweendidi ezisisigidi zezinto eziphilayo emhlabeni; kodwa aziqiniseki ncam nokuba zili-10 lezigidi, zingama-30 ezigidi, okanye ngaphezulu. Umntu oligcisa usenokuphelelwa bubuchule obutsha maxa wambi. Ukanti bona obukaYehova ubuchule—amandla akhe okusungula nawokudala izinto ezintsha ezahlukahlukeneyo—ngokucacileyo abunasiphelo.