IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 181
  • Yintoni IBhayibhile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni IBhayibhile?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo Esuka EBhayibhileni
  • Iinyaniso ezithethwayo ngeBhayibhile
  • Ithetha ngantoni iBhayibhile?
  • Ngaba iBhayibhile itshintshiwe?
  • Kutheni kukho iinguqulelo ezininzi kangaka zeBhayibhile?
  • Ngubani owakhetha izinto emazibhalwe eBhayibhileni?
  • Ngaba zikhona iincwadi ezingekhoyo eBhayibhileni?
  • Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile
  • Iincwadi zeBhayibhile
  • Isifundo 4—IBhayibhile Nemibhalo Yayo Engcwele
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Oko Kuqulethwe Yile Ncwadi
    Incwadi Yabantu Bonke
  • Ngaba Ukhona Umntu Owaziyo Ukuba IBhayibhile Yabhalwa Ngubani?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Kufuneka Ufunde IsiHebhere nesiGrike?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 181
IZibhalo Ezingcwele zijikelezwe ziincwadi zokuphanda.

Yintoni IBhayibhile?

Impendulo Esuka EBhayibhileni

IBhayibhile ineencwadi eziyi-66 ezingcwele. Yabhalwa kwiminyaka eyi-1 600 eyadlulayo. IBhayibhile ‘inomyalezo ovela kuThixo.’—1 Tesalonika 2:13.

Kweli nqaku

  • Iinyaniso ezithethwayo ngeBhayibhile

  • Ithetha ngantoni iBhayibhile?

  • Ngaba iBhayibhile itshintshiwe?

  • Kutheni kukho iinguqulelo ezininzi kangaka zeBhayibhile?

  • Ngubani owakhetha izinto emazibhalwe eBhayibhileni?

  • Ngaba zikhona iincwadi ezingekhoyo eBhayibhileni?

  • Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile

  • Iincwadi zeBhayibhile

Iinyaniso ezithethwayo ngeBhayibhile

  • Ngubani owabhala iBhayibhile? NguThixo owayibhalayo, kodwa wasebenzisa amadoda ayi-40 ukuze ayibhale. Amanye ala madoda nguMoses, uKumkani uDavide, uMateyu, uLuka, noYohane.a UThixo wabaphefumlela aba babhali ukuze babhale umyalezo wakhe.—2 Timoti 3:16.

    Ngokomzekelo: Ukuba umphathi uthuma unobhala wakhe ukuba abhale umyalezo, amxelele into amakayibhale, ngumphathi obhale lo myalezo. Ngokufanayo noThixo usebenzise abantu ukuze abhale umyalezo wakhe, ngoko nguye uMbhali weBhayibhile.

  • Lithetha ukuthini eli gama lithi “IBhayibhile”? Igama elithi “iBhayibhile” lisuka kwelesiGrike elithi biblia, elithetha “iincwadi ezincinci.” Ekuhambeni kwexesha eli gama liye lachaza zonke iincwadi ezincinci ezenza iBhayibhile.

  • Yabhalwa nini IBhayibhile? IBhayibhile iqalise ukubhalwa ngo-1513 B.C.E. yaza yagqitywa emva kweminyaka eyi-1 600, malunga no-98 C.E.

  • Ngaba isekhona iBhayibhile yokuqala? Ayikho imibhalo yeBhayibhile eyasindayo. Kaloku ababhali beBhayibhile basebenzisa izinto ezonakalayo ezazikhona ngelo xesha, njengompapiri nesikhumba. Kodwa ke ababhali abanobuchule beBhayibhile bazikhuphela ngokucokisekileyo izibhalo ukuze zikwazi ukufundwa nakwiminyaka emininzi eyayiza kulandela.

  • Yintoni ‘iTestamente Endala’ ‘neNtsha’? Itestamente Endala, licala elibhalwe ngesiHebhereb elikwabizwa ngokuba ziZibhalo zesiHebhere. Yona iTestamente Entsha ibhalwe ngesiGrike yaye yaziwa ngokuba ziZibhalo zesiGrike. Omabini la macala enza incwadi epheleleyo ekwabizwa ngokuba ziZibhalo Ezingcwele.c

  • Kubhalwe ntoni eBhayibhileni? Kubhalwe izinto ezenzeka kudala, imithetho, iziprofeto, imibongo, imizekeliso, iingoma, neeleta.—Jonga nomxholo othi, “Iincwadi ZeBhayibhile.”

Ithetha ngantoni iBhayibhile?

Ekuqaleni iBhayibhile ithetha ngokudalwa kwamazulu nomhlaba nguThixo uSomandla. Kuyo, uchaza igama lakhe elinguYehova, ecela nabantu ukuba bafunde ngaye.—INdumiso 83:18.

IBhayibhile icacisa indlela ekuthethwe kakubi ngayo ngoThixo nokuba uza kuyithethelela indlela aziwa ngayo.

IBhayibhile ichaza injongo kaThixo ngabantu nangomhlaba. Ichaza nendlela uThixo aza kukuphelisa ngayo ukuphathwa kakubi kwabantu kwixesha elizayo.

IBhayibhile isicebisa nangendlela esimele sibuphile ngayo ubomi. Nanga la macebiso:

  • Ukuphathana kakuhle nabantu. “Ngoko ke, baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”—Mateyu 7:12.

    Ingcaciso: Sifanele senze le nto nathi esifuna yenziwe kuthi ngabanye.

  • Ukumelana namaxhala. “Ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo.”—Mateyu 6:34.

    Ingcaciso: Kunokuba sizixhalabise ngengxaki eza kwenzeka kwixesha elizayo, kubhetele sijongane naloo ngxaki sikuyo ngelo xesha.

  • Ukonwaba emtshatweni. “Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda; kwelinye icala, umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.”—Efese 5:33.

    Ingcaciso: Ukuze umtshato uphumelele, uthando nentlonipho zibalulekile.

Ngaba iBhayibhile itshintshiwe?

Hayi. Abaphandi baye bajonga imibhalo yakudala yeBhayibhile neyanamhlanje baza babona ukuba iBhayibhile ayitshintshanga. Iyavakala le nto ithethwa apha kuba uThixo ufuna umyalezo wakhe ufundwe uze uqondwe kakuhle, ngoko ebeza kwenza nantoni na ukuze aqiniseke ukuba awutshintshwa.d—Isaya 40:8

Kutheni kukho iinguqulelo ezininzi kangaka zeBhayibhile?

Abaninzi namhlanje abaluva kakuhle ulwimi olwalubhalwe eBhayibhileni kudala. Kodwa iBhayibhile ‘ineendaba ezilungileyo’ eziya kuzo ‘zonke iintlanga, izizwe, neelwimi.’ (ISityhilelo 14:6) Ngenxa yale nto kufuneka kuguqulelwe iBhayibhile ngolwimi oluza kuqondwa ngabantu xa beyifunda, bafumane umyalezo kaThixo.

Zintathu iindlela eguqulelwe ngazo iBhayibhile:

  • Ukuguqulela igama negama.

  • Ukuguqulela le nto ithethwa sisiNgesi.

  • Ukushwankathela. Le ndlela yokuguqulela yenza into ebhaliweyo ifundeke kamnandi. Kodwa kuba ukushwankathela kutshintsha into ebhaliweyo ukuze ivakale kamnandi, ngamanye amaxesha kuyenza ilahleke into ibithethwa sisingesi.

Ukuze iBhayibhile ibe iguqulelwe kakuhle, kufuneka ithethe le nto ithethwa sisingesi ngolwimi lwanamhlanje ize kwezinye iindawo iguqulelwe igama negama ukuze abantu bawuve ngendlela echanileyo umyalezo kaThixo.e

Ngubani owakhetha izinto emazibhalwe eBhayibhileni?

NguThixo owakhetha izinto emazibhalwe eBhayibhileni kuba yabhalwa nguye. Waqala wakhetha amaSirayeli, “wawaphathisa umyalezo ongcwele osuka kuThixo,” weZibhalo zesiHebhere.—Roma 3:2.

Ngaba zikhona iincwadi ezingekhoyo eBhayibhileni?

Hayi. IBhayibhile iphelele; akho ncwadi “zingekhoyo.” Abanye basenokuthi kukho iincwadi zeBhayibhile ezafihlwayo, nazo ezifanele ukuba ziseBhayibhileni.f Kodwa ke iBhayibhile ichanile. (2 Timoti 1:13) Ngenxa yale nto iincwadi zeBhayibhile eziphefumlelwe nguThixo ziyangqinelana. Akunakuthethwa into efanayo ngezinye iincwadi zakudala, abantu abathi bezifanele ukuba ziyinxalenye yeBhayibhile.g

Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile

Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile usebenzisa u-2 Timoti 3:16 njengomzekelo. Le mbekiselo ikuxelela incwadi yeBhayibhile omawuyikhangele, ngokomzekelo u-2 Timoti (jonga ezi ncwadi zeBhayibhile zilapha ngezantsi ukuze ubone indlela ezilandelelana ngayo). Inani lokuqala likuxelela isahluko omawusikhangele, umzekelo isahluko 3. Inani okanye amanani alandelayo akuxelela ukuba ufune eyiphi ivesi okanye iivesi, umzekelo ivesi 16.

Iincwadi zeBhayibhile

Izibhalo ZesiHebhere (“ITestamente Endala”)

  • Izinto ezenzeka kudala nemithetho

    • IGenesis

    • IEksodus

    • ILevitikus

    • INumeri

    • IDuteronomi

  • Iincwadi ezithetha ngohlanga lakwaSirayeli

    • UYoshuwa

    • ABagwebi

    • URute

    • Eyoku-1 neyesi-2 kuSamuweli

    • Eyoku-1 neyesi-2 yooKumkani

    • Eyoku-1 neyesi-2 yeziKronike

    • UEzra

    • UNehemiya

    • UEstere

  • Imibongo

    • UYobhi

    • IiNdumiso

    • IMizekeliso

    • INtshumayeli

    • INgoma yazo iiNgoma

  • Iziprofeto

    • UIsaya

    • UYeremiya

    • IZililo

    • UHezekile

    • UDaniyeli

    • UHoseya

    • UYoweli

    • UAmosi

    • UObhadiya

    • UYona

    • UMika

    • UNahum

    • UHabhakuki

    • UZefaniya

    • UHagayi

    • UZekariya

    • UMalaki

IZibhalo zamaKristu zesiGrike (“ITestamente Entsha”)

  • Ubomi bukaYesu nomsebenzi wokushumayela (Iincwadi zabavangeli)

    • UMateyu

    • UMarko

    • ULuka

    • UYohane

  • Izinto ezenzeka kwibandla lokuqala lamaKristu

    • IZenzo

  • Iileta eziya kumabandla amaKristu

    • KwabaseRoma

    • Eyoku-1 neyesi-2 yabaseKorinte

    • KwabaseGalati

    • KwabaseEfese

    • KwabaseFilipi

    • KwabaseKolose

    • Eyoku-1 neyesi-2 kwabaseTesalonika

  • Iileta eziya kubazalwana

    • Eyoku-1 neyesi-2 kuTimoti

    • KuTito

    • KuFilemon

  • Iileta eziya kumaKristu

    • KumaHebhere

    • KuYakobi

    • Eyoku-1 neyesi-2 kaPetros

    • Eyoku-1 eyesi-2 neyesi-3 kaYohane

    • KuYuda

  • Isiprofeto

    • ISityhilelo

a Ukuze ubone zonke iincwadi zeBhayibhile, abazibhalayo, nokuba zabhalwa nini, jonga umxholo othi “Iincwadi ZeBhayibhile.”

b Ezinye iincwadi zeBhayibhile zazibhalwe ngesiAramaic, ulwimi olusondeleyo kwisiHebhere.

c Abafundi abaninzi bakhetha ukusebenzisa ‘iZibhalo zesiHebhere’ ‘neZibhalo zamaKristu zesiGrike.’ Ezi zibhalo azibonisi ukuba ‘iTestamente Endala’ iye yaphelelwa lixesha yaza yathatyathelwa indawo ‘yiTestamente Entsha.’

d Jonga nomxholo othi “Ngaba IBhayibhile Itshintshiwe?”

e Abantu abaninzi bayakuthanda ukufunda INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele kuba ichanile futhi kulula ukuyifunda. Jonga inqaku elithi “Ngaba INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ichanile?”

f Ezi zibhalo zibizwa ngokuba yiApocrypha. Ngokwe-Encyclopædia Britannica, eli gama alibhekiseli “kwiincwadi ezaziwayo zeBhayibhile.”

g Ukuze ufunde okungakumbi, jonga umxholo othi “Iincwadi Zevangeli Ezingaphefumlelwanga—Ngaba Ikho Enye Inyaniso Efihlakeleyo NgoYesu?”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share