IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/14 iphe. 16
  • Ubulumko Buyamemeza—Uyabuva Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubulumko Buyamemeza—Uyabuva Na?
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • “Unoyolo Umntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ubulumko Bokwenene Butsho Ngesikhalo Esikhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • ‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
    Sondela KuYehova
  • Ukusebenzisa KukaYehova “Ubudenge” Ukuze Asindise Abakholwayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 5/14 iphe. 16
AmaNgqina kaYehova ancokola nebhinqa ngeBhayibhile

‘Ubulumko Buyamemeza’ Uyabuva na?

“Abumemezi na ubulumko, nokuqonda akulivakalisi na ilizwi lako? Buzimisa phezulu, ekudibaneni komendo, kwiindawo eziphakamileyo. . . . Ekungeneni emasangweni budanduluka kakhulu.”​—IMIZEKELISO 8:1-3.

UBULUMKO buxabiseke kakhulu. Ngaphandle kwabo, besiya kubhatyaza sibhatyazile. Ngoko, bunokufunyanwa phi ubulumko bokwenene? Umbhali wencwadi yeMizekeliso uthi bufumaneka kuMdali wethu. Ubulumko bakhe bunokufunyanwa ngumntu wonke kwincwadi ekhethekileyo, iBhayibhile. Khawujonge le mizekelo ilandelayo:

  • IThe World Book Encyclopedia ithi iBhayibhile “yeyona ncwadi yakhe yasasazwa kakhulu embalini. Iye yaguqulelwa ngeelwimi ezininzi kunayo nayiphi na enye incwadi.” Ngoku iBhayibhile ifumaneka ngeelwimi ezimalunga ne-2 600, nto leyo eyenza ifumaneke kubantu abangaphezu kwe-90 pesenti emhlabeni wonke.

  • Ubulumko buphinda ‘bumemeze’ ngokoqobo. KuMateyu 24:14 sifunda oku: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela [kwehlabathi].”

Ezo “ndaba zilungileyo” zibubulumko bokwenene kuba zithetha ngendlela uThixo aza kuziphelisa ngayo iingxaki zabantu​—esebenzisa uBukumkani bakhe. Obo Bukumkani ngurhulumente kaThixo oza kulawula umhlaba wonke (Daniyeli 2:44; 7:13, 14). Kungenxa yoko le nto uYesu Kristu wathandaza wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” ​—Mateyu 6:9, 10.

AmaNgqina kaYehova akujonga njengelungelo ukuvakalisa uBukumkani bukaThixo kumazwe ayi-239. Ngaloo ndlela, ubulumko bukaThixo ‘bumemeza’ ngokwenene, “ekungeneni emasangweni.” Uyabuva na?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share