ISIFUNDO 17
Unjani UYesu?
Xa sifunda ngezinto uYesu awayezithetha nawayezenza xa wayelapha emhlabeni, sibona iimpawu ezisisondeza kuye nakuTata wakhe, uYehova. Zeziphi ezinye zezi mpawu? Thina sinokumlinganisa njani uYesu kubomi bethu?
1. UYesu ufana njani noTata wakhe?
Ezulwini, uYesu wabukela uTata wakhe obathandayo abantu waza wafunda kuye kangangeminyaka emininzi kakhulu. Ngenxa yaloo nto, ucinga aze enze izinto njengaye. (Funda uYohane 5:19.) UYesu ulinganisa iimpawu zikaTata wakhe kakhulu kangangokuba wade wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.” (Yohane 14:9) Xa ufunda ukuba uYesu unjani, uza kumazi bhetele uYehova. Ngokomzekelo, indlela uYesu awayebakhathalele ngayo abantu ibonisa indlela uYehova akukhathalele ngayo.
2. UYesu ubonise njani ukuba uyamthanda uYehova?
UYesu wathi: “Ukuze ihlabathi lazi ukuba ndiyamthanda uTata, ndiza kuhlala ndizenza izinto andiyalele zona.” (Yohane 14:31) Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wabonisa indlela amthanda ngayo ngokumthobela naxa kwakunzima. Indlela awayemthanda ngayo uTata wakhe, wayefuna ukuthetha ngaye aze ancede nabanye abantu babe ngabahlobo bakhe.—Yohane 14:23.
3. UYesu wabonisa njani ukuba uyabathanda abantu?
IBhayibhile ithi uYesu ‘ubathanda ngokukhethekileyo abantu.’ (IMizekeliso 8:31, umbhalo osemazantsi) Wabonisa indlela abathanda ngayo ngokubakhuthaza nangokubanceda. Wenza imimangaliso eyayingabonisi nje amandla anawo kodwa nendlela abacingela ngayo abantu. (Marko 1:40-42) Wayebaphatha kakuhle bonke abantu, engakhethi buso. Amazwi akhe ayebathuthuzela aze abenze babe nethemba abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo ababemmamela. UYesu wayengenangxaki yokuphathwa kabuhlungu nokufa ngenxa yokuthanda kwakhe abantu. Kodwa ubathanda kakhulu abantu abazenzayo izinto awazifundisayo.—Funda uYohane 15:13, 14.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Funda ezinye izinto ezibonisa ukuba uYesu unjani, uze ucinge nangeendlela onokubonisa ngazo ukuba uyabathanda abantu, ibe ufuna ukubanceda njengoYesu.
4. UYesu uyamthanda uTata wakhe
Umzekelo kaYesu usifundisa indlela esimele sibonise ngayo ukuba siyamthanda uThixo. Funda uLuka 6:12 nize nincokole ngombuzo. Emva koko, funda uYohane 15:10, no-17:26 nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:
Singabonisa njani ukuba siyamthanda uYehova njengoYesu?
UYesu wayemthanda uTata wakhe osezulwini, wayethandaza qho kuye
5. UYesu ubakhathalele abantu
UYesu wayebakhathalele kakhulu abanye abantu ngaphezu kwesiqu sakhe. Naxa wayediniwe, wayesebenzisa ixesha namandla akhe ukuze abancede. Funda uMarko 6:30-44, nize nincokole ngale mibuzo:
Kwezi vesi, zeziphi ezinye iindlela uYesu awabonisa ngazo ukuba ubakhathalele abantu?—Jonga ivesi 31, 34, 41, no-42.
Yintoni eyayisenza uYesu abancede abantu?—Jonga ivesi 34.
Kuba uYesu elinganisa iimpawu zikaYehova, ikufundisa ntoni yonke le nto ngoYehova?
Zeziphi ezinye iindlela esinokubakhathalela ngazo abantu njengoYesu?
6. UYesu uyakuthanda ukupha
UYesu wayebapha into anayo abantu ngoku wayengenazinto zininzi. Usixelela ukuba nathi masibaphe abantu izinto. Funda iZenzo 20:35, nize nincokole ngalo mbuzo:
UYesu uthi yintoni enokusenza sivuye?
Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
Zeziphi iindlela esinokubapha ngazo abantu nokuba asinazinto zininzi?
Ngaba ubuyazi?
IBhayibhile isifundisa ukuba sithandaze kuYehova egameni likaYesu. (Funda uYohane 16:23, 24.) Xa sithandaza ngolo hlobo sibonisa ukuba siyayibulela into uYesu awasenzela yona ukuze sikwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova.
ABANYE ABANTU BATHI: “UThixo akayikhathalelanga indlela esiphila kabuhlungu ngayo.”
UYesu usenza sibone ukuba uTata wakhe unjani. Izinto awayezenza uYesu zibonisa njani ukuba uYehova usikhathalele?
UFUNDE NTONI?
UYesu uyamthanda uYehova nabantu. Kuba uYesu efana noTata wakhe, xa usiya ufunda ngoYesu uza kuya umazi uYehova.
Khawutsho
Singabonisa njani ukuba siyamthanda uYehova njengoYesu?
Singabonisa njani ukuba siyabathanda abantu njengoYesu?
Yintoni oyithanda kakhulu wena ngoYesu?
JONGA NEZI ZINTO
Funda ngezinye iimpawu zikaYesu esinokuzilinganisa.
“Ukuze Ulinganise UYesu, Yiba Ngumntu . . .” (UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi, iphepha 317)
Funda ukuba kutheni sifanele sithandaze egameni likaYesu.
“Kutheni Sifanele Sithandaze Egameni LikaYesu?” (IMboniselo, Februwari 1, 2008)
Ngaba iBhayibhile iyatsho ukuba uYesu unjani ngaphandle?
Singafunda ntoni kwindlela uYesu awayewaphatha ngayo amabhinqa?
“UThixo Uwaphatha Ngembeko Nangesidima Amabhinqa” (IMboniselo, Septemba 1, 2012)