IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w20 Septemba iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • URhulumente
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Imbono YamaKristu Ngegunya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • “Bonwabile Abo [Bathembekileyo]” KuYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
w20 Septemba iphe. 31
Umfanekiso kaYehova ehleli kwitrone ye-emeraldi ejikelezwe ziingelosi. Itrone ijikelezwe kukukhanya.

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba iNtshumayeli 5:8 ithetha ngabaphathi abangabantu okanye ithetha nangoYehova?

Le vesi ithi: “Ukuba ubona igosa eliphakamileyo licinezela ihlwempu okanye lisenza ngokungekho mthethweni kwilungisa elikwingingqi yakho, mayingakothusi loo nto, kuba lijongiwe ngulowo ungentla kulo, ibe bakhona nabangaphezulu kubo bobabini.”​—INtshu. 5:8.

Xa siyifunda le vesi, ivakala ngathi ithetha ngabantu abasemagunyeni. Kodwa xa sicingisisa ngayo, iyathetha nangoYehova, ibe loo nto iyasithuthuzela.

INtshumayeli 5:8 ithetha ngomphathi owenza ngokungekho mthethweni nocinezela umntu olihlwempu. Lo mphathi umele angalibali ukuba kusenokwenzeka ukuba ujongiwe ngumphathi wakhe okanye ngumphathi womphathi wakhe. Kusenokwenzeka ukuba kukho nabaphathi bakarhulumente abakhulu kakhulu kunabo baphathi. Okubuhlungu kukuba, kusenokwenzeka ukuba bonke abaphathi bakarhulumente banamaqhinga kwaye bayaqhatha. Loo maqhinga abo aye abangele iingxaki kubantu ababaphetheyo.

Nokuba izinto ezenzekayo zisenza singabi nathemba, simele sithuthuzelwe kukwazi ukuba noyena mphathi uphezulu kurhulumente ujongiwe nguYehova. Sinokucela uThixo asincede, siphose yonke imithwalo yethu kuye. (INdu. 55:22; Fil. 4:6, 7) Siyazi ukuba “amehlo kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke ukuze abonise amandla akhe ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.”​—2 Kron. 16:9.

Ngoko iNtshumayeli 5:8 isenza siqonde ukuba koorhulumente babantu, kusoloko kukho umntu onengunya ngaphezu komnye. Eyona nto ibalulekilyo kukuba, le vesi isinceda singalibali ukuba uYehova ngoYena Mphathi Mkhulu kubo bonke. Ngoku uyalawula ngoNyana wakhe uYesu Kristu, onguKumkani woBukumkani bakhe. USomandla, ojonge zonke izinto ezenzekayo nabo bonke abantu, zonke izinto uzenza ngobulungisa, unjalo ke noNyana wakhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share