IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwex inqa. 3
  • Bandinceda Bengandazi Nokundazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bandinceda Bengandazi Nokundazi
  • Amava
  • Amanqaku Afanayo
  • Musa Ukutyhafa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Amavili—Ubomi Bakho Bunokuxhomekeka Kuwo!
    Vukani!—2004
  • Ndinokuyeka Njani Ukusela?
    Vukani!—1993
  • “Sikhona! Thumani Thina!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Amava
ijwex inqa. 3
UBob uhleli kwiwheelchair yakhe ebukele abantwana bamaNgqina betshintsha ivili leveni yakhe

Bandinceda Bengandazi Nokundazi

Ngeny’ imini eAlberta, eliphondo laseKhanada uBob wayeqhuba iveni yakhe ngesantya esingu-100, kwakubanda futhi umoya ubhudla ngamandla. Esathe chu njalo kwagqabhuka ivili langemva, engaqinisekanga ukuba kwenzeke ntoni, zange amise kuba wayesele eza kufika apho aya khona.

UBob wabhala ileta echaza into eyenzekileyo, wayithumela kwiHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova. Wathi “Ndisaqhuba njalo, kwathi gqi enye imoto yazohamba apha ecaleni kwale yam, yayinabafana abathathu namantombazana amabini. Bahlisa ifestile, bandixelela ukuba ivili lam ligqabhukile. Samisa ecaleni baza bathi baza kunditshintshela. Ndabe phofu ndingayazi noba ndinalo na elinye ivili nezinto zokulitshintsha. Benxibe kakuhle benjalo, bajonga phantsi kweveni, balifumana elinye ivili nezinto zokulitshintsha. Balitshintsha, kwabe kubanda kusiwa nekhephu, ndabe mna ndihleli kwisitulo sam esihamba ngamavili. Ndandingazukwazi ukuzenzela yonke le nto, bandinceda.

“Ndifuna ukuthi enkosi kwaba bantwana bamaNgqina bandincedayo. Benceda mna nje babesendleleni beyoshumayela emizini. Kwabamnandi ukubabona beyenza le nto bayishumayelayo. Ukuba babengandincedanga andiyazi ukuba ndandiza kuthini, ndibabulela nyhani. Bendingayazi ukuba uThixo angandinceda kanje.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share