Ukunceda Amaxhoba Aye Athuthunjiswa
NGUMBHALELI KAVUKANI! EDENMARK
“KULULA UKUNGCIBA AMATHAMBO AWAPHUKILEYO KUNOKUBOPHA INTLIZIYO EYAPHUKILEYO.”—UGqr. Inge Genefke.
MFANA uthile uzithele chu wehlisa esinye sezitrato ezipholileyo kwisixeko saseYurophu aze ajonge izinto ezithengiswayo kwifestile yenye ivenkile. Engalindele, suke wangcangcazelelwa zizandla. Amadolo azal’ ingevane. Uzibamba emqaleni ngokungathi utsarhiwe. Kuloo festile, wayesandul’ ukubona izithunzi zamapolisa amabini agaxeleyo. Lo mfana wayengaphulanga mthetho, ngoko wayengenasizathu sakoyika. Kodwa, ukubona nje amadoda agaxeleyo kumkhumbuza kwindawo ekumawakawaka eekhilomitha nakwiminyaka emininzi eyadlulayo awathi wathuthunjiswa ngayo.
Kusenokuba kukho izigidi zamadoda, amabhinqa kwanabantwana abaye batyhubela kwimeko efanayo. Isenokuba ngumntu omaziyo oye watyhubela kwimeko efanayo. Eli xhoba lenkohlakalo kusenokwenzeka ukuba yimbacu okanye umphambukeli oye wafudukela kufutshane nalapho uhlala khona. Kusenokwenzeka ukuba abantwana balo bafunda nabakho. Kusenokwenzeka ukuba ulibona lingummelwane ozithuleleyo, ozolileyo, osoloko ezibumbile. Kodwa imbonakalo yangaphandle ingakuqhatha; usenokuba uqume intlungu alwisana nayo njengoko ezama ukuhlangabezana neenkumbulo zokubandezeleka emzimbeni nasengqondweni. Nantoni na ayibonayo—okanye ayivayo—inokumenza akhumbule impatho-mbi yexesha elidluleyo. Elinye ixhoba lithi: “Nanini na ndisiva usana olulilayo, ndicinga ngabantu endakha ndabeva belila entolongweni. Nanini na ndisiva uvuphu emoyeni, ndikhumbula ukunqasha kwentonga—isandi esasivakala ngaphambi kokuba itye kum.”
Ukuthuthumbisa akusetyenziswa kuphela ngabezobupolitika abangamatsha-ntliziyo okanye amaqela abagrogrisi. Kumazwe amaninzi kusetyenziswa nayimikhosi yamajoni namapolisa. Ngoba? Ukuthuthumbisa yindlela ekhawulezayo nesebenzayo yokufumana inkcazelo ethile, yokumenza umntu avume into, yokufumana ubungqina bokuba ubani unetyala, okanye yokuziphindezelela. Ngokutsho kogqirha waseDenmark uInge Genefke, ingcaphephe kulwazi ngokuthuthumbisa, kwezinye iimeko oorhulumente “baye baqalisa ulawulo baza bahlala kwizikhundla zabo besebenzisa ukuthuthumbisa.” Elinye ixhoba likubeka ngolu hlobo oku: “Babefuna ukundenzakalisa ukuze abanye babone ukuba kwenzeka ntoni xa umntu egxeka urhulumente.”
Abantu abaninzi banxulumanisa ukuthuthumbisa abantu nento eyayisenzeka kumaXesha Obumnyama. Ngapha koko, ngowe-1948, iZizwe Ezimanyeneyo zamkela iSindululo Sehlabathi Lonke Samalungelo Abantu, esithi: “Akakho umntu omele athuthunjiswe okanye akhohlakalelwe, ohlwaywe ngendlela engeyoyabuntu, okanye ethoba isidima.” (iGatya 5) Noko ke, ezinye iingcali zivakalelwa kukuba iimbacu zehlabathi ezingama-35 ekhulwini kwezisehlabathini ziyathuthunjiswa. Kutheni kwande kangaka nje ukuthuthumbisa? Achaphazeleka njani amaxhoba ako, yaye kunokwenziwa ntoni ukuze ancedwe?
Imiphumo
Akumangalisi ukuba, amaxhoba amaninzi okuthuthunjiswa ayabhaca kumazwe akumawawo aye kuqalisa ubomi kwenye indawo. Kodwa nangona esenokutshintsha indawo, intlungu—engokwasemzimbeni nengokwasengqondweni—iyaqhubeka. Ngokomzekelo, ixhoba lisenokuziva linetyala ngenxa yokuba lingakwazi ukukhusela abahlobo okanye izalamane ekuphathweni kakubi. Kwakhona lisenokungabathembi ngokunzulu abanye abantu, lisoyikela ukuba wonke umntu elidibana naye usenokuba nguntamnani. Umbhali uCarsten Jensen uthi: “Ixhoba lokuthuthunjiswa alisayi kuyeka ukuba ngathi lilahlekile. Alisoze liphinde lilithembe ihlabathi.”
Le nto iphumela kwintlungu esemzimbeni nomvandedwa, zinto ezo ezinokuphazamisa ixhoba elo kunye nomntu ozama ukulinceda. Ingxaki esemzimbeni inokunyangeka ngokulula, kodwa akunjalo ke ngesengqondweni. UGqr. Genefke uvuma ngelithi: “Ekuqaleni sasiqiqa ngelithi, ‘Hay’ ke, sakubabopha amathambo—bagoduke.’ Kodwa akuzange kube kudala saqonda ukuba banqunqwa yintlungu esentliziyweni.” Noko ke, uGqr. Genefke uthi: “Bekusothusa ukufumanisa ukuba kunokwenzeka ukuthomalalisa nokunceda amaxhoba, kwanokuba sele kudlule iminyaka emininzi.”
Ngowe-1982, eCopenhagen’s National Hospital, uGqr. Genefke kwakunye nabanye oogqirha baseDenmark baseka icandelo elithile lokunyanga iimbacu ezazingamaxhoba okuthuthunjiswa. Kula maqalela mancinane kwavela iziko elisehlabathini lonke elibizwa ngokuba yi-International Rehabilitation Council for Torture Victims (IRCT). Kwikomkhulu lalo eliseCopenhagen, eli bhunga lalathisa umsebenzi wokuhlangula lisebenzisa amaziko ali-100 ehlabathini lonke. Ukutyhubela iminyaka, eli bhunga liye lafunda izinto ezininzi eziphathelele ukunceda amaxhoba okuthuthunjiswa.
Indlela Yokuxhasa
Kusoloko kuluncedo ukuba amaxhoba athethe ngezinto eziwehlelayo. Ulwandlalo oluvela kwi-IRCT luthi: “Kwiminyaka emalunga nama-20, amaxhoba okuthuthunjiswa ayesoloko engamaxhoba ngeendlela ezimbini. Okokuqala ngokuchanabeka kukuthuthunjiswa ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni, yaye okwesibini ngokungakwazi ukuthetha ngaloo nto.”
Kuyavunywa ukuba akumnandi ukuthetha ngomba obuhlungu njengokuthuthunjiswa. Kodwa ukuba ixhoba lifuna ukuzityand’ igila kumhlobo walo aze umhlobo angafuni kuphulaphula, eli xhoba lisenokuphelelwa lithemba. Noko ke, kubalulekile ukuba ixhoba liqinisekiswe ukuba ukho umntu okhathalayo. Kambe ke, akukho mntu ufanele athi gxwabhabha kwimicimbi yomnye umntu. Ekugqibeleni, kuxhomekeke kwixhoba ukugqiba enoba kunini okanye ngubani elifuna ukuzityand’ igila kuye.—IMizekeliso 17:17; 1 Tesalonika 5:14.
Iingcali ezininzi zincomela ukuba kuqwalaselwe iinkalo eziphathelele ukuthuthunjiswa emzimbeni nasengqondweni. Amanye amaxhoba afuna uncedo lweengcaphephe. Unyango lusenokuquka ukuqeqesha inkqubo yokuphefumla nokuba nonxibelelwano.a Kudla ngokuqalwa ngokunikela ingqalelo kwimvakalelo yokuziva kukabani ehlazekile. Enye ingcali yathi kwelinye ibhinqa eladlwengulwa ngokuphindaphindiweyo laza labethwa: “Ukuziva kwakho uhlazekile kuyinto eqhelekileyo yaye kuyaqondakala. Kodwa khumbula ukuba asinguwe osehlazweni. Ngaba bantu bakwenze le nto.”
Abo Basinda Kwiinkampu Zoxinaniso
Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, izigidi zabantu zaphathwa ngokungenasidima ngendlela engathethekiyo kwiinkampu zoxinaniso zikaHitler. Phakathi kwaba bantu kwakukho amawakawaka amaNgqina kaYehova awayetshutshiswa ngenxa yokuba ala ukulahla iinkolelo zawo zonqulo. Ngokungathandabuzekiyo ukholo lwawo lwawanceda anyamezela iimeko ezilingayo. Njani?
Kude kudala ngaphambi kokuba avalelwe, la maKristu ayelifunda ngenyameko iLizwi likaThixo. Ngenxa yoko, akazange adideke kwakuvela izilingo, okanye abek’ ityala kuThixo ngenxa yokungapheli ngokukhawuleza kweentlungu. Ngokufundisisa iBhayibhile, la maNgqina afunda isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo nendlela aya kubuphelisa ngayo ngexesha lakhe elifanelekileyo. Ufundisiso lweBhayibhile lwawanceda afunda ukuba uYehova “uthanda okusesikweni” ibe ubathiyile abantu abaphatha kakubi abanye.—INdumiso 37:28; Zekariya 2:8, 9.
Kambe ke, uninzi lwaba basinde kwiinkampu zoxinaniso kwafuneka lujamelane nemiphumo ebuhlungu yokutshutshiswa kwabo. Njengoko lusenza loo nto lomelezwa ngakumbi kukulandela isiluleko sikampostile uPawulos. Ngoxa uPawulos wayesentlungwini kwintolongo yaseRoma, meko leyo eyayimfaka kunxunguphalo olungathethekiyo, wababhalela oku abo akholwa kunye nabo: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa kuyo yonk’ into zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo kunye nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olugqwesa yonke ingcamango luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 1:13; 4:6, 7.
Ngofundisiso lweBhayibhile, aba bagcini bengqibelelo baye bafunda ukuba uThixo uthembise ukwenza umhlaba ube yiparadesi, apho imiphumo ebuhlungu yokuthotywa isidima njengokuthuthunjiswa iya kupheliswa ekugqibeleni.
AmaNgqina kaYehova abelana nabamelwane ngeli themba lisekelwe eBhayibhileni kumazwe angaphezu kwama-230. Iimeko ezinzima zehlabathi ziwadibanisa nabantu abaninzi abaye babandezeleka ngenxa yenkohlakalo yabantu. Xa edibana namaxhoba okuthuthunjiswa, amaNgqina afuna ukwabelana naba bantu ngedinga leBhayibhile lekamva eliqaqambileyo. Hayi indlela akuvuyela ngayo ukusasaza iindaba ezimnandi zexesha elizayo apho ukuthuthunjiswa kuya kuba yinto yexa elidluleyo!—Isaya 65:17; ISityhilelo 21:4.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! akancomeli naluphi na unyango. AmaKristu afanele aqiniseke ukuba naluphi na unyango alusebenzisayo alungqubani nemigaqo yeBhayibhile.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 17]
“AKAKHO UMNTU OMELE ATHUTHUNJISWE OKANYE AKHOHLAKALELWE, OHLWAYWE NGENDLELA ENGEYOYABUNTU, OKANYE ETHOBA ISIDIMA.”—Igatya 5, Isindululo Sehlabathi Lonke Samalungelo Abantu
[Ibhokisi ekwiphepha 18]
INDLELA ONOKUNCEDA NGAYO
UKUBA KUKHO UMNTU OMAZIYO OCHACHA KWIMIPHUMO YOKUTHUTHUNJISWA, LA MACEBISO ALANDELAYO ANOKUBA LUNCEDO:
● Yiba nolwazelelelo. Usenokuthi: “Ndiyazi ukuba kubi kwilizwe osuka kulo. Wena usinda njani?”—Mateyu 7:12; Roma 15:1.
● Musa ukuzifunela okanye unikele uncedo ngenkani. Kunoko, yiba nobubele novelwano. Nceda ixhoba lazi ukuba ukulungele ukuphulaphula.—Yakobi 1:19.
● Kuphephe ukunikela uncedo olubaxiweyo. Musa ukuphazamisana nokuzihlonela kwexhoba okanye ungene kwizinto zalo zobuqu. Eyona nto ifunekayo kukuncedisana nalo ekuthwaleni lo mthwalo, kungekhona ukuzama ukuwuthwala wonke.