Ukukhohlakala Kwabantu—Ngaba Kuya Kuze Kuphele?
Umbhalo wenkupho kaVukani kaMatshi 8, 2000, exubusha ngengxaki yobukhoboka esisintsompothi, ngokulusizi ethe nqo iindawo ezithile ehlabathini, wanikwa uMphathiswa Ojongene Nokumanyana Kwabantu eItali, uLivia Turco. Kwileta awayibhalela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseItali, wathi:
“Iindlela ezikhoyo zobukhoboka, ezichaphazela amabhinqa nabantwana ubukhulu becala, ziyingxubakaxaka enkulu apho izigidi zabantu zisathwaxwa yinkohlakalo.” Waqwela ngelithi: “Nayiphi na imbono echasa eli nyala inegalelo elingathethekiyo, yaye xa ifikelela abantu abaninzi njengabafundi [bakaVukani!], iba negalelo elikhulu ngakumbi.”
Ngenxa yokusasazwa kwemibhalo kaVukani! engaphezu kwezigidi ezingama-20 ngeelwimi ezingama-82, izigidi zabafundi azichazelwa nje kuphela ngendlela eziyiyo iingxaki zanamhlanje kodwa zikwanikwa nezicombululo zazo ezisekelwe eBhayibhileni.
Kodwa kusaphakama lo mbuzo, Ukuba ngokwenene uThixo ukho, kutheni evumele ukubandezeleka kabuhlungu kwabantu abamsulwa? Abaninzi bazibuza ukuba, ‘Ndingamthanda njani uMdali onobulumko obucaciswa yimimangaliso ayidalileyo kodwa obonakala ngathi akanamfesane ebantwini namhlanje?’ Imibuzo enjalo iphendulwa ngendlela eyanelisayo kwincwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Ungazicelela umbhalo wayo ngokuzalisa iphetshana elingezantsi uze ulithumele kwidilesi eboniswe kweli phetshana okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndithumeleni umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.