Ngaba Ubona Ngaphezu Kokuba Amehlo Akho Enokwenjenjalo?
ABAQHUBI beenqwelo-mafutha ngokuqhelekileyo abanakubona kwigophe elisitheleyo. Kodwa ngoncedo lwesipili esibekwe kweli gophe, banokuzibona iinqwelo-mafutha ezizayo baze baphephe ukwenza ingozi. Ngokufanayo, enyanisweni abantu abanakumbona uMdali ongabonakaliyo. Ngaba ikho indlela yokwazi ukuba Ukho?
Umbhali wenkulungwane yokuqala wachaza indlela esinokukuqonda ngayo oko singenakukubona. Wabhala wathi: “Iimpawu [zikaThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka.”—Roma 1:20.
Khawucinge nje ngoku. Ngaba izinto ezisingqongileyo ezingenakudalwa mntu azikubonisi ubukrelekrele? Ngaba izinto ezinjalo zikunceda ubone “ngamehlo akho engqondo” ukuba kukho uthile ongaphezu komntu? Makhe siqwalasele eminye imizekelo.—Efese 1:18, King James Version.
Ukufunda Kwindalo
Ngaba akuchukunyiswa bubuhle besibhakabhaka esiqaqambileyo, esizaliswe ziinkwenkwezi ngobusuku obungenanyanga, ubona kuso ubungqina bokuba kukho uMenzi Ozukileyo? Omnye owayesibukele mandulo wathi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” Le ndoda yathi icinga: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?”—INdumiso 8:3, 4; 19:1.
Kungokwemvelo ngathi ukuchukumiseka yindalo emangalisa kangangokuba ibe ayinakudalwa ngumntu. Omnye umbongo odumileyo uthi: “NguThixo kuphela onokwenza umthi.” Kodwa eyona nto imangalisa gqitha kukudalwa kosana, okwenzeka ngaphandle kwabo nabuphi na ubuchule babazali balo. Xa idlozi elisuka kutata lidibana neqanda likamama, ngokukhawuleza kuzotywa iiplani kwiDNA yale seli intsha isandul’ ukuyilwa ukuze kuveliswe umntwana. Kuthiwa: “Ukuba imiyalelo ekwiDNA ibinokubhalwa phantsi, ibiya kuzalisa iincwadi eziliwaka ezinamaphepha angama-600.”
Isesisiqalo nje eso. Iseli yokuqala iqhekeka kubini, zibe ne, zibe sibhozo, njalo njalo. Malunga nasemva kweentsuku ezingama-270, usana olubunjwe ngamawaka ezigidi zeeseli eziphilayo eziziindidi ezingama-200 luyazalwa. Yaye cinga nje ukuba iseli yokuqala ngaphakathi kuyo ibinenkcazelo yokwenza iindidi ngeendidi zeeseli nokuzivelisa kanye ngexesha elililo! Ngaba akushukunyiselwa ukuba udumise uMdali wethu? Phawula indlela umdumisi awamdumisa ngayo xa wathi: “Kuba wena wavelisa izintso zam; wandibiyela esiswini sikama. Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.”—INdumiso 139:13-16.
Abo baye bafunda ngale “mimangaliso” bazaliswa luloyiko. UGqr. James H. Hutton, owayesakuba ngumongameli wombutho weState Medical waseChicago naseIllinois, wathi ayamothusa “amandla angummangaliso eseli okudlulisela kwezinye iiseli inkcazelo efanele iveliswe. Ngokwenene kuyamangalisa ukuba izazinzulu ezingabaphengululi ziye zakwazi ukufunda ngezinto ezinjalo. Kodwa zimele ukuba zacwangciswa ngoBukrelekrele bukaThixo.”
UGqr. Hutton waqhubeka esithi: “Ngolu lwazana ndinalo ngamadlala, izifundo ngemisebenzi nezigulo zala madlala zongezelela kulweyiseko endinalo lokuba, ezi zinto zintsonkothe ngokumangalisayo nokwenza kwazo umsebenzi obalulekileyo kwabangelwa ngaMandla kaThixo.” Waqukumbela ngelithi: “Ukucinga ngezi zinto kum kubonakala kusisizathu esinyanzelisa umntu ekukholelweni ukuba umntu onamandla angenakuthelekiswa nanto nowazi konke wawuceba umhlaba, wawuzinzisa waza wawongamela.”
Emva kokuqwalasela zonke ezi zinto, uGqr. Hutton wabuza: “Ngaba unguThixo ophawula ukuwa kongqatyana ngamnye?” Waphendula: “Ndibuyithandabuza loo nto. Andiyikholelwa neyokuba uyikhathalele imisetyenzana yam engabalulekanga endiyenza umhla nezolo.”
Kutheni abaninzi bebona ubukrelekrele “kwimimangaliso” yendalo kodwa babuthandabuze ubukho bukaThixo olukhathaleleyo uluntu?
Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
Abaninzi baqiqa ngelithi ukuba ebekho uThixo, ebengayi kuvumela uluntu ukuba lubandezeleke kangaka. Umbuzo oqhelekileyo odla ngokubuzwa ngabanye ngowokuba, “Wayephi uThixo xa sasimfuna?” Omnye owasinda ekubulaweni kwezigidi ngezigidi ngamaNazi kwiMfazwe Yehlabathi II wayebuhlungu kukubandezeleka awakubonayo kangangokuba wathi: “Ukuba unokukhotha intliziyo yam, ibiya kukutyhefa.”
Ngoko kwabaninzi kuyingxaki. Ngokutsho kwalo mbukeli wamandulo, ubungqina bobukho boMdali bucaca xa sihlolisisa ukulungelelana okungummangaliso kwezinto nokwakhiwa kwazo. Kodwa, ukuba unguThixo osikhathaleleyo, ukuvumela njani ukubandezeleka kabuhlungu kangaka? Ukuze simqonde size simnqule kakuhle uThixo, simele sifumane impendulo eyanelisayo kulo mbuzo ubalulekileyo. Sinokuyifumana phi?
Siyakucela ukuba uzifumanele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Kwiphepha 32 lalo Vukani!, uya kufumana indlela yokuzicelela. Sivakalelwa kukuba ukuhlolisisa ngenyameko icandelo elithi “Isizathu Sokuba UThixo Evumele Ukubandezeleka” nelithi “Ube Yintoni Umphumo Wemvukelo?” kuya kukunika iimpendulo ezanelisayo.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ngaba ezi zinto zikwenza ubone ubungqina bobukho boMdali?