Isizathu Sokuba Kubekho Ingxaki Yemilinganiselo Yokuziphatha
NGO-OKTOBHA odluleyo, umbhali waseLoja, e-Ecuador, wabonisa uxabiso ngobulungiseleli bamaNgqina kaYehova. Phakathi kwezinye izinto wathi:
“Enye yezona ngxubakaxaka zithwaxa uluntu yingxaki yemilinganiselo yokuziphatha . . . Kubonakala ngathi abantu balibele ukuzalisekisa iMithetho Elishumi yaye abasihoyi isazela sabo, zinto ezo ezithintela ukuqondana kwabantu. Naphi na suku ngalunye, siva ngentiyo, ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho, ukuthutyeleziswa kweziyobisi, ubugrogrisi nokungahlonelwa kwesidima sabantu. . . .
“AmaNgqina kaYehova ngaphandle kokuzigwagwisa, enza umsebenzi wawo ngoxolo nangendlela ezolileyo, etyelela abamelwane bawo kwindlu ngendlu, ehambisa amaphephancwadi awo amahle, IMboniselo noVukani!, ekupapashwa kuwo amanqaku abangela umdla. Ingakumbi uVukani! ugubungela imibandela emininzi ebangela umdla nengenakuphikiswa yenzululwazi nokuhlala kwabantu. Yonke le mibandela ibhalwe ngokucace ngendlela echukumisayo nangokuchanileyo.”
Namhlanje ingxaki yemilinganiselo yokuziphatha icacile, kodwa ngokutsho kwephepha 4 leli phephancwadi kwicandelo elithi “Isizathu Sokupapashwa KukaVukani!,” uVukani! “uphanda nzulu aze alathe kwintsingiselo yokwenene yeziganeko zangoku.” Incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? ithi abantu babandezelekile, kodwa ichaza ngokungakumbi. Ichaza isizathu sokuba kubekho ingxaki yemilinganiselo yokuziphatha kunye nobukho bemiphumo yayo emibi. Okubaluleke ngakumbi, ityhila indlela esiya kubakho ngayo isiqabu.
Unokuzicelela umbhalo wale ncwadana inemifanekiso ithuthuzelayo inamaphepha angama-32 ngokuzalisa uze uthumele eli phetshana kwidilesi eboniswe kulo okanye kwefanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ncedani nindithumele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.