Isizathu Sokuba Ndingatshayi!
LO YAYINGUMXHOLO owanikwa abafundi abangamakhulu ababenenxaxheba kukhuphiswano lokubhala isincoko olwalubandakanya ilizwe lonke, olwaluququzelelwa yi-Missouri State Medical Association (MSMA) eUnited States. Ngabafundi abamalunga nama-675 abavela kwizikolo ezingama-42 ababa nenxaxheba kolo khuphiswano. UBreanna, intwazana ene-12 leminyaka ubudala, waphum’ emagqabini yaye isincoko sakhe sashicilelwa kwiphephandaba le-MSMA i-Missouri Medicine. UBreanna wanikwa nethuba lokufunda isincoko sakhe phambi kweendwendwe ezazize kuzimasa indibano yaminyaka le ye-MSMA. Ngaphambi kokuba afunde isincoko sakhe, uBreanna wathi kubaphulaphuli:
“Ndingomnye wamaNgqina kaYehova, yaye yonke into endiyibhale kwisincoko sam ndiyithabathe kwiphephancwadi elibizwa ngokuba nguVukani!. Enyanisweni, enye yeenxalenye endizithandayo kwesi sincoko ndiyifumene kwiphepha elingaphandle lale nkupho. Libonisa ukakayi olujingisa umdiza emlonyeni yaye linomxholo othi: ‘Ukuthengiswa Kwento Ebulalayo.’ Ukutyhubela iminyaka eli phephancwadi linguVukani! liye lapapasha amanqaku amaninzi athetha ngeengozi zokutshaya.”
AmaNgqina kaYehova akalisebenzisi kwaphela icuba. Akholelwa ukuba ukusebenzisa ngabom nantoni na engcolisa umzimba kubonisa ukungabi naxabiso ngesipho sobomi nokungabi nantlonelo ngoMdali. (IZenzo 17:24, 25) Ngenxa yoko, athobela esi siluleko seZibhalo sithi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.”—2 Korinte 7:1.
UBreanna ngomnye wolutsha oluninzi olungamaNgqina oluzabalazela ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile. Ngokuqinisekileyo, lonke olu lutsha luyayivuyisa intliziyo yoMdali walo.—IMizekeliso 27:11.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UBreanna (one-14 leminyaka ubudala ngoku) uphethe isincoko sakhe