Abantu Bazalwa Benomnqweno Wokufunda
“Iintaka ziyabhabha, iintlanzi ziyadada; abantu bayacamngca baze bafunde.”—UJOHN HOLT, UMBHALI OKWANGUMFUNDISI-NTSAPHO.
INKONYANA lexhama lima ngemilenze yalo emide ebhetyebhetye lize lilandele unina ligqiba nje ukuzalwa. Kwelinye icala, umntwana usenokungakwazi ukuhamba kangangonyaka. Sekunjalo, abantu banengqondo emangalisayo ukodlula nasiphi na isilwanyana. Oku kubonakala kumdla wabantwana wokufuna ukwazi nokufunda izinto ezintsha.
Ukuze banelise loo mdla, abantwana abasempilweni bafuna ukwazi yonke into eyenzekayo. Banike nje into, baya kuzama ukuyihlola besebenzisa zonke izivamvo zabo, de bafune nokuva incasa yayo! Yaye umdla wabo wokufuna ukwazi izinto ezintsha awupheleli apho. Njengoko bonke abazali besazi, wofika abantwana begoba, benkqonkqa, beshukumisa yaye besaphula nantoni na abayiphetheyo—yaye bayakuthanda oko—ngelokuzama ukuqonda nofunda izinto ezintsha.
Umnqweno onzulu wabantwana wokufuna ukufunda ubonakala nangakumbi xa beqalisa ukuthetha—nako okuyinto emangalisayo! Kweli nqanaba, akukho nto bangayibuziyo. Wofika bebuza imibuzo efana nale, ‘Yintoni le?’ ‘Yekabani?’ de umzali aphelelwe ngumonde. Umbhali uJohn Holt wathi: “Bafunda yonk’ into ngokukhawuleza nangomdla.”
Kodwa kwiminyaka embalwa kamva, kumazwe amaninzi abantwana baye bafunde ngendlela entsha—baba phakathi kwabafundisi-ntsapho, bafunde iincwadi yaye maxa wambi baba phakathi kwamakhulu abanye abantwana. Okubuhlungu kukuba emva kweminyaka besesikolweni, abantwana abaninzi baphelelwa ngumdla wokufunda. Bambi bade babone isikolo njengento ebangela uxinezeleko okanye ekruqulayo. Mhlawumbi oku kubangelwa kukungathandi izifundo okanye abafundisi-ntsapho abathile. Okanye baxinezeleka gqitha ngenxa yokuziva benyanzelekile ukuba bafumane amanqaku aphezulu.
Umntwana usenokuqhubeka enembono engalungelelananga ngokufunda de abe mdala, yaye ekugqibeleni usenokungafuni kwanto eza kumenza acingisise nzulu, afunde okanye enze uphando. Kukho umqobo owongezelelekileyo ekufuneka abantu abalupheleyo bawoyise—inkolelo yokuba kunzima ukufunda izinto ezintsha xa sele waluphele. Kodwa njengoko siza kubona, oku akunjalo.
Ngaba ufuna ukuphucula ubuchule nomnqweno wakho wokufunda kungakhathaliseki ukuba umdala kangakanani na? Ukuba ungumzali, ngaba ufuna abantwana bakho baphumelele baze bakunandiphe ukufunda ngoxa besesikolweni naxa sele begqibile? Ukuba kunjalo, nceda ufunde inqaku elilandelayo.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abantwana bayakuthanda ukufunda
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Okubuhlungu kukuba, abantwana abaninzi bayaxinezeleka esikolweni