Ngaba Kumnandi Ukwaluphala?
IXESHA li-6:30, yintsasa eqhaqhazelis’ amazinyo eSoweto, eMzantsi Afrika. UEvelyn kufuneka avuke ebhedini.a Emzini wakhe kubanda ceke, olu lusizi lokwenene.
Ucenga loo madolo akhe aqaqambayo ngenxa yesifo samathambo njengoko efuna ukuhlala phezu kwebhedi. Uyahlala aze alinde. Ngokuthe ngcembe, iintlungu ziyadamba emilenzeni. UEvelyn uyaziqinisa aze aphakame. Uyancwina ziintlungu. Ubambelele esinqeni, kanye njengokuba ‘nentethe izirhuqa,’ uEvelyn uyatotoba ukuya kwigumbi langasese.—INtshumayeli 12:5.b
UEvelyn uyazincoma esithi: ‘Isebenzil’ intomb’ endala!’ Asikuko nokuba nje uvuke esaphila nangolu suku, kodwa uye wakwazi nokuwutotobisa loo mzimba unamahlaba.
Kodwa isekho enye into emfak’ exhaleni. UEvelyn uthi: “Ingathi ndiza kushiywa ziingqondo.” Uyazilibala izitshixo zakhe ngamanye amaxesha, kodwa ingqondo yakhe isasebenza kakuhle. UEvelyn uthi: “Ndithandazela ukuba ndingashiywa ziingqondo, njengabanye abantu abadala.”
Ngeminyaka yobutsha bakhe, uEvelyn akazange ayicinge nokuyicinga into yokuba angaze aluphale. Ingathi iminyaka idlule ngephanyazo, ibe ngoku iintlungu zomzimba wakhe zimkhumbuza rhoqo ukuba uneminyaka engama-74 ubudala.
Abanye abaphila ubomi obubhetele kunoEvelyn bengakhathazwa ngamahlaba noxinezeleko, bajonga ngasemva baze bonwabele iminyaka yabo yokwaluphala. Njengosolusapho uAbraham, banokuba ‘ziingwevu ezinkulu, boluphele yaye bonelisekile.’ (Genesis 25:8) Abanye bafumana “imihla neminyaka emibi” yaye banokuthi: “Andonwabanga ebomini.” (INtshumayeli 12:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Kuhlolisiso oluthile olwenziweyo abantu abaninzi balijonga ixesha lomhlala-phantsi njengento elizothe yaye iphephancwadi iNewsweek ilibiza ixesha lokwaluphala ngokuthi lixesha leenzingo.
Ukujonga njani ukwaluphala? Ziziphi ezinye iinzima abajamelana nazo abantu abalupheleyo? Ngaba ukudodobala kwengqondo kuyinto engaphephekiyo ekwaluphaleni? Yintoni enokwenziwa ukuze abo balupheleyo bonwabele eli xesha lobomi?
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama kula manqaku atshintshiwe.
b Le ngxelo ekwincwadi yakudala yeBhayibhile yeNtshumayeli, kudala ijongwa njengombongo onengqiqo ochaza amahla-ndinyuka okwaluphala.