IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/06 iphe. 3
  • Unokulufumana Ulonwabo Lokwenene!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokulufumana Ulonwabo Lokwenene!
  • Vukani!—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Iphulo Lokufuna Ulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Indlela Yokufumana Ulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Ube Sempilweni Uze Wonwabe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ingxaki Yolutsha Olungonwabanga​—Isizathu? Yintoni Enokunceda?
    Vukani!—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 4/06 iphe. 3

Unokulufumana Ulonwabo Lokwenene!

ABANTU abaninzi ehlabathini lonke bakholelwa kwelokuba oyena ndoqo ukuze sonwabe kukuba nemoto engayiwayo, ube nentywenka yemali ebhankini, ukuba nomsebenzi ohlawulayo, ukuba nendlu enkulu, nokuba nezinto ze-elektroniki zezi mini, kuquka ukumila kakuhle okanye ukuba yindoda enezoso. Kodwa, ngaba ulonwabo lokwenene luxhomekeke ekubeni nezinto eziphathekayo?

Kwingxelo ekhethekileyo yephephancwadi iTime kuthiwa kuye “kwaphandwa gqitha ngendlela esinokulufumana ngayo ulonwabo, ngokuba nethemba, ukuba nesimo sengqondo esihle nokuba ngumntu oneempawu ezintle.” Imiphumo yolo hlolisiso iye yabothusa abantu abaninzi. Ubungqina bubonisa ukuba baziqab’ intshongw’ emehlweni abantu abaxhomekeke ekubeni nemali ukuze bonwabe, babe ngabantu abadumileyo, okanye babe bahle. Enyanisweni, ubomi babo babakhela phezu kwesiseko esinokuba yingozi ngokwasengqondweni nobusenokukhokelela kudandatheko.

EUnited States, abantu abaninzi bazizityebi ngaphezu kokuba babenjalo ngaphambili. ITime ithi: “Kodwa oko khange kusenze sonwabe.” Kakade ke, kunokuthethwa okufanayo nangabantu bamanye amazwe. Nakuba elaseTshayina lihambele phambili kwezoqoqosho, okothusayo kukuba liyanda inani labantu abangonwabanga. IAccess Asia ephuma kanye emva kweenyanga ezintathu ithi: “Ukuzibulala kuye kwangunobangela wokufa kwabantu abaphakathi kweminyaka eli-15 ukusa kwengama-34 ubudala.” Enye yezinto ezingunobangela woku kukuba abantu abaselula banyanzelwa ukuba baphumelele emsebenzini baze babe nezinto eziphathekayo.

Licacile elokuba, ukuba nezinto eziphathekayo ezininzi akuluphelisi udandatheko; kunoko kuyalubangela. Kuhlolisiso olwenziwe kwenye iyunivesithi kwathiwa: “Indlela esibuphila ngayo ubomi bethu ngoku iye yangoyena nobangela wokungazinzi ngokweemvakalelo nangokwasengqondweni.” Umhlalutyi ngezentlalo uVan Wishard uthi: “Abona bantu baba ngamalungu ezi-inshorensi iba ngabantu abaxinezelekileyo nabaphazamisekileyo engqondweni.”

Nkqu nabantwana bayachaphazeleka kukutshintsha kwehlabathi. UWishard uthi, ngoku kukho iincwadi zabantwana abaneminyaka esibhozo ubudala, ezibachazela “indlela abanokuzibona ngayo iimpawu zomntu odandathekileyo nendlela abanokujamelana ngayo nako.” Yaye ingxelo ethetha ngodandatheko kumazwe aliqela aseNtshona ithi, bande ngama-23 ekhulwini abantwana abafunyaniswe bedandathekile nto leyo eyothusayo. Ukongezelela abantwana abangekayi esikolweni ngabona bathenga iipilisi zokulwa noxinezeleko.”

Kwakhona bayanda abantu aboyikayo—yaye aboyiki ngenxa yokungaqiniseki kwemeko yezoqoqosho. Ngenxa yezopolitiko nonqulo, abantu abaninzi bayangcangcazela luloyiko xa becinga ngezinto abaseza kujamelana nazo kwixesha elizayo. Ngaba lukho uncedo?

Kangangeminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, uYesu Kristu wafundisa ngendlela yobomi eyahlukileyo, ehlaziyayo nengabangeli uxinezeleko. Eyona nto yayidluliselwa ziimfundiso zakhe yayicacile yaye yayiyinyaniso. Wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Ewe, uYesu wakhuthaza abo babemphulaphule ukuba banikel’ ingqalelo kwezona zinto ziyimfuneko—inyaniso ngoMdali wethu nangeenjongo Zakhe ngathi.

Njengokuba siza kubona kumanqaku alandelayo, oku kunokusinceda siqonde eyona nyaniso ibalulekileyo ekhokelela kulonwabo nakubomi obunenjongo. Kwakhona, le nyaniso yeBhayibhile isenza sibe nethemba eliqaqambileyo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]

Ngaba ulonwabo luxhomekeke ekubeni nezinto eziphathekayo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share