Okwenzeka Ehlabathini
◼ EMerika “phantse umntu omnye kwabane ugula ngengqondo kube kanye ngonyaka, yaye umntu omnye kwababini uza kugula ngengqondo enoba kunini na ngoxa esaphila.”—ISCIENCE NEWS, EUNITED STATES
◼ NgoSeptemba 2004, iSitshingitshane uIvan saphehla amaza aziimitha ezili-15 ukuphakama izihlandlo ezinokuba ngama-24 kwiNyoba yeMexico. Awona maza makhulu ayeziimitha ezingama-27 ukuphakama.—ISCIENCE, IPHEPHANCWADI LASEUNITED STATES
◼ Ukusetyenziswa kweecell phone ngoxa abantu beqhuba kuye kwawandisa amathuba eengozi ezinokubangela abantu baye esibhedlele ngokuphindwe kane, enoba bathetha kuyo bengayibambanga.—BMJ, EBRITANI
◼ Uludwe olutsha lweelwimi lokunceda abaguquleli beBhayibhile luneelwimi ezingama-6 912 ezithethwayo.—THE NEW YORK TIMES, EUNITED STATES
◼ Phezu kwazo nje izilumkiso zeengozi zokutshaya ebantwaneni, amabhinqa angama-30 ekhulwini ePoland ayatshaya ngoxa ekhulelwe okanye xa esanyisa.—ZDROWIE, IPHEPHANCWADI LASEPOLAND
Iimbono Abantu Abanazo Ngobutyebi
Iziko Lophando LaseOstreliya xa lalihlolisisa iimbono zabantu ngobutyebi lafumanisa ukuba ngusozigidi omnye kuphela kwabangama-20 eOstreliya ocinga ukuba izinto zimhambela kakuhle ebomini, itsho njalo iABC News Online. Ngokutsho kukaClive Hamilton ongumalathisi ophambili kweli Ziko, “okukhona sisiba zizityebi, kokukhona sisiya singaneliseki yimali esiyifumanayo.” Enyanisweni, ngabantu abali-13 ekhulwini kuphela kwabona bantu bafumana imali eninzi abaneliseke ngokupheleleyo bubomi. Lo kaHamilton uthi: “Kuyadida ukubona abantu befuna ubutyebi ngaphezu kwayo yonke enye into ngoxa ubungqina bubonisa ukuba zezinye izinto ebomini ezibangela ulwaneliseko kunemali.”
Inkunkuma Esemajukujukwini
Iphephancwadi iNew Scientist ithi: ”Khawucinge nje ngombhodamo onokwenzeka ukuba abaqhubi bebeshiya iimoto zabo endleleni zakuba ziphelelwe ngamafutha.” Ukanti, kwenzeka into efanayo kwiziphekepheke ezonakeleyo, nto leyo eyandisa amathuba okuba iziphekepheke ezitsha zingqubane nenkunkuma esemajukujukwini. Kuqikelelwa ukuba izinto ezinokuba li-1 120 ezingaphezu kweesentimitha ezingama-60 ububanzi zijikeleza esibhakabhakeni, kwindawo ezikuyo izixhobo zonxibelelwano, yaye zinokuba ngama-300 kuphela kuzo ezisebenzayo. Phakathi kwezinye izinto eziyingozi eziyinkunkuma esemajukujukwini, zizixhobo zenyukliya ezingama-32 ezingasasebenziyo.
Izixhobo Nemfazwe
Yathi yakuphela Imfazwe Yomlomo, ishishini lezixhobo ladodobala. Noko ke, kwiminyaka embalwa edluleyo, eli shishini liphinde lema ngeenyawo. Ngokutsho kwengxelo yeStockholm International Peace Research Institute (SIPRI), ngowama-2004 imali esetyenziselwe izixhobo ehlabathini lonke iye yafikelela kwizigidi zezigidi zeerandi ezisisi-6,62. Eli nani lithetha ukuba mntu ngamnye ehlabathini lonke, indoda, ibhinqa nomntwana bachitha imali ezii-R1 072 kwizixhobo. Ngokutsho kweSIPRI, kuye kwaliwa iimfazwe ezili-19 ngowe-2004 yaye kwimfazwe nganye kufe abantu abangaphezu kwe-1 000. Kwezi mfazwe, ezili-16 zithabathe iminyaka engaphezu kweshumi.
Iimoto Ezisebenzisa Iindidi Ezimbini Zamafutha
Imoto enye entsha kwezintathu ezithengiswa eBrazil zisebenzisa iindidi ezimbini zamafutha, litsho njalo iphephancwadi iVeja. Ezi moto zisebenzisa ipetroli nealkoholi efumaneka kumwoba, okanye umxube wazo zombini. Ukususela kowama-2003 ukusa kowama-2004, ialkoholi ethengiswayo yande ngama-34 ekhulwini. Oku akubangelwa yinkxalabo abantu abanayo ngendalo. Kodwa kungenxa nje yokuba kubiza imali encinane ukusebenzisa imoto ehamba ngala mafutha. URafael Schechtman, umalathisi weBrazilian Center of Infrastructure ucacisa esithi, ezi moto zinceda “umqhubi xa ipetroli iphelile okanye inyuka ngexabiso. Ukuba ixabiso lealkoholi linyukile, usebenzisa ipetroli, naxa ipetroli inyukile usebenzise ialkoholi.”