Okwenzeka Ehlabathini
◼ Kwisithuba seenyanga ezili-15, kufunyenwe iimveku ezingama-82 zilahliwe kwizitrato zesiXeko saseMexico, ezingama-27 kuzo zifile.—EL UNIVERSAL, EMEXICO.
◼ Kuhlolisiso olwenziwe kwimiqolomba ekwiipaki ezimbini zaseKhalifoniya, eUnited States, kufunyenwe izilwanyana ezingaziwayo ezingama-27. UJoel Despain, isazi ngemiqolomba kwiNational Park Service uthi: “Oku kubonisa indlela oluncinane ngayo ulwazi esinalo ngehlabathi elisingqongileyo.”—SMITHSONIAN, EUNITED STATES.
◼ Abantu abangama-20 ekhulwini ehlabathini abanawo amanzi okusela. Abangama-40 ekhulwini abanazo izindlu zangasese ezigungxulwayo.—MILENIO, EMEXICO.
◼ Abazingeli abangenamvume babulala izilwanyana ezinokuba ngama-20 000 ukusa kwezingama-30 000 ngonyaka eSerengeti National Park kuphela.—THE DAILY NEWS, ETANZANIA.
◼ Kuhlolisiso olwenziwe eBarcelona, eSpeyin, kwafunyaniswa ukuba umfundi omnye kwabathathu oneminyaka eli-16 ubudala utshaya intsangu rhoqo.—LA VANGUARDIA, ESPEYIN.
Iintsholongwane Eofisini
Isazi ngeentsholongwane seYunivesiti yaseArizona sahlola iintsholongwane kwiiofisi zezixeko eziliqela zaseMerika. Ngokutsho kwephephandaba iGlobe and Mail safumanisa ukuba “ezona ndawo zintlanu ezineentsholongwane ezininzi (ngokulandelelana kwazo) zezi: iifowuni, umphezulu wedesika, imiqheba yeempompo zamanzi, ucango lwemicrowave namaqhosha ekhompyutha.” Ngokutsho kwale ngxelo, “kumphezulu nje oqhelekileyo wedesika kubakho iintsholongwane eziziphinda kali-100 ezo zikwitafile yasekhitshini yaye ziziphinda kangangama-400 ezo zikwisihlalo sendlu yangasese.”
“AmaKristu Nje Ngomlomo”
IPhilippine kuphela kwelizwe ekuthiwa lelamaKristu eAsia. Noko ke, uBhishophu Efraim Tendero weBhunga LeeCawa Zomoya zakwiiPhilippine wathi: “Inkoliso yethu, singamaKristu nje ngomlomo kungekhona ngezenzo.” Njengokuba kusitshiwo kwiManila Bulletin, nazo iinkokeli zeecawa zinetyala kule nkalo, kuba azikhange “zibafundise abantu ukuze bayazi baze bayixabise iBhayibhile.” Kwiicawa ezininzi kushunyayelwa iipolitiki kunokubalaselisa iZibhalo.
Abantu Nezilwanyana Babangisana Ngokutya
Iphephandaba laseNairobi iThe East African lithi: “Kuthiwa ziya zixhaphaka iimfene neengcuka ezihlasel’ abantu kwimimandla yaseSomalia enembalela.” Kwafa iimfene eziliqela kwaza kwenzakala nabafuyi abathile xa kwakusiliwa ngamanzi. Kuthiwa umhlambi weenkawu ulinda “ezimbombeni zeendlela okanye ezibhulorhweni” ukuze uxhwile ukutya okusiwa ezimarikeni. Eli phephandaba longezelela ngokuthi: “Kuxhaphakile ukubona ezi zilwanyana zibaleka nezihlahla zeebhanana okanye iivatala [ezinkulu].”
Iinqanawa Zinegalelo Kwimozulu Yemimandla Eselunxwemeni
Iphephandaba laseJamani iKölner Stadt-Anzeiger lithi ubukho beenqanawa ezininzi kunokuyichaphazela imozulu kwimimandla emininzi. Abaphandi kwiMax Planck Institute for Meteorology, eHamburg baye bahlolisisa amafu aphezu kwe-English Channel. Bafumanise ukuba amafu aphezu kommandla womhlaba ongaselunxwemeni akakho ngqindilili ngoxa phezu kwamanzi kukho iingqimba zamafu. Kuthiwa oku kubangelwa ngumsi weenqanawa. Kukholelwa ukuba ukungcola okuphuma ezinqanaweni kuba sisiqalelo sokudibana kwamafu, nto leyo eyandisa ukuyileka kwamathontsi amanzi. Eli phephandaba lithi: “Kwiminyaka engama-50 edluleyo, iinqanawa ziye zasebenzisa amafutha aphindwe kane kunangaphambili.”